Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
© 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
JANUWARI 5-11
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 17–20
“Into Eza Kwehlela Abo Basoxuthela Izinto”
“Ubukumkani Bam Abuyonxalenye Yeli Hlabathi”
16 Kubalulekile ukuba silwenze olu tshintsho. IBhayibhile ifanisa abantu abangenaluxolo nolwandle olungazolanga. (Isa. 17:12; 57:20, 21; ISityhi. 13:1) Ngoxa iipolitiki zibangela abantu bangazoli, bangavani futhi balwe, thina sihlala sinoxolo kwaye simanyene. UYehova umele ukuba uyavuya xa ebona abantu bakhe bemanyene kweli hlabathi lingamanyananga.—Funda uZefaniya 3:17
Ukungathathi Cala Kwihlabathi Elahluleleneyo
4 Kusenokwenzeka ukuba sihlala kwindawo apho abantu bengalindelanga ukuba sithathe icala kwezopolitiko. Kodwa njengoko sisiya sisondela ekupheleni kwenkqubo yezinto kaSathana, kuza kuya kusiba nzima ukungathathi cala. Namhlanje abantu sele ‘bengayifuni kwaphela imvisiswano yaye baneentloko ezilukhuni,’ ibe baseza kwahlukana nangakumbi. (2 Timoti 3:3, 4) Abanye kubazalwana bethu sele bechatshazelwa kukutshintsha ngokukhawuleza kweemeko zopolitiko kumazwe abo. Yiloo nto simele siziqeqeshe kwangoku ukuze singathathi cala enoba kungavela imeko enzima kangakanani. Makhe sithethe ngezinto ezine ezinokusinceda.
Isigqibo SikaYehova Nxamnye Neentlanga
20 Uya kuba yintoni umphumo woko? UIsaya uthi: “Ngexesha langokuhlwa ziya kunkwantya ngequbuliso. Kungekasi—azikho. Siso eso isabelo sabo basiphangayo, neqashiso labo bazirhwaphilizelayo kuthi.” (Isaya 17:14) Abaninzi bayabaphanga abantu bakaYehova, bebaphatha rhabaxa nangokungenantlonelo. Ngenxa yokuba engeyiyo—yaye enganqweneli kuba yiyo—inxalenye yeenkonzo eziphambili zehlabathi, amaKristu okwenyaniso agqalwa njengezisulu ngabagxeki abanekhethe nangabachasi abanenzondelelo yempambano. Kodwa abantu bakaThixo banentembelo yokuba ‘ukusa’ kokuphela kwembandezelo yabo kusemnyango.—2 Tesalonika 1:6-9; 1 Petros 5:6-11.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—I
20:2-5—Ngaba eneneni uIsaya wabetha ngeyesele iminyaka emithathu? UIsaya usenokuba wakhulula isambatho sakhe sangaphandle kuphela wabetha ngezo zangaphantsi.—1 Samuweli 19:24.
JANUWARI 12-18
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 21-23
Izinto Esizifunda Kwimpazamo Eyenziwa NguShebhena
Ukuqeqeshwa—Ubungqina Bokuba UThixo Uyasithanda
7 Ukuze siqonde indlela ebaluleke ngayo ingqeqesho, siza kuthetha ngabantu ababini uYehova awabaqeqeshayo. Owokuqala nguShebhena, owayephila ngexesha likaKumkani uHezekiya, omnye ngumzalwana ogama linguGraham. Kubonakala ngathi uShebhena wayephethe indlu kaHezekiya, ngoko wayenegunya. (Isa. 22:15) Okubuhlungu kukuba, waziphakamisa waza wafuna abantu bacinge ukuba ubalulekile. Wazenzela ingcwaba elinexabiso eliphezulu, ibe wayekhwela “iinqwelo zozuko”!—Isa. 22:16-18.
8 Ngenxa yokuba uShebhena wayefuna ukuzukiswa, uThixo ‘wamsusa kwisigxina sakhe’ waza endaweni yakhe wabeka uEliyakim. (Isa. 22:19-21) Le nto yenzeka xa uKumkani uSenaribhe waseAsiriya wayelungiselela ukuhlasela iYerusalem. Kamva lo kumkani wathumela abameli bakhe nomkhosi omkhulu eYerusalem, ukuze atyhafise amaYuda aze oyikise uHezekiya ukuze anikezele. (2 Kum. 18:17-25) UEliyakim wathunywa ukuba aye kuthetha nabo bameli, kodwa wayengahambi yedwa. Wayehamba nabantu ababini, omnye wabo inguShebhena, ngoku owayengunobhala. Ngaba oku akubonisi ukuba uShebhena akazange abe nenzondo kwaye aqumbe, kodwa wazithoba, wamkela eminye imisebenzi ephantsi? Sifunda ntoni kuloo nto? Nazi izinto ezintathu esizifundayo.
9 Okokuqala, uShebhena wathotywa kwisikhundla awayekuso. Ngoko le nto yenzeka kuye iyasilumkisa ukuba “ikratshi liphambi kokuwa, yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.” (IMize. 16:18) Ukuba unikwe isikhundla ebandleni, mhlawumbi esikwenza waziwe ngabazalwana, ngaba uza kuzijonga njengomntu obalulekileyo? Ngaba uza kuzukisa uYehova ngazo naziphi iziphiwo onazo okanye izinto ozenzileyo? (1 Kor. 4:7) Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako; kodwa makacinge khon’ ukuze abe nengqondo ephilileyo.”—Roma 12:3.
