IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb00 iphe. 224-255
  • IMadagascar

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IMadagascar
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2000
  • Imixholwana
  • Igama LikaThixo Lobuqu Laziwa Kakuhle
  • Iindaba Ezilungileyo Zifikelela KwiBig Red Island
  • Abantu BaseMadagascar Bamkela Inyaniso
  • Oovulindlela Abangakumbi Bancedisa Emsebenzini
  • Ukutsala Nzima Ngenxa Yolwimi
  • Ukutyelelwa Ngabo Bavela Kwikomkhulu Lehlabathi
  • Iofisi Yesebe YaseMadagascar
  • Ukuvelisa Uncwadi NgesiMalagasy
  • Uhambo Nabaveleli Besiphaluka
  • AmaHindu Aguqukela Kunqulo LukaYehova
  • Abavangeli Basemazweni Babeka Isiseko
  • Ukuvalwa Umlomo
  • Ukuqeqeshelwa Ukongamela
  • Ukuqhubeka Ekhonza Phezu Kwako Nje Ukuvalwa Umlomo
  • Ngaba Babelumke Ngokugqithiseleyo?
  • Ukwamkelwa Ngokusemthethweni Kwakhona
  • Uncedo Olungakumbi Oluvela Kumazwe Ngamazwe
  • Isakhiwo Sesebe Esitsha
  • Ukwanda Kwezicaka Zexesha Elizeleyo
  • Ukufika Kwenkitha Yabavangeli Basemazweni Abatsha
  • Ukujikeleza Ukuze Kukhuthazwe Amabandla
  • Xa Kuhlasela Inkanyamba
  • UYehova Uqhubeka Ekhulisa
  • Kuthekani Ngekamva?
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2000
yb00 iphe. 224-255

IMadagascar

Ekubeni ikunxweme lwempuma yeAfrika, maxa wambi iMadagascar ibizwa ngokuba yiBig Red Island. Eneneni inkulu, ekubeni isesona siqithi sesine ngobukhulu emhlabeni, yaye inomhlaba obomvu.

Isazinzulu somFrentshi sayibiza iMadagascar ngokuthi, “ilizwe lesithembiso lezazi ngemvelo” ngenxa yokuba nenyambalala yezityalo nezilwanyana ezahlukahlukeneyo eziphila apho. Malunga nama-80 ekhulwini eentlobo zezityalo ezineentyatyambo ezili-10 000 ezilapho ayikho enye indawo ezifumaneka kuyo kwesi sijikelezi-langa. Kukho malunga neentlobo ezili-1 000 zeorchid kuphela, eyona mveliso ithunyelwa kakhulu kumazwe angaphandle—ivanilla. Kwesi siqithi kuphila neentlobo zezilwanyana ezinomtsalane kuquka iilemur ezinomsila osisazinge kwaneentlobo-ntlobo zamalovane, anomsila ogoso neenyawo ezibambelela okwezandla. Ngaphandle kwezili-12, zonke iintlobo ezingama-400 zezilwanyana eziphila emanzini nezirhubuluzayo zifumaneka kwesi siqithi kuphela.

Noko ke, eyona nto inomtsalane kubakhonzi bakaYehova ngabantu. Kukho abemi abangaphezu kwezi-14 000 000 eMadagascar, abamalunga namaqela eentlanga ezingama-20 ezahlukahlukeneyo. Abantu abahlala kwiinduli ezikumbindi wesi siqithi, baneempawu zaseAsia bayakhanya ngebala neenwele ezolukileyo ezimnyama. Kukholelwa ukuba babevela kwindawo ngoku ebizwa ngokuba yi-Indonesia. Abo bahlala ngaselunxwemeni babonakala benemvelaphi yobuArabhu baseAfrika. Ukuxubana kwezi mpawu kubangela ukuba aba bantu bungacaci ubudala babo; abazali basoloko bekhangeleka bebatsha njengabantwana babo abakwishumi elivisayo.

Abantu baseMadagascar ngabona bazala kakhulu ehlabathini, yaye abantu abangama-80 ekhulwini baphila ngokulima. Oku kwenza izinto zibe nzima kumhlaba weli “lizwe lesithembiso.” Ngaphezu kwesiqingatha samahlathi aseMadagascar awayekhe aba ngawona enileyo aye atshatyalaliswa okanye onakaliswa.

