Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
© 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
MATSHI 2-8
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 41-42
“Sukoyika”
Amazwi Athuthuzelayo Esiprofeto Abandakanya Wena
10 Apha uYehova uyibona imeko yehlabathi kwisithuba seminyaka engama-200 ngaphambili. Imikhosi eyomeleleyo kaKoreshi ihamba ngezantya, isoyisa konke okuchasene nayo. Izizwe—kwanabemi baseziqithini, abakwezona ndawo zikude—bayatyhwatyhwa xa esondela. Beqhutywa luloyiko baba yimbumba yamanyama nxamnye nalowo uYehova ambize evela empuma ukuze aphumeze umgwebo wakhe. Bazama ukukhuthazana, besithi: “Yomelela.”
Isaya 41:10—“Sukoyika Kuba Ndinawe”
“Ndinawe.” UYehova ubanika isizathu sokuba bangoyiki abakhonzi bakhe kuba uthi ababodwa. Uyayibona into eyenzeka kubo, ayive nemithandazo yabo, ngoko kuba ngathi ukuloo ndawo bakuyo.—INdumiso 34:15; 1 Petros 3:12.
“NdinguThixo wakho.” UYehova ubenza bazole abakhonzi bakhe ngokubakhumbuza ukuba unguThixo wabo, futhi bona bangabakhonzi bakhe. Bamele baqiniseke ukuba akho nto inokwenza uThixo angabancedi.—INdumiso 118:6; Roma 8:32; Hebhere 13:6.
“Ndiza kukuqinisa, nakanjani ndiza kukunceda, ndiza kukubamba ngesandla sam sasekunene sobulungisa.” Uphindaphinda into enye ngeendlela ezintathu ezingafaniyo ukuze abonise ukuba uza kubanceda nyhani abakhonzi bakhe. Wenza babe nombono wendlela aza kubanceda ngayo xa benengxaki. Xa umntu ewile, uThixo unokolula isandla sakhe amtsale avuke.—Isaya 41:13.
UThixo usebenzisa iBhayibhile ukuze aqinise futhi ancede abakhonzi bakhe. (Yoshuwa 1:8; Hebhere 4:12) Ngokomzekelo, iBhayibhile ibanika amacebiso anokubanceda abantu abalambayo, abagulayo okanye abaswelekelwe ngabantu ababathandayo. (IMizekeliso 2:6, 7) UThixo unokusebenzisa nomoya wakhe oyingcwele okanye amandla asebenzayo ukuze ancede abakhonzi bakhe bakwazi ukucinga kakuhle bangaxakwa ziingxaki abanazo.—Isaya 40:29; Luka 11:13.
“Musa Ukoyika. Mna Ngokwam Ndiza Kukunceda”
Ngaba la mazwi awakomelezi? Khawube nomfanekiso-ngqondweni inguwe lo kuthethwa ngaye apha. Apha akuthiwa uhamba noYehova nibambene ngezandla, nangona ibinokuvakala iyinto emnandi leyo. Ukuba benihamba nibambene ngezandla, isandla sakhe sasekunene besiza kubamba esakho sasekhohlo. Kunoko, uYehova wolula ‘isandla sakhe sasekunene sobulungisa’ aze abambe “isandla sakho sasekunene,” ngokungathi ukutsala aze akukhuphe kwimeko enzima ojamelene nayo. Njengoko ekutsala, ukuqinisekisa ngala mazwi: “Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.”
Ngaba umjonga uYehova njengoBawo onothando noMhlobo oza kukunceda xa ujamelene nobunzima? Unomdla kuwe, ukukhathalele yaye ufuna nyhani ukukunceda. Xa ujamelene nobunzima, uYehova ufuna uzive ukhuselekile kuba usondele kakhulu kuwe. Ngenene ‘uluncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.’—INdu. 46:1.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Kuthetha Ukuthini Ukunyaniseka?
UYehova wamxelela oku umhlobo wakhe uAbraham: “Ndilikhaka lakho.” (Genesis 15:1; Isaya 41:8) La yayingengomazwi nje angenantsingiselo. UYehova wamkhusela waza wamsindisa uAbraham kunye nendlu yakhe kuFaro nakuAbhimeleki. Wamnceda uAbraham wasindisa uLote kwiyelenqe lookumkani abane. UYehova wabuyisela amandla okuvelisa inzala kuAbraham oneminyaka eli-100 ubudala noSara oneminyaka engama-90 ubudala ukuze ngabo kuveliswe iMbewu ethenjisiweyo. UYehova wayenxibelelana noAbraham ngokuthe ngqo ngemibono, amaphupha nangezithunywa eziziingelosi. Enyanisweni, uYehova wabonakalisa ukunyaniseka kuAbraham ngoxa wayephila nasemva kokufa kwakhe. Ngaphezu kweenkulungwane, uYehova wasigcina isithembiso sakhe kwimbewu ka-Abraham, kuhlanga lakwaSirayeli, nangaphezu nje kweendlela zalo ezinxaxhileyo. Ulwalamano lukaYehova noAbraham lwaluyimbonakaliso yoko kukuko ukunyaniseka kokwenene—uthando oluguqulelwe kwisenzo.—IGenesis, isahluko 12 ukusa kwesama-25.
MATSHI 9-15
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 43-44
Isiprofeto Esabhalwa Malunga Neminyaka Eyi-200 Ngaphambi Kokuba Senzeke
Iziprofeto Ezaba Yinyaniso
16 Ngowama-539 B.C.E., lafikelela esiphelweni ixesha lokulawula kweBhabhiloni njengegunya elitshatsheleyo lehlabathi xa umlawuli ongwanyalala wamaPersi uKoreshi, ephelekwa ngumkhosi wamaMedi, wahlasela eso sixeko. Phofu ke, awakufumanisayo uKoreshi kwakuqhiphul’ umbilini. IBhabhiloni yayirhanqwe ziindonga ezinkulu ezazibonakala zingenakuqhekezwa bani. Kwakhona, umlambo omkhulu umEfrati wawuqukuqela unqumla phakathi esixekweni yaye wawufak’ isandla kakhulu ekukhuseleni eso sixeko.