Ukuqeqeshwa—Ubungqina Bokuba UThixo Uyasithanda
10 Okwesibini, xa uYehova wayesohlwaya uShebhena ngendlela eqatha, wayengamthathi njengomntu oncanyiweyo. (IMize. 3:11, 12) Ininzi into enokufundwa ngabazalwana abaye bathotywa kwizikhundla abebekuzo ebandleni likaThixo! Kunokuba babe nomsindo okanye baqumbe, mabaqhubeke bekhonza uThixo kangangoko imeko yabo ibavumela, basithathe eso sohlwayo njengendlela uYehova ababonisa ngayo ukuba uyabathanda. Masikhumbule ukuba, uBawo wethu soze asijonge njengabantu bokuncanywa ukuba siyazithoba kuye. (Funda eyoku-1 kaPetros 5:6, 7.) Ingqeqesho yindlela uYehova asibumba ngayo, ngoko masihlale sithambile ezandleni zakhe.
Ukuqeqeshwa—Ubungqina Bokuba UThixo Uyasithanda
11 Okwesithathu, indlela uYehova awamphatha ngayo uShebhena ibafundisa okuthile abo banikwe igunya lokohlwaya, njengabazali nabadala. Yintoni leyo? Ibonisa ukuba nangona uYehova esicaphukela isono, uyamcingela nomoni. Ukuba ungumzali okanye ungumdala, kwaye kufuneka wohlwaye umntu, funda kuYehova. Caphukela isono, kodwa uzibone nezinto ezintle kumntwana wakho okanye umzalwana wakho.—Yude 22, 23
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—I
21:1—Nguwuphi ummandla ekuthiwa ‘yintlango yaselwandle’? Nakuba iBhabhiloni yayikude nolwandle, kubhekiselwa kuyo ngale ndlela. Kutshiwo ngenxa yamanzi omEfrati neTigris awayequkuqela kuloo mmandla minyaka le aze ashiye izantyalantyala ‘zolwandle.’
JANUWARI 19-25
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 24-27
“Lo NguThixo Wethu!”
“Jongani! Lo NguThixo Wethu”
21 Ngaba wakha wambona umntwana omncinane ekhomba utata wakhe ebonisa abahlobo bakhe aze ngovuyo nangamabhongo athi, “Ngutata wam lowa”? Nabo abakhonzi bakaThixo bafanele ukuvakalelwa ngolo hlobo ngoYehova. IBhayibhile isixelela kwangaphambili ngexesha laxa abantu abathembekileyo beza kuvuya bathi: “Jongani! Lo nguThixo wethu.” (Isaya 25:8, 9) Okhona uziqonda iimpawu zikaYehova, kokukhona uya kuvakalelwa kukuba unoyena Tata ubalaseleyo unokufumaneka.
Yintoni Esiyifundayo Kummangaliso KaYesu Wezonka?
14 Xa wayethetha ‘ngesonka sanamhlanje,’ uYesu wayethetha nangexesha laxa kuza kwenziwa ukuthanda kukaThixo ‘nasemhlabeni njengasezulwini.’ (Mat. 6:9-11) Le nto ikwenza ucinge ngantoni? IBhayibhile ibonisa ukuba enye into ekukuthanda kukaThixo emhlabeni kukutya okumnandi. Ngokutsho kukaIsaya 25:6-8, kuninzi ukutya okumnandi okuza kusonwabisa xa kulawula uBukumkani BukaYehova. INdumiso 72:16 ithi: “Kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni; kuphuphume ezincochoyini zeentaba.” Ngaba ukhangele phambili ekwenzeni okona kutya ukuthandayo okanye ekwenzeni into ongazange wayitya? Enye into onokukhangela phambili kuyo ziidiliya eziphuma kumasimi atyalwe zizandla zakho. (Isa. 65:21, 22) Wonke umntu ophilayo emhlabeni uza kuzonwabela ezi zinto.
Uthando LukaYehova Lusinceda Njani?
11 11 Khawube nombono wobomi oza kubuphila kumhlaba oyiParadesi. Awuzukuba naxhala lokugula nokufa. (Isa. 25:8; 33:24) UYehova uza kukunika zonke izinto ezintle ozinqwenelayo. Ziintoni onokufuna ukuzifundela? Ngaba kukuthunga, ukufunda ngezilwanyana, umculo okanye ukuzoba? Siqinisekile ukuba baza kubakho abazobi beeplani, abakhi nabalimi. Baza kufuneka ke nabantu abaza kupheka, benze izinto zokusebenza, benze neegadi baze bazihoye. (Isa. 35:1; 65:21) Ekubeni uza kuphila ngonaphakade, uza kuba nexesha lokwenza nantoni na onokucinga ngayo.