Phezu kwako nje oko, iMadagascar isaqhubeka inika ithemba ‘njengelizwe lesithembiso.’ Ngayiphi indlela? Ichume ngabantu abanoxabiso abaneentliziyo eya kuchuma kuzo imbewu yenyaniso yoBukumkani. Abaninzi banombulelo kukuva iindaba ezilungileyo zokuba “UYehova ngukumkani!” Bayavuyiswa kukuba ulawulo lwakhe luya kwenzela uluntu oko urhulumente wabantu angenakukwazi ukukwenza.—INdu. 97:1.

Ngoobani aba ngokwenene baye banceda abemi besi siqithi sikhulu baqonda into oluyiyo ulawulo lukaYehova? Nangona bemalunga nama-40 ekhulwini abemi balapho abahamba kwiicawa zeNgqobhoko, abavangeli babo abakwazanga kuyibethelela into yokuphila ngendlela yamaKristu kwiintliziyo zabemi baseMadagascar. Enye inzalelwana yaseMadagascar yakha yathi: “Makhe ndikuxelele enye into, mnumzana. Thina apha eMadagascar asinto sikhe siyifake engqondweni ubuKristu. Akukho namnye ummi waseMadagascar, nditsho nokuba abe mnye, nkqu kwanabo bempucuko, onokwakha indlu yakhe engakhange aqale abize isanuse size kubethelela. Iinkolelo zakudala azikapheli.” Kusenziwa amadini ezilwanyana ezindulini nasezinkcochoyini zeentaba. Ukunqulwa kwezinyanya yinto yalapho, yaye abantu basakholelwa ngokunzulu emagqirheni. Kubonakala ukuba ubomi bemihla ngemihla bukabani bulawulwa ngakumbi ngabafileyo kunabaphilayo.

Igama LikaThixo Lobuqu Laziwa Kakuhle

Nangona kukuncinane abaye bakwenza ukuze bancede abantu baphile ngendlela yamaKristu, ngandlela ithile abavangeli beNgqobhoko baye balenza laziwa igama likaYehova ngeenguqulelo zabo zeBhayibhile. Kwangowe-1830 kwapapashwa “ITestamente Entsha,” yaye ngowe-1835 kwafumaneka iBhayibhile epheleleyo yesiMalagasy, nto leyo eyenza ukuba iBhayibhile yesiMalagasy ibe yenye yezona nguqulelo zindala zeelwimi zaseAfrika. Inguqulelo yamaProtestanti yeBhayibhile yesiMalagasy isebenzisa igama uYehova kwanakwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, yaye nenguqulelo yamaKatolika isebenzisa igama elithi Iaveh kwiZibhalo ZesiHebhere. (INdu. 83:17, 19; Mat. 4:7, 10) Ngenxa yoko, igama uYehova lisoloko lisetyenziswa kubomi bemihla ngemihla. Xa ukhwele iteksi, usenokubona iindinyana zeBhayibhile ezifana nethi “UYehova nguMalusi wam” zibhalwe ngesiMalagasy. (INdu. 23:1) Usenokubona indinyana yeBhayibhile enegama likaThixo ibhalwe kwilaphu elibizwa ngokuba yiIamba, elambathwa ngamabhinqa.

Kodwa, ngoobani aba baye banceda abantu balapha bangapheleli nje ekwazini igama likaThixo kodwa bamqonda uYehova njengoMongami wobomi babo?