17 Umbhali-mbali ongumGrike uHerodotus uchaza indlela uKoreshi awayisingatha ngayo le ngxaki: “Wabeka inxalenye ethile yomkhosi wakhe kwindawo apho umlambo ungena khona esixekweni, waza elinye iqela walibeka ngemva kwindawo apho umlambo uphuma khona esixekweni, ewayalela la maqela ukuba maze angene edolophini ngentsele yomfula, zisuka nje akuba amanzi eqalisile ukuwutha ngokwaneleyo . . . Wawujika umEfrati ngomjelo wamanzi wawukhokelela kwichibi [elalembiwe ngumlawuli wangaphambili waseBhabhiloni], ngelo xesha elalingumgxobhozo, owathi umlambo wakungena kulo amanzi awo afunxeka kangangokuba kwakunokuhambeka kwintsele yomfula. Kwathi kwakuba njalo amaPersi awayeshiyelwe injongo ekhethekileyo eBhabhiloni ngaselunxwemeni lomlambo angena ngentsele yomfula, ngoku owawuwuthe ukusa kumphakamo ofikelela emathangeni endoda, aza ngaloo ndlela angena edolophini.”4
it “Koreshi” ¶7
Koreshi
Ukoyiswa kweBhabhiloni. Ngoku uKoreshi ulungele ukuyohlasela iBhabhiloni enamandla, ibe ukususela ngoku, uyinxalenye yokuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile. Kwisiprofeto sikaIsaya esingokuphinda kwakhiwe kweYerusalem netempile, kwathiwa ngulo mlawuli wamaPersi owamiselwa nguYehova uThixo, owayeza koyisa amaBhabhiloni aze akhulule amaYuda awayethinjwe kwelo lizwe. (Isa 44:26–45:7) Esi siprofeto sabhalwa kwiminyaka engaphezu kweyi-100 ngaphambi kokuba uKoreshi abe ngumlawuli, ibe nangona amaYuda athinjwa ngaphambi kokuba uKoreshi azalwe, uYehova wathi nguKoreshi owayeza kuba ‘ngumalusi’ wakhe nowayeza kwalusa abantu bakhe amaYuda. (Isa 44:28; thelekisa Rom 4:17.) Kungenxa yesi siprofeto lento uYehova ebiza uKoreshi ‘njengomthanjiswa wakhe’ (ofaniswa no- ma·shiʹach ngesiHebhere, gama elo elithetha uMesiya, nelithi khri·stosʹ ngesiGrike elithetha uKristu). (Isa 45:1) ‘Ukubizwa ngegama’ kwakhe (Isa 45:4) ngela xesha akuthethi kuthi uThixo wayemnike igama esazalwa, kodwa kubonisa ukuba uYehova wayesazi kwangaphambili ukuba indoda egama linguKoreshi, yayiza kuvela ize yenze into efunwa nguYehova ibe xa eyibiza, yayiza kwazi ukuba kuthethwa ngayo.
it “Koreshi” ¶17
Koreshi
Indlela uKoreshi awayesebenzisana ngayo namaYuda yayahluke gqitha kwindlela awayephethwe ngayo ngabalawuli beentlanga ababelawula phambi kwakhe. Wabuyisa impahla eyayiseBhabhiloni ithinjwe nguNebhukadenetsare II, wanika nemvume yokuba kuthengwe amaplanga omsedare eLebhanon, wakhupha nomyalelo wokuba iindleko zokwakha itempile ziphume endlini kaKumkani. (Ezr 1:7-11; 3:7; 6:3-5) Ngokutsha kweCyrus Cylinder (UMFANEKISO, Vol. 2, iphepha 332), lo mlawuli wasePersi wabonisa ububele nomonde kubantu ababethinjiwe ababehlala kwindawo awayelawula kuyo. Iqhubeka ithi: “Ndabuyisela [oko kwakubizwa ngokuba] izixeko ezingcwele ezingaphaya kweTigris, iitempile ebezitshatyalaliswe kangangexesha elide, imifanekiso (eyayikade) ihlala apho. (Kwakhona) ndaqokelele bonke (ababesakuba) ngabemi bazo ndababuyisela (kuzo) iindawo zabo.”—iAncient Near Eastern Texts, iphepha 316.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Imibuzo Evela Kubafundi
Umzekelo wesibini ngowesiprofeto esingendoda ekwakuthiwa nguKoreshi. Kwachazwa kwangaphambili ukuba wayeza koyisa amaBhabhiloni aze akhulule amaYuda ebukhobokeni. Wayeza kuyalela nokuba kuphinde kwakhiwe itempile kaYehova. (Isa. 44:26–45:4) UKumkani uKoreshi wasePersi wazenza nyhani ezo zinto zazichazwe kwangaphambili. (Ezra 1:1-4) UYehova wamsebenzisa uKoreshi nangona wayengamkhonzi, kodwa zange amnyanzelise ukuba makakhethe ukukhonza yena.—IMize. 21:1.