12 12 Kuza kuba mnandi kakhulu ukwamkela abantu esibathandayo abavusiweyo. (IZe. 24:15) Khawube nombono wendlela oza kukuvuyela ngayo ukufunda nezinye izinto ngoYehova xa ubuka izinto ezininzi azidalileyo. (INdu. 104:24; Isa. 11:9) Eyona nto iza kuba mnandi kakhulu kukukhonza uYehova singatyiwa nakancinci sisazela. Ngaba ungancama ubomi obuza kuba mnandi kangaka eParadesi ngenxa nje ‘yokunandipha isono okwexeshana’? (Heb. 11:25) Soze uyenze loo nto. Ezi ntsikelelo zibhetele kakhulu kunayo nantoni obunokuyifumana kweli hlabathi. Khumbula ukuba iParadesi esemhlabeni ayizukusoloko iyinto esinethemba lokuba iza kwenzeka. Ngenye imini iza kubakho. Zonke ezi zinto ziza kwenzeka ngenxa yokuba uYehova wasithanda kakhulu, kangangokuba wade wanikela ngoNyana wakhe ukuba asifele.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
INguqulelo Yehlabathi Elitsha Ehlaziywe Ngo-2019
Kutheni izahluko ezininzi zaleBhayibhile zibhalwe njengombongo? Iindawo ezininzi eBhayibhileni zazibhalwe njengombongo. Ngokuqhelekileyo kwiilwimi zanamhlanje, imibongo uyibona ngokusetyenziswa kwamagama abizwa ngendlela efanayo. Ngokwahlukileyo, kwimibongo yesiHebhere eyona nto ibalulekileyo kukuthetha ngezinto ezifanayo eziza kuxhasana okanye ukuthetha ngezinto eziphikisanayo. Kule mibongo kuye kusetyenziswe kakhulu iindlela ezilandelelana ngazo iingongoma kunokuba kusetyenziswe amagama abizwa ngendlela efanayo.
Iivesi zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha zangaphambili kuYobhi nakwiNdumiso, zazakhiwe ngendlela ebonisa ukuba zazimele ziculwe okanye zicengcelezwe. Le ndlela zakhiwe ngayo yenza kucace ukuba ngumbongo, iyagxininisa ibe yenza kube lula ukuzikhumbula. Kwinguqulelo yango-2019, incwadi yeMizekeliso, iNgoma Yazo Ingoma, kunye neencwadi ezininzi zabaprofeti zibhalwe njengombongo ukuze zicace iivesi ezineendawo ezifanayo kunye neevesi ezineendawo eziphikisanayo. Ngokomzekelo, kuIsaya 24:2 umgca ngamnye okule vesi uthetha ngabantu abangafaniyo ibe umgca ngamnye ugxininisa ukuba akukho namnye umntu oza kusinda kumgwebo kaThixo. Ukubona ezi vesi njengombongo kubonisa umfundi ukuba umbhali weBhayibhile wayengaphindaphindi nje into enye, kodwa wayesebenzisa indlela eyayibhalwa ngayo imibongo ukuze agxininise umyalezo kaThixo.
Ngamanye amaxesha kunzima ukuwubona umahluko phakathi kwendlela esibhalwa ngayo isiHebhere nendlela obhalwa ngayo umbongo. Loo nto iye ibangele ukuba iinguqulelo zeBhayibhile zohluke ngenxa yokuba kufunwa ukuqondwa ukuba zeziphi iivesi zeBhayibhile ezingumbongo. Umguquleli uye azigqibele ngokwakhe ukuba zeziphi iivesi ezimele zibhalwe njengombongo. Ezinye zibhalwe ngokungathi ngumbongo, zikwenza ube nomfanekiso ngqondweni, zidlala ngamagama, ibe ezinye zinamagama axhasanayo ukuze itsho icace ingongoma.
JANUWARI 26–FEBRUWARI 1
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 28-29
Mhloniphe UYehova Ngomlomo Nangentliziyo Yakho
UIsaya Uxela Kwangaphambili ‘Isenzo Esimangalisayo’ SikaYehova’
23 Iinkokeli zonqulo zakwaYuda zizibanga ziziingqondi ngokomoya, kodwa zimshiyile uYehova. Zifundisa ezazo iingcamango ezigqwethekileyo zokulungileyo nokuphosakeleyo, zikuthethelela ukungathembeki kwazo nokuziphatha kwazo okubi kwanokudedisela kwazo abantu kude nenkoliseko kaThixo. “Ngento emangalisayo”—‘isenzo sakhe esimangalisayo’—uYehova uza kuziphendulisa ngokuhanahanisa kwazo. Uthi: “Ngenxa yokuba esi sizwana sisondele kum ngomlomo waso, sandizukisa nje ngemilebe yaso, kodwa intliziyo yaso ikude lee kum, nokundoyika kwaso ngumyalelo wabantu ofundiswayo, ngoko ke, yabona, ndinguLowo uya kwenza kwakhona ngokumangalisayo kwesi sizwana, ngendlela emangalisayo nangento emangalisayo; yaye ubulumko babantu baso abazizilumko bumele butshitshe, nokuqonda kwabantu baso abaziingqondi kuya kuzifihla.” (Isaya 29:13, 14) Ubulumko nokuqonda kukaYuda kokuzingca kuza kuphela xa uYehova exhokonxa iGunya Lehlabathi LamaBhabhiloni ukuba liyitshabalalise yonke inkqubo yakhe yonqulo oluwexukileyo. Kwenzeka into efanayo nangenkulungwane yokuqala emva kokuba iinkokeli zamaYuda ezizibanga zizizilumko ziluwexulile uhlanga. Kuza kwenzeka okufanayo nakwiNgqobhoko yomhla wethu.—Mateyu 15:8, 9; Roma 11:8.
