IRiphabliki YaseCzech
Amaqhina obuzalwana bazwenibanzi aba nentsingiselo engakumbi kumaNgqina kaYehova akwiRiphabliki yaseCzech ngowe-1998. Ehlabathini lonke kwakuqhutywa iindibano zezizwe ngezizwe ezazinomxholo othi “Ukuphila Ngendlela KaThixo.”
Kwakukho iindwendwe ezingama-345 ezazivela kwiRiphabliki yaseCzech phakathi kwezo zazingama-42 763 ezazihlanganisene kwindibano eyayisePontiac, eMichigan, eUnited States. Ubuncinane kwakuhlanganisene iindwendwe ezazivela kumazwe angama-44—aseMerika, eYurophu, Afrika naseAsia. Ezinye ezingama-700 ezazivela kwiRiphabliki yaseCzech, kunye nezingama-700 ezazivela eSlovakia, zazikwindibano yaseNuremberg, eJamani, enye yeendibano ezintlanu ezaziqhutywa ngaxeshanye eJamani zinabaphulaphuli abangama-217 472 bebonke.
Xa kwakusamkelwa ngokufudumeleyo iindwendwe zaseCzech ukufika kwazo kwizixeko ezineendibano, xa zazisamkelwa ngothando kwimizi yabazalwana abangamaKristu ezazingazange zibabone ngaphambili, yaye xa zazisiva intswahla yehlombe lokwamkela iindwendwe zamazwe ngamazwe ekuvulweni kwendibano kusuku lokuqala, zachukumiseka ngokunzulu. ENuremberg, amaNgqina avela kwiRiphabliki yaseCzech nalawo avela eSlovakia ayebulisana ngothando olukhulu, esangana yaye kusihla iinyembezi zovuyo ngenxa yokufumana elo thuba lokuba kunye kwakhona. Ezi yayizizihlandlo ezingasokuze zilibaleke.
Kwakuloo nyaka, amawaka angakumbi aya kwakwiindibano ezifanayo kanye apho kwiRiphabliki yaseCzech. Ukongezelela kucwangciso lwezo ndibano zinkulu, ezo ndwendwe zavuyiswa kukufumana inguqulelo entsha nepheleleyo yesiCzech yomqulu wesibini wentyila-lwazi yeBhayibhile i-Insight on the Scriptures.
Ngokwenene ezi yayizizihlandlo zovuyo kwimbali yamaNgqina kaYehova kwiRiphabliki yaseCzech. Kodwa indlela ekhokelela kuzo iye yanda yaye yanamagingxigingxi. Konke kwaqalisa kwiminyaka engaphezu kwe-100 eyadlulayo, yaye ezi zakutshanje ngezingakhange zenzeke ukuba ibingelulo uthando lukaYehova uThixo.
Ngowe-1891, uC. T. Russell, owayengumongameli weWatch Tower Society ngoko, watyelela ePrague, nangona lwaba lufutshane utyelelo lwakhe lwaseYurophu. Ukutyhubela iminyaka ukususela ngoko, amaNgqina kaYehova aye anamathuba olwando olukhulu, kwanamaxesha anzima, awokutshutshiswa nawokuhluzwa. Umsebenzi wawo wavalwa ngokupheleleyo kangangeminyaka engama-46. Kwanaxa engavalwanga mlomo, amaNgqina ayesoloko engaginyeki ncam emthethweni.
Amava amaNgqina kaYehova akumazwe aseCzech aye afana nalawo omprofeti uYeremiya, awathi kuye uYehova: “Yaye ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.”—Yer. 1:19.
Yaziwa NjengeCzechia
Ngo-Oktobha 1918, emva kothethathethwano lwabezobupolitika kumaziko oonozakuzaku behlabathi, kwasekwa iRiphabliki yaseCzechoslovakia kuMbindi Yurophu. Yakhe yathi shwaka okwethutyana ebudeni beMfazwe Yehlabathi II kodwa yaphinda yavela emva kweminyaka engaphezu kwemithandathu yengcinezelo yamaNazi. Yanyamezela neminyaka engaphezu kwamashumi amane yolawulo lwamaKomanisi. Kwandula ke, emva kweminyaka engama-74 le nkqubo yezobupolitika yaphela. Ngowe-1993, loo mmandla wawuyimpuma yelo lizwe waba yiRiphabliki yaseSlovak. Inxalenye esentshona, kuquka iBohemia, iMoravia nenxalenye yeSilesia yaba yiRiphabliki yaseCzech—ngamafutshane, iCzechia.
IRiphabliki yaseCzech imalunga neekhilomitha ezingama-500 ukusuka empuma ukusa entshona yaye imalunga nezingama-250 ukusuka emantla ukusa emzantsi. Kumantla nakwintshona yayo kukho iintaba ezintle ezinamahlathi; kwanomhlaba wokulima ochumileyo nemilambo. Kodwa njengokuba kunjalo kummandla omkhulu woMbindi Yurophu kukho ingxaki enkulu ebangelwa kukungcola komoya. Inkoliso yabantu ihlala ezixekweni okanye ezidolophini.
Amagqabantshintshi ngenkqubela yomsebenzi wamaNgqina kaYehova kuyo yonke loo ndawo yayisakuba yiCzechoslovakia phakathi kowe-1912 nowe-1970 apapashwa kwi-1972 Yearbook. Apha kunikelwa iinkcukacha ezingakumbi, kodwa ezi zona zigxininisa ngokuyintloko kuloo ndawo ngoku iyiRiphabliki yaseCzech.
Ilifa Lonqulo
Idolophu elikomkhulu lalapho iPrague, maxa wambi ibizwa ngokuba sisixeko esineenqaba ezilikhulu. Kodwa kwanezona nqaba zeecawa zininzi azizange zikwazi ukuthintela iRiphabliki yaseCzech ukuba ibe yile nto iyiyo namhlanje—ngokusisiseko ilizwe labantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo. Noko ke, ayizange ihlale injalo.
Ngokwesicelo seNkosana uRastislav, umlawuli waseMoravia, uMlawuli uMichael III waseByzantine wathumela abezonqulo eMoravia ngowe-863 C.E. UConstantine (kamva owaziwa ngokuba nguCyril) noMethodius, la madoda mabini athunywayo, ayengabefundisi baseTesalonika naseGrisi. Ukongezelela kwiinkonzo zabo zonqulo abaziqhuba ngolwimi lwasekuhlaleni, uConstantine waseka oonobumba abafanele ulwimi lwaseSlavonia, olwaluthethwa ngabantu baseMoravia. Wandula ke, esebenzisa abo nobumba, waqalisa ukuguqulela iinxalenye zeBhayibhile. Noko ke, iLizwi likaThixo laqondwa ngokucacileyo kamva.
Ukuvakalisa Isigidimi Esingxamisekileyo
Ngowe-1907, malunga neminyaka eli-16 emva kokuba uC. T. Russell etyelele ePrague ngokufutshane, uMfundi weBhayibhile (njengokuba amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo ngoko) osele ekhulile waqalisa ukutyelela kumantla eBohemia kanye ngenyanga ukuze asasaze uncwadi lweBhayibhile. Lowo yayinguMzalwan’ uErler, owayevela eDresden, eJamani. Ngenzondelelo wanikela ubungqina eLiberec nakwezinye iidolophu kangangeentsuku ezimbini okanye ezintathu ngexesha. Wasasaza incwadi kaC. T. Russell ethi The Battle of Armageddon waza wavakalisa ngokweyiseka ukuba kwakuza kwenzeka isihelegu ehlabathini ngowe-1914.
Ngowe-1912 inani labantu abanenzondelelo lalihlwayela imbewu yenyaniso yeBhayibhile, liseka amaqela amancinane yaye libhaptiza. Ukuqhambuka kwemfazwe yehlabathi ngowe-1914, akuzange kubothuse aBafundi beBhayibhile, nangona zingazange zizaliseke zonke izinto ababezilindele kuloo nyaka.
Kwiminyaka yokuqala, uncwadi olwasasazwa ngaBafundi beBhayibhile apho lwalulolwesiJamani. Bambi kubemi abathetha isiJamani balwamkela ngoxabiso. UCharlotta Jankovcová, wasePlzeň, ukhumbula ukuba unina wafumana ezinye zeencwadi zikaMzalwan’ uRussell kuMfundi weBhayibhile owayevela eDresden owafika kowabo ngowe-1925. Kungekudala baqalisa ukuya kwiintlanganiso. Uthi: “Sasinomsebenzi omninzi wesifundo sobuqu nokulungiselela iintlanganiso. Veki nganye, sasichitha iCawa yonke kwinkonzo yasentsimini. SasingaBafundi beBhayibhile, sasifundisisa IMboniselo, sifunda iincwadi, yaye sasinayo neBulletin [ngoku ebuBulungiseleli Bethu BoBukumkani].”
Ngokuthe ngcembe, uncwadi lwaguqulelwa kwisiCzech. Ngowe-1922 impapasho echulumancisayo ethi Izigidi Eziphilayo Ngoku Azisayi Kuze Zife yayifumaneka, yaye babebathathu abantu abangenela inkonzo yexesha elizeleyo njengeecolporteurs ukuze basasaze loo ncwadi kubemi baseCzech. Ubuncinane ngowe-1923, kwaveliswa inkupho yeMboniselo yesiCzech enamaphepha ali-16 nyanga nganye.
Ukuze kuhanjiselwe phambili iindaba ezilungileyo kwimimandla yaseCzech, ngowe-1923, uAntonín Gleissner nomfazi wakhe, bathunyelwa eBohemia bevela kwiofisi yesebe leWatch Tower Society eliseMagdeburg, eJamani. Ngaphantsi kweliso likaMzalwan’ uGleissner, owayesele eqhube iintlanganiso kwidolophu yaseMost ngowe-1916, uMbutho wavula indawo yokothula uncwadi apho.
Ngowe-1928 iofisi yesebe laseMagdeburg yaqalisa ukongamela umsebenzi waseCzechoslovakia. Oku kwaphumela ekubeni amaqela alungelelaniswe ngeyona ndlela iphucukileyo, kubekho impumelelo engakumbi kubulungiseleli basentsimini, nolwalathiso olungakumbi ngeyona ndlela ilungileyo kumsebenzi weecolporteurs. Ngokunxulumene noku, iqela ngalinye kwaneecolporteurs (oovulindlela bangoku), labelwa ngokuthe ngqo intsimi elifanele lishumayele kuyo. Ingxelo yaseCzechoslovakia kuloo nyaka ibonisa amaqela amancinane angama-25 anabavakalisi abali-106, neecolporteurs ezintandathu. Bebonke, bahambisa iincwadi neencwadana ezingama-64 484 namaphephancwadi amalunga nama-25 000, ngaloo ndlela besalathisela abanomdla kuBukumkani bukaThixo njengesicombululo seengxaki zoluntu.
Kunyaka olandelayo, uOtto Estelmann wafika evela eJamani ephethe “iPhoto-Drama of Creation” yeWatch Tower Society eyayibangela umdla. Yaboniswa kubaphulaphuli ababevela kwisiphelo selinye icala lelo lizwe ukusa kweselinye. Elona nqanaba liphakamileyo lalo msebenzi lafikelelwa ngokwindla yowe-1933 xa abazalwana baqesha iKapitol, eyona holo yemiboniso-bhanyabhanya inkulu ePrague, ukuze kuboniswe izihlandlo ezine “iPhoto-Drama.” Abantu ababelapho babebaninzi kangangokuba loo holo yacelelwa ukusetyenziswa iingokuhlwa ezimbini ezingakumbi. Abaninzi ababefuna ukumenyelwa kwiintetho zeBhayibhile ezibhekele phaya bashiya amagama needilesi zabo. Kambe ke, njengoko ukukhula kwentlangano kwakubonakala, yaba njalo nenkcaso. Oko koko uYesu wakuxelela abalandeli bakhe ukuba bakulindele.—Yoh. 15:18-20.
Abanye Abazamkelayo Iindaba Ezilungileyo
Ngelo xesha, iindaba ezilungileyo zafikelela kwindoda ethile kamva eyaba nendima ebalulekileyo kumsebenzi wamaNgqina kaYehova kwelo lizwe. Igama layo lalinguBohumil Müller. Ekupheleni kwekhondo lakhe lasemhlabeni ngowe-1987, wayenokukhangela emva kwiminyaka engaphezu kwama-55 yenkonzo yokuthembeka, kuquka nenokuba li-14 awayichitha kwiintolongo nakwiinkampu zoxinaniso ngenxa yokuba wayengenako ukulalanisa kukholo lwakhe.
Ngowe-1931, kubudala beminyaka eli-16, uBohumil wayefundela ukuba ngumlungelelanisi woonobumba abaza kushicilelwa (typesetter). Umntakwabo, uKarel, wayefundela ukudibanisa iincwadi (bookbinding). Uyise wabo, uTomáš Müller, wayelilungu eliphambili leUnity of Brethren ezingca ngezithethe zayo ezidala nembali yayo. Umqeshi kaKarel wamnika amatikiti okuya kubukela “iPhoto-Drama of Creation.” Emva kokuyibona okokuqala, uKarel wabuyela ekhaya enemincili. Wacacisa konke awakubonayo nawakuvayo, yaye wanika uyise iincwadi ezimbini zesiJamani awazifumana apho. Ngengokuhlwa elandelayo wabuyela ekhaya enemincili ngakumbi yaye eze nencwadi ethi Creation yesiCzech. Njengoko wayecacisa izinto ezamchukumisayo, wakhankanya into yokuba washiya idilesi yakhe ukuphela kolo cwangciso ukuze amenywe kwiintetho ezingakumbi zeBhayibhile.
Malunga nenyanga kamva, xa intsapho yayisele igqibezela isidlo sayo sasemini sangeCawa, kwankqonkqozwa. Kamva uBohumil Müller wabhala wathi: “Utata waya kusabela. Kangangexesha elithile wathetha nolo ndwendwe apho ngasemnyango, waza emva koko wabuyela ekhitshini kubonakala ukuba umangalisiwe. Kumazwi akhe okuqala wathi: ‘Andizange ndiyibone into enjengale. Khawufan’ ucinge, umntu azikhathaze ngokusityelela ngeCawa eze kusimemela kwintetho! Yintetho eza kunikelwa ngaBafundi beBhayibhile. Thina baseBrethren asinakuze siyenze loo nto. Sonqena gqitha!’” Kamva abakwaMüller baqalisa ukuya rhoqo kwiintlanganiso zamaqela amancinane zamaNgqina kaYehova.
Ekuhambeni kwexesha, uBohumil wazahlulela kuYehova, kodwa akazange abhaptizwe de kwaba malunga neminyaka emibini emva koko. Ngelo xesha wayesele ekhonza njengesekela lomveleli webandla (ngoko owayebizwa ngokuba ngumalathisi wenkonzo), eqhuba iintlanganiso, yaye esebenza kwiKhaya laseBheteli kwiofisi yoMbutho yasePrague. Ukubaluleka kobhaptizo lwamaKristu kwakungaqondwa kakuhle ngawo onke amaNgqina ngelo xesha.
Malunga nelo xesha uLibuše Štecherová, umza kaBohumil wafunda inyaniso. Wabhaptizwa ngokukhawuleza. Kamva uDade Štecherová wathi: “Umalume wam, uTomáš Müller, wayengumntu ozinikeleyo kunqulo. Ngenye imva-kwemini yehlobo ngowe-1932, wandixelela igama likaThixo, uYehova, wandixelela nento eza kwenzeka kwihlabathi nangeentlanganiso ezisemagqabini zeBhayibhile zeqela elibizwa ngokuba ngamaNgqina kaYehova. Ekugqibeleni, wandishiya nencwadi ethi Deliverance ebhalwe nguJ. F. Rutherford. Ndaqala ndaqonda ukuba kukho okuthile uMdali wam afuna ndikuqonde. Kwintlanganiso yam yokuqala yenkonzo, ndeva ngobhaptizo olwaluza kuqhutyelwa ePrague okwesihlandlo sesibini. Ndahlala apho ndaphulaphula kodwa ndingakwazi oko kwakuza kwenzeka kungekudala. Endleleni egodukayo, uMalume uMüller wandibuza, ‘Ngaba ubuya kukuthanda ukubhaptizwa nawe?’ Ndala ndisithi: ‘Kodwa akukabikho nto ndiyaziyo.’ UMalume waqhubeka wathi: ‘Ufana neguquka. Uyayazi iBhayibhile. Kufuneka nje uqonde amaxesha esiphila kuwo noko uThixo athanda ukuba ukwenze.’ Ngoko ndacela ukuba andibhalise ukuze ndibhaptizwe, yaye ngoAprili 6, 1933 ndabhaptizwa.” Wafunda ngoko uYehova athanda ukuba akwenze, waza wamkhonza ngokunyaniseka de kwasa ekufeni kwakhe ngowe-1995.
Ngaloo mihla izifundo zeBhayibhile zasekhaya zazingaqhutywa nabantu abasandul’ ukuba nomdla. Ukuqeqeshelwa inkonzo yasentsimini kwakudla ngokuba kukungena kwindlu enye nelinye iNgqina ukuze ubone uze emva koko uzihambele.
Amabhinqa amaninzi afunda inyaniso kuloo minyaka. Kwinkoliso yawo ubulungiseleli baba yeyona nto ibalulekileyo ebomini, yaye afeza okuninzi. Ayesoloko ehamba nabantwana bawo, yaye ngenxa yoko abo bantwana bazifumanela ngokwabo iintsikelelo zikaYehova. UBlanka Pýchová waqalisa ukuya kwinkonzo yasentsimini nonina xa wayeneminyaka elishumi ubudala. Ngokuphathelele esinye isihlandlo asikhumbulayo uthi: “Mna nomama sabelwa ukusebenza kwenye idolophana. Umama wathi mandisebenze kwindawo esekungeneni kwaloo dolophana ngoxa yena wayesebenza kwezinye izindlu. Njengoko ndandifika kuloo ndawo, ndankwantya ndakufumanisa ukuba yayizele ngamarhanisi. Ndandingoyiki nasiphi na esinye isilwanyana ngaphandle kwamarhanisi. Andifuthela, yaye xa azama ukundiluma ndazikhusela ngebhegi yam yeencwadi. Kodwa oko kwakungekho lula, ngoko ke ndiphelelwe lithemba ndathandaza ndathi: ‘Nkosi Yehova, ndicela undincede!’ Kanye ngelo xesha loo marhanisi abaleka, yaye kufutshane nam kwakumi inja enkulu yohlobo lweSaint Bernard. Ndaphulula loo nja yaye yandilandela ukuya kwindlu ngendlu. Amarhanisi akazange aphinde asondele.” Kamva unina waqinisekisa ukuba uBlanka uyayiqonda inyameko yothando kaYehova ngoko kwenzekayo.
Ukufikelela Abantu Ngeendlela Ezininzi
Ngowe-1932 kwafika esinye isixhobo esasiza kusetyenziswa kubulungiseleli kulo mmandla waseYurophu. Iphephancwadi iThe Golden Age (ngoku elaziwa njengoVukani!) lafumaneka ngesiCzech. Kuloo nyaka kwahanjiswa imibhalo engama-71 200 ebantwini. Emva kokufunda iThe Golden Age, abantu abaninzi babefuna ukufumana ezinye iincwadi ezixubusha ngakumbi ngeBhayibhile.
Ukuze kunikwe wonk’ ubani ithuba lokuxhamla kwiindaba ezilungileyo eziphathelele uBukumkani bukaThixo, kwathunyelwa oovulindlela baseJamani apho. Babephila ngendlela elula ukuze bakwazi ukuzinikela kulo msebenzi. Koovulindlela abangama-84 abanikela ingxelo ebudeni bowe-1932, abangama-34 babevela eJamani. Kuninzi lwabo, oku kwakuthetha ukufunda ulwimi olutsha. De babe balwazi kakuhle, yintoni ababenokuyifeza? UOskar Hoffmann, umzalwana waseJamani owakhonza ePrague, wathi: “Nakuba ndandingalwazi ulwimi lwelo lizwe, yonke imihla ndandisiya kwimizi yabantu. Ukuze ndibancede baqonde isizathu sokuya kwam kubo, ndandidla ngokubacela ukuba bafunde iqweqwe lokunikela ubungqina, elinentshumayelo emfutshane eshicilelwe ngolwimi lwabo. Ngokwenjenjalo kwakuhanjiswa amawaka eempapasho zeBhayibhile kubantu baseCzech.”
Kwamiswa umthetho okhethekileyo karhulumente othintela ukungena kwabemi basemzini owawufuna ukuba inkoliso yoovulindlela abavela ngaphandle balishiye elo ngowe-1934. Kodwa mninzi umsebenzi omhle owawusele wenziwe. Kuloo nyaka oovulindlela babesele benikele ubungqina kwiindawo ezininzi ezazingenamaqela abelwe ukuya rhoqo.
Kwakuloo nyaka kwafuneka oovulindlela bamanye amazwe balishiye elo lizwe, uMbutho walungiselela amaNgqina alapho iintetho zeBhayibhile ezishicilelwe kumacwecwe egramafoni. Abazalwana balapho bathabatha amanyathelo ancomekayo. IBandla lasePrague lathenga isithuthuthu, esiluhlobo lweIndian 750 esasirhuqa inqwelwana yokukhwelisa isandisi-lizwi ecaleni kwaso. Xa sifika ekungeneni kwedolophu okanye nakwiyiphi na indawo evulekileyo kumbindi wedolophana ethile, babexhoma isandisi-lizwi kwisibonda esinemilenze emithathu baze badlale umculo oshicilelweyo ngoxa besiya kwindlu ngendlu. Xa kukho iqela labantu elitsalwa nguloo mculo, abazalwana babedlala icwecwe elinentshumayelo emfutshane yeBhayibhile. Ngale ndlela babekwazi ukunikela ubungqina kumakhulu abantu beedolophana ezahlukeneyo kwintsasa nje enye yangeCawa.