Iindaba Ezilungileyo Zifikelela KwiBig Red Island

Ngowe-1925 aBafundi beBhayibhile, njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo ngoko, baqalisa ukunceda abantu baseMadagascar ukuze baqonde iLizwi likaThixo. Kwandula ke ngoSeptemba 1933, esi siqithi safumana ubungqina obungakumbi. Kwafika amadoda amabini awayenenkalipho nenzondelelo yobuvangeli basemazweni, uRobert Nisbet noBert McLuckie, kwidolophu ekunxweme lwaseToamasina esuka eMzantsi Afrika ngendlela egqitha eMauritius. Ayeshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ekubeni ayembalwa amaNgqina kaYehova eAfrika ngezo mini, ayezimisele ukwazisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani kubantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngexeshana nje elifutshane. URobert Nisbet ukhumbula oku: “Uncwadi lwethu lwesiFrentshi lwahamba ngokukhawuleza. Sasinikela nje ubungqina ngoBukumkani, sihambise uncwadi sandule ke sidlulele kwenye intsimi engekasetyenzwa.”

Emva kokugubungela iToamasina uMzalwan’ uNisbet noMcLuckie badlulela kwisixeko esilikomkhulu iTananarive. ITananarive ligama lesiFrentshi lika-Antananarivo, elithetha ukuthi “Idolophu Yabantu Abaliwaka.” Igama layo livela kwisibakala sokuba uKumkani Andrianjaka wajikeleza eso sixeko ngamadoda aliwaka ukuze asikhusele xa wasivakalisa esi sixeko njengekomkhulu lobukumkani bakhe ngowe-1607. UBert McLuckie usichazela athi ngesi sixeko silikomkhulu: “ITananarive yayimile okwesiporo sehashe, inesitishi sikaloliwe ekupheleni kwegophe lenduli. Ngaphakathi kwesi ‘siporo sehashe’ yayisisazulu sezoshishino, ujikelezwe ziindawo zokuhlala. Kuloo mathambeka ngokoqobo kukho izinyuko ezingamakhulu ezinceda abemi bakwazi ukufika kwimizi yabo.”

Basabela njani abantu besi sixeko esilikomkhulu? URobert Nisbet uthi: “Babekuvuyela ukufumana uncwadi lwesiFrentshi, yaye abanye benza umrhumo weGolden Age (ngoku enguVukani!) yesiFrentshi. Ngenxa yokuba abaninzi babebuza imibuzo, sabuyela kwiqela labo ukuze sibe neengxubusho ezingakumbi.” Ekhumbula amava abo, uMzalwan’ uNisbet wathi: “Ubukhulu becala satsalwa bubulumko babantu balapho.”

Noko ke, aba bazalwana babini babenengxaki yokunxibelelana, ekubeni babembalwa gqitha abantu ababesazi isiNgesi. Sekunjalo, bazama ukufikelela abantu abaninzi kangangoko babenako de lwaphela uncwadi lwabo. Nangona kungazange kubekho qela okanye bandla lamiselwayo ebudeni botyelelo lwabo lwenyanga, bachitha iiyure ezili-185 bexelela abanye ngoYehova, bahambisa iincwadi ezingama-214 neencwadana ezingama-828, baza bafumana imirhumo engama-21. Imbewu yenyaniso yahlwayelwa, kodwa kwakuza kudlula eminye iminyaka engama-22 ngaphambi kokuba ifumane ingqalelo eyaneleyo ukuze ikhule ize ichume.

Abantu BaseMadagascar Bamkela Inyaniso

Emva kweNdibano ‘Yoloyiso LoBukumkani’ eyayiseParis, ngo-Oktobha 1955 kwafika oovulindlela ababini abakhethekileyo baseFransi eTananarive ngendlela edlula kwidolophu eselunxwemeni yaseToamasina. Emva kokuhla kuloliwe, bakhe bema phambi kweso sikhululo. Basinga-singa macala baza babona eso “siporo sehashe” sinezindlu ezingamawaka zigudle induli zingathi zikwiishelufa eziseludongeni. UAdam Lisiak, inzalelwane yasePoland eyayisakuba ngumsebenzi kumgodi wamalahle wathi kwiqabane lakhe, uEdouard Marlot: “Khangela Edouard, yonke le yintsimi yethu!” Ephendula uEdouard wathi: “Adam, siza kwenza ntoni apha? Abantu balapha bafundile; thina asifundanga. Siza kuthini ke, Adam?” Sekunjalo, baba nempumelelo ngeyona ndlela kwesi siqithi.