Ayikho Into Enokwenza Umntu Othanda UYehova Ayeke Ukumkhonza
7 UYesu zange oyike ukubagxeka abefundisi becawa kuba babefundisa abantu ubuxoki ngoThixo. Ngokomzekelo, wachaza indlela abaFarisi abazifihla ngayo eyona nto bayiyo. Wathi into ebalulekileyo kubo yindlela abazihlamba ngayo izandla zabo kunokuhoya abazali babo. (Mat. 15:1-11) Inoba yabothusa abafundi bakhe indlela awayethetha ngayo kuba bathi: “Yhazi, abaFarisi abayithandanga laa nto ubuyithetha!” UYesu wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguTata osemazulwini ziza kuncothulwa. Bayekeni benjalo. Baziinkokheli eziziimfama. Ukuba ke umntu oyimfama ukhokela omnye oyimfama, bobabini baza kuwela emngxunyeni.” (Mat. 15:12-14) Zabacaphukisa abefundisi izinto awayezithetha, kodwa loo nto zange imenze ayeke ukuthetha inyani.
Hlala Ulundwendwe LukaYehova Ngonaphakade!
8 Umntu ‘othetha inyaniso entliziyweni yakhe’ akenzi ngathi uyamthobela uThixo xa kukho abantu, aze angamthobeli xa engabonwa. (Isa. 29:13) Akanamaqhinga. Umntu onamaqhinga usenokucinga ukuba abukho ubulumko kweminye imithetho kaYehova. (Yak. 1:5-8) Usenokungamthobeli kwizinto abona ngathi azibalulekanga kangako. Ukuba kubonakala ngathi akukho nto yenzekayo xa engayithobeli imithetho kaThixo, usenokuba nesibindi sokwenza izinto ezimbi kakhulu. Loo nto iza kwenza uYehova angayamkeli inkonzo yakhe. (INtshu. 8:11) Kodwa thina sifuna ukunyaniseka kuzo zonke izinto.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it “Ariyeli” ¶1; it “Ariyeli” No. 3
Ariyeli
(IAriyeli) [Iziko Lesibingelelo SikaThixo; okanye, iNgonyama KaThixo].
3. KuIsaya 29:1, 2, 7 iAriyeli ligama eliyimfihlelo elibhekisela kwiYerusalem. IYerusalem yayindawo ekwakukho kuyo itempile kaThixo, apho kwakubingelelwa khona. Ngenxa yale nto, esi sixeko sasiliziko lesibingelelo sikaThixo. Kwakumele ukuba yindawo uYehova akhonzwa kuyo ngendlela ayifunayo. Kodwa ke, umyalezo ofumaneka kuIsaya 29:1-4 uthetha kakhulu ngokutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaBhabhiloni ngo 607 B.C.E. Yayiza kuba ‘liziko lesibingelelo sikaThixo’ ngendlela eyahlukileyo: esi sixeko sasiza kugcwala igazi, sitshiswe ngomlilo sigcwale ngabantu ababulewe nguloo mlilo. Unobangela wale ntlekele uchazwe kwivesi 9 ukuya ku-16. Incwadi kaIsaya 29:7, 8 ibonisa ukuba iintlanga ezazitshabalalisa iYerusalem zazingazokuphumelela kweyona njongo ezazinayo.
FEBRUWARI 2-8
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 30-32
Balekela Phantsi Kwamaphiko KaYehova
UYehova Yindawo Yethu Yokusabela
7 Ekubeni uYehova eyindawo yethu yokusabela, siyathuthuzeleka ngala mazwi: “Ngeentsiba zakhe uya kuthintela kungasondeli nto kuwe, wena uya kusabela phantsi kwamaphiko akhe. Inyaniso yakhe iya kuba likhaka elikhulu nesikhuselo.” (INdumiso 91:4) UThixo uyasikhusela, kanye njengokuba intaka indanda phezu kwamantshontsho ayo ukuze iwakhusele. (Isaya 31:5) ‘Ngeentsiba zakhe uthintela ukuba kungasondeli nto kuthi.’ Ngokucacileyo, ‘iintsiba’ zentaka ngamaphiko ayo. Intaka igquma ngawo amantshontsho ayo, iwakhusela ezintshabeni. Njengamantshontsho, sikhuselekile phantsi kwamaphiko kaYehova okomfuziselo ngenxa yokuba siye sasabela kwintlangano yakhe yamaKristu okwenyaniso.—Rute 2:12; INdumiso 5:1, 11.
UYehova Uza Kukunceda Xa Kunzima
13 Yintoni esimele siyenze? Masingavumi tu ukuba sodwa. Xa sizikhetha, sisenokucinga kuphela ngeziqu zethu nangengxaki esinayo. Loo nto inokusenza singakwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo. (IMize. 18:1) Xa sithetha inyani, siyawadinga amaxesha okukhe sibe sodwa, ngokukodwa xa sehlelwe yinto ebuhlungu. Kodwa xa sisiba sodwa ixesha elide sinokubavalela ngaphandle abantu abasetyenziswa nguYehova ukuze asincede. Vuma ukuncedwa ngabantu bakowenu, abahlobo nabadala, nokuba kunzima ukuyenza loo nto. Babone njengabantu abasetyenziswa nguYehova ukuze akuxhase.—IMize. 17:17; Isa. 32:1, 2.