Ukubhaliswa Ngokusemthethweni
Ngowe-1930 kwathatyathwa amanyathelo okubhalisa ngokusemthethweni umsebenzi wamaNgqina kaYehova eCzechoslovakia. Oku kwakuquka ukusekwa kwemibutho eyayiza kubizwa ngawo imihlaba nezakhiwo, ukufumana uncwadi, nokwenziwa kwezinye iinkonzo eziyimfuneko.
Kwaqhutywa intlanganiso ekhethekileyo ePrague apho abo babenenxaxheba bamkela icebiso lokuseka imibutho emibini baza bayivuma imigaqo yendlela awayeza kusebenza ngayo. Umbutho wokuqala wabizwa ngokuthi Watch Tower Bible and Tract Society (iSebe laseCzechoslovak). Wasingatha umsebenzi wokwamkela iimpapasho, ukunyamekela iintlanganiso nokusasazwa koncwadi. Umbutho wesibini wabizwa ngokuthi Mezinárodní sdružení badatelů Bible, československá větev (ABafundi BeBhayibhile Bezizwe Ngezizwe, iSebe laseCzechoslovak), ikomkhulu lawo lisePrague. Lo yayingumbutho osemthethweni owalathisa umsebenzi wamaNgqina kaYehova eCzechoslovakia. Kwamiselwa iiofisi ezintathu zeSebe laseCzechoslovakia laBafundi beBhayibhile Bezizwe Ngezizwe, nganye iza kunyamekela imibandela yommandla owahlukileyo welo lizwe. Umsebenzi kumazwe aseCzech wawusalathiswa yiofisi ekwisixeko saseBrno usihlalo wayo inguAntonín Gleissner. Le mibutho yanceda ukuze kwenziwe lula umsebenzi wokushumayela eCzechoslovakia.
Ngowe-1933, kwiminyaka emithathu kamva iWatch Tower Society yavula iofisi yesebe ePrague apho kwakusenziwa khona imisebenzi yokushicilela. Oku kwakufuneka ngenxa yemeko emaxongo yaseJamani emva kokuqalisa kukaHitler ukulawula. Apho umsebenzi wawuvaliwe, yaye isebe loMbutho laseMagdeburg lalithinjiwe. UEdgar Merk, ovela eMagdeburg wamiselwa njengesicaka sesebe ePrague. UKarel Kopetzky, wasePrague wabelwa njengomveleli weKhaya laseBheteli neofisi.
Noko ke, ayizange ihambe ngokutyibilikayo yonke into ePrague. Ngenxa yekratshi nabanye oothunywashwe, kwabakho ungquzulwano phakathi kwaba bazalwana babini. Ngowe-1936 isebe lasePrague laba phantsi kweOfisi YoMbutho YoMbindi Yurophu, eyayiseSwitzerland. Kungekudala emva koko, uKarel Kopetzky noJosef Güttler ababekwizigxina zembopheleleko kuloo masebe oMbutho asemthethweni eCzechoslovakia barhoxa. Endaweni yabo kwangena uJosef Bahner noBohumil Müller. Isicaka sesebe esitsha yaba nguHeinrich Dwenger, umkhonzi kaYehova onobulali nothembekileyo owayesele enyamekele izabelo zobuthixo ezahlukahlukeneyo. Ngenxa yolwalathiso lothando, amabandla aqhubeka ekuvuyela ukusasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo—iindaba ezazifunwa ngeyona ndlela ngabantu kwihlabathi elalisiya lingazinzi ngakumbi.
Ukomelezwa ZiiNdibano Zezizwe Ngezizwe
AmaNgqina kaYehova aseCzechoslovakia ayesazi kakuhle ukuba amaNgqina kwamanye amazwe aqhuba iindibano, yaye ayenqwenela ngeyona ndlela ukuqhuba indibano eCzechoslovakia.
EPrague kwalungiselelwa intlanganiso enkulu yezizwe ngezizwe, njengoko yayibizwa njalo ngoko, eyayiza kuqhutywa ngomhla kaMeyi 14 ukusa kowe-16, 1932 eVarieté-Theater. Le yayiyindibano yezizwe ngezizwe yokuqala enjalo kweli lizwe. Intetho yesidlangalala yayisexesheni, inomxholo obalaseleyo othi “IYurophu Ngaphambi Kwentshabalalo.” Olo cwangciso lwatolikwa ngesiCzech, isiJamani, isiHungary, isiRashiya neSlovak. Babeli-1 500 ababekho. Kwanikelwa ubungqina obunamandla. Ebudeni bezo ntsuku zendibano, kwahanjiswa ebantwini iimpapasho zoncwadi lweBhayibhile ezingaphezu kwama-21 000 njengoko iindwendwe zazinenxaxheba kubulungiseleli bendlu ngendlu.
Ngowe-1937 kwaqhutywa enye indibano yezizwe ngezizwe ePrague. Kwafika amakhulu eendwendwe zivela kwiindawo ezifana neOstriya, iHungary iPoland neJamani. Kamva uMzalwan’ uMüller wathi: “Le yayiyindibano esemagqabini!”
Ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwahambela phambili kulo lonke elo laseCzechoslovakia. Ebudeni bowe-1937 amaNgqina ayesebenzisa ngamandla izandisi-lizwi ezisi-7 neegramafoni ezingama-50 ukuze adlale iintetho ezishicilelweyo zeBhayibhile. Kuloo nyaka asebenzisa esi sixhobo, kubaphulaphuli abafikelela kuma-31 279 izihlandlo ezingama-2 946. Ingxelo yomsebenzi waseCzechoslovakia kuloo nyaka yathi: “Kulo lonke elo lizwe umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo utyhalela phambili. Zaviwa ngabantu abakwiidolophu ezinkulu needolophana, emabhotweni nakwimizana.”
Ukuvela Kwesisongelo SamaNazi
IMfazwe Yehlabathi II yayisondela. Abantu babenyukelwa zizibilini eYurophu. AmaNgqina kaYehova ayeza kuhlangabezana njani nale meko? Ukungavumi ukungenelela kwinkonzo yasemkhosini ngenxa yesazela kwakungekaziwa ngokubanzi eCzechoslovakia. Alukho unqulo olukhulu olwalunemilinganiselo yeBhayibhile ukusa kwinqanaba lokulondoloza ukungathabathi icala kwamaKristu. Umntu wokuqala ukubanjwa njengomKristu ongathabathi cala kweli lizwe yaba nguBohumil Müller. Wabhala wathi: “Ndandifanele ndingenelele inkonzo yasemkhosini ngo-Oktobha 1, 1937. Noko ke, isazela sam sandixelela ukuba uThixo akafuni ukuba abakhonzi bakhe ‘bafunde imfazwe.’ (Isa. 2:4) Ndathembela ngoYehova ukuba andinike amandla aneleyo ndize ndinyamezele ezo zilingo zaziseza. Ngenxa yokuma kwam, ngasekupheleni kukaMatshi 1939, ndandisele ndivele phambi kwenkundla yasemkhosini izihlandlo ezine yaye kuso ngasinye ndagwetywa iinyanga eziliqela entolongweni. Xa ndikhangela emva kuloo mihla, ngoku ndingatsho ukuba ndinombulelo ngenxa yezo zilingo kuba zandixhobisela amaxesha anzima ngakumbi awayeseza kufika.”
Njengoko isisongelo samaNazi sasisanda, abakhonzi bakaYehova bacinezelwa ngokuphindaphindiweyo. Kumda okufuphi nowaseJamani, kwabakho inkcaso engakumbi. NgoAgasti 1938 iintlanganiso zamaNgqina kaYehova zavalwa, ngoko ke aqalisa ukudibana ngokwamaqela amancinane. ULibuše Štecherová wabhala wathi: “Ebudeni bowe-1938 ingcinezelo yezobupolitika yaqatsela, yaye kwafuneka ukuba siziqeqeshele ukunikela ubungqina ngaphantsi kwezo meko zintsha. Kamva, ebudeni baloo mfazwe kwakufuneka siziqhelanise kakuhle nomntu ngaphambi kokuba sithethe naye ngokholo lwethu.”
Ebudeni bowe-1938, iJamani yayithabathela kuyo iSudetenland ngoko eyayingaphakathi kwimida yeCzechoslovakia. Kumgudu wokuphepha imfazwe, iBritani neFransi zasamkela isinyanzelo sikaHitler sokuba iSudetenland ibe yinxalenye yeJamani, baza abantu ababehlala apho bazifumana sele bephantsi kolawulo lwamaNazi.
Ukuqalisa Kokungena KwamaJamani
NgoMatshi 15, 1939 imikhosi yamaJamani yangena kulo lonke elo laseBohemia naseMoravia. UHitler wasungula unomgogwana worhulumente omtsha owawubizwa ngokuba yiProtectorate of Bohemia and Moravia, owawunomongameli norhulumente wawo.
Ngokukhawuleza amaGestapo athabatha amanyathelo nxamnye namaNgqina kaYehova. NgoMatshi 30 eza kwiofisi yeWatch Tower Society ePrague. NgoAprili 1, uBohumil Müller wakhululwa emva kokuvalelwa entolongweni ngenxa yobundilele bobuKristu. Kwindlela eya kwisikhululo sikaloliwe ephuma entolongweni, watsalela iofisi yesebe umnxeba. Kamva wathi: “Ndabaxelela ukuba ndiza kufika kusuku olulandelayo ukuze ndenze nantoni na endandinokuyenza. Sasibathathu ababeseBheteli ngolo suku. Kwakukho umsebenzi omninzi ekwakufuneka siwenzile. Ezinye zezixhobo zokushicilela zazisele zisezibukweni zilungele ukuthunyelwa eNetherlands. Ezinye kwakufuneka zipakishwe ngokukhawuleza. Mna noMzalwan’ uMatejka sanyamekela lo msebenzi, ngoxa uMzalwan’ uKapinus wayeqoshelisa iiofisi nezakhiwo zaseBheteli. Kwangaxeshanye sasiguqulela amaphephancwadi—IMboniselo neConsolation (ngoku enguVukani!). Sakwazi nokufudusa isixa esikhulu seencwadi neencwadana zesiCzech amaGestapo awayengazange abe namdla kuzo xa ayegqogqa ngoMatshi. Sekunjalo, amaGestapo atyelela elo sebe izihlandlo eziliqela ngoxa sasiqoqoshela ukuvala.”
Emva koko kungena komkhosi, kwacaca ukuba kuza kuba nzima ukushumayela. Abazalwana abaninzi bayishiya iCzechoslovakia. UMzalwan’ uDwenger waya eSwitzerland kwingokuhlwa engaphambi nje kokuba amaGestapo eze kumbamba. NoMzalwan’ uMüller wayelungiselela ukuhamba. Wayefumene imvume yokwenjenjalo kwabasemagunyeni bakwaRhulumente xa kwafika ileta evela kwisebe laseBern ibonisa ukuba kwakuya kuba yingenelo ukuba unokuqhubeka nesabelo sakhe, anikele ulwalathiso olufunekayo yaye akhuthaze abazalwana baseCzechoslovakia. Ngokukhawuleza uMzalwan’ uMüller wavuma, yaye ukuze angasiguquli isigqibo sakhe, wayitshabalalisa incwadana yakhe yokundwendwela.
Kwiminyaka engama-48 kamva wathi: “Ukuba ubani ebenokundibuza ngoku ukuba ndakha ndazisola kusini na ngokungahambi ePrague entwasahlobo yowe-1939, ngokuqinisekileyo bendiya kumphendula ndithi, ‘Hayi!’ Andizange ndizisole ngokuhlala apho. Ethubeni ndaqonda ukuba ndingowalapho. Apho kulapho uYehova nentlangano yakhe bandibeka khona. Kaloku, zonke iimbandezelo zenkohlakalo nokubethwa endandidla ngokukunyamezela kwakugqithwa lee luvuyo endandilufumana njengoko ndandibukele ulwando lomsebenzi unyaka nonyaka nolwando kwisihlwele sabanquli bakaSomandla abanovuyo ababendingqongile!”
Ukususela ngowe-1939 ukusa phambili, amaGestapo aqala ukusibamba. UOtto Buchta, intsika yokomoya yeBandla laseBrno, waba phakathi kwabo babanjwayo, yaye kamva wafela kwinkampu yoxinaniso yaseMauthausen. Ekwindla lowe-1940, uMzalwan’ uKapinus, ngaphambili owayekhonza kwiofisi yesebe ePrague, kwakunye nabanye abazalwana noodade baseMoravia, babanjwa. Sekunjalo, amangqina athembekileyo kaYehova aqhubeka eshumayela iLizwi naphi na apho ayenako.
Bambi ababekhonza uYehova ngamaxesha alungileyo balushiya unqulo lwakhe baza bazibandakanya nemikhosi yeentshaba zabantu bakhe. UKarel Kopetzky wayengumzalwana onobuchule nonenzondelelo ngeyona ndlela. Kodwa xa uMzalwan’ uMüller, ababekade besebenza kunye, wadibana naye ngowe-1940, uKopetzky wayesele engumntu wumbi. Nantsi into eyenzekayo: Abazalwana bakhuphela impapasho yeBhayibhile baza bayifaka kwiimvulophu ukuze ziposwe. UMzalwan’ uMüller wazifaka ebhegini ezi mvulophu waza wakhwela ibhayisekile ezisa kwiiposi ezahlukahlukeneyo zasePrague. Wayefaka iimvulophu ezimbalwa kwibhokisi yeposi nganye. Wathi: “Xa ndandingena kwenye yeeofisi zeposi, ndabona indoda ilinde kwikhawuntara, inxibe iimpahla zamaSS. Ndema, kodwa ngaphambi kokuba ndigqibe ngento emandiyenze, le ndoda yajika saza sajongana. Sathana ntsho okomzuzwana. Hayi indlela endothuka ngayo ndakufumanisa ukuba ndandijongene nowayesakuba ngumzalwana wam, uKarel Kopetzky! Ngokukhawuleza ndaphinda ndazola, ndaza ndaya kwenye yezo khawuntara ndathabatha ifomu, ndaphuma kuloo posi ndemka ndayibalekisa kangangoko ndandinako ibhayisekile yam.”
Kunyaka olandelayo uMzalwan’ uMüller, owayesalathisa umsebenzi welo lizwe, wabanjwa waza wasiwa kwinkampu yoxinaniso eMauthausen.
Ukushumayela ‘Kwiziko Elivutha Umlilo’
Kangangeminyaka kuninzi okuye kwabhalwa ngokuphathelele iinkampu zoxinaniso nokubandezeleka kwabazalwana bethu apho. Phakathi kwabo babekwiinkampu zoxinaniso kwakukho amaNgqina kaYehova aseCzechia. Asizi kunaba ngokubandezeleka kwawo kodwa, siza kuchaza indlela awayesakhiwa ngayo ngokomoya nendlela awayesakhana ngayo kwanakwelo ‘ziko livutha umlilo.’—Thelekisa uDaniyeli 3:20, 21.
Kwezo mini ehlabathini lonke abantu babelazi igama ledolophana yaseCzech iLidice. NgoJuni 9/10, 1942, ngomyalelo ongqalileyo kaHitler, yonke loo dolophana yatshatyalaliswa yaphela kuphindezelwa ukufa kwegosa laseJamani. Igama layo laliza kucinywa liphele kwimephu yaseYurophu. Kamva uBožena Vodrážková owasinda kweso sihelegu ukhumbula oku: “AmaGestapo ayingqonga yonke loo dolophana yethu. Yonke into eyindoda yadutyulwa, abantwana bathatyathwa basiwa apho kungaziwayo yaye amabhinqa athuthelwa kwinkampu yoxinaniso yaseRavensbrück. Apho ndandibana namaNgqina eNkosi yethu uYehova . . . Omnye owayengumhlobo wam, wathi kum: ‘Božena ndiye ndathetha naBafundi beBhayibhile. Bathetha izinto ezibalulekileyo. Kunzima ukuzikholelwa, kodwa bathi oko iBhayibhile ikuthethayo kuyinyaniso, ukuba uBukumkani bukaThixo buza kufika buze buphelise ubungendawo.’ Kamva ndadibana nabo ngokobuqu. Banikela ubungqina kum ngoBukumkani bukaThixo, yaye ndaziva nditsaleleke kakhulu kwisigidimi sabo.” Ewe, waba ngomnye wamaNgqina kaYehova.
Amabanjwa amaninzi achukumiseka ngokunzulu yihambo yamaNgqina kaYehova kwezo nkampu. UAlois Miczek ukhumbula oku: “Ebudeni bemfazwe ndabanjelwa imisebenzi yam yobuKomanisi yaye ndasiwa kwinkampu yoxinaniso yaseMauthausen. Ngandlel’ ithile amaNgqina apho ayekwazi ukufumana IMboniselo nolunye uncwadi, awayelusebenzisa ekufundiseni amanye amabanjwa, yaye amaSS ayengakwazi ukukuthintela oko. Ngoko ke njengesilumkiso, amaSS agqiba ekubeni adubule iNgqina ngalinye kwalishumi kuloo nkampu. Onke amaNgqina akroziswa, yaye Ngqina ngalinye kwalishumi lalikhutshelwa ecaleni lijongwe ngumlindi oxhobileyo. Kodwa kwala kanye ngelo xesha, ngokungathi oko kwakucetywe kusengaphambili, abo bazalwana bangama-90 ekhulwini babesele bajika baya kwelo qela likhethelwe ukubulawa. Bathi: ‘Ukuba nifuna ukudubula mntu ngamnye weshumi, sidubuleni sonke!’ Yonke loo nkampu yafikelwa luloyiko ngenxa yeso senzo sothando, yaye amaSS achukumiseka ngeyona ndlela kangangokuba lo myalelo warhoxiswa. Ndazibonela ngokwam eso siganeko.” (Yoh. 15:13) Ngaba sabuchaphazela njani ubomi bakhe?
Intombi yakhe, uMarie Gogolková, ucacisa athi: “Ukubukela amaNgqina kaYehova eMauthausen kwakhokelela ekubeni utata amkele inyaniso. Wabhaptizwa ngokukhawuleza emva kwemfazwe, yaye ngenzondelelo washumayela ngoBukumkani bukaThixo waza wanceda abantu abaninzi bafunda inyaniso.”
UOldřich Nesrovnal, waseBrno naye wayekwinkampu yoxinaniso. Kwakutheni? Wayengafuni ukuya emfazweni, ngoko ke wazama ukusaba awelele ngaphaya kwemida aye eSwitzerland. Wabanjwa apho watyholwa ngobuntlola, waza waya kulahlwa eDachau. Ukhumbula oku: “Kuloliwe wamabanjwa owayesisa kuloo nkampu, ndabona inkwenkwana eneminyaka eli-13 ubudala izolile ihleli ngasefestileni ifunda into ethile. Kwabonakala ukuba izama ukuyifihla loo nto yayiyifunda. Ndayibuza ukuba yintoni na leyo, yaye yaphendula yathi: ‘YiBhayibhile.’ Yandixelela ukuba yayingayi kulahla ukholo lwayo kuThixo. Ndandingakuqondi oko, kodwa ndahlala nayo. Igama layo yayinguGregor Wicinsky; wayevela ePoland. Kusuku olulandelayo ndafumanisa ukuba wayengomnye wamaNgqina kaYehova. Wala ukutyobela uludwe lwezinto ezithile ekwakufuneka alubuyisele. Olo ludwe lwalubhalwe ngesiJamani, yaye wayesoyika ukuthi kanti utyobela ingxelo yokulalanisa. Wabethwa, kodwa oko akuzange kumenze alalanise. . .
“Ndabhalela uMama, ndicela iBhayibhile yaye ndingalindelanga, yafika. Ndaqalisa ukuyifunda rhoqo. Indoda ethile yaseOstrava [eMoravia] yakuphawula oku. Yabuza enoba ndandikuqonda kusini na oko ndikufundayo, yaye ndayixelela ukuba sisiqingatha kuphela endisiqondayo. Yabuza: ‘Ngaba ungathanda ukuqonda okungakumbi?’ Ndaphendula ndathi: ‘Ewe.’ Yathi: ‘Ngoko ke dibana nam ngomso emva kwentsimbi yesithandathu ngokuhlwa kwindawo ethile.’ Esi yaba sisihlandlo sokuqala ukuba kwintlanganiso yamaNgqina kaYehova. Iintlanganiso zaziqhutywa yonke imihla emva kwentsimbi yesithandathu ngokuhlwa, yaye zazibakho izihlandlo ezithathu ngeCawa. Umxholo nalowo uza kuyiqhuba wayesabelwa kusengaphambili. ‘Umfundisi’ wam wayesisicaka soncwadi. Wayengumkhandi wezihlangu zaloo nkampu, yaye yonke imibhalo yoncwadi olukhutshelwe ngesandla yayifihlwa ngaphantsi kwesihlalo awayehlala kuso xa esebenza. Noko ke, andizange ndiphinde ndive nto ngoGregor kwakhona, kangangonyaka onesiqingatha. Kwandula ke ekupheleni kowe-1944, ndabukela isihlwele samabanjwa sibuyiselwa kwiinkampu ezahlukahlukeneyo, yaye ndambona uGregor wam. Wayekhangeleka emde ngakumbi kangangesiqingatha semitha kodwa enqine ngendlela engathandekiyo. Emva kokuvunyelwa ukuba anxulumane nabantu ekubeni wayehlala yedwa ngenxa yesifo esosulelayo, waza ezintlanganisweni. Samkelana ngokufudumeleyo, waza wathi, ‘Ndathandaza eNkosini uYehova ukuba ingakushiyi wedwa apha.’ UYehova wawuphendula umthandazo wakhe.”