Ngelo xesha iMadagascar yayilithanga leFransi. Ekubeni IMboniselo yayivaliwe eFransi nakwiindawo ezilawulwa yiFransi, babehambisa uVukani! wesiFrentshi, owawufumaneka ngomrhumo kuphela. Kwiinyanga ezintandathu zokuqala, bafumana imirhumo eli-1 047. UMzalwan’ uLisiak wayedla ngokubalisa indlela lo mbhalo kaVukani! owawushwabana ngayo de ungafundeki emva kokuwusebenzisa ngokuphindaphindiweyo njengomzekelo. Sekunjalo, babefumana imirhumo ngokubonisa nje elo phepha lishwabeneyo.

UMzalwan’ uLisiak noMarlot abazange bachithe xesha. Basebenza kuloo ntsimi baza baqhuba izifundo zeBhayibhile zasekhaya. Kungekudala isikolo samabanga aphantsi savumela amaNgqina ukuba asebenzise igumbi lokufundela ngesisa ukuze aqhube iintlanganiso zawo. Izitulo zazenziwe ngamaplanga, yaye yonke into yayilungiselelwe abantwana abaselula—ingabalungeli kangako abantu abadala. Sekunjalo, kwakungekho ukhalazayo.

Emva kweenyanga ezintandathu umvakalisi wokuqala waseMadagascar, uRabehasy Noël, wafaka ingxelo yenkonzo yasentsimini. Bandula ke nabanye abavakalisi bathelela kumsebenzi wasentsimini. Ekupheleni konyaka wenkonzo wowe-1956, iqela labantu abasibhozo lenza isicelo sokuseka iBandla laseTananarive lamaNgqina kaYehova. (Uya kuphawula ukuba eMadagascar igama libhalwa emva kwefani.)

Phakathi kwabokuqala ukubonisa umdla eMadagascar yaba libhinqa eliselula lalapho, uRazanaboahangy Narcisse. Ngowe-1956 uNarcisse waphawula ukuba kukho amadoda amabini asoloko edlula ngakwivenkile awayesebenza kuyo. Ngenye imini, enye yala madoda yangena evenkileni yaza yathenga izilayi ezimbalwa zenyama yehagu. Emva kokuba imkile, bonke abo basebenza apho babephethe iphecana lesiMalagasy—elithi Life in a New World. UNarcisse uthi: “Ndandingenamdla kweso sigidimi. Kodwa ngenxa yokuba umama wayesazi ukuba ndandikuthanda ukufunda, wandenzela umrhumo wephephancwadi uVukani! wesiFrentshi waza wavuma ukuba ndiqhutyelwe isifundo seBhayibhile, ngaphandle kokubuza kum.” UNarcisse waqalisa ukufunda namaNgqina, kodwa wayenethemba lokuba aza kumyeka esakubona ukuba akanamdla ngokwenene. Noko ke, waba nomdla ngakumbi kunokuba wayecinga kuqala. Xa wafunda oko kuthethwa yiBhayibhile ngomphefumlo waza waqonda ukuba ukunqula izinyanya kuphosakele, waqonda ukuba ufunda inyaniso.

Ngowe-1959, uRazanaboahangy Narcisse wayelungele ukufuzisela uzahlulelo lwakhe kuYehova ngobhaptizo lwasemanzini. Wandula ke waqalisa ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Kamva watshata noEdouard Marlot. Njengomlungiseleli wexesha elizeleyo, wamisela umzekelo omhle wokunyamezela kwinkonzo yakhe.

De kwaba sekupheleni kwenkonzo yakhe ekhethekileyo eMadagascar, intsimi kaMzalwan’ uLisiak yaba yiAntananarivo. Wayenamabuyelo nezifundo kuyo yonke indawo. Abantu abaninzi babemazi njengala vazaha (umntu omhlophe) ingenanwele. Ngokufuthi abaninimzi babedla ngokuziphatha entloko, yaye ube sele uqonda ukuba uAdam ebelapho. URasaona Gervais, umzalwana okwibandla lesiFrentshi laseAntananarivo ukhumbula oku: “UMzalwan’ uAdam wayenomonde yaye ezingisa. Xa ndandifunda naye, ndandidla ngokucela abanye ukuba bathi andikho ekhaya, kodwa uAdam wayedla ngokuphinda abuye. Kwasekuqaleni, wandimemela kwiintlanganiso, ndaza ndaya. Wayethembekile kwintlangano kaYehova yaye wandifundisa ukuba ndihlakulele umoya ofanayo.”

