Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoFebruwari 10
10 imiz.: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Khuthaza wonk’ ubani abukele ividiyo ethi Faithful Under Trials—Jehovah’s Witnesses in the Soviet Union eza kuxutyushwa kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki kaFebruwari 24. Ezilalini abadala bafanele balungiselele ukuba le vidiyo iboniswe iintsapho ezingenabo oomatshini bevidiyo. Banokulungiselela ukuba ividiyo ibukelwe kwiHolo yoBukumkani kungekhona ngosuku lweentlanganiso okanye ibukelwe emva kwesifundo sencwadi. Noko ke, ividiyo ayifanele ithabathel’ indawo intetho yesidlangalala. Amabandla asezilalini angenandlela yokuyibukela le vidiyo anokuxubusha iimfuno zebandla lasekuhlaleni ngexesha lale ngxubusho. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8, yiba nemiboniso emibini yendlela yokuhambisa IMboniselo kaFebruwari 15 noVukani! kaFebruwari 8. Kumboniso ngamnye, la maphephancwadi amele ahanjiswe omabini, nangona kuthethwa ngephephancwadi elinye.
35 imiz.: “Shumayela Ngokucokisekileyo.”a Mayisingathwe ngumveleli wenkonzo. Khuthaza bonke ukuba babe ngoovulindlela abangabancedani xa amathuba ebavumela ngoMatshi nangoAprili. Xubusha nabo bebengoovulindlela ngexesha leSikhumbuzo sonyaka ophelileyo. Baye baceba njani ukuze bakwazi ukuba ngoovulindlela? Oku kufuna wenze yiphi imigudu uze uhlengahlengise njani? Ziintoni ezibavuyisileyo yaye ziziphi iintsikelelo abazifumeneyo? Hlolisisa imizekelo yokuzenzela ucwangciso ekwiphepha 4. Chaza ukuba iifomu zesicelo sobuvulindlela bobuncedani ziya kufumaneka emva kweentlanganiso.
Ingoma 30 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 17
10 imiz.: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Hlola uncwadi oluza kuhanjiswa ngoMatshi. Khankanya icebiso elinye okanye amabini endlela yokuhambisa incwadi ethi Ulwazi, usebenzisa iingongoma ezikwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2002. Gxininisa kusukelo lokuqalisa izifundo zeBhayibhile.
35 imiz.: “Ukuzuza Ngokupheleleyo KwiNdibano YeSithili ‘Yabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo.’” Mayisingathwe ngumqhubi weSifundo seMboniselo. Emva kwentshayelelo yomzuzu omnye, xubusha nabaphulaphuli ucwangciso lwendibano yesithili usebenzisa imibuzo ekweli nqaku. Cwangcisa ixesha lakho kakuhle. Unokuqukumbela ngokuthi gqaba gqaba ukhumbuza abaphulaphuli iingongoma ezibalulekileyo. Xa kufanelekile, buza abaphulaphuli ngendlela abaye bakusebenzisa ngayo oko bakufundileyo kwaneengenelo abazizuzayo.
Ingoma 57 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 24
10 imiz.: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khumbuza abaphulaphuli ukuba badlulisele iingxelo zabo zenkonzo yasentsimini kaFebruwari. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8, yiba nemiboniso emibini eyahlukeneyo ubonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaMatshi 1 noVukani! kaMatshi 8. Kumboniso ngamnye, la maphephancwadi afanele ahanjiswe omabini, nangona kuthethwa ngephephancwadi elinye.
10 imiz.: “Uncedo Ngexesha Elifanelekileyo.” Intetho enikelwa ngumdala. Gxininisa ukuba umgudu okhethekileyo owenzelwa ukunceda abapholileyo ubonisa indlela uYehova abathanda ngayo abantu bakhe.
25 imiz.: “Ividiyo Eya Kukuvula Ingqondo Ize Ikushukumisele Esenzweni!” Ungachithanga xesha xubusha nabaphulaphuli ividiyo ethi Faithful Under Trials, usebenzisa imibuzo ekweli nqaku. Labe kakuhle ixesha ukuze bonke ubanike ithuba lokugqabaza kumbuzo wokugqibela. Qukumbela ngokufunda ibhokisi ekwiphepha 192 kwiNcwadi Yonyaka Yowama-2002.
Ingoma 56 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 3
10 imiz.: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
15 imiz.: “Ngaba Unokulivula Ikhaya Lakho?” Intetho enikelwa ngumveleli wesifundo sencwadi. Quka amagqabaza akwiSingxobo Semibuzo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 2001 nobukaFebruwari 1990. Chaza inani lamaqela ezifundo zencwadi zebandla lenu nomlinganiselo wenani labo bezayo. Yiba nomvakalisi omnye okanye ababini bachaze indlela bona neentsapho zabo abaye bangenelwa ngayo ngenxa yokuba kuqhutywa isifundo sencwadi emakhayeni abo. Nabani na olivulayo ikhaya lakhe ufanele azise umveleli owongamelayo.
20 imiz.: “Yintoni Eza Kuqala Kuwe?”b Lungiselela kusengaphambili umvakalisi omnye okanye ababini bagqabaze ngendlela abaye bakwazi ngayo ukwenza uhlengahlengiso ukuze basebenze ngakumbi kubulungiseleli.
Ingoma 127 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.