ISikhumbuzo Kwinkampu Yoxinaniso
Ngaba kwakusenzeka ukuba kuqhutywe iSikhumbuzo sokufa kukaKristu phantsi kwezo meko zinjalo? Ewe, kunjalo kanye! Kodwa maxa wambi, abathile babezibuza enoba kwakuza kwenziwa njani oko. UBožena Nováková wacacisa wathi: “ISikhumbuzo sasisondele. Ndaba buhlungu kuba ndandicinga ukuba andiyi kukwazi ukuthabatha kuloo mifuziselo. Kodwa uYehova wazisingatha ngokwakhe izinto. Wayewazi umnqweno wam, ngoko ke kusuku lweSikhumbuzo, ndabizelwa kwesinye sezakhiwo zamajoni. Oodade abaliqela beentlanga ezahlukahlukeneyo babesele belapho. ISikhumbuzo, kuquka nokudluliswa kwemifuziselo, yonke loo nto yenzeka ngaphandle kokuphazamiseka. Ukubulela, uzuko nembeko sikuzisa kuThixo wethu uYehova, nakwiMvana yakhe!”
Kodwa sasifumaneka njani isonka esingenagwele newayini? Wongezelela wathi: “Kwidolophu ekufuphi apho yaseFürstenberg, kwakukho amaNgqina kaYehova awayesebenza kwizindlu zefama kaRhulumente awayekwazi ukusiphathela imifuziselo.”
Emva kwale ntsikelelo uDade Nováková wajamelana nenye into—enzima, kodwa eyomeleza ukholo. Ukhumbula oku: “Ngenye imini ndabizelwa kwigumbi lokuhlambela. Yayiligumbi lokuhlambela elineeshawari, kodwa xa iishawari zivuliwe, kwakuphuma igesi endaweni yamanzi. Ngoxa esaphila, maxa wambi amabhinqa afakwe ityhefu, ayephoswa eziontini. Ndandingakwazi oko de ndakuxelelwa ngomnye umlindi olibhinqa esithi: ‘Ngoku wena Bibelforscher [njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo], uza kungena egesini! Ngoku ke siza kukhe sibone ukuba uYehova wakho uza kukusindisa kusini na!’” Njengoko wayesimka uDade Nováková, wayethe gwantyi iinyembezi, yaye wathandaza wathi: “Bawo Yehova, ndincede, ukuba ndimele ndife, makwenzeke ukuthanda kwakho. Kodwa ndithandazela abantwana bam. Ndibanikela ngokupheleleyo ezandleni zakho.” Echaza oko kwenzekayo emva koko, wathi: “Njengoko ndandithandaza, ucango lwavuleka kwaza kwangena ugqirha ophetheyo, wabona loo nxa-ntathu wam umfusa waza wathi: ‘Bibelforscher, ufuna ntoni apha? Ngubani lo ukuthumele apha?’ Ndaphendula ndathi ndithunyelwe ngumlindi. Wathi: ‘Phuma apha! Indawo yakho iphaya!’ watsho endikhomba emnyango. Njengoko ndandiphuma, ndeva umlindi esithi: ‘Ngoku ndiyakholelwa ukuba uYehova wabo uyabakhusela.’”
Ukunikela Ubungqina Ebudeni Bokuhlasela KwamaNazi
Nangona kungekho ngxelo yasentsimini yagcinwayo ngeli xesha, iindaba ezilungileyo zaqhubeka zishunyayelwa eCzechoslovakia. URǔžena Lívancová, ovela kwidolophu yaseKladno, wabhala wathi: “Umama wasifundisa ukuba nokholo kuThixo, kungekhona ngendlela ababefundisa ngayo abefundisi, kodwa ukuze sibahlonele abanye abantu. Ngowe-1940 udade wasePrague wanikela ubungqina kuthi. Ngoko ke ndaqalisa ukufunda ngoThixo wethu omangalisayo noBawo onothando, uYehova. Ngowe-1943 sonke, mna, umama nodade wethu sabhaptizwa.”
Kwangelo xesha phantsi kwezo meko zexesha lemfazwe, uYehova wayetsala “abo babenotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.” (IZe. 13:48) UFrantišek Šnajdr, wasePrague, wathi: “Sasiyintsapho yamaKatolika kodwa asizange sikhe siye ecaweni. Ndandisebenza ngoomatshini, ndiphila ubomi obuqhelekileyo. Ndandisoloko ndisebharini apho ndandidlala khona amakhasi. Kwakudla ngokufika enye indoda, izithengele iglasi yebhiya, yandule ke ukunikela ubungqina kwabo bakhoyo. Babedla ngokuhlekisa ngayo. Kodwa njengoko ndandidlala amakhasi, ndandidla ngokuyiphulaphula ngandlebe-nye. Yathetha ngesahluko 24 sencwadi kaMateyu. Ndayithanda loo ncoko ndaza ndayixelela. Ngoko ke yandimemela emzini wayo. Xa ndandifika kwakuqalisa iintlanganiso. Kwakusele kukho abantu abasixhenxe emzini wayo. Ndayibuza: ‘Ndicela ukubuza, uza kufika nini umfundisi?’” Kodwa kwakungekho mfundisi uzayo. UJosef Valenta, owayehleli kanye apho ecaleni kukaFrantišek, nguye owayesongamela.
UFrantišek waqhubeka efunda iBhayibhile, yaye ngoAgasti 1942 wabhaptizwa. Kunyaka olandelayo wabanjwa ngamaGestapo. Kodwa uYehova waqhubeka emnyamekela ngoncedo olwalufuneka ukuze akhule ngokomoya. UFrantišek wacacisa: “EMauthausen ndadibana noMzalwan’ uMartin Poetzinger. Wayengumzalwana okhaliphileyo nolumkileyo. Wandenzela iimbadada, yaye wayesoloko endinyamekela ngoncwadi. Sasiqhuba iintlanganiso rhoqo—kambe ke, ngokufihlakeleyo—yonke imihla ngeCawa, kanye apho ‘ePlatz’”—ekubonakala ukuba yayiyindawo eyayisetyenziselwa ukubala amabanjwa.
NoJan Matuszný wayiqonda into yokuba uyalufuna uncedo lokomoya. Kamva wabhala: “Ebudeni bemfazwe ndandisebenza emgodini. Mna nabakhuluwa bam ababini, sasidlala kwiqela lomculo lasemgodini. Ndanditshaya yaye ndisela. Ndandixhwaleka kangangokuba izandla zam zazingcangcazela ngathi zezexhego. Ngenye imini ngoxa ndinxilile yaye ndinxunguphele, ndaqalisa ukuthandaza kuThixo ngelizwi elikhulu, ndicela ukuba andincede ngandlel’ ithile ukuze ndahlukane neembandezelo endikuzo.”
Kungekudala emva koku, iNgqina elalityelela udade wabo lathetha naye ixesha elide laza lamnika iBhayibhile neencwadana ezintathu. Njengoko wayezifunda, weyiseka ukuba oko akufundayo yinyaniso. Wayeka ukutshaya, ukusebenzisa kakubi utywala nokudlala kwiqela lomculo, waza waqalisa ukuya kwiintlanganiso. Wabhaptizwa ngowe-1943 kwichibi leentlanzi. Wongezelela wathi: “Sasiqhuba iintlanganiso ebudeni bayo yonke loo mfazwe. Sasifundiswa intsingiselo yegama elithi ‘ukulalanisa’ kwanento yokuba kulunge ngakumbi ukufa kunoba ungcatshe umzalwana. Oko kwaba sisiseko esihle kwintshutshiso eyayisilindele ngaphambili”—ewe, intshutshiso eyafika kwanasemva kokuba imfazwe iphelile.
Ukusebenzisa Kakuhle Isihlandlo Soxolo
Emva kokuba imfazwe iphelile, kwabakho isihlandlo senkululeko nomlinganiselo othile woxolo kubantu bakaYehova ukususela kowe-1945 ukusa kowe-1949. Elo yayilixesha lokwakha ngokutsha ngokomoya nexesha apho abazalwana bethu babesenza umsebenzi wabo wokushumayela abawunikwe nguThixo ngenzondelelo entsha.—Mat. 24:14.
Into yokuqala ekwakufuneka yenziwe kukufumanisa onke amabandla nabavakalisi. Abanye babefile, abanye befudukile yaye amawaka amaJamani awayehlala kufuphi nemida ayegxothelwa kumazwe awo. UMzalwan’ uMüller, mhlawumbi owayengomnye wabazalwana bokuqala ukufika ekhaya, wazibhokoxa ukuze avuselele unxibelelwano phakathi kwamabandla. Wazama nokunxibelelana neeofisi zamasebe oMbutho kwamanye amazwe, kodwa akazange aphumelele ekuqaleni. Kwandula ke, ekuqaleni kukaJuni ucingo lwaphumela eBern, eSwitzerland. Kwaqalisa ukufika iileta ezivela eBern, nganye iphethe amaphepha aliqela eMboniselo yesiJamani. Ngokukhawuleza kwaqaliswa ukuguqulela. NgoAgasti 1945 abazalwana basePrague bakhulula inkupho yokuqala yeMboniselo yesiCzech emva kwemfazwe, eyashicilelwa ngomatshini.
Abantu abaninzi bakhumbula oko ayeshumayela ngako amaNgqina ngaphambi kwemfazwe, yaye abanye babo ngoku babefuna ukuphulaphula. Iintetho zeBhayibhile zesidlangalala—kungekhona ezishicilelweyo, kodwa ezinikelwa zizithethi ezifanelekayo—zaqalisa ukuba ziimbalasane. Kwakubakho amakhulu abantu. Intetho yokuqala eyayinomxholo othi: “Inkululeko Kwihlabathi Elitsha,” yanikelwa ngoNovemba 11, 1945 kwiholo iPrague’s Agricultural Stock Market. Kwakukho abaphulaphuli abamalunga nama-600 abanehlombe. Ebudeni beminyaka emithathu, kwanikelwa iintetho zesidlangalala ezinjalo ezili-1 885 eCzechoslovakia. Abaninzi abangamaNgqina kaYehova ngoku bathi batsaleleka enyanisweni ngenxa yezo ntetho zinjalo.
Omnye wabo nguTibor Tomašovský, ngoku ohlala eBohemia. INgqina elalikumsebenzi walo wengqesho ladibana noTibor yaye njengoko babencokola lakhankanya iBhayibhile. UTibor wachukunyiswa kukuthozama kwalo waza walimemela kwikhaya lakhe elo Ngqina. Oku kwakhokelela ekubeni amenyelwe kwiintlanganiso. Kamva uTibor wathi: “Oko sakufumana kuloo ntlanganiso nomfazi wam akunambaliso. Ndandingekaze ndiyive intetho ebalasele ngolo hlobo. Izithethi ezithathu ezahlukahlukeneyo zazishiyelana ngeqonga zinikela iintetho. Kumntu owayesecaleni kwam ndathi: ‘Bamele ukuba bafundile aba bantu.’ ‘Akunjalo, bangamafama nje kuphela.’ Oko sakuva apho kwakumangalisa ngeyona ndlela kangangokuba sasingafuni kugoduka. Kwiveki elandelayo eofisini, ndandingakwazi ukunikel’ ingqalelo kumsebenzi wam yaye yayingathi ayifiki iCawa. Asizange sikhe siphoswe yintlanganiso.”
Ezinye zeendawo awayeqhubeka nobulungiseleli bawo kuzo amaNgqina yayiziinkampu ekusetyenzwa nzima kuzo apho emva kwemfazwe amabanjwa emfazwe namaJamani ayelindele ukuthunyelwa emakhaya. Ingxelo ephathelele umsebenzi owawusenziwa ngoko ithi: “Ngempumelelo enkulu abazalwana babeshumayela kuloo maJamani, ngakumbi kumaNazi, awayekwiinkampu ekusetyenzwa nzima kuzo.” Ngaba iimeko zawo eziguqukileyo zaziza kuwenza ayamkele ngakumbi inyaniso yeBhayibhile? AmaNgqina kaYehova ayefuna ukuwanika elo thuba.
NgoNovemba 1945, uMzalwan’ uMüller wamiselwa ngokusesikweni njengomveleli wesebe. Kwihlobo elilandelayo abazalwana bakwazi ukuthenga isakhiwo esitsha esinemigangatho emine eSuchdol, kufuphi nasePrague. Kwatsho kwakho indawo eyaneleyo yokusebenzela nentle yokuhlala intsapho yaseBheteli. Elo lizwe lahlulwa laziziphaluka, ngasinye sinamabandla amalunga nama-20 kwaza kwaqaliswa ukuqhuba iindibano zesiphaluka rhoqo. Oku kwangqineka kuyintsikelelo engathethekiyo. Ebudeni bezo ndibano kwakusoloko kusenziwa nobulungiseleli bendlu ngendlu, yaye kwakunikelwa ubungqina obuhle ngentetho yesidlangalala emva kwemini ngeCawa. Njengoko iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo sasiqalisa ukusebenza ebandleni, ngoncedo lomoya kaYehova, abazalwana abangakumbi bakufanelekela ukunikela iintetho zesidlangalala yaye abavakalisi baba ngabafundisi abalunge ngakumbi.
Kwalungiselelwa neendibano ezinkulu. Ngowe-1946, intetho ethi: “Vuyani” nethi “Umthetheli Woxolo” zaba ziimbalasane kwindibano eyayinabantu abali-1 700 eBesední du̇m, indawo yeqela elithile laseBrno. UFranz Zürcher waseBern, eSwitzerland, wayekho kweso sihlandlo. Kunyaka olandelayo, xa kwakuqhutywa enye indibano enkulu eBrno, kwabakho amalungu amathathu asebenza kwikomkhulu lehlabathi—uN. H. Knorr, uM. G. Henschel, noH. C. Covington—kolo cwangciso. Intetho yesidlangalala eyayisithi, “Uvuyo Lwabantu Bonke,” yabhengezwa kuso sonke eso sixeko ngeebhodi ezibhaliweyo nangamaphecana, yaye baba ngama-2 300 abezayo. Abaninzi bashiya iidilesi zabo bebonisa umnqweno wokufuna ukumenywa kwiintlanganiso ezilandelayo.
Ekuqaleni kowe-1948 urhulumente wajamelana nengxaki enkulu. Kwaqalisa ukulawula amaKomanisi. AmaNgqina kaYehova aqhubeka eshumayela iindaba ezilungileyo ngenzondelelo. Inani labavakalisi boBukumkani landa ngomlinganiselo wama-25 ekhulwini kuloo nyaka. NgoSeptemba kwaqhutywa enye indibano—le yona yaba sePrague. Intetho yesidlangalala yaba nomxholo osexesheni othi, “UBukumkani BukaThixo—Ithemba Loluntu Lonke.” Ngenxa yoko kwakusengaphambili, intetho ethi, “Ukugcina Ingqibelelo Ngaphantsi Kovavanyo” nayo yangqineka ifanelekile. Yaye nangexesha eyayiqhubeka ngalo indibano, iintshaba zabantu bakaYehova zazilungiselela ukuhlasela.
Ukugutyungelwa Lilifu Elimnyama Kwakhona
Kwadlula nje iminyaka engaphantsi kwemine ukususela kwixesha lokukhululwa kwabazalwana entolongweni, kodwa iimeko zaguquka ngequbuliso. Kwindibano yesiphaluka eyayiseKarlovy Vary, kwintshona Bohemia, ngoNovemba 1948, izinto zaqalisa ukuba mbi. Indibano ngokwayo ayizange iphazanyiswe. Noko ke, njengoko uMzalwan’ uMüller wayenikela intetho yesidlangalala emva kwemini ngeCawa, ngoNovemba 28, kwezinye zezihlalo ezingasemva kuloo holo kwakuhleli iintlola zoKhuseleko lukaRhulumente zinxibe ngendlela nje eqhelekileyo. Kwangolo suku xa uMzalwan’ uMüller wayesidla isidlo sakhe sangokuhlwa, uOldřich Skupina umveleli weBandla laseKarlovy Vary, wamfumana waza othukile wamxelela ukuba aboKhuseleko lukaRhulumente bagqogqe imizi yabazalwana abahlukahlukeneyo baza bathimba uncwadi lwabo.
UMzalwan’ uMüller wenza umgudu wokutsalela umnxeba kwiBheteli yasePrague, kodwa kwakungekho mpendulo. Kwacaca ukuba kukho into eyenzekileyo nalapho. Wabuyela ePrague ngokukhawuleza. Noko ke, njengoko wayekufuphi nesakhiwo saseBheteli, wabona amadoda amabini awayesenza ngathi ayasebenza kodwa elinde elo Khaya laseBheteli. EBheteli wadibana nomzalwana owamxelela ukuba iintlola zoKhuseleko lukaRhulumente ziye zagubhulula kuzo zonke ezo zakhiwo zaza zavala iofisi. Kwimizuzu nje engama-45 efikile, kwelo Khaya laseBheteli kwafika amagosa amabini evela kwiSebe Lezasekhaya aza athi eso sakhiwo sohluthiwe. UMzalwan’ uMüller waxhathisa, esithi oko kumele kwenziwe ngomyalelo wenkundla. Emva kokuba emkile, wakwazi ukufudusela kowabo ezinye zeefayile ezazingafunyanwanga ngabo boKhuseleko lukaRhulumente. Kodwa ukubuyela kwakhe eBheteli, kwakusele kukho igosa loKhuseleko lukaRhulumente elalimlindele apho linemiyalelo yokumbamba kunye noodade ababini ababekunye naye. Amanye amalungu entsapho yaseBheteli ayesele ebanjiwe.
Ngaba umyalelo wenkundla wawusele ukhutshwe ngokukhawuleza kangako? Akunjalo. Kwinyanga kamva, ngoxa abazalwana babevalelwe, uMzalwan’ uKapinus, owayephakathi kwabo, wafumana ileta. Yayinesigqibo seSebe Lezasekhaya, somhla ka-Aprili 4, 1949—ngaphezu kweenyanga ezine emva kweso siganeko—sokuvalwa komsebenzi woMbutho nesakhiwo sawo.
Phezu kwako nje oku, ngoJulayi iNkundla kaRhulumente yazirhoxisa ezo zityholo zolwaphulo-mthetho zinxamnye nabazalwana ngenxa yokungabikho kobungqina. Nakuba babevalelwe ngaphambi kokuba bagwetywe, bakhululwa. Sekunjalo, abazange bemke kweso sakhiwo seNkundla kaRhulumente njengabantu abakhululekileyo. Amagosa amabini eSebe Lezasekhaya abamisa abaxelela ukuba ngokwesigqibo seCommunist Political Commission, bathunyelwa kwinkampu ekusetyenzwa nzima kuyo kangangeminyaka emibini. Oko kwakungenakufezwa yinkqubo yomthetho kwenziwa ngogonyamelo. UMzalwan’ uMüller wathunyelwa eKladno, apho wasebenza kumgodi wamalahle.
Eso saqhwithi sokubanjwa sasigqugqise elo lizwe sabangela ubunzima obungathethekiyo kumaNgqina kaYehova. Sekunjalo, oko amagosa amaKomanisi ayekulindele akuzange kwenzeke. Athi kuMzalwan’ uMüller: “Yakuf’ intak’ enkulu amaqanda ayabola.” Ayecinga ukuba yena nabanye abazalwana abaneembopheleleko “bayintloko,” kodwa asilela ukuqonda ukuba iNtloko yokwenene yebandla lamaKristu yiNkosi uYesu Kristu ezulwini.—Efe. 4:15, 16.
Unqulo Lokwenyaniso Luyaqhubeka
Phezu kwazo nje iingcinezelo zaloo mihla yobumnyama, unqulo lokwenyaniso aluzange luphele. Ngokukhawuleza abazalwana baqalisa ukwenza amalungiselelo okuqhubeka nomsebenzi wokunikela ubungqina ngoYesu njengoKumkani onguMesiya. UJosef Skohoutil wasePrague, uthi: “Kwiintsuku nje ezimbalwa emva kokuqalisa kwentshutshiso, ndatyelelwa nguMzalwan’ uGros, umveleli wasekuhlaleni. Wandinika amagama abavakalisi abalishumi waza wathi kufuneka ndibanyamekele.” Kangangethutyana babesatsaleleke ekunikeleni ubungqina kwindlu ngendlu, kodwa ngokuthe ngcembe bafunda ezinye iindlela zokwenza loo msebenzi.
Nangona abazalwana abaninzi babesentolongweni, abo bangaphandle baqhubeka behlanganisana kunye. Iiholo zikawonke wonke zazingenakusetyenziswa, kodwa kwakuqhutywa iindibano ezinocwangciso olufinyeziweyo kumagumbi amakhulu. Maxa wambi, iindibano ezinkulu zaziqhutyelwa ehlathini. Eyokuqala yazo yayiseOldřichov, kufuphi nedolophu yaseNejdek, ngowe-1949. Ithambeka lalapho elinamatye lasebenza njengendawo yokuhlala kwabo bangama-200 babekho. Kufutshane nalapho kwakukho indlu engahlali mntu, ishedi nechibi. Ukuze bakwazi ukubhaptiza, bahlula loo shedi yanamagumbi okutshintshela amadoda namabhinqa. Bacoca elo chibi baza benza izinyuko zomthi zokungena emanzini. Bangama-37 abantywiliselwa emanzini ngeso sihlandlo.