Ngowe-1970, uMzalwan’ uLisiak noMarlot banikwa esinye isabelo kwisiqithi esikufuphi samaFrentshi saseRéunion. Kamva uMzalwan’ uLisiak wabuyela eFransi, apho wafela khona eMarseilles ngoJanuwari 1988. UEdouard Marlot useRéunion nentsapho yakhe.

Oovulindlela Abangakumbi Bancedisa Emsebenzini

Kwakusenziwa okuninzi ukuze kuhlale kunikelwa isigidimi soBukumkani kubantu baseMadagascar. Isibini esitshatileyo saseFransi, uAntoine noGilberte Branca, safika apho ngowe-1957 saza emva koko sakhonza eAntananarivo. UGilberte wayephumelele kwiklasi yama-24 kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi, yaye nomyeni wakhe kamva waya eGiliyadi. Emva kokuba intombi yabo uAnna izelwe ngowe-1961, baqhubeka belapho kwisabelo sabo. USimone Berclaz, owayefundelwa nguGilberte eSwitzerland naye wafudukela eMadagascar ukuze ancedise kulo msebenzi.

Kwafika abanye oovulindlela abakhethekileyo ababini, uFlorent noHenriette Chabot, eMadagascar bevela eFransi ngowe-1960 baza baqalisa ukukhonza eDiégo-Suarez (ngoku eyiAntsiranana) kumantla eMadagascar. UMzalwan’ uChabot ukhumbula oku: “Kuloo mihla, xa oovulindlela beshiya amakhaya neentsapho zabo besiya kumazwe akude, inkoliso yabo yayicinga ukuba yayingasayi kuze ikwazi ukubuya ingekafiki iArmagedon yaye babebulisa okokugqibela kwiintsapho zabo. Leyo yindlela kanye esasivakalelwa ngayo.”

Enye indoda eyafunda noMzalwan’ uChabot yadibana nenyaniso okokuqala ngokuthenga iswekile. Usomashishini oliTshayina owayerhumela uVukani! wasebenzisa amaphepha akhe ukuze asongele izinto azithengisayo. Ngaba elo phephancwadi lalisetyenziswe kakubi? URatsimbazafy Charles wathenga iswekile kule ndoda. Yayisongelwe ngephepha lokugqibela lelinye lala maphephancwadi. UCharles wafunda isibhengezo sencwadi ethi “Oku Kuthetha Ubomi Obungunaphakade” waza wabhalela isebe laseFransi ukuze afumane le ncwadi. Kungelo xesha uMzalwan’ uChabot wadibana naye, wamhambisela loo ncwadi baza baqalisa isifundo seBhayibhile. Wenza inkqubela ngokukhawuleza waza waqalisa ukuya kwiintlanganiso.

Kodwa kwafuneka uCharles alungelelanise imeko yobomi bentsapho yakhe. Wayahlukene nomfazi wakhe yaye wayehlala nelinye ibhinqa awayenabantwana kulo. Ukuze amkeleke kubhaptizo lwamaKristu, kwakufuneka atshate ngokusemthethweni. (Heb. 13:4) Nangona waqalisa ukufuna amaxwebhu asemthethweni ngowe-1960, kwada kwangowe-1967 ngaphambi kokuba awafumane. Noko ke, kanye ngelo xesha iholo yedolophu yaseDiégo-Suarez yatsha yaluthuthu, yaye amaxwebhu obuqu kaCharles atshabalala. (INtshu. 9:11) Kwafuneka ukuba afune amanye amaxwebhu kwakhona, kodwa kwesi isihlandlo kwathabatha unyaka nje kuphela. Abasemagunyeni babechukumiseke ngeyona ndlela kukuzimisela kwakhe ukuvumelana nemilinganiselo kaThixo. Ekugqibeleni, wakufanelekela ukuba ngumvakalisi woBukumkani nokuze abhaptizwe! Nomfazi wakhe wabhaptizwa. UCharles uye wakhonza njengomdala eDiégo-Suarez naseAntananarivo.