‘Uza Kukomeleza’
19 Unokulomeleza njani ithemba onalo? Ngokomzekelo, ukuba unethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni, funda ngendlela iBhayibhile eyichaza ngayo iParadesi uze ucingisise ngaloo nto uyifundileyo. (Isa. 25:8; 32:16-18) Cinga ngendlela esiza kuphila ngayo kwihlabathi elitsha. Yiba nombono wakho ulapho. Ngoobani obabonayo? Zizandi zantoni ozivayo? Wena uziva njani? Ukuze ube nombono wokuba kuza kuba njani eParadesi, jonga imifanekiso ekwiincwadi zethu, ubukele iividiyo zomculo ezinjengethi Kwihlabathi Elitsha, Seyikufuphi Nyhani, okanye ethi Liyeza Ixesha. Ukuba sihlala sicinga ngethemba lehlabathi elitsha, iingxaki esinazo ziza kuba yinto “egqithayo nencinci.” (2 Kor. 4:17) Izinto asithembise zona uYehova ziza kusenza somelele.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it “Isonka” ¶6
Isonka
Indlela Elisetyenziswa Ngayo. EBhayibhileni igama elithi “isonka” lisetyenziswa kwizinto ezahlukeneyo . Ngokomzekelo, uYoshuwa noKalebhi baxelela ibandla lamaSirayeli ukuba amaKanan ‘anjengokutya kuthi,’ loo nto yayithetha ukuba kwakuzakuba lula ukuba bawoyise, ibe loo nto yayizakuwaqinisa amaSirayeli. (Nu 14:9) INdumiso 80:5 ibonisa ukuba intlungu isenokubangelwa kukungathandwa nguYehova, oku sikubona kumazwi kaYehova uMalusi wakwaSirayeli xa esithi: “Ubatyisa iinyembezi ngathi sisonka; ubaseza iinyembezi ngendlela engathethekiyo.” Kuphindwa kuthiwe ngoYehova upha abantu “intlungu njengesonka nengcinezelo njengamanzi,” nto leyo ebonisa izinto ezaziza kwenzeka xa amaSirayeli ejikelezwe ziintshaba zawo, ibe ezo zinto zaziza kuxhaphaka njengesonka namanzi.—Isa 30:20.
FEBRUWARI 9-15
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 33-35
“Uyintsika Yexesha Lakho”
UYehova Uza Kukunceda Xa Kunzima
7 Ingxaki. Xa sinengxaki enkulu, sisenokungacingi size sizive ngendlela eqhelekileyo, kanti kusenokuba njalo nangezinto esizenzayo. Njengokuba inqanawa isisiwa ngapha nangapha ngamaza olwandle xa kukho isaqhwithi, nathi sisenokuziva ngathi sisiwa ngapha nangapha ziindlela esivakalelwa ngazo. UAna ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi wavakalelwa ngeendlela ezininzi ezahlukahlukeneyo emva kokusweleka kukaLuis. Uthi: “Xa ndiziva ndingento yanto, ndandiye ndizisizele. Ndandiye ndicatshukiswe nakukuba engasekho.” Ngamanye amaxesha wayesiba nesithukuthezi, edikwa nakukuba kufuneka enze izigqibo ngezinto awayezenza kakuhle uLuis. Wayemana eziva ngathi ukulwandle olunesaqhwithi. UYehova usinceda njani xa iimvakalelo ezinjalo ziqalisa ukuba ngaphezu kwamandla ethu?
8 Yintoni ayenzayo uYehova? Yintoni ayenzayo uYehova? Usithembisa ukuba uza kusinceda singagungqi. (Funda uIsaya 33:6.) Xa kukho isaqhwithi inqanawa isenokuntlithwa ngamaza olwandle, ayise ngapha nangapha. Ukuze zingagungqi, ezinye iinqanawa zineentsimbi ezifana namaphiko eziye ziphume emacaleni phantsi kwamanzi. Ezi ntsimbi zinokuyinceda inqanawa ingagungqi kakhulu. Loo nto yenza abantu abakhweleyo bazive bekhuselekile baze balonwabele uhambo lwabo. Kodwa ezinye zezi ntsimbi zisebenza kakuhle kakhulu xa inqanawa ihamba. Ngokufanayo, uYehova uza kusinceda singagungqi ukuba asiyeki ukuthembeka kuye naxa sinengxaki.
Unokuhlala Uvuya Naxa Uneengxaki
10 Into esinokuyenza ukuze lungapheli uvuyo esinalo: Masicele uYehova asiphe ubulumko. Ukuba sifuna ukunyamezela iingxaki esinazo sivuya, into yokuqala emasiyenze kukucela uYehova asiphe ubulumko bokwenza izigqibo. (Funda uYakobi 1:5.) Yintoni esimele siyenze xa sibona ngathi uYehova akayiphenduli ngokukhawuleza imithandazo yethu? UYakobi uthi ‘masiqhubeke simcela.’ UYehova akadikwa xa sisoloko simcela asiphe ubulumko. Asimcaphukisi. UTata wethu osezulwini ‘usipha kakhulu’ ubulumko bokunyamezela iingxaki xa sibucela. (INdu. 25:12, 13) Uyazibona iingxaki esikuzo, uba buhlungu xa sibuhlungu, uyafuna nokusinceda. Ngokuqinisekileyo loo nto isenza sivuye. Kodwa uYehova usipha njani ubulumko?