Kuthekani ngokufumana iimpapasho zeBhayibhile zokufundisisa? Ingxelo eyanikelwa nguMzalwan’ uVykouřil, waseTeplice ibonisa oko. Ithi: “Ngowe-1950 sasibathathu kuphela ababesele eTeplice. Sasifumana IMboniselo yesiFrentshi kudade oseSwitzerland ngeposi. Kangangethuba elithile lwaye lwaqhawuka unxibelelwano, kodwa emva kwexesha lwaphinda lwakho. Ndaqalisa ukufumana iileta ezibhalwe ngoonobumba abayimiqondiso. Kwezo leta ndandicelwa ukuba ndifumane uthile owazi uthile, naye abe nomnye umntu amaziyo, yaye ngaloo ndlela kwakuza kuphinda kubekho unxibelelwano. Abazalwana ababekhokela babesentolongweni, ngoko kwafuneka siphinde siqalise unxibelelwano nentlangano. Akukho mntu wayenesabelo esithile—wonk’ ubani wayesenza oko kwakufuneka. Noko ke, asizange siyeke ukufumana IMboniselo.”
Esi yayisisiqalo sawona maxesha anzima kwimbali yamaNgqina kaYehova kwelo lizwe. Sisandla sikaYehova kuphela esabangela ukuba umsebenzi ungemi. Phezu kwazo nje iimvavanyo, kunoko, aqhubeka esanda.
Isiqabu Esifutshane
Kungalindelekanga, ekuqaleni kowe-1950 onke amaNgqina kaYehova, abazalwana noodade akhululwa kwiinkampu ekusetyenzwa kuzo nzima. Ayelindelwe yintoni? UMzalwan’ uMüller ukhumbula oku: “Ndothuswa gqitha kukubona indlela izinto ezazilungelelaniswe kakuhle ngayo ngoxa sasingekho.” Umoya kaYehova wawushukumisele abazalwana abaselula, kuquka uJan Sebín noJaroslav Hála, ukuba bakhokele ngenzondelelo. Utata kaJaroslav wayebanjiwe ngowe-1948 (yaye kamva wafela entolongweni), kodwa uJaroslav waba ngumzekelo nokhuthazo olukhulu kubazalwana noodade abaninzi. Bafumanisa ukuba inani lamaNgqina akhutheleyo kulo lonke elo lizwe (lalisakuba yiCzechoslovakia) lalande ngama-52 ekhulwini kwiminyaka nje emibini, lisusela kwi-1 581 ukusa kuma-2 403. Kunyaka olandelayo kwabakho ulwando olungakumbi lwama-38 ekhulwini.
Xa kwapapashwa incwadi yesiCzech ethi, “UThixo Makabe Nenyaniso” enamacandelo amathandathu, ngowe-1951 oko kwabangela ulwando olungakumbi. Le mpapasho yayiza kusetyenziswa njengesiseko sokuqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Yayiqulethe oko abafundi babekufuna ukuze bafumane isiqalo esihle kubomi bokukhonza uYehova.
Noko ke, amagosa amaKomanisi ayengawuginyi ncam umsebenzi wamaNgqina kaYehova. Kunyaka we-1952 kwaphinda kwavela esinye isihlandlo sentshutshiso eqatha kubantu bakaYehova.
Ukubuyela ‘Kwiziko Elivutha Umlilo’
NgoFebruwari 4, 1952 kwiiyure nje zasekuseni, uMzalwan’ uMüller waphinda wabanjwa ngaboKhuseleko lukaRhulumente. Ngesi sihlandlo wavalwa amehlo njengoko wayeqhutywa esisiwa entolongweni. Kamva wabhala wathi: “Kwiinyanga ezili-14 ezilandelayo, ndandingavunyelwa ukuba ndiphume kweso sisele ndandivalelwe kuso ndedwa ngaphandle kokuba ndivalwe amehlo. Phantse yonk’ imihla, umcuphi walapho wayendisa kwiofisi yakhe. Apho ndandigocwagocwa ngemibuzo into engapheliyo yaye ndinyanzelwa ukuvuma ukuba ndiyintlola yaye ndingcatshe urhulumente. Kwabhalwa iqela leengxelo zamapolisa, zaza zatshatyalaliswa kwabhalwa ezintsha. Aba becuphi baqhubeka bezama iindlela ezintsha ngelinge lokuba kuloo ngxelo ndifumaneke ndinetyala nje nokuba lincinane. Ngokuphindaphindiweyo andizange ndivume ukutyobela iingxelo ezinjalo. Kwiminyaka enokuba li-16 kamva xa ndandisele ndikhululiwe, elinye igosa leSebe Lezasekhaya landixelela ukuba ndandikuluhlu lwabantu ababeza kubulawa. NgoMatshi 27, 1953 ndivalwe amehlo ndasiwa kwinkundla yamatyala ePankrác. Mna nabanye ababini endandisebenza nabo saxinxwa ngemibuzo. Eli tyala lavavanywa iintsuku ezimbini. Lalivavanyelwa ekhusini. Kwizihlalo zabantu kwakuhleli abecuphi beSebe Lezasekhaya kuphela.”
Ngomhla kaFebruwari 4, 1952 kwabanjwa elona qela lininzi labantu kulo lonke elo laseCzechoslovakia. Ngaloo mhla aboKhuseleko lukaRhulumente babamba amaNgqina kaYehova ali-109 (abazalwana abali-104 noodade aba-5).
Phakathi kwabo baya kuvalelwa entolongweni ngolo suku kwakukho noEmílie Macíčková. Uyabalisa: “NgoFebruwari 4, 1952 ngoxa umyeni wam wayesesibhedlele, kwafika amadoda amathathu nebhinqa loKhuseleko lukaRhulumente emzini wethu ngeye-3:30 ekuseni. Ndabanjwa kwangoko. Bagqogqa ngokucokisekileyo kuloo ndlu baza bazithimba izinto ababezifumana. Bandisa kwiSebe Lamapolisa Enqila laseOstrava. Kwakusele kukho inkumbula yamaNgqina apho. Sasibanjwe ngobuninzi bethu. Basifaka kwizisele ezazisezitsha kodwa zibanda yaye zinuka kakubi, basinika amanzi abandayo okuhlamba baza batshixa ezo ngcango zentsimbi. Nanini na xa besisa kwenye indawo, babesinxibisa iindondo ezimnyama. Bathumela iintlola kwezo zisele zethu, kodwa sasingathethi ngenye into ngaphandle koBukumkani bukaThixo. Ezo ntlola zazide zicule iingoma zethu zoBukumkani zisenza ngathi ziyathandaza—leyo yindlela ezazizimisele ngayo iintshaba zethu ukusenza silalanise, kodwa uYehova wasomeleza!”
Ityala Elingaqhelekanga EPrague
Eli yayilixesha ekwakukho amatyala amaninzi ezobupolitika eCzechoslovakia. Izigwebo zawo zaziba qatha ngeyona ndlela—zisiba yiminyaka emininzi entolongweni okanye ukufa. Ityala lamaNgqina kaYehova lomhla kaMatshi 27, nowama-28 ngowe-1953 laqhutywa kanye ngelo xesha. Abantu bengazi kwakuvavanywa amatyala amabini obuxoki abaveleli abaphambili bamaNgqina kaYehova. Elesibini laqhutywa kwisithuba senyanga emva kwelo lokuqala. La matyala agwetywa ngolu hlobo: “UMüller noFogel: bagwetywa iminyaka eli-18 entolongweni. Ummangalelwa uSebín, uGros noHála: yiminyaka eli-15; uNahálka: ili-12; uNovák: isi-8; yaye uPorubský: mi-5. Bonke abamangalelwa baza kuthinjelwa impahla yabo bathatyathelwe namalungelo okuba ngabemi.”
Ekuphela kwenkcazelo eyanikelwayo eluntwini ngokuphathelele la matyala yaba kumaphephandaba. Ayesithini? Umzekelo woko yile ngxelo igqwethekileyo yapapashwa ngomhla kaMatshi 30 kwiphephandaba lamihla le lamaKomanisi iRudé právo (Umthetho Obomvu) lisithi: “Iintlola zikaRhulumente waseMerika, kwintiyo yazo yolawulo-melo lwaseCzechoslovakia, zisebenzisa naliphi na ithuba ukuze ziphanzise umsebenzi wethu kwindlela eya kubuSoshiyali . . . Inkundla yesiphaluka sasePrague iye yahlangabezana nolunye uhlobo lomsebenzi otshabalalisayo weentlola zikaRhulumente waseMerika . . . Kwelo tyala bekukho amalungu aphambili ehlelo lonqulo amalungu alo azibiza ngokuba ngamaNgqina kaYehova. Le ntlangano yalathiswa eBrooklyn, eUnited States neyavalwa umlomo kwilizwe lethu ukususela ngowe-1949 ngenxa yeenjongo zayo zokwenzakalisa, ngokungekho mthethweni iye yathubelezisa eCzechoslovakia iingcamango ezingathi zezobuKristu bokwenyaniso eziyilelwe ukutyhafisa abasebenzi beli lizwe, ngokukhuthaza intiyo kuRhulumente nemithetho yakhe, yaye iqalise ukuxhobisa abalandeli bayo belungiselela imfazwe eya kubakho ekugqibeleni nabaya kubaxhasa ngokufihlakeleyo njengeentlola.”
Oku kugqwethwa kwezinto ukuze kuthethelelwe izenzo zenkundla kwamisela isiqalo esalandelwa kulo lonke elo lizwe.
Ukufumana Ababumvu Entolongweni
Noko ke, nasentolongweni kwakukho amathuba okunikela ubungqina. Kwakufuneka ubuchule, kodwa abazalwana bethu bafumana indlela. Entolongweni kwakukho abantu abasabela kakuhle kwinyaniso yeBhayibhile. Omnye wabo yayinguFrantišek Janeček, waseČáslav. Ukhumbula oku: “Ebudeni bemfazwe, ndandililungu lombutho oyiResistance. Ngowe-1948, andizange ndivumelane nohlobo olutsha lwezixholo-xholo, yaye ekubeni ndandikuchase ngokuphandle ukungabikho kokusesikweni, ndagwetywa iminyaka eli-11 entolongweni. Apho entolongweni ndavunyelwa ukuba ndibe neBhayibhile, yaye ndandide ndifundise ngayo ngamaxesha am okuphumla. Ngoko ke, abazalwana babecinga ukuba ndingumfundisi. Sasihlala kwizisele ezahlukeneyo, kodwa maxa wambi sasiba nomlindo, owawubizwa ngokuba ngumlindo womlilo, ngaphandle kwezisele zethu. Ngobunye ubusuku endandilindile, kwakubanda yaye isibhakabhaka sasizele ziinkwenkwezi. Elinye ibanjwa elaqalisa umsebenzi walo wokulinda laphuma kwizakhiwo zamajoni. Ndathi kulo: ‘Hayi bo, nawe ngoku ulapha ukuza kukhonza uFaro?’ Landibuza: ‘Ngaba uyamazi ukuba wayengubani uFaro?’ Ndathi, ‘Ewe wayengumlawuli waseYiputa.’ ‘Ngaba uyazi ukuba wayefuzisela bani?’ ‘Hayi!’ ‘Ngoko ke khawusondele ngapha, ndiza kukuxelela.’ Sahamba kunye kangangeeyure ezimbini, yaye landichazela ndaneliseka. Ndenza inkqubela ngokukhawuleza. UThixo wandithanda waza wakubona ukuyinqwenela kwam inyaniso.” UFrantišek wafundisisa iBhayibhile kunye namaNgqina kaYehova, yaye ngokukhawuleza wayenikela ingxelo yeeyure ezingama-70 nezingama-80 kwinkonzo kaYehova nyanga nganye.
Abaninzi abafunda inyaniso entolongweni babhaptizwa apho. Kwenziwa njani oko? ULadislav Šmejkal owafunda inyaniso ngoxa wayelibanjwa lezobupolitika, ucacisa athi: “Kumgodi esasisebenza kuwo, sasikwazi ukuya kwiinqaba zokupholisa umoya ongena emgodini. NgoJuni 1956, ndikunye nabanye sabhaptizwa kwelinye ichibi lezo nqaba. Oko kwakungeyondlwan’ iyanetha kuba kwakufuneka sikwenze ngexeshana elifutshane ngaphambi kokuba siqalise ukusebenza ngokuhlwa. Sanxiba impahla yangaphantsi, sangena kuloo nqaba, sabhaptizwa, satshintsha ngokukhawuleza saza safaka ingxelo yasemsebenzini.” Babevuyiswa kukuba uYehova wanceda abakhonzi bakhe bafumana indlela yokufuzisela uzahlulelo lwabo ekuthobeleni umyalelo kaYesu Kristu.—Mat. 28:19, 20.
“Iingcwele” Kwimigodi Yamalahle
Umsebenzi wamaNgqina kaYehova wavalwa ngeendlela nangokwamabakala awahlukahlukeneyo. Kwakungenziwa ngendlela efanayo kuzo zonke iindawo okanye ngamaxesha onke. Phantsi kwazo zonke ezo meko, abazalwana babezimisele ngeyona ndlela ukugcina ingqibelelo yabo yobuKristu. Ngenxa yoko, abaninzi kubo babesentolongweni.
Ngenxa yommiselo karhulumente, ngowe-1958 yayingabo basebenza kwimigodi yamalahle kuphela nabangaphantsi kweminyaka engama-30 ubudala ababevunyelwa ukuba bangayi kwinkonzo yasemkhosini. Kunokuba balinde de babanjwe baze bagwetyelwe entolongweni—mhlawumbi baye kusebenza emgodini—abanye abazalwana bagcina inkululeko yomlinganiselo othile ngokuya kusebenza njengabaqeshwa emigodini. (IMize. 22:3) Ngoko kwenzeka ukuba “iingcwele” okanye “abefundisi,” njengoko abantu babewabiza njalo amaNgqina, baye kuqeshwa kwimigodi emininzi. Yaye ekubeni ayemaninzi amaNgqina kaYehova kwimigodi ethile, aqalisa ukuseka amabandla omeleleyo nalapho abazalwana bakhulayo ngokomoya, baza baba ngabalungiseleli abafanelekayo.
Kangangeminyaka elishumi, uEduard Sobička wasebenza emgodini kwidolophana yaseKamenné Žehrovice, kufutshane nedolophu yaseKladno. Uthi: “Endikukhumbulayo kukuba, elona nani likhulu labazalwana ababesebenza ngesinye isihlandlo kumgodi endandiqeshwe kuwo babemalunga nama-30. Sasingena emsebenzini ngamaxesha ahlukahlukeneyo, yaye sazimisela imiqathango yokukuphepha ukusoloko sisondelelene sedwa kangangokuba sizahlule kwabanye abasebenzi. Sekunjalo, ‘iingcwele,’ njengoko sasiqhele ukubizwa njalo, zatsala ingqalelo enkulu. Sasinyeliswa yaye sithukwa kodwa sihlonelwa ngasese.” Apho emigodini, zazixhakamfula amathuba okunikela ubungqina, yaye xa kukho obonise umdla, zazimboleka noncwadi oluxabisekileyo lweBhayibhile.
Ukuya Kwiholide Namanye AmaNgqina
Nangona lawo yayingamaxesha anzima, abantu bakaYehova babesiya kwiiholide. Xa zicetywe kakuhle, ezo holide zazisiba lixesha kungekhona nje lokuhlaziya umzimba kodwa nokwakhana ngokomoya. Ngexesha kwakubakho abantu abali-10 kuphela kwiintlanganiso, ngoko ke khawufan’ ucinge ukuba kwakuba njani xa mhlawumbi amaNgqina kaYehova angama-30 ehlanganisene kunye kangangeveki okanye ezimbini!
Ukwenza isigqibo sobulumko ngomntu oza kummema kwakubalulekile. Abo babeceba babezimisele ukunganikeli ngqalelo kwabaselula ngaphezu kwabadala okanye kubazalwana ngaphezu koodade. Kwakusenziwa umgudu wokuquka abazalwana abangamaKristu abahlukahlukeneyo abaqolileyo ngokomoya, ababeza kunikela ukhokelo olwalufuneka.
Eyona nto yayixhalatyelwe kukuba kubekho ucwangciso lokomoya olulungeleleneyo. Ucwangciso lwemihla ngemihla lwaluyinto efana nale: Umthandazo wakusasa, itekisi yosuku, nokufundwa kweBhayibhile. Ngemva kweemini ezithile kwakubakho iintlanganiso ezazithabatha iyure. Ngeengokuhlwa ngokufuthi kwakubakho iintlanganiso zokomoya ezilungiselelwe kusengaphambili. Imini yonke kwakungabikho nto yenziwayo. Abazalwana noodade babesenokufundisisa, bahamba-hambe, baye kuqubha njalo njalo. Ngokuqhelekileyo ubulungiseleli babunxulunyaniswa nokuhamba-hamba, kodwa kwakukho imiqathango engabhalwanga efanele ilandelwe. Khawube nomfanekiso-ngqondweni weqela labantu abangama-20 behamba-hamba. Kwiidolophana, emahlathini nasemasimini babefumana abantu basekuhlaleni. Xa bedibana nomntu othile, umzalwana okanye udade wayelishiya elo qela aze aqalise ukuncokola naye. Elinye iqela laliqhubeka nohambo lwalo.
Ezo holide zazinanditshwa ngamaqela zaziba nemiphumo emihle. Zazisomeleza ukholo, yaye zasetyenziselwa ukusasaza iindaba ezilungileyo. Ezo holide zamaqela zazifuneka kwimbali yanamhlanje yamaNgqina kaYehova kwelo lizwe. Noko ke, kwakungekho xesha apho abakhonzi bakaYehova babenokuyekelela khona ukuzikhusela ngokomoya.
Uhlaselo Lobuqhophololo
USathana uMtyholi, ‘uyise wabo ubuxoki,’ ukhangela iindlela zokuphelisa intembelo ngokugqwetha inyaniso nangokubabeka ibala elibi abakhonzi abanyanisekileyo bakaThixo. (Yoh. 8:44) Wasebenzisa loo maqhinga ukuze atyhafise uSirayeli wamandulo, aguqule amaYuda enkulungwane yokuqala abe nxamnye noKristu, nokuzama ukwahlukanisa ibandla lamaKristu lokuqala. (Num. 13:26–14:4; Yoh. 5:10-18; 3 Yoh. 9, 10) Bambi abantu abasukela izilangazelelo zakhe bafuna ukubalasela. Abanye basenokuvakalelwa kukuba oko bakuthethayo kulungile, baxhaphe amagwebu bevakalisa iimbono zabo ngoxa bengazazi zonke izibakala. USathana unokuzisebenzisa zombini ezo ndlela, yaye wenjenjalo kwelo lizwe.
Iimeko ngasekupheleni kweminyaka yee-1950 zaba nzima kubazalwana baseCzechoslovakia. Abaninzi babesentolongweni. Unxibelelwano nekomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova lwaphazamiseka. Abanye ngokuzithandela banikela ulwalathiso olwabonakalisa iimbono zabo kunokuba lusekelwe ngokuqinileyo kwiZibhalo. (Tito 1:9; Yak. 3:1) Ngenxa yoxinezeleko lwelo xesha, abathile bema ngokuqinileyo kwimibandela ethile bengenazo zonke izibakala. (Thelekisa IMizekeliso 18:13, 17.) Abambalwa baqalisa ‘ukutsala abafundi emva kwabo.’—IZe. 20:30.
Ngokuphathelele iziganeko zelo xesha, kamva uMzalwan’ uMüller wabhala wathi: “Ngenye imini ngoJanuwari 1956 kwintolongo yaseValdice, ndasiwa kwenye iofisi apho ndandilindelwe ngamadoda amabini khona. Athi avela kwiSebe Lezasekhaya. Azama ukundinyanzela esithi sifanele ‘siyekelele’ kwezinye iimfundiso zonqulo lwethu. Sasingenakuvumelana koko, ngoko ke olo dliwano-ndlebe lwaba lufutshane. Ngowe-1957 ndatyelelwa ngamanye amagosa amabini eSebe Lezasekhaya. Loo ngxubusho yeeyure ezintathu yayahluke ngokupheleleyo. Ndakwazi ukucacisa ngokuphandle iimbono nesimo sengqondo samaNgqina ngokuphathelele imibandela eyahlukahlukeneyo. Ayenomdla kwindlela esiyijonga ngayo inkonzo yasemkhosini, utofelo-gazi, imibutho yabasebenzi nezinye izinto eziliqela. Ekuphetheni kwethu elinye lawo landibuza: ‘Mnu. Müller, ngaba ucinga ukuba singangabahlobo?’ Ndaphendula ndathi: ‘Abahlobo ngabantu abasondeleleneyo nabanezinto ezininzi abavumelana ngazo. Thina maNgqina kaYehova sikholelwa kuThixo. Kodwa nina maKomanisi anikholelwa kubukho bukaThixo. Asinakukwazi ukuba nezinto esivisisana ngazo. Kodwa ndicinga ukuba singakwazi ukuhlalisana ngoxolo.’ Elo gosa lathi: ‘Iyandivuyisa impendulo yakho kuba ukuba bekungenjalo besingayi kukuthemba.’ Ndavakalelwa kukuba loo mbuzo wokugqibela wabuzwa ngenjongo yokuqonda enoba kwakunokubakho naluphi na udliwano-ndlebe olunempumelelo phakathi kwethu kwixesha elizayo. Yaye ukuba kunjalo, lwaluza kusisondeza kwisicombululo semeko yethu.”