MATSHI 16-22
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 45-47
“NdinguThixo Ibe Akekho Onjengam”
“Malingcwaliswe Igama Lakho”
14 USathana uzame ngazo zonke iindlela ukunqanda uYehova angakwenzi ukuthanda kwakhe, kodwa khange aphumelele. IBhayibhile isichazela izinto ezenziwe nguYehova ibe yenza kucace ukuba uYehova nguTata osithandayo nomlawuli olawula ngeyona ndlela ilungileyo. Yinyani kona ukuba uSathana nabantu abakwicala lakhe abavukela uYehova, bamkhathaza kakhulu uYehova. (INdu. 78:40) Kodwa indlela uYehova ayilungisa ngayo le nto ibonisa ukuba ulumkile, unomonde ibe ugweba kakuhle. Enye into, ngeendlela ezininzi wenze kwacaca ukuba unguSomandla. Okubaluleke ngakumbi kukuba yonke into ayenzayo uyenze eqhutywa luthando. (1 Yoh. 4:8) Nangoku usasebenza ukuze angcwalise igama lakhe.
“UYehova . . . Unamandla Kakhulu”
14 Njengoko siza kubona, uThixo usebenzisa amandla ukudala, ukutshabalalisa, ukukhusela, ukuhlaziya—ngamafuphi singathi, ukwenza nantoni na ukuze aphumeze iinjongo zakhe ezigqibeleleyo. (Isaya 46:10) Maxa wambi, uYehova uwasebenzisa amandla akhe ukutyhila iinkalo ezibalulekileyo zobuntu nemigaqo yakhe. Ngaphezu kwako konke, uwasebenzisa amandla akhe ukuze aphumeze ukuthanda kwakhe—ukuthethelela ulongamo lwakhe nokungcwalisa igama lakhe elingcwele ngoBukumkani bukaMesiya. Akukho nto inokuze iyiphuthise loo njongo.
it “Abathinjwa Babuya EBhabhiloni” ¶1
Abathinjwa Babuya EBhabhiloni
Ngo-607 B.C.E. ilizwe lakwaYuda elalityebile lwenziwa ‘alabi nabantu’, njengoko amaYuda athinjelwa eBhabhiloni aza ashiyekileyo abalekela eYiputa. (Yer 9:11) UThixo onothando nobubele wayengazokubayeka abantu bakhe bahlale besekuthinjweni ngonaphakade. Waxela kwangaphambili ukuba ‘kwakufuneka basebenzele ukumkani waseBhabhiloni iminyaka eyi-70,’ aze emva koko akhulule abo babeshiyekile. (Yer 25:11, 12; 29:10-14) Nangona iBhabhiloni yayibonakala inamandla kodwa yayingenakukwazi ukuphazamisa injongo kaThixo. Ukubuya kwamaYuda ekuthinjweni kubonisa ukuchana kweziprofeto zikaYehova.
Siyavuya Kuba UYehova Esibonisa Indlela Yakhe
18 Namhlanje, njengakwixesha elidluleyo, ukuhamba ngendlela kaYehova kufuna umntu anyaniseke—azimisele ukuba uza kukhonza yena yedwa. Kufuna intembelo—ukuba nokholo ngokupheleleyo lokuba amadinga kaYehova anokuthenjwa yaye aza kuzaliseka. Ukuhamba ngendlela kaYehova kufuna umntu athobele—alandele imithetho yakhe ngaphandle kokutenxa yaye agcine imilinganiselo yakhe ephakamileyo. “Lilungisa uYehova; uthanda imisebenzi yobulungisa.”—INdumiso 11:7.
19 UAhazi wabhenela koothixo baseSiriya ukuze afumane unqabiseko. AmaSirayeli awayesezantsi eYiputa ayenethemba lokuba “ukumkanikazi wezulu,” uthixokazi owayenqulwa kwiindawo ezininzi kuMbindi Mpuma wamandulo, wayeza kuwanika izinto eziphathekayo. Namhlanje, oothixo abaninzi abayomifanekiso eqingqiweyo yokoqobo. UYesu walumkisa nxamnye nokukhonza ‘ubuTyebi’ kunokukhonza uYehova. (Mateyu 6:24) Umpostile uPawulos wathetha ‘ngenkanuko elunqulo-zithixo.’ (Kolose 3:5) Kwakhona wathetha nangabo ‘banothixo osisisu sabo.’ (Filipi 3:19) Ewe, imali kunye nezinto eziphathekayo zibalwa phakathi kwabona thixo baphambili abanqulwayo namhlanje. Enyanisweni, inkoliso yabantu—kuquka abaninzi abangamakholwa—‘ibeke ithemba layo kubutyebi obungaqinisekanga.’ (1 Timoti 6:17) Abaninzi basebenza nzima bekhonza aba thixo, ibe abanye bayawufumana umvuzo—bahlala kumapomakazi, banezinto zexabiso yaye batya ukutya okumnandi. Kodwa ke, abalifumani bonke elo cham. Yaye kwanabo bazifumanayo ezi zinto ekugqibeleni bafumanisa ukuba azibanelisi. Aziqinisekanga, zezexeshana yaye azizanelisi iintswelo zokomoya.—Mateyu 5:3.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Ngaba UThixo Wayesazi Ukuba UAdam NoEva Babeza Kona?
Kwakhona iZibhalo zibonisa ukuba uYehova ‘usisilumko yedwa.’ (Roma 16:27) Iingelosi zikaThixo zasezulwini zazibonela ngokwazo ubulumko bakhe. ‘Zakhwaza zincoma’ xa uYehova wayedala umhlaba. (Yobhi 38:4-7) Ngokungathandabuzekiyo ezi zidalwa zomoya zikrelekrele zazinomdla omkhulu kwizinto ezazisenzeka kumyezo wase-Eden. Ngaba bekuya kuba sengqiqweni, ngoThixo osisilumko, emva kokuba edale indalo emangalisayo adale abantu zijongile iingelosi awayesazi ukuba baza kusilela? Kucacile, ukuba akukho ngqiqweni ukuceba intlekele elolo hlobo.