11 Ubulumko asipha bona uYehova buseBhayibhileni. (IMize. 2:6) Ukuze sibufumane, kufuneka sifunde yona neencwadi ezithetha ngayo. Kodwa akufuneki siyifundele nje ukuyazi. Kufuneka siyenze into esiyifundayo. UYakobi wathi: ‘Sanukuliva nje kuphela ilizwi likaThixo, kodwa yenzeni into eliyithethayo.’ (Yak. 1:22) Xa siyenza into esiyixelelwa nguThixo, siba noxolo, sibe bhetyebhetye, sibe nayo nenceba. (Yak. 3:17) Ezo ziimpawu ezisinceda sivuye nokuba sinyamezele iingxaki.
“Akakho Ummi Wakhona Oya Kuthi: ‘Ndiyagula’”
21 Noko ke, esi siprofeto sikaIsaya siyazaliseka nakumhla wethu. Nanamhlanje abantu bakaYehova baye banandipha ukuphiliswa ngokomoya. Baye bakhululeka kwiimfundiso zobuxoki ezinjengokungafi komphefumlo, uBathathu Emnye, nesihogo somlilo. Bafumana ulwalathiso ngendlela yokuziphatha, olubakhuselayo kuqheliselo lokuziphatha okubi nolubancedayo ukuba benze izigqibo ezifanelekileyo. Yaye ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu Kristu, banokuma okucocekileyo phambi kukaThixo yaye bakwanesazela esicocekileyo. (Kolose 1:13, 14; 1 Petros 2:24; 1 Yohane 4:10) Oku kuphilisa kokomoya kukwaneengenelo zokwenyama. Ngokomzekelo, ukuphepha ukuziphatha okubi ngokwesini nokuphepha ukusebenzisa icuba kuyawakhusela amaKristu kwizifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini neentlobo ezithile zomhlaza.—1 Korinte 6:18; 2 Korinte 7:1.
22 Ngaphezu koko, aza kuzaliseka ngokuzuke ngakumbi amazwi kaIsaya 33:24 emva kweArmagedon, kwihlabathi elitsha likaThixo. Phantsi kolawulo loBukumkani obungoMesiya, abantu baza kuphiliswa ngokwenyama kwanangokomoya. (ISityhilelo 21:3, 4) Kamsinya emva kokutshatyalaliswa kwenkqubo kaSathana yezinto, imimangaliso enjengaleyo uYesu wayenzayo xa wayesemhlabeni iza kwenzeka ngokungathandabuzekiyo emhlabeni wonke. Iimfama ziza kubona, izithulu zive, iziqhwala zihambe! (Isaya 35:5, 6) Oku kuza kwenza ukuba bonke abasindileyo kwimbandezelo enkulu babe nesabelo kumsebenzi ozukileyo wokwenza umhlaba ube yiparadesi.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Hlala Uhamba “KwiNdlela Yobungcwele”
8 Abanye basenokuthi, ‘Libangel’ umdla nyhani eli bali, kodwa ngaba ikhona into esidibanisa nento eyenzeka kudala kumaYuda?’ Ikhona, kuba ngokungathi kunjalo nathi sihamba ‘kwiNdlela Yobungcwele.’ Nokuba singabathanjiswa okanye ‘singabezinye izimvu,’ kufuneka singayeki ukuhamba kule ‘Ndlela Yobungcwele’ kuba iza kusinceda singayeki ukukhonza uYehova ngoku naxa sekulawula uBukumkani bakhe emhlabeni. (Yoh. 10:16) Ukususela ngo-1919 iimiliyoni zabantu, amadoda, abafazi nabantwana zaye zayishiya iBhabhiloni Enkulu eyingqokelela yazo zonke iicawa zobuxoki, zaqalisa ukuhamba kule ndlela. Mhlawumbi nawe ungomnye wabo. Abantu baqalisa ukuhamba kule ndlela kwiminyaka emalunga neyi-100 edlulileyo, kodwa abanye baqalisa ukuyilungisa kwiminyaka emininzi ngaphambi koko.
FEBRUWARI 16-22
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 36-37
“Mawanganoyikisi Amazwi Eniwavileyo”
it “Hezekiya” No. 1 ¶14
Hezekiya
Ukoyiswa kukaSenaribhe eYerusalem USenaribhe wayezimisele ukuhlasela iYerusalem esenza kanye le nto wayeyilindele uHezekiya. Njengoko uSenaribhe wayekunye nomkhosi wakhe wamajoni berhangqe isixeko saseLakishe, wathumela abanye bomkhosi wakhe kunye nabaphathi mkhosi bayonyanzela iYerusalem ukuba izinikezele kubo. Umntu owayethetha yayinguRabhishake (eli ayilo gama lakhe kodwa sisibizo sasemkhosini), kuba yayinguye owayekwazi ukusithetha kakuhle isiHebhere. Wagezela uHezekiya waza waxhokonkxa uYehova. Waqhayisa esithi uYehova akanokwazi ukuyisindisa iYerusalem njengokuba noothixo bezinye iintlanga bengazange bakwazi ukusindisa abakhonzi babo kuKumkani wase Asiriya—2 Ku 18:13-35; 2 Kr 32:9-15; Isa 36:2-20
ip-1 387 ¶1
Ukuvuzwa Kokholo LukaKumkani
10 Wandula uRabheshake awakhumbuze amaYuda ukuba umkhosi wawo awuyonto xa uthelekiswa nowakhe. Uwacel’ umngeni ngekratshi esithi: “Ndokunika amawaka amabini amahashe ukuze sibone enoba unganako na ukubeka abakhweli kuwo.” (Isaya 36:8) Phofu ke, ngaba ngenene benza umahluko na ubukhulu okanye ubuncinane bomkhosi wamahashe kaYuda? Akunjalo, kuba usindiso lukaYuda aluxhomekekanga kubukhulu bamandla omkhosi wakhe. IMizekeliso 21:31 icacisa ngelithi: “Ihashe lilungiselelwa imini yedabi, kodwa usindiso lolukaYehova.” Kwakhona uRabheshake uthi uYehova usikelela ama-Asiriya, kungekhona amaYuda. Atsho esithi, ukuba bekungenjalo ama-Asiriya ngengakwazanga ukugqobhozela angene kummandla kaYuda.—Isaya 36:9, 10.