Loo ncoko yabangela ukuba kubekho unxibelelwano olukhululeke ngakumbi phakathi kwabazalwana abathile namagosa karhulumente. Noko ke, ngenxa yeemeko ezazikho ngoko, amanye amaNgqina awevayo ngolo dliwano-ndlebe avakalelwa kukuba abo bazalwana baneembopheleleko baye balalanisa. Akuthandabuzeki ukuba abanye abasabela ngaloo ndlela babeshukunyiswa ngumnqweno onzulu wokungafuni ukulalanisa kuyo nayiphi na imigaqo yobuKristu. Noko ke, kukho abambalwa ababetha ngenqindi phantsi bekubonisa ngokuphandle ukungabathembi kwabo abo bazalwana babethethe namagosa karhulumente. Ngaba ukungabathembi kwabo kwakunesihlahla?
Kukho nabanye oothunywashe ababebandakanyekile. UJuraj Kaminský, oye wakhonza uYehova ngokuthembeka ngaphezu kweminyaka engama-50, usicacisela oku: “Emva kokuba abo bazalwana baneembopheleleko nabanye abadala bebanjiwe, abanye kwabo babekhokela amabandla neziphaluka baqalisa ukumisela imiqathango ngendlela yokuziphatha kwabavakalisi, besenza uludwe lwezinto ezifanele zenziwe nemazingenziwa.” Hayi indlela ekwakuya kuba bhetele ngayo ‘ukukhuthaza intobelo ngokholo,’ njengoko umpostile uPawulos wenzayo! (Roma. 16:26) Ekubeni umthetho wawufuna ukuba abantu bavote, wambi amaNgqina ayesiya kumaziko okuvota kodwa ngenxa yesazela sawo, ayengenakuvotela mntu uzigqatsele ezobupolitika. Amanye avakalelwa kukuba lawo ayelalanisa. Ngokuqondakalayo kusenokwenzeka ukuba, abanye abazalwana babebazonda abasemagunyeni ngenxa yokuphatha kakubi abazalwana babo abangamaKristu. UMzalwan’ uMüller ugqabaza athi: “Ndaphazamiseka gqitha yile meko, ngoko ke ekwindla lowe-1957, ndabhala ileta [ndisentolongweni], eyayiza kunceda abazalwana bajonge izinto ngokwendlela eziyiyo ngokwenene.” Esinye seziqendu zayo sifundeka ngolu hlobo:
“Ndineny’ into endikhathazayo. . . . Ndifuna ukukhumbuza abazalwana ukuba iintlanganiso zethu zenzelwe ukufundisisa iZibhalo nokuqeqesha amaNgqina kaYehova abe ngalunge ngakumbi, yaye abe ngabalungiseleli abafaneleka ngakumbi. Kucace phandle ukuba ukuxubusha ngemibandela yezobupolitika okanye ukuvakalisa naziphi na iimbono ezichasene noRhulumente ezintlanganisweni akwamkelekanga, kungakhathaliseki ukuba ziqhutyelwa phi na yaye kungakhathaliseki nokuba babini nje kuphela okanye baninzi abakhoyo. Hlalani nikukhumbula oku bazalwana, nize ningavumeli naziphi na iingxubusho ezinjalo. Ngaba kukho namnye kuni onenzondo nxamnye norhulumente ngenxa yokuba mna nabanye abazalwana sisentolongweni? Ngoko ke ndiyanicela egameni lam, nasegameni labanye abazalwana, ukuba niyeke ukuvakalelwa ngolo hlobo. Musani ukunikezela kwingqumbo nakwinzondo, kuba sibeke imeko yethu kuThixo njengokuba nani nisenjenjalo.”—Roma 12:17–13:1.
Abazalwana noodade abathembekileyo bakhuthazeka ngeyona ndlela yiloo leta. UJan Tesarz wathi: “Sayifumana loo leta yakhe wayeyibhalele entolongweni ngowe-1957. Yayingabonisi kulalanisa, kodwa ukuba sengqiqweni kobuKristu!” Ukanti, asingabo bonke abayibona ngaloo ndlela. Ileta kaMzalwan’ uMüller yabangela impikiswano eshushu neengcamango ezininzi.
Ukwahluka Ebandleni
Emva kokubhengezwa kokuxolelwa kwamabanjwa ezobupolitika amaninzi ngoMeyi 1960, inkoliso yamaNgqina kaYehova awayesentolongweni yakhululwa. Oko kwakuvuyisa ngenene! Phezu kwazo nje izisongelo, aqala apho ebeyeke khona ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Abaninzi kwaba babekhumbula umzekelo owamiselwa ngabapostile bakaYesu Kristu, abathi bakukhululwa entolongweni bathandazela inkalipho yokuqhubeka beshumayela ilizwi. (IZe. 4:23-31) Kodwa ayesalindelwe ziimvavanyo ezintsha.
Phakathi kwabazalwana kwakhula amathandabuzo nokungathembani. Xa uMzalwan’ uMüller wathumela ileta kubazalwana ukuze balungise imicimbi, abanye kwabo babezimisele ukugxeka abazange bavume ukuba loo leta ifundwe emabandleni. Ngowe-1959 inani lamaNgqina akhutheleyo eCzechoslovakia lalingama-2 105, kodwa angaphezu kwe-1 000 ngoxa ayesazibanga njengakhonza uYehova ayengasamanyani naloo maKristu ayenxulumene nawo. Abo babekhokela kwabo babezahlule benza nebango lokuba babefumene imvume kwikomkhulu lehlabathi eBrooklyn, eNew York, nakuN. H. Knorr, owayengumongameli weWatch Tower Society ngelo xesha.
Kwakhula ukungathembani okungakumbi kwabo babezahlule kumaKristu ababenxulumene nawo. Amagosa karhulumente eCzechoslovakia ngelo xesha ade aqonda ukuba amaNgqina kaYehova akazontlola zorhulumente waseMerika, njengoko ayetyholwa. Aqonda nokuba akazange akwazi ukumisa umsebenzi wamaNgqina kaYehova okanye ukuwenza alalanise kukholo lwawo. Ngoko ke, urhulumente, wamaKomanisi wolawulo lobuzwilakhe, waqalis ukudlan’ iindlebe namaNgqina. Yayiba ludliwano-ndlebe lwesinyanzelo. Injongo yaboKhuseleko lukaRhulumente yayikukuqinisekisa ukuba iimbono zonqulo aziyi kusetyenziswa nxamnye norhulumente kodwa ukuba kuyenzeka zisetyenziselwe ukumxhasa. Maxa wambi kwezo ngxoxo kwakudla ngokubizelwa kwisikhululo samapolisa uMzalwan’ uMüller okanye omnye wabaveleli abahambahambayo ukuze bancinwe. Ngesinye isihlandlo, baba nencoko eyayibonakala ngathi yeyobuhlobo kwenye ikhefi.
Bengazazi zonke iinkcukacha, bambi kwabo babebukele, bavakalelwa kukuba abo bazalwana babekwezo ngxubusho babelala ngengub’ enye kunye naboKhuseleko lukaRhulumente. Amagama abanye kwabo bazalwana ade afakwa kuluhlu lwabo basebenza kunye neentshaba, yaye batyholwa nangokuba baguqule amanqaku eempapasho ukuze avisisane neminqweno yaboKhuseleko lukaRhulumente.
Ukhuthazo Lothando ‘Lokufuna UYehova’
UMzalwan’ uKnorr wayexhalabele kakhulu umsebenzi weNkosi nabo babezimisele ukukhonza nentlangano kaYehova ngokunyaniseka. Ngomhla kaDisemba 7, 1961 wabhalela abazalwana baseCzechoslovakia ileta nalapho watsalela ingqalelo kwiZibhalo ezifana noMika 2:12 neNdumiso 133:1. Wacacisa imbono yoMbutho kwimibandela eyahlukahlukeneyo waza wavakalisa inkxaso yakhe kwabo bazalwana babephathiswe iimbopheleleko. Enyanisweni, olu yayilukhuthazo lothando kubazalwana ‘abafuna uYehova’—ukuze baqonde indlela owawusebenza ngayo umoya kaYehova ukuze uzalisekise ilizwi lakhe yaye wenze ngokuvisisana nabameli ababesetyenziswa nguYehova. (Zek. 8:21) Nasi esinye isiqendu saloo leta:
“Bazalwana Bam Abathandekayo: . . . Iindaba endizivayo zibonisa ukuba uninzi lwabazalwana baseCzechoslovakia bagcina umanyano lwabo lobuKristu ngokobuthixo, kodwa ngenxa yokunganxibelelani kakuhle kukho abambalwa abaye bavumela amarhe nentlebendwane avelisa amathandabuzo ezingqondweni zabo aza abangela abanye abakwazi ukusebenzisana okanye bafake ingxelo yabo yenkonzo. Oku kunokukhokelela abaliqela ekubeni bangonwabi baze babe neengxaki, nto leyo esele yenzekile. Ngoko ke ndinibhalela ukuze nazi ukuba uMbutho uyamamkela uMzalwan’ uAdam Januška noMzalwan’ uBohumil Müller nabanye abazalwana abasebenza nabo njengabaveleli bamaKristu abanembopheleleko eCzechoslovakia yaye ndiyanibongoza ukuba nikhumbule amazwi kaPawulos akumaHebhere 13:1, 7, 17. Aba bazalwana banomdla kuni yaye bazama ukuninceda nonke ukuba nithembeke kuYehova uThixo. Ngoko ke sebenzani kunye nabo ngokuthobeka yaye baya kusebenza nani, nonke nizukise uYehova.” Noko ke, okubuhlungu kukuba kungekudala emva kokufunyanwa kwaloo leta, kwafuneka ukuba uAdam Januška asuswe kubudlelane ngenxa yokuziphatha ngendlela engeyoyabuKristu.
Abanye bayixabisa ileta kaMzalwan’ uKnorr, kodwa asinguye wonk’ ubani owavumayo ukuba alungiswe seso siluleko sayo. Enyanisweni, ngowe-1962 kwavuka iingxaki ezingakumbi. Kwapapashwa amanqaku eMboniselo alandelelanayo ecacisa ngeembopheleleko zamaKristu okokuqala kuThixo kuze kulandele amagunya alawulayo, “amagunya awongamileyo” ebhekisela kumaRoma 13:1. Oko kwapapashwayo kwalungisa iindlela esasikuqonda ngayo oko. Abo babebonakalisa ukungathembi nto yaye begxeka basasaza amarhe okuba loo manqaku ayeveliswe nguMzalwan’ uMüller ngaphantsi kolwalathiso leSebe Lezasekhaya. Kwakuza kuthiwani? Kunokuba bachithe lonke ixesha labo bezama ukweyisela abo babengafuni kwaneliseka ngelo xesha, abazalwana banikela ingqalelo yabo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kwabo babelambele yaye benxanelwe ubulungisa.
Kwiminyaka kamva abanye kwabo bayishiyayo intlangano babona ubungqina bentsikelelo kaYehova baza bacela ukubuyiselwa. Noko ke, kukho abathile abaqhubeka benganxulumani nayo de kwangowe-1989 xa iQumrhu Elilawulayo lathumela ileta yobubele isiya “Kwabo Banqwenela Ukunqula UYehova Nokumkhonza Ngomanyano.” Loo leta yatsalela ingqalelo kwiziprofeto ezifana noZekariya 8:20, 21 noIsaya 60:22, ezizalisekayo ngoku. Yagxininisa isiluleko seZibhalo nemilinganiselo efumaneka kuMateyu 24:45-47, kweyoku-1 yabaseKorinte 10:21, 22 nakweyabase-Efese 4:16. Yandula ke loo leta ngokuyinxenye yathi:
“Sibuhlungu kukuva ukuba, kude kube ngoku niye nazifumanisa ningasebenzisani namalungiselelo obuthixo neendlela ezilandelwa ngabantu bakaThixo kuzo zonke ezinye iinxalenye zomhlaba. Sinibhalela sinikhuthaza ukuba nibonakalise umnqweno wenu wokusebenza kunye nentlangano kaYehova ebonakalayo njengoko imiselwe ehlabathini lonke yaye ikho kwilizwe lenu. Ninokuwubonisa loo mnqweno wobulungisa ngokubamkela abazalwana esibanyulileyo. Bakulungele ukulungiselela oko nokunifundela le leta. Nifanele nibathembe abazalwana abeza kuni yaye bazazise ngale leta njengabagunyaziswe sithi. Kulilungelo labo ukunimema ukuba nibuyele emhlambini ningabuyi nibe ngabahlukanisiweyo.—Yoh. 10:16.”
Eli nyathelo leQumrhu Elilawulayo lafeza lukhulu ekulungiseni oko kwakusasele kumonakalo owenziwa ngamaqhinga kaSathana emabandleni ngelo xesha xa ayengakwazi ukunxibelelana ngokukhululekileyo nentlangano kaYehova ebonakalayo.
Ukulungelelanisa Nokuqeqeshela Inkonzo Engakumbi
Emva kokukhululwa kwamaNgqina entolongweni ngowe-1960, kwakusekho okuninzi okufanele kwenziwe malunga nokushumayela iindaba ezilungileyo kumazwe aseCzech. Ukuze kufezwe oko, kwakuza kufuneka kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo noqeqesho olulungileyo. Ukuphunyezwa kwezo njongo phantsi kwezo meko zazinzima kwelo xesha kwanikela ubungqina obanelisayo bokhuseleko lothando nentsikelelo kaYehova.
Elona nyathelo likhulu lalisengaphambili kumalungiselelo obuthixo yaba siSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani ngowe-1961 esinikela uqeqesho olukhethekileyo lweBhayibhile kubaveleli abahambahambayo nakwizicaka zebandla (ngoku ezaziwa njengabaveleli abongamelayo). UKarel Plzák wasePrague, ngoko owayekhonza njengomveleli wesiphaluka, ukhumbula iklasi yokuqala. Yayiza kuqhutyelwa kufuphi naseKarlovy Vary. Kwenzeka ukuba aboKhuseleko lukaRhulumente beve ngendawo esikuyo. Ngenxa yoko, kwenziwa ilungiselelo ngomzuzu wokugqibela lokuba abazalwana bahlanganisane kwindlu nje yomntu othile.
Abazalwana abaninzi ababeselula ngoko bakuqonda ukubaluleka kwenkonzo kaYehova. Abanye baqola ngokukhawuleza yaye kungekudala bamenywa ukuba baxhamle kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani. Omnye wabo, uJaromír Leneček wakhonza njengomqhubi wesifundo sencwadi sebandla eseneminyaka eli-14 ubudala. Xa wayeneminyaka eli-16 wamiselwa njengomncedisi womveleli webandla, yaye xa wayeneminyaka engama-20 ubudala wamenywa ukuba aye kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani. Ngoku ulilungu leKomiti yeSebe.
Ucwangciso olubhekele phaya loqeqesho olwasungulwa ngowe-1961 lwafaka isandla ngeyona ndlela ekuphuculeni umgangatho wobulungiseleli basentsimini. Kwakusabelwa umvakalisi onamava ukuba aqeqeshe lowo ungekabi namava. Babedla ngokulungiselela kunye baze basebenze kunye kwinkonzo yasentsimini. Injongo yayikukunceda ngokwaneleyo lowo uqeqeshwayo ukuze naye akwazi ukunceda abanye. Ngelo xesha kwakusenzeka ukuba kunikelwe ubungqina obungacwangcwiswanga kuphela, kodwa olo qeqesho lwanceda abaninzi baba ngabadumisi bakaYehova abakhutheleyo.
Phantsi kolawulo lobuzwilakhe, izinto ezithunyelwa ngeposi ngokufuthi ziyahlolwa ngurhulumente. Ngoko ke eCzechoslovakia abaveleli abahambahambayo baba nendima ephambili kunxibelelwano lobuthixo. Tyelelo ngalunye lomveleli wesiphaluka lwaluba sisiganeko esilangazelelwayo. UEduard Sobička ukhumbula oku: “Umveleli ohambahambayo kwakufuneka aphangele yaye aqakathe impelaveki ngaphambi kokuba akwazi ukusebenza namabandla ukususela ngoLwesihlanu ukusa ngokuhlwa ngeCawa—iintsuku ezinokuba ntlanu ngenyanga. Eli lixesha elilinganayo nelo abaveleli beziphaluka abakumazwe angenamiqathango ingokwasemthethweni abalisebenza namabandla ngeveki. Ngenxa yesi sizathu ngokuqhelekileyo isiphaluka siba namabandla amathandathu nje kuphela.” Ngenxa yaba bazalwana, kwagcinwa unxibelelwano namabandla, yaye ahlala efumana rhoqo inkcazelo entsha.
Xa Bayekayo Ukulumka
Maxa wambi xa umsebenzi uhambela phambili, kwakuba lula ukulibala ukuba amaNgqina kaYehova ayesavalwe umlomo. Abazalwana abakhokelayo bakhuthaza ukuba kusetyenziswe ingqiqo kuwo nawuphi na umsebenzi owenziwayo. Kodwa abanye babenganeli ziindlela ezazisetyenziswa. Babefuna imiphumo ekhawulezileyo.
Ngenye imini ngowe-1963 kwipaki yasePrague, abazalwana ababini bahlanganisa igquba labantu. Omnye wabazalwana wakhwela esitulweni waza waqalisa ukushumayela. Xa enye indoda kweso sihlwele yavakalisa ukuchasa ngokuphandle, loo mzalwana wayibiza ngokuba ngummeli kaMtyholi. Kwafika amapolisa aza afuna ukuba abo bazalwana bazichaze, kodwa akuzange kuphelele apho. Eso siganeko saxhokonxa iphulo elikhulu lamapolisa. Kwiintsukwana nje ezimbalwa, kwabanjwa abazalwana noodade abangaphezu kwe-100 basePrague. Oku kwaphumela kwizinto ezimbini—amatyala enkundla, nesifundo kubazalwana. Abathandathu kwabo babanjwayo bafunyaniswa benetyala baza bagwetywa.
Esi siganeko asizange sibuthomalalise ubulungiseleli, kodwa sakhumbuza abazalwana ngemfuneko yokusebenzisa ubulumko. (IMize. 3:21, 22) Oko kwakubaluleke ngokukhethekileyo ekupheleni kweminyaka yee-1960 xa kwakukho amathemba okuvulwa komsebenzi.
Inkululeko Yonqulo Kungekudala
Kunyaka we-1968 kwenzeka iinguqulelo ezingalindelekanga. AmaKomanisi ekwakusithiwa ahlaziyiweyo angena ezintanjeni aza aqalisa ukungenisa idemokrasi. Ezi nguqu zamkelwa ngabantu, yaye kwakuthethwa ‘ngobusoshiyali obunobuntu bemvelo.’
Ngaba amaNgqina kaYehova asabela njani kwezi nguqulelo? Akazange angxame. Nangona ayeyamkela inkqubo yokunyenyiswa kwezinto, enethemba lokuba mhlawumbi umsebenzi wawuya kuvulwa, akuphepha ukungxama nto leyo ayenokuzisola ngayo kamva. Oku kwangqineka kulikhondo lobulumko. (IMize. 2:10, 11; 9:10) Emva kweenyanga ezisibhozo zaloo nkululeko, imikhosi yamaqela eWarsaw Pact yamazwe amahlanu yangenela elo laseCzechoslovakia. Amajoni amalunga nama-750 000 neenqwelo zokulwa ezingama-6 000 abutshayela tu “ubusoshiyali obunobuntu bemvelo.” Abantu babexhwalekile. Noko ke, ukungathabath’ icala kwamaNgqina kaYehova ebudeni boko ‘kwagqabhuka ePrague’ kwawanceda kakhulu kwiminyaka yamva kuba amagunya kaRhulumente kwafuneka avume ukuba amaNgqina kaYehova akasosisongelo kurhulumente.
Ngendlela emangalisayo, kangangethutyana emva kwezo ziganeko abemi baseCzechoslovakia bafumana ithuba lokukhenketha ngokukhululekileyo ukuya eNtshona Yurophu. AmaNgqina kaYehova amaninzi azixhamlela kwelo thuba, ngokuyintloko kuba kwakucetywe iiNdibano Zezizwe Ngezizwe ‘Zoxolo Emhlabeni’ kuloo nyaka. Abazalwana noodade abamalunga nama-300 abasuka kulo lonke elo laseCzechoslovakia baya eNuremberg, eNtshona Jamani, esona sixeko sikufuphi sasinendibano. Loo ndibano yabanika amandla ongezelelekileyo okomoya. Noko ke, kungekudala yaphinda yavalwa loo mida.
Ebutsheni beminyaka yee-1970 kwaqalisa isihlandlo ekwathiwa kukubuyela kwemeko eqhelekileyo yezobupolitika. Abo babenovelwano ngabavukeli bowe-1968 babesuswa kwezobupolitika nakwimicimbi yentlalo. Phantse bangama-30 000 abantu abachaphazelekayo. Phantse igosa elinye kwamane kulawo oKhuseleko lukaRhulumente lavumelana nabavukeli, yaye lawo aphulukana nemisebenzi yawo. Abanye abantu babesithi kubuye amaXesha Obumnyama.