Sekunjalo, omnye umntu usenokubuza ukuba, ‘uThixo olumke ngolo hlobo wayenokuthini ukungayazi loo nto?’ Kuyavunywa ukuba, eyona mbalasane yobulumko bukaYehova ngamandla akhe okwazi “ukuphela kwasekuqaleni.” (Isaya 46:9, 10) Noko ke, kwakungeyomfuneko ukuba ayazi loo nto kwangaphambili, kanye njengokuba engasoloko ewasebenzisa onke amandla akhe. Ngobulumko uYehova uyazikhetha izinto afuna ukuzazi kwangaphambili. Uye azazi xa kuyimfuneko yaye kuvisisana neemeko.
MATSHI 23-29
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 48-49
Funda Uze Wenze Into Akufundisa Yona UYehova
it “Umfundisi, Ukufundisa” ¶2
Umfundisi, Ukufundisa
UYehova uThixo, nguMdali, umYaleli Ozukileyo, noMfundisi ofundisa abakhonzi bakhe. (1Ku 8:36; Nd 27:11; 86:11; 119:102; Isa 30:20; 54:13) Izinto ezidaliweyo zibonisa kakuhle ukuba zidalwe nguThixo onobulumko, xa ziphandwa kuze kujongwe indlela ezenziwe ngayo kuye kubonakale ukuba ininzi into engekaziwa. (Yob 12:7-9) Enye into, ngamaxesha akhethekileyo uYehova uye wavela ebantwini, ebafundisa igama lakhe, iinjongo zakhe nemithetho yakhe. (Thelekisa Eks 4:12, 15; 24:12; 34:5-7.) La maxesha akhethekileyo kuthethwa ngawo kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile, ibe ayindlela echanileyo efundisa ngenjongo yakhe. (Rom 15:4; 2Ti 3:14-17) UThixo ukwasebenzisa nomoya wakhe ukuze afundise.—Yoh 14:26.
Ithini IBhayibhile Ngenkululeko Yokuzikhethela? Ngaba Ubomi Bakho Bulawulwa NguThixo?
● UThixo wadala abantu ngokomfanekiso wakhe. (Genesis 1:26) Ngokwahlukileyo ezilwanyaneni, ezenza phantse yonke into ngethuku, sifana noMdali wethu oneempawu ezifana nothando nokusesikweni, yaye nathi sinenkululeko yokuzikhethela njengaye.
● Ngomlinganiselo omkhulu, ikamva lethu lixhomekeke kuthi. IBhayibhile isikhuthaza ukuba ‘sinyule ubomi ngokuphulaphula ilizwi likaThixo,’ oko kukuthi, ngokukhetha ukuphulaphula imiyalelo yakhe. (Duteronomi 30:19, 20) Oku bekungayi kuba nantsingiselo, mhlawumbi ibiya kuba yinkohlakalo, ukuba besingenayo inkululeko yokuzikhethela. Kunokuba asinyanzele ukuba senze into ayithethayo, uThixo uyasicenga esithi: “Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo.”—Isaya 48:18.
‘Zakheni Kolwenu Ukholo Olulolona Lungcwele’
8 Apha uYehova uyasikhumbuza ukuba sithi abangenelwayo xa simthobela. Usithembisa ngokusisikelela ngezinto ezimbini ukuba siyamthobela. Okokuqala, uxolo lwethu luya kuba njengomlambo—luya kuzola, lube luninzi yaye luhlale lukho. Okwesibini, ubulungisa bethu buya kufana namaza olwandle. Xa umi kunxweme lolwandle yaye ubukele amaza esiza elandelelana, uye uqonde ukuba aya kuhlala ekho. Uyazi ukuba amaza aya kuhlala elatyuza, aze kubetha elunxwemeni ngonaphakade. UYehova uthi ubulungisa bakho—ukwenza kwakho izinto ngendlela efanelekileyo—bunokuba njalo nabo. Ukuba uhlala uthembekile kuye, akasoze akuphoxe! (Funda iNdumiso 55:22.) Ngaba ezi zithembiso azikwenzi ube nokholo ngakumbi kuYehova yaye uyithembe imiyalelo yakhe yobulungisa?
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it ‘Ixesha Elamkelekileyo’ ¶1-3
Ixesha Elamkelekileyo
Kuma 2 Korinte 6:2 umpostile uPawulos uthetha ngamazwi athathwe kwincwadi yesiprofeto sikaIsaya 49:8, esithi: Uthi uYehova: “Ngexesha lenceba, ndakuphendula, ndakunceda nangemini yosindiso; ndaqhubeka ndikukhusela ukuze ube sisivumelwano phakathi kwam naba bantu, ukuze kuhlaziywe ilizwe, balifumane kwakhona ilifa labo elitshabaleleyo.” La mazwi aqala ukuthethwa kuIsaya ebhekisela kwisizwe sakwaSirayeli. (Isa 49:3) Kucacile ukuba esi yayisisiprofeto sokubuyiselwa kwawo kuba sazaliseka okokuqala ngexesha amaSirayeli ayekhululwa ekuthinjweni eBhabhiloni, apho kwathiwa kumabanjwa akwa Sirayeli “Phumani!” Ngoko abuyela elizweni lawo ukuze balungise umhlaba wabo owawutshatyalalisiwe.—Isa 49:9.