Ukutsala Nzima Ngenxa Yolwimi

Ngowe-1961, uLaval noIrene Carbonneau, ababekumsebenzi wesiphaluka kummandla onabantu abathetha isiFrentshi eKhanada, bafika eMadagascar njengabavangeli basemazweni. Bafikela kumgangatho ophantsi wesakhiwo sohlobo lwendlu yaseMadagascar—inegumbi lokulala elincinane, elokutyela elincinane, ikhitshi elincinane, elokuhlamba elincinane namanzi abandayo neveranda encinane. UMzalwan’ uCarbonneau ukhumbula oku: “Kuloo ndlu kwakudakasa amabuzi, iimpuku namaphela. Elinye laloo mabuzi umfazi wam wayesele elazi ngomsila walo osinqindi. Nanini na xa edibana nalo, wayedla ngokuthi kulo ‘Monsieur le Prince’ aze ngokuzolileyo acele ukudlula.”

ULaval wayekwazi ukuthetha isiFrentshi yaye umfazi wakhe wayesifunda, ngoko babekwazi ukuthetha nabantu. Kodwa kwakungenjalo ngoRaimo noVeera Kuokkanen, ababevela eFinland ekupheleni kukaJanuwari 1962. Akuzange kube nzima ukubaqonda xa babesehla kwinqwelo-moya. Ekubeni babemke eFinland kubusika obuqhaqhazelis’ amazinyo, babenxibe iminqwazi enoboya nenye impahla eshushu. Ngokuqinisekileyo kwakuza kufuneka benze utshintsho kuloo ngqatsini yelanga. URaimo wayethetha isiNgesi engasazi isiFrentshi. UVeera wayengazazi zombini. UIrene Carbonneau wayethetha isiNgesi xa ebafundisa isiFrentshi, ngoko ke uRaimo kwakufuneka aguqulele umfazi wakhe yonke into ngokusuka kwisiNgesi ayise kwisiFinnish. Noko ke, njengoko uVeera wayefunde esikolweni ngesiSweden, imibandela yomgaqo-ntetho kwakufuneka icaciswe ngaso. Okuvuyisayo kukuba noRaimo wayelwazi ulwimi lwaseSweden. Ivakala inzima, andibi? Kwakunjalo. Kodwa emva kweenyanga ezimbini, kwaqala kwakhanya. Baqala bawaqonda amagama athile esiFrentshi. Noko ke, nasemva kokuba besazi isiFrentshi kwafuneka bafunde isiMalagasy.

Kwiminyaka embalwa kamva, xa umfundisi wakhe wolwimi wayengasekho, uMzalwan’ uKuokkanen wazifumanisa sele etolikela ngesiFrentshi uMalcolm Vigo oyizone overseer (umveleli wecandelo). UMzalwan’ uKuokkanen usakhumbula ukuba xa kwacatshulwa uLuka 9:62, wayengalazi ukuba yintoni ‘ikhuba’ ngesiFrentshi. Xa wayezama ukulichaza, abaphulaphuli bawavula aziingqanda amehlo bemangalisiwe kuba indlela awayelicacisa ngayo yayingahambisani nendlela ekulinywa ngayo eMadagascar, apho kusetyenziswa iinkomo ezinelunda elikhulu. Kwesinye isihlandlo xa wayezimisele ukuchaza ngesiFrentshi ukuba abazalwana baseMalawi babeqhubela iintlanganiso ngaphantsi komthi wemengo, wayichaza ngokungathi ibandla lonke laliziqhubela phezulu emthini. Kwafuneka aqhele ukuhleka nabo bangenakukwazi ukuzibamba bangahleki.