Nangona esi isihlandlo sasahlukile kwiminyaka yee-1950, yayilixesha apho aboKhuseleko lukaRhulumente baphinda banikel’ ingqalelo ngokusondeleyo kumsebenzi wamaNgqina kaYehova. Kwezinye iindawo zelo lizwe, abazalwana babevalelwa entolongweni. AmaNgqina akazange ayeke ukushumayela, kunoko alumka ngakumbi.
“Iminyaka Emawaka Mathandathu Yobukho Bomntu”
Ngowe-1969 iphephancwadi IMboniselo lesiCzech laqalisa ukupapasha uthotho lwamanqaku asekelwe kwincwadi ethi Ubomi Obungunaphakade—Enkululekweni Yoonyana BakaThixo. Kwisahluko 1, phantsi komxholwana othi “Iminyaka Emawaka Mathandathu Yobukho Bomntu Iyaphela,” kwakukho ingcaciso ephathelele iNtlokoma nobalo-maxesha lweBhayibhile. Le nkcazelo yaba nempembelelo entle kwabanye, yaye kwabanye yaphakamisa imibuzo emininzi nolindelo olukhulu.
Iofisi yaseCzechoslovakia yathumela ileta yomhla kaFebruwari 22, 1972 kuwo onke amabandla. Yacacisa izizathu zokuba singafanele senze nayiphi na ingcaciso eqinisekisa umhla wokufika kweArmagedon. Yalatha kwinto yokuba akukho mpapasho yoMbutho eyakha yathi iArmagedon iya kufika ngonyaka othile. Le leta yaqukumbela ngokuthi: “AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aqhelene nezi zibakala, yaye akukho namnye ufanele azongezelele esithi kuya kwenzeka okuthile ngaphambi okanye ngonyaka we-1975. Akukho zizathu zingokweZibhalo zokwenza naliphi na ibango eliqinisekileyo, yaye lisenokuba nomphumo ombi kumsebenzi wokushumayela. Ngoko ke, zabalazelani ukuba ‘nonke nithethe ngokuvumelanayo, nokuba kungabikho kwahlukana phakathi kwenu, kodwa nimanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye.’ (1 Kor. 1:10) Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa.”—Mat. 24:36.
Oko Kwenzekayo
NgoFebruwari 1975 abazalwana abaliqela babanjwa kwiphulo lamapolisa. Ebudeni baloo nyaka kwabanjwa abangakumbi kwiindawo ezahlukahlukeneyo zelo lizwe. UStanislav Šimek, waseBrno, owabanjwa izihlandlo eziliqela ngaphambili uthi: “NgoSeptemba 30, 1975 ndabanjwa yaye igumbi lam nendawo endisebenza kuyo zagqogqwa. Amapolisa athimba iingxowa ezintlanu zoncwadi. Kamva ndafumanisa ukuba ngamagosa oKhuseleko lukaRhulumente amalunga nama-200 awayenenxaxheba kwelo phulo. Agqogqa kwimizi engama-40 aza athimba isiqingatha setoni yezinto. Sagwetywa iinyanga ezili-13 okanye ezili-14 entolongweni.”
Ukugqogqwa kwezindlu kwakukubi gqitha. Kwimizi yabaveleli kwakusoloko kukho iingxelo zamabandla, yaye kwakunzima ukuzigcina zifihlakele kakuhle. Noko ke, ngaphezu kwesihlandlo esinye uYehova uye wawavala amehlo abo babefuna ukwenzakalisa abakhonzi bakhe. UMzalwan’ uMařák wasePlzeň, ukhumbula oku: “Ngoko ndandikhonza njengomveleli wentsimi. Yaye kwikhabhinethi eyayinocango lweglasi, kwakukho imvulophu enkulu yeengxelo zenkonzo, iminikelo, noluhlu lwamagama abo bonke abadala nezicaka zolungiselelo. Xa ayesiya ngakuloo khabhinethi loo madoda ayegqogqa, umfazi wam wandijonga waza wathandaza ngokuzolileyo ecela uncedo kuYehova. Loo madoda ajonga kuloo glasi kanye kuloo mvulophu ingwevu, kodwa asuka angathi avalwe amehlo yaye akazange ayibone. Sambulela ngokusuk’ entliziyweni uYehova ngokusikhusela kwakhe.”
Indlela awayeqhubana ngayo nabazalwana bethu amagosa kaRhulumente maxa wambi yayihlekisa. UMichal Fazekaš, owabhaptizwa ngowe-1936 waza wabanjwa izihlandlo eziliqela, wafumana la mava: “Ngowe-1975, ndaphinda ndagwetywa. Ngesi sihlandlo ndagwetyelwa ngaphandle kwentolongo. Noko ke, ibangel’ umdla into yokuba kwakuloo nyaka, ekupheleni kweminyaka engama-30 iphelile IMfazwe Yehlabathi II, imali yam yomhlala-phantsi yanyuswa njengomvuzo ‘wokutheza amandla emikhosi yoBukhosi baseJamani’ kuba ndandithunyelwe kwinkampu yoxinaniso ngenxa yobundilele bamaKristu.”
Ukwabela Amabandla Amasimi
NgoFebruwari 1, 1976 kwamiselwa ikomiti enamalungu amahlanu kwelo lizwe ukuze inyamekele umsebenzi wamaNgqina kaYehova eCzechoslovakia. Yayiquka uOndřej Kadlec, uMichal Moskal, uBohumil Müller (engumalathisi), uAnton Murín, noEduard Sobička.
Kamva kuloo nyaka, uOndřej Kadlec wenza utyelelo lwangasese kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova eFinland. Apho kwiSebe Lenkonzo, waphawula imephu yaseFinland ebonisa isithili, isiphaluka, nentsimi yamabandla. Ekubuyeleni kwakhe ekhaya kwintlanganiso yekomiti yelo lizwe, wacebisa ukuba kwenziwe oko naseCzechoslovakia. UMzalwan’ uMüller walitsolisa elokuba loo mephu yayiza kubangela umrhano kumagosa karhulumente ize ibangele umonakalo ongathethekiyo. UMzalwan’ uKadlec ukhumbula oku: “Andizange ndibe nomnqweno wokuphinda ndithethe ngaloo mbandela kwakhona. Kodwa kwiinyanga nje ezimbini emva koko, uMzalwan’ uMüller wathetha ngawo kwakhona.” Kwakucacile ukuba ikho imfuneko yelo lungiselelo. Kungekudala onke amabandla aba nenxaxheba kulo.
Kodwa yayiza kwahlulwa njani intsimi yaseCzechoslovakia, enamabandla angama-220 kwizithili ezi-8 neziphaluka ezingama-35? Lo msebenzi wabelwa uJaroslav Boudný wasePrague. Usichazela oku: “Kwakukho amathuba amaninzi okuthabatha amanyathelo ngokobuqu. Yaye ukusebenza kunye noMzalwan’ uMüller, owayewucoselela umsebenzi wakhe kwakuyinto entle gqitha. Ngeyona nzondelelo nomthandazo, ndaziphosa ndonke kwisabelo sam. Wawufuna ukuba kubhalwe amawaka emida yamasimi amabandla kwanentaphane yemizobo.”
Ukugubungela Amanye Amasimi
Emva kokwabiwa kwentsimi yamabandla, loo mabandla ayenako ukunyamekela imimandla engabelwanga bani acelwa ukuba enjenjalo. Ukuvuma kwamabandla amaninzi ukwamkela ezo zabelo zingakumbi kwakuchukumisa, ngokukhethekileyo kumabandla angqonge iOstrava, eMoravia. Amanye kwakufuneka ahambe iikhilomitha ezingama-200 ukuze afike kuloo ntsimi.
Wawulungelelaniswa njani umsebenzi? Abazalwana babedla ngokuhamba impela-veki yonke; benduluka kusasa ngoMgqibelo baze babuye ngokuhlwa ngeCawa. Ezo nqwelo-mafutha zazisoloko zizele, yaye abazalwana babezinyamekela ngokwabo iindleko zabo. Abavakalisi babesenokuhamba rhoqo emva kweveki.
Abavakalisi bakhuthazwa ukuba baziphathe njengabakhenkethi, bashiye iinqwelo-mafutha zabo ngaphandle kwaloo dolophana, bahambe kuyo besinge calanye, baqalise incoko yobuhlobo baze ngokuthe ngcembe baguqukele ekunikeleni ubungqina, yaye xa befumana inkcaso babuyele kumxholo wokuqala baze baqukumbele ngobuhlobo. Kwisithuba seminyaka elishumi, yayinqabile into yokuba bafumane ubunzima.
Ukuze kufikelelwe kwamanye amasimi, abanye oovulindlela abanconyelwa ngabadala babelwa kuwo kangangexesha elithile. Njengoko kwakusenziwa kwiminyaka yangaphambilana, babethunyelwa apho kangangeveki okanye ngaphezulu. Phakathi kwabokuqala ePrague kwakukho oodade ababini, uMarie Bambasová noKarla Pavlíčková ababesoloko besebenza kunye phantse iminyaka engama-30. UKarla ukhumbula oku: “UMarie wafumana umhlala-phantsi ngowe-1975. Kusuku lwesibini lokudla kwakhe umhlala-phantsi, sasisendleleni sisiya kushumayela eMoravia. Kwakulixesha lentshutshiso, ngoko ke ukwenza loo nkonzo kwakusenokuba yingozi, ngakumbi kwindawo esasikuyo. Sasisebenza kufutshane nomda waseAustria. Udade walapho wasicebisa wathi: ‘Ningaphathi naluphi na uncwadi kuni. Yaye ukuba kukho abantu abanibambayo, baxeleleni ukuba nikuhambo nje olufutshane, nandule ke nimke kuloo ndawo yaye ningabuyeli kum. Ndiya kuzithumela izinto zenu kamva.’ Kodwa uYehova wasisikelela. Amava esawafumanayo ekuqaleni kolu hlobo lwenkonzo ayemangalisa. Sasishumayela ngaloo ndlela yonke iminyaka yaye sasisoloko sithunyelwa kwiindawo ezahlukahlukeneyo.”
Maxa wambi olo hambo lokuya kushumayela lwalubasa nakwiindawo ezikude nekhaya. Ekupheleni kweminyaka yee-1970, omnye umzalwana wasePrague waxelelwa kwathiwa: “Mzalwana, kukho intswelo eBulgaria! Uthetha isiRashiya ngoko ke uya kuba luncedo gqitha apho.” Yena nomfazi wakhe ngokuzithandela babesiya rhoqo eBulgaria, maxa wambi kabini ngonyaka, yaye baqhubeka besenjenjalo kangangeminyaka eli-13.
Ngaba kwakungekho msebenzi waneleyo eCzech le nto abavakalisi balapho babede baye eBulgaria, kwezona meko zinzima ngakumbi? Wawumninzi umsebenzi eCzechoslovakia, kodwa babenawo nomnqweno onzulu wokunceda naphi na apho kukho intswelo khona.
Abazalwana basePrague ababekuloo msebenzi bathi ngentsimi yaseBulgaria kuloo mihla: “Abantu baseBulgaria ngokwemvelo banomoya wokubuk’ iindwendwe. Oko kwasinceda sasondelelana nabo. Ekuhambeni kwexesha saye saziqonda iimeko zabo. Babedla ngokwabelana ngenyaniso ngokuyintloko namalungu entsapho. Abaninzi babengazange bakhe bacinge ukuba bangathetha nabantu ezitratweni. Ngesinye isihlandlo, xa ndabelwa ukuya kuqhuba iSikhumbuzo eSofia, ngenxa yenani labavakalisi ababekho ndasebenzisa elo thuba. Sisebenzisa amava nemiboniso, sabonisa abavakalisi indlela yokunikela ubungqina ngendlela ‘ekhuseleke’ ngakumbi. Kwakubalulekile ukuba ungathi, ‘ndifunda iBhayibhile,’ kunoko uqalise ngencoko yombandela nje oqhelekileyo uze ngokuthe ngcembe uguqukele eBhayibhileni. Sasisenokuthi, ‘ndikhe ndeva ukuba iBhayibhile ithi . . . ’ Abavakalisi bayamkela ngovuyo le ndlela intsha enkonzweni, saza isigidimi ngoThixo saqalisa ukusasazeka ngaphaya kwemida eqhelekileyo yabahlobo.”
Umsebenzi Wenzondelelo Ucaphukisa Amagosa
Nayiphi na imigudu engakumbi eyenziwa ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo yayikhawuleza ibonwe ngabo babesitshutshisa, nangona abazalwana bethu bazama ukusebenzisa ubulumko. Ibandla laseNejdek, kufuphi naseKarlovy Vary, lelinye elalitsal’ ingqalelo yamagosa ezobupolitika namapolisa. UJuraj Kaminský, owakhonza njengomveleli ohambahambayo iminyaka emininzi, uthi: “Ngaxa lithile ade akholelwa ngeyona ndlela ukuba umsebenzi welo lizwe lonke wawusalathiswa eNejdek. Izidwangube zamaKomanisi zazisoloko ziqhuba iintlanganiso ngendlela yokuthintela umsebenzi wethu. Kwakhe kweza iingcali zivela ePrague, yaye loo ntlanganiso yazo yaqhutyelwa kwihotele yaseKarlovy Vary. Kwabo babelapho kwakukho amagosa amabini karhulumente, abameli bamasebe namapolisa. Babemalunga namakhulu amabini ababekho apho.
“Isithethi sasinencwadi yethu ethi Inyaniso eqongeni. Sayichaza ngokucokisekileyo intlangano yamaNgqina kaYehova, siyibethelela phandle into yokuba siyacokisa yaye siyakwazi nokucwangcisa izinto. Njengoko sasifikelela kwincopho yokuzukisa amaNgqina kaYehova, sathi: ‘Eyona nto ibalulekileyo sifanele sibe njalo nathi ukuze sikwazi ukuwathintela angasongameli!’”
Ukutshutshiswa Ngenxa Yokuzukisa UYesu Kristu
Yayingakwazi ukwenzeka into yokuba kufihlelwe loo mapolisa amaKomanisi umhla weSikhumbuzo sokufa kukaKristu. UBožena Pětníková, owayehlala ePrague, usikhumbuza ngesinye isihlandlo esinjalo esithi: “Ngaloo maxesha babembalwa abazalwana emabandleni, ngoko ke noodade babesabelwa ukuba baqhube iintlanganiso kwimizi yabantu. Abona bantu baninzi sasidla ngokuba nabo kwiintlanganiso, babeba lishumi. Emva phayaa ngowe-1975 iqela lethu laliza kudibana ukuze libe neSikhumbuzo kwindawo ekungazange kukhe kuqhutyelwe iintlanganiso kuyo. Emva kwemizuzu emalunga nama-40, saphazanyiswa kukunkqonkqoza nokukhatywa kocango ngomsindo. Eso saqunge saqhubeka, waza umninimzi waya kuvula ucango. Kwangena amadoda amathathu kwelo gumbi, amabini enxibe iyunifomu yamapolisa, enye inxibe nje ngokuqhelekileyo. Loo mntu wayenxibe nje ngokuqhelekileyo wabuza: ‘Khangela! Nksk. Pětníková, asikhange sicinge ukuba siza kukufumana apha! Ufuna ntoni apha? Ndaphendula ngokuzolileyo ndathi: ‘Sibhiyozela iSikhumbuzo sikaYesu Kristu. Ncedani nihlale phantsi, nisilinde sigqibe.’ Kakade ke, abazange bavume. Bacela amaqweqwe ethu ezazisi, baza bancina wonk’ ubani ngesizathu sokubakho kwakhe apho. Kwandula ke kwafikelela ixesha lokuba kubuzwe udade owayesele ekhulile. Noko ndandinoloyiko loko wayeza kukuthetha. Kodwa impendulo yakhe yasikhuthaza sonke ngokuthi: ‘NdiliNgqina likaYehova, yaye ndizukisa uYehova.’ Lothuswe yinkalipho yakhe elo polisa laphendula lathi: ‘Bulela nje ukuba sele umdala kangaka.’ Bandula ke basinyanzela ukuba sihambe, yaye kwisikhululo samapolisa, kwafuneka ndityobele ukuba ndandiqhuba iSikhumbuzo.”
Kwiminyaka eli-12 kamva, ngowe-1987 kwezinye iindawo eBohemia, aboKhuseleko lukaRhulumente babamba abazalwana abaninzi ngokuphathelele ukuqhutywa kweSikhumbuzo. Eyona nto babenomdla kuyo kukwazi loo ndawo bekuqhutyelwa kuyo iSikhumbuzo nalowo ebesiqhuba. Kwenye indawo xa kwakuqukunjelwa iSikhumbuzo, bonke ababekho kwathatyathwa amagama abo ngamapolisa yaye omnye umzalwana waya kuvalelwa entolongweni waza wancinwa. Kwakhona kwenye indawo, oodade abathathu babekwa izityholo zolwaphulo-mthetho, yaye kwathiwa batyelele elinye ibhinqa baza “bafundisisa uncwadi lwehlelo lonqulo oluvalwe umlomo lwamaNgqina kaYehova.”
Omnye udade, uMiluše Pavlová, wagwetyelwa entolongweni ePardubice, kungekhona kuba wayebanjwe esenza nantoni na, kodwa ngenxa yokurhanelwa. Isizathu esanikelwa ligosa ngeso sigwebo sathi: “Uluvo lwengcali lubonisa ukuba ummangalelwa uye wasasaza yaye wakhuphela uncwadi olwalelweyo. Inkundla yezibheno iqinisekisa isigwebo sokuqala, isongezelela ngelithi, ‘Wagwetyelwa ukuba ayeke yaye anqande nabanye.’”
Ukulungiselela Ukudla Kokomoya
Ukulungiselelwa koncwadi lweBhayibhile oluza kufundwa kwakusenziwa ngononophelo olukhulu ngexesha lobuKomanisi. Uninzi lwamaNgqina lwalungayazi indlela olwaluguqulelwa ngayo, lushicilelwe luze lwenziwe lufumaneke ngayo ukuze lusetyenziswe. Abaguquleli neeproofreaders, kwanabo babebandakanyeke ekushicileleni nasekudibaniseni iincwadi, babengaziwa nguwonke-wonke.
Umguquleli wayechwetheza elo nqaku leMboniselo ngesiCzech aze aligqithisele kwiproofreader, wayengaphind’ alibone kwakhona de libe lifundwa kwiintlanganiso zebandla. Yonke into, kuquka iincwadi neencwadana zaziguqulelwa ngolu hlobo. Sekunjalo, umgangatho wokuguqulela wawukwinqanaba eliphezulu. Iphephancwadi uVukani! lalingaguqulelwa ngelo xesha.
Kwanamaqumrhu abadala ayengabazi ababandakanyeke ekuguquleleni kumabandla abo. Maxa wambi, xa umsebenzi wokuguqulela wawusiba mninzi gqitha baze abo bazalwana bayekelel’ umxakatho kubulungiseleli basentsimini, abadala babedla ngokuzama ukubanceda, becinga ukuba mhlawumbi bayaphola ngokomoya. Kodwa abaguquleli neeproofreaders babengakhe bakuchaze oko babekwenza.
Kuloo manzithinzithi, kwenziwa owona msebenzi ubalulekileyo. INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epheleleyo yaguqulelwa ngesiCzech. Phakathi kowe-1982 nowe-1986, yashicilelwa yaza yadityaniswa yayimiqulu emihlanu apho kanye eCzechoslovakia, yaye intsapho nganye yamaNgqina yanikwa umbhalo wayo. Ngokufanayo, kwakusenziwa umsebenzi wokuvelisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha yeSlovak, kodwa ayizange igqitywe de kwasemva kwexesha elithile.
Indlela Ababelushicilela Ngayo Uncwadi
Kwiminyaka yee-1950 abazalwana ababengekho ntolongweni benza owona mgudu ukuqinisekisa ukuba abazalwana noodade babo abangamaKristu bayondliwa ngokomoya. Kangangexesha emva kokuvalwa umlomo nokubanjwa kwabazalwana abanembopheleleko, amabandla aliqela ayesoloko ebolekisana ngombhalo omnye nje kuphela weMboniselo. Ngokuthe ngcembe izinto zaba bhetele. Ethubeni, ibandla ngalinye laba nombhalo omnye, yaye kamva waba mnye kwintsapho nganye. Abavakalisi babedla ngokuzibhalela amanqaku ngesandla. Babengenabo oomatshini bokuchwetheza.
UJuraj Kaminský, weBandla laseNejdek usichazela ngemeko ababejamelana nayo abazalwana. Uthi: “Xa abazalwana ekugqibeleni bafumana umatshini wokuchwetheza, yayingumatshini omdala. Lo mntu wayebathengisela wawukhupha emngxunyeni emhlabeni kanye apho phambi kwabo. Kamva, bafumana iindlela zokuthenga oomatshini abatsha kwanezixhobo zokwandisa imifanekiso.”
Ngabantu abahlukahlukeneyo ababebandakanyekile ekuveliseni uncwadi. Oodade abaninzi, abanye beneminyaka engaphezu kwama-70, ubudala bafunda ukuchwetheza. Abazalwana babekwazi nokuthubelezisa uncwadi entolongweni. Ngowe-1958, baqalisa ukuvelisa IMboniselo encinane. Malunga nemibhalo emithathu yayo enjalo yayifihlwa kwisitena sesephu okanye kwintlama yamazinyo ize ithunyelwe kubazalwana entolongweni. Babesandula ke bakhuphele ngesandla eyabo imibhalo baze bayitshabalalise leyo yokuqala.