Nangona kunjalo, isiprofeto esifumaneka kumazwi akuvesi 8 esahluko 49 athi “ukuze ube sisivumelwano phakathi kwam naba bantu” nakwi vesi 6 athi “umkhonzi kaYehova” wayeza kuba ‘njengokhanyiselo lweentlanga, ukuze usindiso lukaThixo luse eziphelweni zomhlaba,’ ngokuqinisekileyo athetha ngesiprofeto esingoMesiya, uYesu Kristu ‘ongumkhonzi’ kaThixo. (Thelekisa uIsa 42:1-4, 6, 7 noMat 12:18-21.) Ekubeni ‘ixesha lenceba’ yayilixesha apho uYehova wayeza ‘kubaphendula’ aze ‘abancede’ abakhonzi bakhe, kusenokwenzeka ukuba yayithetha ngoYesu xa wayelapha emhlabeni ‘ethandaza kuThixo owayezakukwazi ukumsindisa ekufeni, emcenga yaye emcela, ekhala kakhulu esihla iinyembezi, yaye imithandazo yakhe yaviwa kuba wayemoyika uThixo.’ (Heb 5:7-9; thelekisa Yoh 12:27, 28; 17:1-5; Luk 22:41-44; 23:46.) Ngoko, le ‘yayiyimini yosindiso’ yoNyana kaThixo, apho wazibonkalisa ngokupheleleyo ukuba wayethembekile kuThixo, waza “waba yindlela yokuba bonke abo bamthobelayo basindiswe ngonaphakade.”—Heb 5:9.
Ukongezelela, xa uPawulos wayecenga loo maKristu wasebenzisa la mazwi akwesi siprofeto waza wathi “ningamkeli ububele bakhe nize niyiphose injongo yabo,” waphinda wathi kuwo (emva kokuba ethethe ngoIsa 49:8): “Jongani! Ngoku lelona xesha lamkelekileyo. Jongani! Ingoku imini yosindiso.” (2Ko 6:1, 2) Ukususela ngePetenkoste ka-33 C E loo maKristu aba ‘nguSirayeli kaThixo’wokomoya (Gal 6:16), kodwa kwakusafuneka bazingqine befanelwe bububele bukaThixo obungasifanelanga, ukuze “ixesha elamkelekileyo” ibe ‘yimini yosindiso’ nakubo.
APRILI 6-12
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 50-51
Mamela Lowo Wafundiswa NguThixo
Kuqeqeshwa Abashumayeli BoBukumkani
5 Kanye ngexesha elifanelekileyo, uYehova wafundisa lo Nyana wakhe ngomsebenzi wokushumayela awayeza kuwenza emhlabeni. Khawucinge ngesiprofeto esichaza ulwalamano lomYaleli Ozukileyo noNyana wakhe olizibulo. (Funda uIsaya 50:4, 5.) Esi siprofeto sithi uYehova wayevusa uNyana wakhe “iintsasa ngeentsasa.” Eli binzana likwenza ube nomfanekiso-ngqondweni katitshala ovusa abafundi ekuseni ukuze abafundise. Enye incwadi yabaphengululi beBhayibhile ithi: “UYehova . . . ufundisa uYesu ngokungathi ngumfundi esikolweni, umfundisa into amele ashumayele ngayo, nendlela amele ashumayele ngayo.” Kweso “sikolo” sasezulwini, uYehova wafundisa uNyana wakhe oko ‘makakuxele noko makakuthethe.’ (Yoh. 12:49) Waphinda wamyalela ngendlela amele afundise ngayo. Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu walusebenzisa olu qeqesho kubulungiseleli bakhe nasekuqeqesheni abalandeli bakhe ukuze bawenze kakuhle umsebenzi wabo wokushumayela.
“Ndiyamthanda UBawo”
13 Ngaphambi kokuphila kwakhe njengomntu, uNyana wafunda ngolangazelelo kuYise. Isiprofeto esikuIsaya 50:4-6 sibonisa ukuba uYehova wamnika imfundo ekhethekileyo uNyana wakhe ngokuphathelele indima yakhe njengoMesiya. Nangona loo mfundo yayiquka ukuchazelwa ngobunzima awayeza kubufumana njengoMthanjiswa kaYehova, lo Nyana wafunda ngolangazelelo. Kamva, xa uYesu weza emhlabeni waza wakhula waba mdala, waqhubeka ekulangazelela ukuya endlwini kaYise ukuze abe nenxaxheba ekunquleni nasekufundisweni nguYehova apho. Ngoko iBhayibhile ichaza ukuba uYesu wayesiya rhoqo etempileni nasendlwini yesikhungu. (Luka 4:16; 19:47) Ukuba sifuna uthando lwethu ngoYehova luhlale luphila yaye lomelele, sifanele sikukhuthalele ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, apho sinqula khona uYehova, size sandise ulwazi lwethu noxabiso lwethu ngaye.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it “Ikwari” ¶2
Ikwari
Esebenzisa uIsaya uYehova wathi makabhale umzekeliso ochukumisayo wekwari nendlela esebenza ngayo. (Isa 51:1) Ivesi elandelayo ibonisa ukuba, “iliwa” yayiza kuba nguAbraham, lowo uhlanga lakwaSirayeli laliza kuphuma kuye, ize ‘ikwari abembiwa kuyo ‘ifuzisele isibeleko sikaSara, kuba nguye owayeza kukhulelwa aze azale ukhokho wakwaSirayeli uIsake. (Isa 51:2) Nangona ukuzalwa kukaIsake kwenzeka ngamandla kaThixo nangokungummangaliso, umzekeliso wekwari usenokubhekisela nakwenye into ebaluleke nangakumbi. IDuteronomi 32:18 ibhekisela kuYehova njengalowo ‘uliLiwa elingutata kaSirayeli’ ‘owamzala [kusetyenziswe isenzi esifana neso sasibhekisela kuSara [kuIsa 51:2] esiva inimba.’
APRILI 13-19
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 52-53
Uthando Olwabonakaliswa NguYesu!
