Ucwangciso Lweveki KaDisemba 27
IVEKI EQALA NGODISEMBA 27
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: 2 Kronike 25-28
Impinda YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
□ INtlanganiso Yenkonzo:
5 imiz: Izaziso. “Ikhalenda Yowama-2011 Ibalaselisa Unqulo Lwentsapho.” Intetho.
10 imiz: Indlela Ulwandlalo Olunokusinceda Ngayo Kubulungiseleli. Ingxubusho esekelwe kwincwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphepha 167 ukuya kwiphepha 168, isiqendu 1. Usebenzisa uncwadi oluza kuhanjiswa kwinyanga ezayo, yiba nomboniso womvakalisi othetha yedwa elungiselela ulwandlalo lwentshayelelo yakhe kwimizuzu embalwa ngaphambi kokuba aye entsimini.
10 imiz: Isithsaba Sokuhomba Zizimvi. (IMize. 16:31) Ingxubusho esekelwe kwiNcwadi Yonyaka Yowama-2010, iphepha 110, isiqendu 1-3. Rhoqo ugqiba kuxubusha ngamava athile cela abaphulaphuli bagqabaze ngesifundo abasifumeneyo.
10 imiz: Lungiselela Ukuhambisa Amaphephancwadi NgoJanuwari. Ingxubusho. Yithi gqabagqaba kangangomzuzu omnye okanye emibini ngoko kuqulethwe ngala maphephancwadi. Emva koko khetha amanqaku amabini okanye amathathu, uze ucele abaphulaphuli bakhethe umbuzo nezibhalo abanokuzisebenzisa xa bewahambisa. Makwenziwe umboniso wendlela eliza kuhanjiswa ngayo iphephancwadi.