Ukuvuzwa Kokholo Lukakumkani
13 Kwimigudu yakhe yokuwapheka ewophula, ngoku uRabheshake uzama qhinga limbi. Ulumkisa amaYuda ukuba angamkholelwa uHezekiya ukuba unokuthi: “UYehova uya kusihlangula.” URabheshake ukhumbuza amaYuda ukuba oothixo bamaSamariya abakwazanga ukukhusela izizwe ezilishumi ukuba zingoyiswa ngama-Asiriya. Yaye kuthekani ngoothixo bezinye iintlanga ezoyiswe yiAsiriya? Ezingomb’ isifuba uthi: “Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? Baphi na oothixo baseSefarvayim? Baye bayihlangula na iSamariya esandleni sam?”—Isaya 36:18-20.
14 Phofu ke, uRabheshake, ongumnquli woothixo bobuxoki, akaqondi ukuba kukho umahluko omkhulu phakathi kweSamariya ewexukileyo kunye neYerusalem ephantsi kolawulo lukaHezekiya. Oothixo bobuxoki baseSamariya babengenamandla okusindisa ubukhosi bezizwe ezilishumi. (2 Kumkani 17:7, 17, 18) Kwelinye icala, iYerusalem phantsi kolawulo lukaHezekiya ibanikele umva oothixo bobuxoki yaza yabuyela ekukhonzeni uYehova. Noko ke, abameli abathathu bamaYuda abazidubi ngokukuchaza oko kuRabheshake. “Bathi cwaka, abaphendula, kuba umyalelo kakumkani wawusithi: ‘Nize ningamphenduli.’” (Isaya 36:21) UEliyakim, uShebhena noYowa babuyela kuHezekiya baze bamchazele ngokusesikweni amazwi kaRabheshake.—Isaya 36:22.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it “UMkhala” ¶4
UMkhala
UYehova waxelela uKumkani uSenaribhe wase Asiriya ukuba: “Ndiza kufaka ihaki yam empumlweni yakho nomkhala wam phakathi kwemilebe yakho, yaye ndiza kukubuyisa ngendlela obuze ngayo.” (2Ku 19:28; Isa 37:29) Hayi ngokuzithandela kodwa ngenxa yesandla sika Yehova, uSenaribhe kwanyanzeleka ukuba ayeke ukurhangqa iYerusalem aze abuyele eNineve, apho kanye awabulawa khona ngoonyana bakhe. (2Ku 19:32-37; Isa 37:33-38) Ukubeka kukaYehova imikhala kwimilebe yentshaba zabantu bakhe kubonisa indlela aye akwazi ukuzilawula ngokupheleleyo ngayo ngokungathi zizilwanyana ezifakwe imikhala.—Isa 30:28
FEBRUWARI 23–MARCH 1
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 38-40
“Iza Kuwukhathalela Umhlambi Wayo Njengomalusi”
IBhayibhile Isifundisa Ntoni NgoMbhali Wayo?
3 Funda uIsaya 40:8. Kangangeminyaka, iLizwi LikaThixo belisoloko linika amadoda nabafazi abanokholo amacebiso anokubanceda. Yenzeke njani loo nto? Kaloku iZibhalo zabhalwa kudala, kwimisongo engasekhoyo ngoku, kodwa uYehova waqiniseka ukuba kukho abantu abazikhuphelayo ezo Zibhalo Zingcwele. Nangona babenesono, babezama ngamandla abo onke ukuzikhuphela zinjengokuba zinjalo. Ngokomzekelo, xa wayethetha ngeZibhalo ZesiHebhere, omnye umphengululi wathi: “Ayikho enye incwadi yakudala eyakhutshelwa ngokuchanileyo njengeBhayibhile.” Ngoko, ngoxa iBhayibhile yabhalwa kudala, kwizinto ezibolayo, ibhalwa ngabantu abanesono, sinokuqiniseka ukuba izinto esizifunda kuyo ngoku zisuka kuMbhali wayo, uYehova.