Lutsha—Yixhathiseni Ingcinezelo Yoontanga
2 Ngaba ingcinezelo yoontanga iyakongamela? Ukuba kunjalo, inokuba siyintoni isizathu? Ngaba oko akwenziwa kukuba ufuna bakuthande? Akukho nto iphosakeleyo ngokuvakalelwa ngaloo ndlela. Kaloku, nabantu abadala bayafuna ukuthandwa ngoontanga babo. Enoba sibancinane okanye sibadala, akukho mntu ukufunayo ukungathandwa ngabanye. Noko ke, abanye abantu baya kukuthiya ngenxa yokuba ungafuni ukwenza okuphosakeleyo. NoYesu wayengathandwa ngabo bonke abantu. Sekunjalo, uYesu wayesoloko esenza okufanelekileyo. Nangona abanye bamlandelayo baza baba ngabafundi bakhe, abanye bamdelela uNyana kaThixo yaye ‘bamphatha njengongabalulekanga.’—Isa. 53:3.
UYehova Uyamphakamisa UMkhonzi Wakhe OnguMesiya
25 Ngaba uMesiya wayekulungele ukubandezeleka aze afe? UIsaya uthi: “Wabandezeleka kakhulu, wazivumela waxhwaleka; ukanti wayengawuvuli umlomo wakhe. Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni; nanjengemazi yegusha eye yasisimumu phambi kwabachebi bayo, naye wayengawuvuli umlomo wakhe.” (Isaya 53:7) Ngobusuku bokugqibela bobomi bakhe, uYesu wayenokubiza ‘imikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini’ ukuza kumnceda. Kodwa, wathi: “Ngoko, beziya kuzaliseka njani iZibhalo ezithi kumele kwenzeke ngale ndlela?” (Mateyu 26:53, 54) Kunoko, “iMvana kaThixo” ayizange ixhathise. (Yohane 1:29) Xa ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu bambhaxeka ngezimangalo zobuxoki phambi kukaPilato, uYesu “akazange aphendule.” (Mateyu 27:11-14) Akazange afune kuthetha nantoni na eyayinokuphazamisana nokuphunyezwa kokuthanda kukaThixo ngaye. UYesu wayekulungele ukufa njengeMvana elidini, esazi kakuhle ukuba ukufa kwakhe kwakuza kulukhulula uluntu oluthobekileyo esonweni, ekuguleni nasekufeni.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
it “Impahla” ¶2
Impahla
Amaxesha amaninzi igama elithi keliʹ libhekisela kwizinto ezohlukeneyo ezisetyenziswa kwindawo engcwele. Ezi zinto ziquka izitya, imiphanda, imihlakulo, iifolokhwe, izitya zomlilo, izicima-mlilo, imicephe yokucima umlilo, neendebe. (Eks 25:29, 30, 39; 27:3, 19; 37:16, 23; 38:3; 1Ku 7:40-50; 2Kr 4:11-22) Kuba ezi zinto zazisetyenziselwa ukwenza umsebenzi ongcwele nazo ‘zazingcwele’. (1Ki 8:4) Ngokufanayo, xa amaYuda ayesimka eBhabhiloni ngo-537 B.C.E. ayenelungelo lokuphatha le mpahla ingcwele uKumkani uNebhukadenetsare awayeyithathe eYerusalem, ngoko nabo kwakufuneka babengcwele ngokuthi bangakhonzi abanye oothixo okanye baziphathe ngendlela angayithandiyo uYehova. Wawubhekisela kubo lo myalelo usisiprofeto uthi: ‘Mkani, mkani, phumani kuyo [iBhabhiloni], ningachukumisi kwanto ingacocekanga! Phumani kuyo, hlalani nicocekile, nina nithwala impahla kaYehova.’ (Isa 52:11) Oku kwakungafuni umntu acoceke ngaphandle nje kuphela kodwa kwakufuneka angacingi nezinto ezimdaka. Xa umpostile uPawulos wayebhalela ibandla laseKorinte, wasebenzisa amazwi akuIsaya 52:11 abonisa ukuba amaKristu afanele angangcolisi imizimba neengqondo zabo.—2Ko 6:14-18; 7:1.
APRILI 20-26
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 54-55
Yintoni Olungele Ukuyincama Ukuze Ufundiswe NguYehova?
Ukuxabiseka Kwemfundo Yobuthixo
3 Ngenxa yokulunga kwakhe, uYehova ukulungele ukufundisa abantu abangafezekanga. Eprofeta ngamaKristu athanjisiweyo, uIsaya 54:13 uthi: “Bonke oonyana bakho baya kufundiswa nguYehova, lube lukhulu uxolo loonyana bakho.” Loo mazwi ayasebenza ‘nakwezinye izimvu’ zikaKristu. (Yoh. 10:16) Oku sikubona kwisiprofeto esizalisekayo namhlanje. Embonweni uIsaya wabona abantu abaphuma kwiintlanga zonke bengumsinga ukuya kunqulo lwenyaniso. Uthi, babesithi omnye komnye: “Masinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele ngeendlela zakhe, ukuze sihambe emendweni wakhe.” (Isa. 2:1-3) Lilungelo ngokwenene ukufundiswa nguThixo!
“Thenga Inyaniso, Ungathengisi Ngayo”
6 Funda uIsaya 55:1-3. Amazwi kaYehova akule ncwadi kaIsaya ayenza icace kakhulu into ethethwa kukuthenga inyaniso. Apha uYehova ufanisa ilizwi lakhe namanzi, ubisi newayini. Inyaniso ekwiLizwi LikaThixo ihlaziya njengamanzi abandayo. Njengobisi olunika amandla nolunceda abantwana bakhule, iBhayibhile isinika amandla kwaye isinceda somelele elukholweni. Kwakhona, amazwi kaYehova afana newayini. Njani? IBhayibhile ithi iwayini yenza abantu bonwabe. (INdu. 104:15) Ngoko xa uYehova esithi ‘masithenge iwayini,’ ufuna siqiniseke ukuba xa sisenza izinto eziselizwini lakhe siza konwaba. (INdu. 19:8) Lo ngowona mzekelo ufanelekileyo obonisa indlela okunceda ngayo ukufunda nokusebenzisa iLizwi LikaThixo. Yonke le nto singayifanisa nokuthenga. Ngoku makhe sifunde ngezinto ezintlanu esinokuyithenga ngazo inyaniso.