Ngowe-1972, uHerbet Adamy wamenywa ukuba aye kuncedisa ekuveliseni uncwadi. Wabelwa ukuba alathise umsebenzi wokuvelisa uncwadi lwalo lonke elo laseCzechoslovakia. Ukhumbula oku: “Ekuqaleni uncwadi lwalusenziwa ngezandla ngabavakalisi abaninzi abasemabandleni. Ekugqibeleni—ngaphambi nje kokuwa kwenkqubo yobuKomanisi—sasinoomatshini bokushicilela bale mihla abalungiswe kakuhle ngaphantsi komhlaba abavelisa uncwadi oluphindaphindwe ngakumbi kunolo lwalufuneka ngelo xesha.”
Ngokuphathelele ixesha ababesebenzisa umatshini wabo wokuqala wokushicelela, uMzalwan’ uAdamy uthi: “Malunga nezihlandlo ezine ngonyaka, zonke izinto zokushicilela kwakufuneka zifuduselwe kwindawo engenakufumaneka lula nelungiselelwe kusengaphambili. Kwelinye ‘iphulo’ elo qela lashicilela, ladibanisa laza lathumela iincwadi ezimalunga ne-12 000. Elo phulo lathabatha ixesha elingangeveki. Abasebenzi babevuka ngeye-4:00 ekuseni yaye babesoloko besiya kulala ezinzulwini zobusuku. Ukugqitywa kwephulo ngalinye, ndandidla ngokuthabatha eminye imithwalo yoncwadi ndiyise kwisikhululo sikaloliwe esikufutshane. Apho zazithatyathwa ngumntu othile maxa wambi azise kumgama omalunga neekhilomitha ezingama-600.”
Ethubeni, kuloo maziko okuvelisa izinto babezakhele wona abazalwana, baqalisa ukuzenzela ngokufihlakeleyo oomatshini bokushicilela. Bebonke benza oomatshini abali-160 abanjalo, yaye abanye bathunyelwa kubazalwana baseRomania.
Ngeminyaka yee-1980 abazalwana baseCzechoslovakia baqalisa ukusebenzisa oomatshini bohlobo lweoffset, abawuphucula ngeyona ndlela umsebenzi wabo. Ukuze benze oko bazakhela oomatshini babo bohlobo lweoffset. Kwisithuba nje esingangonyaka onesiqingatha, benza eli-11 yolu hlobo, ineendawo zokufaka amaphepha ezisebenza nge-elektroniki. Ngamnye wawuvelisa imibhalo ekumgangatho ophezulu eli-11 000 ngeyure.
Ukubhaqwa Koomatshini Bokushicilela Ababini BasePrague
Ngasekupheleni kowe-1986, aboKhuseleko lukaRhulumente bafumana oomatshini bokushicilela bethu ababini baza babavala. Emva kokubhaqwa komnye wabo, kwenziwa ingxelo kwiphepha leendaba zangaphakathi leSebe Lezasekhaya. AmaNgqina afumana umbhalo walo kwelinye ipolisa elalinobuhlobo. Ekuqaleni, kwakukho umkhwa oqhelekileyo wokubandakanya amaNgqina neentshukumo zobupolitika zamazwe angaphandle. Yandula ke loo ngxelo yachaza ngokweenkcukacha elo phulo lamapolisa yaza yachaza nezigwebo zaloo maNgqina. Yaqukumbela ngala mazwi amangalisayo, ivuma isithi: “AmaNgqina kaYehova aziphatha kakuhle kakhulu kubantu bangaphandle. Azimisele ukunceda nokusebenza nzima, kodwa kuphelela apho. Akafuni ukuzibandakanya kwiSocialist Work Brigades nezinto ezinjalo. Akuzange khe kubekho maNgqina kaYehova abekwa ityala lokuba, ukutshaya, ukusebenzisa kakubi utywala okanye iziyobisi. . . . Akukho namnye kuwo owakha watshutshiswa ngako nakuphi na ukuziphatha okungekho mthethweni okanye owakha wabanga umhlaba ongengowakhe. Amalungu eli hlelo azabalazela ukuthetha inyaniso. Akasokuze awabize amagama abanye, kodwa abhekisela kubo ‘njengabazalwana noodade.’ Asoloko ethetha ngawo kuphela, yaye ukuba abiziwe ukuze anikele inkcazelo ethile akhetha ukuthula, kungekuphela nje xa etyholwa kodwa naxa ebizelwe ukunikela ubungqina.”
Kakade ke, ukuvalwa komatshini omnye okanye ababini akuzange kuwuphelise umsebenzi wokuvakalisa uBukumkani bukaThixo. Ngonyaka we-1987 kwabakho ulwando olungakumbi. Kumazwe aseCzech kwafikelelwa kwincopho entsha yabavakalisi abangama-9 870. Ngokomlinganiselo, abangama-699 babenenxaxheba kubuvulindlela bobuncedani okanye obuthe ngxi.
Ngaba Kwakunokwenzeka Ukuba Abhaliswe Ngokusemthethweni?
Ngowe-1972 xa kwihlabathi lonke kwakusenziwa ilungiselelo lokuba kubekho iqumrhu labadala elongamela imisebenzi yebandla ngalinye lamaNgqina kaYehova, naseCzechoslovakia lenziwa. Ngowe-1976 kwamiselwa ikomiti yelizwe enamalungu amahlanu ukuba inyamekele umsebenzi wamaNgqina kaYehova kwelo lizwe.
Sekunjalo, kwakungekho maNgqina kaYehova okanye mbutho ubhaliswe ngokusemthethweni wokunyamekela imicimbi yoshishino eyayifuneka, yaye kwakungekho ofisi eCzechoslovakia apho umsebenzi wawunokwenzelwa khona. Ngoko ke, ngoMatshi 1979, kwathengwa indlu enemigangatho emithathu engagqitywanga ukwakhiwa ePrague egameni lamaNgqina athile amabini. Amaqela amatsha-ntliziyo ali-10 ukusa kwali-12 eza kusebenza apho kuloo ndlu kangangeveki. Ayehamba aye ePrague evela kwiindawo ezikude zaseSlovakia. Kwisithuba nje seenyanga ezintandathu, kwakusele kunokuhlalwa kweso sakhiwo, yaye kunyaka kamva loo ndawo yayiza kusetyenziswa njengeofisi yayisele ilungile. Eso sakhiwo sasebenza njengeofisi efanelekileyo de kwasentwasahlobo yowe-1994.
Ekupheleni kweminyaka yee-1970, kwakungathi kungaqaliswa uthethathethwano lokubhaliswa ngokusemthethweni. Ngoko ke ngoJuni 1, 1979 kwadluliselwa ileta kuNobhala Wemibandela Yonqulo nakwiKomiti Elawulayo yeCzechoslovakia Socialist Republic. Le leta yayisithi: “Sicela ukudlan’ indlebe nani egameni leqela lonqulo elaziwa ngokuba ngamaNgqina kaYehova. Sithanda ukunazisa ngomnqweno wabathile abaneembopheleleko kwintlangano yamaNgqina kaYehova wokuqwalasela kunye nani indlela yokulungisa ulwalamano oluya kuba yingenelo kweli qela lonqulo nakwinkqubo yemithetho ekhoyo yeCzechoslovak Socialist Republic.”
Impendulo yafika phantse kwisithuba esingangonyaka kamva, yaye iingxoxo zaqalisa ngoAprili 22, 1980. Emva koku, kwafakwa isicelo sokubhaliswa ngokusemthethweni kweWatch Tower Bible and Tract Society kwiSebe Lezasekhaya. Ngaphandle komgaqo-siseko, yayiqulethe iingongoma ezisengqiqweni ezili-13. Ingongoma yesihlanu yayisithi:
“Ukuba amaNgqina kaYehova anokwamkelwa ngokusemthethweni nguRhulumente, onke amabandla aya kuqhuba iintlanganiso zawo kwiindawo ezenzelwe loo njongo. Akuyi kubakho mfuneko yokuba amabandla ahlulahlulwe abe ngamaqela amancinane. Iintlanganiso ziya kuqhutywa ngabantu abafanelekayo, yaye oko kuya kunceda iWatch Tower Society yongamele kakuhle amabandla ayo. Amagunya kaRhulumente aya kuchazelwa kakuhle ngemisebenzi yamabandla amaNgqina kaYehova. Abameli bakaRhulumente bangaya kwiintlanganiso zikawonke-wonke nanini na xa bethanda ukuze baqinisekise ukuba ezi ntlanganiso aziyongozi yaye ziyingenelo.”
Akuzange kufunyanwe mpendulo.
Ukuncinwa Ngokuzingisileyo NgaboKhuseleko LukaRhulumente
Imeko yowe-1985 yayidiza ukungazinzi kwenkqubo yezobupolitika. Loo nkqubo yayibukhali kuyo nantoni na engathi isongela ukhuseleko lwayo. Ngenxa yoko, abazalwana bethu babesoloko bencinwa. Izihlandlo ezininzi oku kwakusenzeka ePrague. Abazalwana abaninzi batyityimbiselwa umnwe ngumphathi wamapolisa. Oku kwabangela ukuba basoloko bebekw’ esweni ngalo lonke ixesha.
Kuloo nyaka, amabandla afumana iileta ezintlanu ezivela kwiofisi yamaNgqina kaYehova ePrague, zinobuhlobo kodwa ziwakhuthaza ngokuqinileyo ukuba alandele umgaqo okweyabaseFilipi 4:5 othi: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.”
Icebiso Elibangela Umdla LaboKhuseleko LukaRhulumente
Kwandula ke ekuqaleni kowe-1988, aboKhuseleko lukaRhulumente bacebisa ukuba abazalwana abanembopheleleko balungiselele ukuba ummeli wekomkhulu lehlabathi loMbutho atyelele ukuze athethe namagosa athile neSebe Lezasekhaya. Kwizinto ezaziza kuxutyushwa “kwakuza kubakho imiba ethile yolwalamano lwethu . . . , njengamalungiselelo engxubusho ezayo namagosa agunyaziswe nguRhulumente.” Ngokucacileyo olu yayilutshintsho.
Ngaphambi kokuba amalungiselelo aloo ntlanganiso aqosheliswe, kwaqhutywa iNdibano YeSithili ‘Yokuba Sesikweni KukaThixo’ eVienna, eAustria. Besazi kakuhle ngoko abasemagunyeni, iqela elikhulu lamaNgqina aseCzechoslovakia laya khona.
Ngelo xesha, amalungiselelo eengxubusho phakathi kwamalungu ekomkhulu lehlabathi loMbutho nezidwangube zeSebe Lezasekhaya ade ekugqibeleni aphumelela. Yada yakho intlanganiso phakathi kwala macala mabini ngentsasa yomhla kaDisemba 20, 1988 kwigumbi leengxoxo iForum Hotel ePrague. UMbutho wawumelwe nguMilton Henschel noTheodore Jaracz beQumrhu Elilawulayo noWilli Pohl wesebe laseJamani. Abo bazalwana beQumrhu Elilawulayo babengalindelanga nto ingako. Babesazi ukuba kuza kufuneka umonde nexesha. Phofu ke, elo yaba linyathelo elikhulu. Akuthandabuzeki ukuba loo ntlanganiso yaba nomphumo obonakalayo koko kwenzeka kunyaka olandelayo.
Kwakulungiselelwe iindibano zezizwe ngezizwe kwizixeko ezithathu ePoland. AmaNgqina kaYehova aseCzechoslovakia ayefuna ukuya. Lo mbandela waxutyushwa namagosa oKhuseleko lukaRhulumente. Hayi indlela abavuya ngayo abazalwana bakufumana imvume yokuba abangama-10 000 babo baye ePoland! Elo nani lalingaphaya kwesiqingatha samaNgqina kaYehova aseCzechoslovakia ngelo xesha. Abanye boyika xa iSebe Lezasekhaya lafuna uluhlu lwamagama abo bonke abo babeza kuhamba. Kodwa abo bayayo bakhiwa ngeyona ndlela, ngaphaya kokuba babelindele—lucwangciso lwendibano olwalunomxholo othi “Uzinikelo Lobuthixo,” ngumoya wehlombe wendibano nabububele obumangalisayo obaboniswa ngamaNgqina asePoland.
Ukugcina Iliso Kumsebenzi Esiwunikwe NguThixo
Kamva kwakuloo nyaka, ngoNovemba 17, 1989 kwabakho uvukelo-mbuso lwabantwana besikolo ePrague. Urhulumente wamaKomanisi akazange acenge solalaphi, wathumela imikhosi neengcali zamapolisa ukuze zibachithachithe abo baqhankqalazi babeseNárodní třída ePrague (National Avenue). Oku kwakhokelela kwimingcelele yoxolo nxamnye norhulumente wamaKomanisi. Kamva oku kwabizwa ngokuba yiVelvet Revolution. KumaNgqina kaYehova le meko yayifuna ukuba alumke ngokukhethekileyo kuba abaninzi babechukumisekile, yaye kwakungelula ukuba amaKristu abe ngoondilele.
NgoNovemba 22, 1989 iofisi yethu yasePrague yathumela ileta kuwo onke amabandla aseCzechoslovakia. Inxalenye yayo yayisithi: “Hayi indlela ekukuhle ngayo ukuba abazalwana bagcine amehlo abo ekumsebenzi wabo wokushumayela, bengavumeli nantoni na ukuba ibaphazamise. . . . Siwuxabisa ngeyona ndlela umsebenzi omhle nokuqonda kwabazalwana noodade abathandekayo. Ubulungiseleli babo noko kwaba ziziqhamo zabo kungqina isibakala sokuba uYehova unamaNgqina akhe nakweli lizwe. Siyakuxabisa oko yaye sithandaza kuYehova uThixo ukuba sihlale sikholosekile kuye. Qinisekiswani luthando lwethu nemibuliso yethu yobuzalwana.” Kwinkonzo yonyaka eyayisandul’ ukuphela kungekudala ngaphambi koko, incopho yenani labavakalisi abakumazwe aseCzechoslovakia yayingama-11 394—olunye ulwando oluncomekayo.
Ngasekupheleni kowe-1989, iCzechoslovakia yaba norhulumente omtsha. Kwangoko ikomiti yelizwe lethu yalungiselela iindlela zokubhalisa ngokusemthethweni amaNgqina kaYehova. Amanye amalungu ekomiti atyelela iKomiti Elawulayo, yaye uxwebhu olwafumaneka ngenxa yolu tyelelo lwalubaluleke kakhulu ngelo xesha. Olu xwebhu lwatyobelwa ligosa eliphambili lwalusithi:
“Ngokwengxelo eyenziwe yikomiti yamalungiselelo ecawa yamaNgqina kaYehova, sikuthabathela engqalelweni ukuba ngoJanuwari 1, 1990 le cawa iya kuhlaziya umsebenzi wayo owaphazanyiswa ngurhulumente wobuFasi ngowe-1939 waza waphinda wavalwa umlomo ngoAprili 4, 1949.” Olo xwebhu lwaba lelinye lamanyathelo okuqala akhokelela ekubhalisweni ngokusemthethweni.
Indlela Ende Eya Ekubhalisweni Ngokusemthethweni
Nangona urhulumente wayekuvumile ukuhlaziywa kwemisebenzi “yecawa yamaNgqina kaYehova,” kwathabatha phantse eminye iminyaka emine yemizamo yomonde ngaphambi kokuba uMbutho ubhaliswe ngokusemthethweni kwiRiphabliki yaseCzech.
NgoJanuwari 12, 1990 isicelo esisemthethweni sokubhaliswa kweReligious Society of Jehovah’s Witnesses safakwa kwiifayile zeSebe Lenkcubeko yeRiphabliki yaseCzech. Yonke loo nkqubo yasingathwa ngokusebenzisana ngokusondeleleneyo neQumrhu Elilawulayo, isebe lomthetho elikwikomkhulu lehlabathi namagqwetha asekuhlaleni. NgoMatshi 1, nowesi-2, uMzalwan’ uHenschel watyelela ePrague. Ehamba noMzalwan’ uMurín noSobička, watyelela kwiofisi yenkulu-mbuso nakwiSebe Lenkcubeko. Zozibini ezo zihlandlo zaba negalelo ekubetheleleni ukubaluleka kwesicelo sethu sokubhaliswa ngokusemthethweni ngokukhawuleza. Noko ke, akuzange kubekho nto ibambekayo kuba imithetho emitsha yokubhaliswa yayingekabikho. Emva koku sazama amacebo amaninzi, kuquka izicelo nokuthetha nenkulu-mbuso.
NgoMatshi 19, 1992 kwaqulunqwa umthetho wokubhaliswa kwemibutho yeecawa nonqulo emitsha. Wawusithi inkqubo yokubhalisa yayiza kuqalisa kuphela ukuba isicelo sombutho wolo nqulo sityobelwe ngabalandeli balo abadala abangama-10 000. (Ezo cawa kuthiwa zezemveli zazisemthethweni kangangamashumi eminyaka phantsi korhulumente wamaKomanisi zazisele zibhalisiwe ngokuzenzekelayo.) Ngoko ke amaNgqina kaYehova axelelwa ukuba kufuneka aphinde afake isicelo, ukuze anikele zonke ezo nkcukacha zazifuneka. Kwandula ke ngoJanuwari 1, 1993 ngelo xesha kwakusenziwa amalungiselelo okuphinda kubhaliswe, kwenzeka olunye utshintsho olungakumbi xa iCzechoslovakia yahlulwa yaba ngamazwe amabini, iriphabliki yaseCzech neyaseSlovak. Kodwa ekugqibeleni, ngoLwesithathu, umhla kaSeptemba 1, 1993 iCzech Press Agency yafumana le ngxelo ilandelayo.
“Namhlanje, umhla kaSeptemba 1, 1993 ngeye-10:00 kusasa, abameli beReligious Society of Jehovah’s Witnesses bafumene uxwebhu olusemthethweni kwiSebe Lenkcubeko leRiphabliki yaseCzech. Abameli bamaNgqina kaYehova bawabulela amagosa elo sebe bawachazela ukuba abayi kufuna nayiphi na inkxaso ukuze bangenelwe ngokobuqu, kwanalo naluphi na uncedo lwemali oluvela kuRhulumente. Olu xwebhu luqalisa ukusebenza namhlanje.”
Esi siganeko sibaluleke ngolu hlobo saphuma kwiingxelo zamaphephandaba. Kwamanye amaphephandaba yayingumhlathana nje omfutshane. Kwamanye le ngxelo yabalaseliswa ngemixholo ethi “AmaNgqina KaYehova Akufumene Oko Ebekulindele” nethi “AmaNgqina kaYehova Unqulo Olusemthethweni.” Ngaba oko kwathetha isiphelo sentshutshiso yamaNgqina kaYehova kwiRiphabliki yaseCzech? Akunjalo!
Kwiintsuku nje ezimbalwa, kwaqalisa iphulo lohlaselo lwenkohlakalo kumajelo eendaba. Ngokuphawulekayo, eyona nkululeko yokuhlaselwa kwamaNgqina kaYehova yanikwa amaphephandaba onqulo. Amanqaku abonakalisa umkhethe ayenemibuzo eyayibuzwa kumaNgqina xa ayebhaliswa kunye neengcamango zababhali ngokuphathelele iimpendulo azinikelayo. Kwelinye icala, enza ibango lokuba abo babethethela uMbutho babekhohlisa xa besithi amaNgqina akazange anyanzelwe ukuze akholelwe okanye enze izinto ezithile. Kwelinye icala, kwakusithiwa ezo mpendulo zawo zazidiza imigaqo yaloo ntlangano.
Eli iphulo lenkcaso laba sisiqalo sexesha elitsha, kungekhona ixesha lenkohlakalo yokubanjwa, kodwa ixesha apho amaNgqina kaYehova ayeza kujamelana nokugculelwa. Eli yaba lixesha apho kwakufuneka iNgqina likaYehova ngalinye lijamelane nolunye uhlobo lokuhlaselwa kokholo lwalo nokuthembeka kwalo kuYehova uThixo nakwintlangano Yakhe.
Ukubonakalisa Ukholo
AmaNgqina kaYehova akazange alinde de kugqitywe ukubhaliswa ngokusemthethweni ngaphambi kokuba aqhube iintlanganiso zasesidlangalaleni—kwaneendibano ezinkulu—kanye apho eCzechoslovakia. Ayewachazele amagosa karhulumente ukuba ayeza kuhlaziya umsebenzi wawo wasesidlangalaleni ngoJanuwari 1990. Kwakuloo nyanga kwalungiselelwa ucwangciso olukhethekileyo lwawo onke amabandla. Lwalunomxholo obalaseleyo osexesheni othi “Ngenelwa Ngokuthobela Imiyalelo KaThixo.” Ngokusisiseko le yayiyindibano yesiphaluka yeeyure ezimbini. Ezo ntlanganiso zazingenkulu kangako, kodwa kwasetyenziswa iiholo eziqeshiweyo. Kwindawo nganye kwakudibana ibandla elinye okanye amabini. Oku kwalandelwa ziindibano zesiphaluka ezinkulu entwasahlobo.
Zonke izinto zahamba kakuhle kwezo ndibano, ngoko ke kwenziwa amalungiselelo endibano yesithili—indibano yelo lizwe yeentsuku ezine—ePrague kwelo hlobo. Kwaqeshwa iBala Lemidlalo lasePrague iEvžen Rošický kusenzelwa eso sihlandlo, yaye amalungu amabini eQumrhu Elilawulayo, uMzalwan’ uHenschel noJaracz babekho kolo cwangciso. Incopho yababekho yayingama-23 876 yaye kwabhaptizwa abali-1 824. Ngokuqinisekileyo loo ndibano yayiluloyiso lonqulo lokwenyaniso. Imeko yayifana ngeyona ndlela naleyo yeendibano zasePoland ezaziqhutywe kunyaka ophelileyo, kodwa le yona yayiqhutyelwa ekhaya yaye yayiseCzech naseSlovak! Iimvakalelo ezinzulu ngeso sihlandlo zazibonakala kuncumo olubangelwa luvuyo nakwiinyembezi ezibangelwa luxabiso.
