IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/02 iphe. 2
  • Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 11
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 18
  • Iveki Eqala NgoFebruwari 25
  • Iveki Eqala NgoMatshi 4
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 2/02 iphe. 2

Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo

Iveki Eqala NgoFebruwari 11

Ingoma 6

12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso Ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.

20 imiz: ‘Lishumayele Ilizwi LikaThixo Ngokupheleleyo.’a (Isiqendu 1-13) Imele isingathwe ngumveleli owongamelayo. Ingxubusho enehlombe ngoko sifuna ukukufeza ngoMatshi nasemva koko. Wonke ubani ufanele asebenzise ikhalenda ekwisihlomelo xa eceba ucwangciso lokuba nesabelo kubulungiseleli ngoMatshi. Bakhuthaze bonke abanokukwazi ukuba babe ngoovulindlela abangabancedani ngaloo nyanga. Xa uxubusha isiqendu 7-8, bacele bachaze iintsikelelo abaye bazinandipha abo bebengoovulindlela ngexesha leSikhumbuzo sonyaka ophelileyo. Yazisa ukuba izicelo zenkonzo yobuvulindlela babancedani ziza kufumaneka emva kwale ntlanganiso.

13 imiz: “Oko Unokukuthetha Ngamaphephancwadi.” Cela abavakalisi bachaze indlela eye yabanceda ngayo le nxalenye yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani ukunxibelelanisa amanqaku axubusha ngeziganeko zale mihla yokugqibela eziyinkathazo. Ngawaphi amava abaye bawafumana abanye ngokuthuthuzela abantu nokubanceda bafumane iimpendulo ezisekelwe eBhayibhileni kwimibuzo ebakhathazayo? Yenza imiboniso emibini emifutshane, ubonise indlela yokuhambisa IMboniselo kaFebruwari 15 noVukani! kaMatshi 8.

Ingoma 49 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoFebruwari 18

Ingoma 95

8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali.

12 imiz: “Abona Bantu Banoyolo Emhlabeni.”b Quka inqaku elithi “Amanyathelo Okufumana Ulonwabo,” kwiphepha 6 leMboniselo, kaOktobha 15, 1997.

25 imiz: ‘Lishumayele Ilizwi LikaThixo Ngokupheleleyo.’c (Isiqendu 14-23) Iza kusingathwa ngumveleli wenkonzo. Hlolisisa oko kucetyelwe umsebenzi owandisiweyo ekuhlaleni ngoMatshi. Chaza lonke ucwangciso lweentlanganiso zenkonzo yasentsimini olucetyelwe le nyanga. Nikela ingqalelo ekuvuseleleni abo bapholileyo nasekuncedeni abantwana nezifundo zeBhayibhile ukuba zifaneleke njengabavakalisi abangabhaptizwanga. Yazisa amagama abo baye babhalisela ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngoMatshi, uze ukhuthaze abangakumbi ukuba bakucingisise ngomthandazo ukuba nabo babe ngabo.

Ingoma 143 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoFebruwari 25

Ingoma 174

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Yenza imiboniso emibini ngamaphephancwadi—komnye usebenzise IMboniselo kaMatshi 1 komnye usebenzise uVukani! kaMatshi 8. Omnye umboniso mawenziwe ngumntu oselula. Khumbuza abavakalisi ukuba bangenise ingxelo yenkonzo yasentsimini kaFebruwari kubaqhubi besifundo sencwadi abakuso.

35 imiz: “Ngaba Uyakusebenzisa Oko Ukufunde KwiNdibano YeSithili ‘Yabafundisi BeLizwi LikaThixo’?” Ingxubusho yocwangciso lwendibano yesithili nabaphulaphuli, imele isingathwe ngumqhubi weSifundo seMboniselo. Emva kwentshayelelo yomzuzu omnye, ucwangciso losuku ngalunye lwabelwe imizuzu eli-10-12. Chaza ingongoma nganye kweziziintloko ngaphantsi komxholwana ngamnye, wandule ke ucele amagqabaza kubaphulaphuli (1) ngendlela abaye bazama ngayo ukuyisebenzisa le miyalelo, (2) indlela abaye bangenelwa ngayo ngokwenza oko, (3) noko bavakalelwa kukuba kufuneka bakwenze. Sebenzisa imibuzo exhokonxa ingcinga ukuze ibe yingxubusho enika umdla. Bancede bonke bayiqonde imfuneko yokukusebenzisa oko bakufundayo.

Ingoma 215 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoMatshi 4

Ingoma 207

5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.

12 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.

12 imiz: Sebenzisa incwadi ethi Ulwazi ukuqalisa izifundo. Ebudeni bukaMatshi sifuna ukwenza umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Yithi gqaba-gqaba ngamava akuBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1998, iphepha 4, isiqendu 8. Ukuba kukho ubani osandul’ ukuqalisa isifundo kwincwadi ethi Ulwazi, bonisa indlela okuye kwaphunyezwa ngayo oku. Khumbuza wonke ubani “Ngamacebiso Okuhambisa Incwadi Ethi Ulwazi,” akwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2002. Usebenzisa le ncwadi, yenza umboniso ngelinye lala macebiso esihlomelo akwiphepha 6 ngaphantsi komxholo othi “Indlela Engqalileyo.”

16 imiz: “Kutheni Uqhubeka Ushumayela?”d Qukumbela ngokudlan’ indlebe nomvakalisi omnye okanye ababini abaye baqhubeka beshumayela iminyaka emininzi. Mabachaze isizathu sokuba beye bazingisa kulo msebenzi wokushumayela nendlela abaye bangenelwa ngayo kuwo.

Ingoma 223 nomthandazo wokuqukumbela.

[Imibhalo esemazantsi]

a Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.

b Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.

c Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.

d Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share