YINTONI OYINCAMILEYO UKUZE UTHENGE INYANISO?
7 Ixesha. Eli lixabiso elimele libhatalwe nguye nabani na othenga inyaniso. Kufuna ixesha ukumamela umyalezo woBukumkani, ukufunda iBhayibhile neencwadi ezithetha ngayo, ukuzifundela iBhayibhile, ukulungiselela iintlanganiso nokuya kuzo. Elo xesha kufuneka silithenge okanye silithathe kwixesha lezinye izinto ezingabalulekanga kangako. (Funda eyabase-Efese 5:15, 16.) Kuthatha ixesha elingakanani ukwazi iinyaniso aqalwa ngazo umntu xa efundiswa iBhayibhile? Kuxhomekeka kwimeko yomntu. Asoze ziphele izinto esinokuzifunda ngobulumko bukaYehova, iindlela zakhe nemisebenzi yakhe. (Roma 11:33) IMboniselo yokuqala yafanisa inyaniso “nentyatyambo encinci” yaza yathi: “Sukwanela yintyatyambo yenyaniso enye kuphela. Ukuba bekufuneka intyatyambo enye yenyaniso, uThixo ebengasoze azihluphe ngokusixelela iinyaniso ezininzi kangaka. Qhubeka uziqokelela.” Umntu umele azibuze: ‘Zininzi kangakanani iintyatyambo zenyaniso endinazo?’ Naxa sesiphila ubomi obungunaphakade, siza kuqhubeka sifunda izinto ezininzi ngoYehova. Namhlanje, kubalulekile ukulisebenzisa kakuhle ixesha esinalo ukuze sithenge inyaniso eninzi kangangoko sinako. Makhe senze umzekelo ngalo mntu kwakukudala efuna inyaniso.
“Nikela Ingqalelo”
Mininzi imiqobo esithintela ukuba singaphulaphuli ngenyameko. Iingqondo zinokuphehluzeliswa ngamaxhala. Ingxolo kunye nokuphithizela kwabaphulaphuli okanye kwabantu abangaphandle kuloo ndawo sihlanganisana kuyo zinokusiphazamisa. Ukungaziva mnandi kunokwenza kube nzima ukunikela ingqalelo. Abo banabantwana abancinane badla ngokukufumanisa kunzima ukunikela ingqalelo kwinto enye. Yintoni enokusinceda siqhubeke sinikele ingqalelo kucwangciso?
Amehlo aba nempembelelo enkulu kwingqalelo yethu. Sebenzisa amehlo akho ngokuwatsolisa kwisithethi ibe aya kukunceda unikele ingqalelo. Xa isithethi sicaphula indinyana yeBhayibhile—kwanokuba yeqhelekileyo—yityhile, uhambisane naso njengoko siyifunda. Yixhathise nantoni na ekutsalela ekubeni, usoloko ukrwaqula kwelo cala linengxolo okanye umntu ohambayo. Ukuba amehlo azalisa ingqondo yakho ngenkcazelo ephazamisayo, uya kuphoswa luninzi lwezinto ezithethwa eqongeni.
Ukuba kukho ‘iingcamango eziphazamisayo’ ezenza kube nzima ukuba unikele ingqalelo kucwangciso, thandaza kuYehova umcele ukuba azinzise ingqondo nentliziyo yakho ukuze unikele ingqalelo. (INdu. 94:19; Fil. 4:6, 7) Wuphindaphinde loo mthandazo xa kuyimfuneko. (Mat. 7:7, 8) Iintlanganiso zebandla zililungiselelo elivela kuYehova. Unokuqiniseka ukuba ufuna ungenelwe kuzo.—1 Yoh. 5:14, 15.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
“Sukuba Nexhala, Kuba NdinguThixo Wakho”
14 Okokuqala, njengabalandeli bakaKristu, siyilindele into yokuba abantu basicaphukele. (Mat. 10:22) UYesu watsho kwangaphambili ukuba abafundi bakhe babeza kutshutshiswa ngeyona ndlela ngemihla yokugqibela. (Mat. 24:9; Yoh. 15: 20) Okwesibini, isiprofeto sikaIsaya sasilumkisa kwangaphambili ukuba iintshaba zethu zazingazukusicaphukela nje qha, kodwa kukho nezinto ezaziza kuzenza kuthi. Izinto ezifana nokuxoka ngathi kunye nokusitshutshisa. (Mat. 5:11) UYehova akazukuzinqanda iintshaba zethu ukuba ziyeke ukulwa nathi. (Efe. 6:12; ISityhi. 12:17) Kodwa asimele soyike. Ngoba?
15 Nantsi enye into yesithathu esimele siyikhumbule. UYehova wathi, “nasiphi na isixhobo” esiya kusetyenziswa kuthi “asiyi kuphumelela.” Njengokuba udonga lusikhusela xa kukho imvula enkulu, noYehova uyasikhusela xa sihlaselwa ziintshaba zethu. (Funda uIsaya 25:4, 5.) Azinakuze zisenzakalise de kube ngonaphakade.—Isa. 65:17.