Esinye isibini sabavangeli basemazweni, uSamuel noThelma Gilman safika sivela eUnited States ngoAprili 1962. USam usazikhumbula kakuhle iingxaki zokunxibelelana awayejamelene nazo. “Ukuze sikwazi ukuzinza kwikhaya lethu elitsha, kwakufuneka umbhobho omde esiza kuxhoma kuwo impahla. Ngoko mna noMzalwan’ uKuokkanen saya kwivenkile esekoneni sifuna umbhobho, oziimitha ezintandathu ubude. Sasebenzisa igama elalikwisichazi-magama esincinane esasisiphethe. Khawucinge indlela abasijonga ngayo abo babesevenkileni xa sasibuza enoba banaye na u-pipe—inqawa—enobude obuziimitha ezithandathu!”

Ukutyelelwa Ngabo Bavela Kwikomkhulu Lehlabathi

Ngenxa yoncedo lwabalungiseleli abavela phesheya kweelwandle, kwabakho ulwando olungakumbi kwinani labo baseMadagascar ababevakalisa ukuba “UYehova ngukumkani.” Kwinkonzo yonyaka yowe-1959 kwabakho incopho yabavakalisi abangama-41. Kulo nyaka uN. H. Knorr, owayengumongameli weWatch Tower Bible and Tract Society ngoko, watyelela eMadagascar ukuze akhuthaze abazalwana.

Kwiminyaka emine kamva xa uMilton Henschel, owayengunobhala kaMzalwan’ uKnorr wayetyelela amazwe aseAfrika, iMadagascar yaphinda yakho kolo cwangciso lokutyelelwa. Wanikela ingqalelo ekhethekileyo kubavangeli basemazweni nakoovulindlela abakhethekileyo. Bonke abo babekho bakhuthazwa ngeyona ndlela. UMzalwan’ uHenschel wabelana nabo ngamava akhe obuqu ngoxa wayenguvulindlela. Ngaphambi kokuba kuphele loo nyaka wenkonzo, iMadagascar yadlula kubavakalisi abali-100.

Emva kotyelelo lukaMzalwan’ uHenschel, abazalwana noodade balapho bakhuthazwa ukuba bangenelele inkonzo yobuvulindlela obukhethekileyo. Ekubeni babeziinzalelwane zalapho, babenokukwazi ukuhambisela phambili ngokuphumelelayo umsebenzi wokuvula amasimi amatsha. UAndriamoara Félix wayengomnye welo qela. Waqalisa inkonzo yakhe yobuvulindlela obukhethekileyo ngowe-1965. Ukususela ngoko uye wakhonza njengomveleli ohambahambayo yaye kangangeminyaka emininzi uye waba lilungu lentsapho yaseBheteli eMadagascar. Nasemva kokuba yena nomfazi wakhe, uHonorine, baba nentsapho, waqhubeka ekubulungiseleli bexesha elizeleyo. Umfazi wakhe usebenza ngamaxesha athile kwiSebe Lokuguqulela lelo sebe.

Ngaba ukuba nenzondelelo kwabo kwinkonzo kaYehova kubancedile abantwana babo? Intombi yabo, uMiora ngoku itshatile yaye ikhonza nomyeni wayo njengoovulindlela abakhethekileyo. Unyana wabo uTimoty osahlala ekhaya, ukhonza njengovulindlela ongumncedani ngamaxesha athile.

Iofisi Yesebe YaseMadagascar

Xa kwakuqalisa ukushunyayelwa iindaba ezilungileyo ngokuthe rhoqo eMadagascar ngowe-1955, umsebenzi walapho wawusonganyelwa lisebe laseMauritius. Ukususela ngowe-1959 ukusa kowe-1962, wonganyelwa lisebe laseFransi. Kodwa ukususela ngowe-1963, iMadagascar yaba neyayo iofisi yesebe. URaimo Kuokkanen wamiselwa njengesicaka sesebe. Ekuqaleni, wayekwazi ukuyinyamekela ngokwakhe inkoliso yomsebenzi owawusenziwa apho.