4 “Nasiphi na isipho esihle nesigqibeleleyo” sivela kuYehova. (Yak. 1:17) Esinye sezona zipho zihle asinike zona yiBhayibhile. Isipho esisinikwa ngumntu sibonisa indlela asazi ngayo nazazi ngayo izinto esizidingayo. Kunjalo ke nangoMntu osiphe iBhayibhile. Xa siyifunda, sitsho sazi izinto ezininzi ngoYehova. Sifunda indlela asazi kakuhle ngayo nendlela azazi ngayo izinto esizidingayo. Kweli nqaku siza kuthetha ngendlela iBhayibhile ebonisa ngayo ukuba uYehova unezi mpawu zintathu: ubulumko, ubulungisa nothando. Masiqale sithethe ngendlela ebonisa ngayo ukuba uThixo unobulumko.
Amandla Akhuselayo—‘UThixo Uyindawo Yethu Yokusabela’
7 Ngokuzifanisa nomalusi, uYehova usiqinisekisa ngomnqweno wakhe osuk’ entliziyweni wokusikhusela. (Hezekile 34:11-16) Khumbula indlela achazwa ngayo uYehova kuIsaya 40:11, njengoko ixutyushwe kwiSahluko 2 sale ncwadi: ‘Njengomalusi uya kuwalusa umhlambi wakhe. Ngengalo yakhe uya kuqokelela ndawonye amatakane; uya kuwathwala ngesifuba sakhe.’ Itakane lifika njani ‘esifubeni’ somalusi—umphetho wesambatho sakhe sangaphezulu? Itakane lalisenokusondela kumalusi, lide limkrwece emlenzeni. Noko ke, ngumalusi omele agobe, aliphakamise itakane, aze ngobunono alifake kwindawo ekhuselekileyo esifubeni sakhe. Enjani yona indlela oku okukubonisa ngayo ukuzimisela koMalusi wethu Omkhulu ukusikhusela!
“Unika Odiniweyo Amandla”
4 Funda uIsaya 40:26. Akukho mntu ukwaziyo ukuzibala zonke iinkwenkwezi. Izazi zithi lo mnyele sikuwo, uwodwa nje uneenkwenkwezi ezingaphezu kwe-400 bhiliyoni. Sekunjalo, uYehova yena unike inkwenkwezi nganye igama. Sifunda ntoni kuloo nto? Xa uYehova ezikhathalele kangaka izidalwa zakhe ezingaphiliyo, inoba uziva njani ke ngawe mkhonzi wakhe, omnqula kuba umthanda, hayi kuba unyanzelekile? (INdu. 19:1, 3, 14) UBawo wethu ukwazi kakuhle. ‘Kwaneenwele ezi zentloko yakho uzibale zonke.’ (Mat. 10:30) Umdumisi uyasiqinisekisa ukuba uYehova uyazazi izinto abazinyamezeleyo abamsulwa. (INdu. 37:18) UYehova uyazibona iingxaki onazo ibe uza kukunika amandla okuba uzinyamezele.
5 Funda uIsaya 40:28. UYehova ungumthombo wamandla amakhulu. Ngokomzekelo, ubangele ukuba ilanga libe namandla. UDavid Bodanis, obhala ngesayensi, uchaza ukuba amandla aveliswa lilanga ngomzuzwana, alingana neebhombu eziziibhiliyoni. Omnye umphandi uthi, ilanga “sithethanje livelisa . . . ngomzuzwana nje omnye amandla anokujongana neemfuno zabantu iminyaka eyi-200 000”! Ngaba ukhona kuthi othandabuzayo ukuba uMntu “obasa” ilanga angoyiswa kukusinika amandla ukuze sikwazi ukunyamezela?
6 Funda uIsaya 40:29. Kuvuyisa kakhulu ukukhonza uYehova. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Thabathani idyokhwe yam.” Waphinda wathi: “Niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mat. 11:28-30) Ayinyaniso loo mazwi! Ngamanye amaxesha siphuma sidiniwe emakhayeni ethu xa sisiya ezintlanganisweni nasentsimini. Kodwa uye uzive njani xa ubuya? Ubuya uhlaziyekile, ukulungele ukujongana neengxaki zobomi. Idyokhwe kaYesu imnandi nyhani!
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
“Thuthuzelani Abantu Bam”
7 Ukubuyiselwa kwangenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo yayingekokuphela kokuzaliseka kwesi siprofeto. Siye sazaliseka nangenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. UYohane umBhaptizi wayelilizwi lothile ‘odanduluka ngamandla entlango,’ ezalisekisa uIsaya 40:3. (Luka 3:1-6) Ephefumlelwe, uYohane wawasebenzisa kuye amazwi kaIsaya. (Yohane 1:19-23) Ukususela ngowama-29 C.E., uYohane waqalisa ukulungiselela uYesu Kristu indlela. Ukubhengeza kukaYohane kwangaphambili kwashukumisela abantu ekubeni bamfune uMesiya othenjisiweyo, baze bamphulaphule yaye bamlandele. (Luka 1:13-17, 76) Esebenzisa uYesu, uYehova wayeza kukhokelela abo baguqukileyo kwinkululeko eyayinokuziswa kuphela buBukumkani bukaThixo—inkululeko kubukhoboka besono nokufa. (Yohane 1:29; 8:32) La mazwi kaIsaya ayenenzaliseko enkulu ngakumbi yokukhululwa kwentsalela kaSirayeli wokomoya kwiBhabhiloni Enkulu ngowe-1919 nasekuhlaziyelweni kwayo kunqulo lokwenyaniso.