APRILI 27–MEYI 3
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 56-57
Kuyasivuyisa Ukuba NoThixo OnguYehova
UYehova Uyawuvuselela Umoya Wabathobekileyo
14 Noko ke, ixesha lokuzeka kade umsindo kukaThixo liza kuphela. Ebhekisela kwelo xesha, uYehova uthi: “Mna ndiya kubuxela ubulungisa bakho nemisebenzi yakho, ukuba ayiyi kuba yingenelo kuwe. Ekukhaleni kwakho ufuna uncedo ingqokelela yakho yezinto ayiyi kukuhlangula, kodwa ziya kumka nomoya. Umphunga uya kuzisusa.” (Isaya 57:12, 13a) UYehova uza kububhenca ubulungisa bukaYuda benkwalambisa. Izenzo zakhe zohanahaniso aziyi kunceda nganto. ‘Ingqokelela yakhe yezinto,’ ukufumba kwakhe izithixo, akuyi kumhlangula. Ekufikeni kwentlekele, oothixo akholose ngabo baza kuphetshethwa ngumoya nje ongephi.
15 La mazwi kaYehova aye azaliseka ngowama-607 B.C.E. Oko kwenzeka xa uKumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare watshabalalisa iYerusalem, wayitshisa itempile, waza wayithimba inkoliso yabantu. “Ngaloo ndlela uYuda wemka kumhlaba wakhe waya ekuthinjweni.”—2 Kumkani 25:1-21
16 Ngokufanayo, ukufumba kweNgqobhoko izithixo akuyi kuyihlangula ngemini yomsindo kaYehova. (Isaya 2:19-22; 2 Tesalonika 1:6-10) INgqobhoko kunye nenxalenye eseleyo ‘yeBhabhiloni Enkulu’—ebubukhosi bonqulo lobuxoki—ziza kubhangiswa. Irhamncwa elimbala ungqombela lokomfuziselo neempondo zalo ezilishumi ‘ziza kuyiphanzisa iBhabhiloni Enkulu, ziyihlube, zizidle iinxalenye zenyama yayo zize ziyitshise ngokupheleleyo ngomlilo.’ (ISityhilelo 17:3, 16, 17) Hayi indlela esivuya ngayo kuba siye sawuthobela umyalelo othi: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningabelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo”! (ISityhilelo 18:4, 5) Masingaze sibuyele kuyo okanye kwiindlela zayo.
“Ubukumkani Bam Abuyonxalenye Yeli Hlabathi”
16 Kubalulekile ukuba silwenze olu tshintsho. IBhayibhile ifanisa abantu abangenaluxolo nolwandle olungazolanga. (Isa. 17:12; 57:20, 21; ISityhi. 13:1) Ngoxa iipolitiki zibangela abantu bangazoli, bangavani futhi balwe, thina sihlala sinoxolo kwaye simanyene. UYehova umele ukuba uyavuya xa ebona abantu bakhe bemanyene kweli hlabathi lingamanyananga.—Funda uZefaniya 3:17.
it “Umhlaba” ¶21
Umhlaba
Umhlaba usetyenziswa ukuze ubonise iimpawu zabantu zokuzinza. Ukungazinzi kwabantu abakhoyo emhlabeni kona, kuboniswa ngumzekelo wolwandle olulwatyuzayo.—Isa 57:20; Yak 1:6; Yuda 13; thelekisa ISi 12:16; 20:11; 21:1.
it “Uxolo” ¶3
Uxolo
Ukufumana Uxolo. UYehova nguThixo woxolo (1Ko 14:33; 2Ko 13:11; 1Te 5:23; Heb 13:20) ibe luvela kuye uxolo. (Num 6:26; 1Kr 22:9; Nd 4:8; 29:11; 147:14; Isa 45:7; Rom 15:33; 16:20) Kaloku olu xolo sisiqhamo somoya wakhe. (Gal 5:22) Ngenxa yoko uxolo lokwenyani lunokufunyanwa ngabo baseluxolweni naye. Izono ezikhulu zenza kubekho ingxaki kubuhlobo baloo mntu noThixo ibe bumenza aphazamiseke. Umdumisi wathi: “Akukho luxolo emathanjeni am ngenxa yesono sam.” (Nd 38:3) Ngoko abo bafuna ukuba noxolo bafanele ‘basuke kwizinto ezimbi, benze ezilungileyo.’ (Nd 34:14) Ngaphandle kobulungisa, akusoze kubekho xolo. (Nd 72:3; 85:10; Isa 32:17) Yiyo loo nto abenzi bubi bengasoze babe noxolo. (Isa 48:22; 57:21; thelekisa Isa 59:2-8.) Kanti kwelinye icala, uxolo lolwabo bazinikele kuYehova ngokupheleleyo, abawuthandayo umthetho wakhe (Nd 119:165), nabayimamelayo imiyalelo yakhe.—Isa 48:18.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—II
56:6—Ngobani “abasemzini,” ibe ziziphi iindlela ‘abawubamba ngazo umnqophiso kaYehova’? “Abasemzini” ‘zezinye izimvu’ zikaYesu. (Yohane 10:16) Babamba umnqophiso omtsha ngengqiqo yokuba bathobela imithetho enxulumene naloo mnqophiso, besebenzisana ngokupheleleyo namalungiselelo enziwe ngawo, ngokutya ukutya kokomoya okufanayo noko kwamaKristu athanjisiweyo, baze bawaxhase kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi.
Ukubonisa Intlonelo Ngeentlanganiso Zethu Ezingcwele
UYEHOVA uye wahlanganisa abantu bakhe, amaKristu athanjisiweyo kunye namaqabane awo, ukuze bamnqule ‘entabeni yakhe engcwele.’ Ubenza babe nemihlali ‘endlwini yakhe yomthandazo,’ etempileni yakhe yokomoya, ‘eyindlu yomthandazo yazo zonke iintlanga.’ (Isaya 56:7; Marko 11:17) Oku kubonisa ukuba unqulo lukaYehova lungcwele, lunyulu, yaye lukumgangatho ophakamileyo. Ukubonisa kwethu intlonelo ngeentlanganiso zethu zonqulo, kububungqina bokuba sinembono efana nekaYehova ngokuphathelele izinto ezingcwele.