Kangangeminyaka engama-40 amazwi athi “AmaNgqina kaYehova” kwakungathethwa ngawo ngokuphandle eCzechoslovakia. Kwakusasazwa amarhe angakholelekiyo ngeli qela, ekwakusoloko kubhekiselwa kulo ‘njengehlelo elingekho mthethweni.’ Ngoku wonk’ ubani, kuquka iintatheli wayenokuwahlolisisa ngokusondeleyo amaNgqina. Iingxelo zamaphephandaba ngaloo ndibano ubukhulu becala zazivuyisa. Zazithetha ngommangaliso owenziwa ngamaNgqina kwelo bala ngaphambi kwendibano yawo. Asebenza kangangeenyanga ezimbini—amatsha-ntliziyo angama-9 500 achitha iiyure ezingama-58 000 elicoca kakuhle, elungisa izitulo, ephucula inkqubo yogutyulo yaye eliveta mhlophe lonke elo bala. Enye intatheli yephephandaba lemihla ngemihla iVečerní Praha (Iphephandaba Langokuhlwa LasePrague) yamangaliswa luncumo lwaba bantu, umanyano lwabantu abaxubeneyo abavela kuzo zonke iindawo zelo laseCzechoslovakia kwanakwamanye amazwe, nentetho yabo enyulu.
Kuloo nyaka kwenzeka esinye isiganeko esibalulekileyo. NgoAgasti 30, 1990 kwanikezelwa iHolo yoBukumkani yeBandla laseBechyně—eyokuqala kwelo lizwe.
Konke oku kwakhokelela kwesinye isiganeko esasiza kwenzeka, esona sibalasele ngokwenene.
Indibano Engasokuze Ilibaleke
Kwenziwa amalungiselelo okuqhuba indibano yezizwe ngezizwe yamaNgqina kaYehova ePrague ngomhla ka-Agasti 9 ukusa kowe-11, 1991! Inyathelo lokuqala yaba kukuqeshwa kwebala lemidlalo. Yaba liliphi? Yaba liBala Lemidlalo lasePrague iSpartakiad elinye lawona mabala makhulu ehlabathini. Ekubeni amaNgqina kaYehova ayengekabhaliswa ngokusemthethweni eCzechoslovakia, lonke elo bala laqeshwa ngasese nguAnton Murín, owayengumalathisi wekomiti kwelo lizwe ngoko. Eli yaba linyathelo lenkalipho. Yaba sisenzo sokuthembela ngokuqinileyo kuYehova yaye uYehova wasisikelela.
ISebe Lamagumbi laliza kuba ngowona msebenzi unzima, yaye umsebenzi wokulongamela wathiwa zinzi emagxeni kaLubomír Müller. Abazalwana beQumrhu Elilawulayo babekuqonda kakuhle ukubaluleka kweendawo ezilungileyo zokuhlala. Ngoko ke uMzalwan’ uHenschel noJaracz baluthabathela kubo utyelelo lokuhlola ezo hotele kwakuthethwe ngazo ePrague. Bangena kumagumbi ezo hotele yaye babede bavavanye nezo bhedi. Iihotele ezinamagumbi okuhlambela neendlwana zangasese ezisezipasejini bathi azamkelekanga. Ngoba? UMzalwan’ uHenschel wacacisa wathi: “Kwiimeko eziqhelekileyo, zaziza kwanela kuba iindwendwe zifika zize zimke ngamaxesha ahlukahlukeneyo. Noko ke, iindwendwe zendibano ngokuqhelekileyo zimka zize zibuye ngexesha elinye. Ngaba ninokuyithelekelela into enokwenzeka kwizindlu zangasese? Asinakuyenza loo nto kubazalwana bethu.” Abo baququzeleli balapho babefumana uqeqesho olusebenzisekayo xa babebona amalungu eQumrhu Elilawulayo ebonisa umdla wobuqu kwimpilo-ntle yondwendwe ngalunye.
Incopho yababekho kuloo Ndibano Yezizwe Ngezizwe ‘Yabathandi Benkululeko Yobuthixo’ yaba ngama-74 587. Kwaba, abangama-29 119 babengabaseCzechoslovakia, bengama-26 716 abaseJamani yaye abangama-12 895 bevela ePoland. Ezinye iindwendwe ezingama-5 857 zazivela kwamanye amazwe angama-36. Kwakuchukumisa gqitha ukubona kubhaptizwa abantu abatsha abangama-2 337, kuquka abali-1 760 baseCzechoslovakia, abangama-480 baseJamani nabangama-97 basePoland.
Ngokungathandabuzekiyo eyona mbalasane yayo yonke loo ndibano koko kwenzeka ngoMgqibelo, umhla ka-Agasti 10. Ngaxeshanye, lonke elo candelo laseCzechoslovak laphakama laza latsho ngentswahla yezandla—intswahla eyatsho kangangemizuzu elishumi yonke ngaphandle kokunqumama! Bonke ebusweni babezele luchulumanco. Yintoni eyabangela konke oku? Kwintetho yokuqukumbela eyanikelwa nguAlbert Schroeder, olilungu leQumrhu Elilawulayo, kuqala wachazela abaphulaphuli ngencwadi entsha yesiNgesi—nto leyo eyaba ngathi ibangela ukudana okuthile—kodwa emva koko wabothusa ngokuvakalisa ngokukhululwa komqulu omtsha opheleleyo odibeneyo weNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ngolwimi lwesiCzech nolweSlovak! Zehla iinyembezi zovuyo kuninzi lwabo babekuloo ndibano.
Loo ndibano yazishiya zichukumiseke ngokunzulu iintliziyo zezo ndwendwe. Yaye kuthekani ngamaphephandaba? Njengesiqhelo, iingxelo zamanye zazinomkhethe ezinye zinobuhlobo. NgoMvulo umhla ka-Agasti 12, ngaphantsi komxholo othi “IStrahov Ibizele Imi Ngeembambo,” iVenkov, deník českého a moravskoslezského venkova (Iphephandaba lemihla ngemihla lamaphandle aseCzech nawaseMoravia naseSilesia) lanikela le ngxelo:
“Ukususela ngoLwesihlanu ukusa ngeCawa, bekuqhutywa indibano yezizwe ngezizwe yamaNgqina kaYehova ePrague, ebekukho iindwendwe ezingama-75 000 zivela mbombo zonke zeYurophu, eMerika naseJapan. AmaNgqina kaYehova ebekho eCzechoslovakia ukususela ngowe-1912. Iindwendwe zamaNgqina kaYehova ziye zaziwa njengabantu abanolwazelelelo nokuba ngabantu abaqeqeshekileyo. Kwindibano ngokwayo kwakukho ucwangco yaye ilungiselelwe ngeyona ndlela. Nangona yaqalisa ukuna ebudeni bobhaptizo lwangoMgqibelo, izihlwele zahlala ezindaweni zazo zisamkela amalungu amatsha ngentswahla yezandla.”
Phezu kwako konke oku—asizange sibhaliswe ngokusemthethweni de kwadlula eminye iminyaka emibini.
Ixesha Lokwandisa
Nangona inkqubo yomthetho yayicotha okonwabu, iimfuno zokulungelelanisa izinto zobuthixo zazisanda njengoko umsebenzi wawusanda kwelo lizwe. Ukususela kowe-1980 abazalwana babesebenzisa indlu enemigangatho emithathu ePrague njengeofisi esisazulu, eyayingenandawo yaneleyo yokwakha. Xa umsebenzi waqalisa ukwenziwa ekuhleni ngowe-1990, sahlaziywa eso sakhiwo. Kwadilizwa amagumbi, saza eso sakhiwo saguqulwa sonke saba ziiofisi. Kodwa yayiluhlobo olunjani lweeofisi? Amagumbi amakhulu ahlulwa ngezinto ezenziwe ngamaplanga ukuze kwenziwe iindawana ezincinane zokusebenzela. La magumbi ayengezizo iiofisi nje kuphela, kodwa ayekwaziindawo zokulala abasebenzi ngoko ke iibhedi zabo zazilapho kanye ecaleni kweedesika zabo zeofisi. Kwakufuneka indawo engakumbi.
Ngentwasahlobo yowe-1993 kwanikelwa kuMbutho isakhiwo esinemigangatho elishumi ePrague ukuze sisetyenziselwe ukuhambisela phambili imfundo yeBhayibhile. Ngamatsha-ntliziyo avela kuzo zonke iindawo zelo lizwe awaba nenxaxheba ekusihlaziyeni. Ngomhla kaMeyi 28 nowama-29, 1994 kwabakho ucwangciso lokunikezelwa kwaso. Kwamenywa amaNgqina kaYehova amaninzi awahlala ethembekile kuYehova kangangeminyaka emininzi phantsi kolawulo lwamaKomanisi. UAlbert Schroeder weQumrhu Elilawulayo wayekhonza kolo cwangciso yaye kwakukho nabanye ababevela eAustria, eBritani, eDenmark, eItali, eJamani, eNetherlands, ePoland, eSlovakia, eSwitzerland, eUkraine naseUnited States.
Xa iCzechoslovakia yahlulwa yangamazwe amabini ahlukeneyo ngowe-1993, omabini loo mazwe ayesakhonzwa yikomiti yelizwe enye, ngaphantsi kweliso lesebe laseAustria. Noko ke, kuwo omabini loo mazwe iimeko zaziguquka. Kunyaka olandelayo kwamiselwa ikomiti yelizwe ngalinye kula mazwe. Kwandula ke ngoSeptemba 1, 1995 iofisi yesebe yaqalisa ukusebenza kwiRiphabliki yaseCzech. UJan Glückselig, uOndřej Kadlec, uJaromír Leneček, uLubomír Müller, noEduard Sobička bamiselwa liQumrhu Elilawulayo ukuba bakhonze kwiKomiti yeSebe. Kamva, uLubomír Müller wabelwa kwinkonzo ekhethekileyo eRashiya, waza uPetr Žitník wamiselwa njengelungu elitsha leKomiti yeSebe kwiRiphabliki yaseCzech.
IiHolo ZoBukumkani “Ezakhiwa Ngokukhawuleza”
Amabandla amaNgqina kaYehova ayefuna iindawo zokuqhubela iintlanganiso. Ukufumana indawo efanelekileyo yeentlanganiso ezinjalo akuyondlwan’ iyanetha kwiRiphabliki yaseCzech. Abanikazi beeholo abaninzi bayala ukuziqeshisa kumaNgqina kaYehova. Ngokukodwa oku kubangelwa bubuxoki obutsha nobudala obuphathelele amaNgqina. Ngoko ke amabandla amaninzi akhangela amathuba okwakha iholo okanye ukulungisa isakhiwo esidala. Kuzo zonke iindlela eziye zazanywa ukuze kwakhiwe izakhiwo ezitsha, eyona ingqineke isebenziseka yinkqubo yokwakha ngokukhawuleza. NgoNovemba 20, 1993 kwanikezelwa iHolo yoBukumkani yokuqala eyakhiwe ngale ndlela kwiRiphabliki yaseCzech. Le holo yakhiwa kwidolophu yaseSezimovo Ústí yaye isetyenziswa ngamabandla amabini alapho.
Inani leeHolo zoBukumkani liye laqhubeka lisanda. NgoMeyi 1999 amabandla angama-242 kulo lonke elo lizwe ebesebenzisa iiHolo zoBukumkani ezingama-84 ezizezamaNgqina. Abazalwana noodade abakwiRiphabliki yaseCzech bayiqonda kakuhle into yokuba ngaphandle koncedo lwemali oluye lwavela kwabanye abakhonzi bakaYehova abakwamanye amazwe, bebengenakukwazi ukwakha iiHolo zoBukumkani ezininzi nezintle ngolo hlobo. Isisa sabazalwana bethu bamazwe ngamazwe siye sazichukumisa ngokunzulu iintliziyo zabazalwana baseCzech. Ngokunyanisekileyo banqwenela ukubonakalisa umbulelo wabo kubazalwana babo abakwamanye amazwe nakuYehova, obangela loo moya unjalo ezintliziyweni zabakhonzi bakhe noye wavelisa intlangano ebalasele ngale ndlela.—2 Kor. 8:13-15.
Imigibe Efihlakeleyo Yenkululeko
Uvuyo lokuwa kobuKomanisi ngowe-1989 lwaphela kudala, yaye kuye kwavela iingxaki ezininzi ezintsha. Kwelinye icala, kukho ithuba elalikade lingaziwa ngaphambili lokuzuza ubutyebi ngokusebenza nzima. Kwelinye icala, kukho ukunganqabiseki entlalweni, ulwaphulo-mthetho olwanda ngokukhawuleza, ukunyuka kwamaxabiso nezinye izinto ezingentle eziphembelela ulwalamano lwabantu. Ukuphakama komgangatho wokuhlala kukhuthaza ukuthanda izinto eziphathekayo, ukhuphiswano nokumonelana. Abaninzi abahlala ezidolophini banezindlu emaphandleni apho bathanda ukuchitha ixesha khona. Inani elandayo labantu liya ngaphaya kweelwandle lusiya kwiiholide ezibiza imali eninzi. Loo demokrasi isandul’ ukufunyanwa iye yabangela inkululeko yokugxeka nantoni na nangaliphi na ixesha. Iye yavumela ukusasazwa kweembono ngokuphathelele iindlela zokuziphatha kakubi. Le yinto engazange icingwe nokucingwa ngaphantsi kolawulo lobuKomanisi. Abantu babengakulungelanga oku, le meko intsha iye yabamangalisa yaye abanye babo baye bakhathazeka.
Lo moya uye wanempembelelo nakwamanye amaNgqina kaYehova. Iqela elithile lawo liye layeka ukukhonza uYehova kuba liye lathabatheka yindlela yobomi bokuthanda izinto eziphathekayo, linikela ixesha elininzi gqitha kwimisebenzi yasekuhlaleni, liphambuka kwimilinganiselo ephakamileyo yeBhayibhile ngomtshato, okanye liyihlab’ amadlala yonke into—kuquka amalungiselelo obuthixo kaYehova. Abanye abakhetha ukuhlala besentlanganweni bazama ukwenza amabandla ukuba avisisane nendlela abacinga ngayo. Enyanisweni, oku kwakuxhalabisa de kwalungiswa ngabaveleli abomeleleyo.
KwiRiphabliki yaseCzech namhlanje, abo babezabalazela ukukhonza uThixo bafumanisa ukuba bangqongwe libutho labantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo nabakholelwa kwindaleko. Libutho apho unqulo lujongwa njengesithethe sabantwana okanye intanda-bulumko yokucel’ injezu. Amajelo osasazo anolunya asoloko ehlasela amaNgqina kaYehova. Oku kubangela iimvavanyo zokholo eziqatha ezinjengezo babejamelene nazo abo babesezintolongweni zamaNazi namaKomanisi nakubuqhetseba babo babesebenzisa ezo zinto. Inkoliso yamaNgqina kaYehova yema iqinile elukholweni xa yayijamelene nezi mvavanyo.
Phezu kwaso nje isimo sengqondo abaninzi abanaso ngemibandela yonqulo, isigqibo esibalaseleyo somthetho sakhutshwa kwiNkundla yoMgaqo-siseko waseCzech ngentwasahlobo yowe-1999. Inqaku lephephandaba laseCzech iLidové Noviny (Iphephandaba Labantu) likaMatshi 11, 1999 lathi: “Isigwebo Esisengqiqweni Esivela EBrno,” indawo yeNkundla yoMgaqo-siseko. Inkundla yagweba ngelithi akukho mntu unokusiwa enkundleni kabini ngokwala kwakhe ukungenelela inkonzo yomkhosi ngenxa yesazela. Oku kwabangela isiqabu esithile kwiqela lamaNgqina kaYehova. Umphumo weli tyala wavunywa ngokubanzi ukuba ubangelwe ligalelo elihle lamaNgqina kaYehova kwinkqubo yomthetho waseCzech.
Ashukunyiswa Luthando
AmaNgqina kaYehova kwiRiphabliki yaseCzech ayaqhubeka esabelana nabamelwane bawo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Umnqweno wawo kukunceda abangakumbi kubo bazi uThixo wethu onothando, uYehova, yaye baqonde amalungiselelo akhe amangalisayo awenzele bonke abo banokholo. Noko ke, ukuze kufikelelwe kubo ngokufuthi amaNgqina kufuneka oyise iimvakalelo zabantu—ezilolwe yintlebendwane ephindaphindiweyo—yokuba amaNgqina kaYehova “alihlelo eliyingozi.” Kusenokufuneka oyise nemvakalelo yokujongelwa phantsi kwalo lonke unqulo, okuye kwabangelwa ngamashumi eminyaka yokuba ngaphantsi kolawulo lwabantu abangakholelwayo kuThixo. Ngaba ayaphumelela koku?
Ngowe-1999 xa abali-16 054 ababengamaNgqina kaYehova ngoko babehlanganisene kumabandla abo angama-242 ukuze babhiyozele ukufa kukaYesu Kristu, ifanele ikhankanywe nento yokuba kwakukho namawaka angakumbi awanxulumana nabo. Isimbuku sabo babekho saba ngama-31 435.
Umnqweno wamaNgqina kaYehova kukunceda ngamnye wabo abaleke ngempumelelo nonyamezelo, kwikhondo lobuKristu. Ngoxa eshumayela ebantwini, azimisele ukuncedana ukuze ahlale eqinile elukholweni. Ayazi kakuhle into yokuba xa wayechaza iziganeko zomhla wethu, uYesu wathi: “Ngokunyamezela kwenu niya kuyizuza imiphefumlo yenu.” (Luka 21:19) Yaye umpostile uPetros waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Isiphelo sezinto zonke sisondele. Ngoko ke, yibani ngabaphilileyo engqondweni, nikuphaphele ukuthandaza. Ngaphezu kwezinto zonke, yibani nothando olukhulu omnye ngomnye.” (1 Pet. 4:7, 8) Olo thando lusaqhubeka lubanyanzela ukuba babelane ngenyaniso exabisekileyo yeBhayibhile nabanye yaye basondelelane kumanyano olungaqhawukiyo lobuKristu.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 165]
“Andizange ndizisole ngokuhlala apho. Ethubeni ndaqonda ukuba ndingowalapho”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 168]
“‘Ukuba nifuna ukudubula mntu ngamnye weshumi, sidubuleni sonke!’ Yonke loo nkampu yafikelwa luloyiko”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 184]
“Sasinyeliswa yaye sithukwa kodwa sihlonelwa ngasese”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 187]
“Yayingabonisi kulalanisa, kodwa ukuba sengqiqweni kobuKristu!”
[Imaphu ekwiphepha 150]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
GERMANY
POLAND
SLOVAKIA
AUSTRIA
CZECH REPUBLIC
BOHEMIA
Prague
Lidice
Kladno
Karlovy Vary
Most
Teplice
Liberec
MORAVIA
Brno
SILESIA
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 148]
[Umfanekiso okwiphepha 153]
UMzalwan’ uErler, waseDresden
[Imifanekiso ekwiphepha 155]
UOtto Estelmann ebonisa “iPhoto-Drama of Creation” kulo lonke elo lizwe
[Umfanekiso okwiphepha 157]
UBohumil Müller
[Umfanekiso okwiphepha 167]
UBožena Vodrážková wafunda inyaniso kwinkampu yoxinaniso
[Imifanekiso ekwiphepha 169]
UFrantišek Šnajdr noAlois Miczek—bobabini bavalelwa kwinkampu yoxinaniso yaseMauthausen
[Umfanekiso okwiphepha 173]
Abaninzi babehlanganisana ukuze baphulaphule iintetho zesidlangalala emva kweMfazwe Yehlabathi II
[Imifanekiso ekwiphepha 175]
Intsapho yaseBheteli neofisi yesebe emva kweMfazwe Yehlabathi II
[Umfanekiso okwiphepha 178]
Intlanganiso iqhutyelwa phandle ehlathini ngowe-1949
[Umfanekiso okwiphepha 185]
Iiholide zamaqela zavula amathuba okwakheka ngokomoya
[Umfanekiso okwiphepha 194]
UJaromír Leneček, ilungu leKomiti yeSebe, elaba nenzondelelo enkonzweni ukususela kwasebutsheni balo
[Imifanekiso ekwiphepha 207]
UMilton Henschel noTheodore Jaracz, bekunye nabanye, kwilinge lokubhaliswa ngokusemthethweni
[Umfanekiso okwiphepha 210]
Iindwendwe zaseCzech kwindibano yasePoland ngowe-1989
[Imifanekiso ekwiphepha 216]
Indibano yezizwe ngezizwe ePrague ngowe-1991—esona siganeko sibalaseleyo
[Umfanekiso okwiphepha 218]
Iqela labaguquleli besiCzech
[Umfanekiso okwiphepha 223]
Iofisi yesebe ePrague
[Umfanekiso okwiphepha 223]
Ngezantsi: IKomiti yeSebe (ukusuka ngasekhohlo ukusa ekunene): UJan Glückselig, uJaromír Leneček, uOndřej Kadlec, uPetr Žitník, noEduard Sobička