Ekuqaleni loo ofisi yayiyindlu nje eqeshiweyo eyayisetyenziswa nanjengekhaya labavangeli basemazweni. Noko ke, loo ndlu yayingafanelekanga. Emva kokuba abavangeli basemazweni bengene kuyo, abanye abantu basekuhlaleni babebuza enoba babengoyiki kusini na ukuhlala kwindlu eneziporho. Ngokuqinisekileyo, kwakusenzeka izimanga kuloo ndlu. Ngokomzekelo, xa esinye isibini sabavangeli basemazweni sabona isiphatho socango lwabo sijika, savula sifuna ukubona loo mntu, kodwa kwacaca ukuba kwakungekho mntu apho. Abo bavangeli basemazweni bafumanisa ukuba kwelo gumbi kwakuhlala umvumisi. Ngononophelo bakhangela enoba akukho nto yasala ngasemva esenokuba yayisetyenziswa yimimoya ukuze inxibelelane. Emgubasini wegumbi labo kwakubethelelwe ingqekembe yemali. Ebunzimeni abazalwana bayisusa. Emva koko zayeka ukwenzeka ezo zinto zingaqhelekanga.

Xa wabuzwayo ngoko umnini-ndlu wavuma wathi: “Ewe, kuloo ndlu kukho iziporho, kodwa ekubeni ningabavangeli basemazweni nabantu bakaThixo, ndandicinga ukuba akukho nto niyoyikayo.”

Ukuvelisa Uncwadi NgesiMalagasy

Ngenxa yenkqubela yomsebenzi wokushumayela, kwafuneka uncwadi olungakumbi ngesiMalagasy. De kwaba ngowe-1963 kwakukho amaphecana ambalwa kuphela, njengelithi Life in a New World nelithi Hell-Fire—Bible Truth or Pagan Scare? Kwakukho nencwadana ethi “Ezi Ndaba Zilungileyo Zobukumkani,” eyapapashwa ngowe-1959. Inkoliso yabantu abafundileyo yayithetha isiFrentshi, ngoko abavakalisi babesebenzisa uncwadi lwaso. Sekunjalo, babebaninzi ababengathanda ukufunda ngolwimi lwabo lweenkobe.

Xa kwafumaneka imvume yokuvelisa IMboniselo yesiMalagasy, elo sebe lalifuna uncedo olungakumbi. URasoamalala Louise, udade waseMadagascar wayiguqulela ngokusuka kwisiFrentshi. Lo msebenzi wayewenzela ekhaya yaye yonke into wayeyibhala ngesandla. Apho kwelo sebe, uVeera Kuokkanen wayechwetheza ngomatshini oko kuguqulelweyo, baze abazalwana basebenzise umatshini wokukhuphela.

IMboniselo yokuqala yesiMalagasy yashicilelwa ngoSeptemba 1963, isimbuku semibhalo emalunga nama-600. Ngelo xesha yayiyinkupho ephuma kanye ngenyanga inamanqaku afundwayo nje kuphela. Abavakalisi bavuya ngeyona ndlela. Bafumana amakhulu emirhumo kwiphulo lokuqala lemirhumo xa kwakusetyenziswa uhlelo lwesiMalagasy. Kwiinyanga ezimbalwa nje kuphela, isebe lalishicilela imibhalo engama-3 000 rhoqo ngenyanga. Abazalwana abathathu babetshintshana besebenzisa umatshini wokushicilela phantse ubusuku nemini.

Omnye wabo bazalwana ukhumbula oku: “Ubuncinane sasisebenzisa amaphepha ane-wax ali-16 kwinkupho nganye yeMboniselo. Kwiphephancwadi ngalinye, sasidibanisa amaphepha asibhozo abhalwe macala omabini. Oku kuthetha ukuba sasichicilela amaphepha angaphezu kwama-24 000 ukuze sivelise imibhalo engama-3 000 yeMboniselo. Sasiba neemfumba ezisibhozo okanye ngaphezulu zamaphepha ashicilelweyo phezu kwetafile, yaye sasiyijikeleza izihlandlo ezingama-3 000, sihlanganisa loo maphepha elinye emva kwelinye. Ayesandula ke adityaniswe kunye. Ewe, yonke into yayisenziwa ngezandla.”

Ekuhambeni kwexesha, uMbutho walungiselela ukuba isebe laseSwitzerland lishicilele IMboniselo yesiMalagasy. Ngoku ishicilelwa kabini ngenyanga eBritani yaye iba yimibhalo engama-26 000. Esebenzisa yona, amaNgqina kaYehova aseMadagascar ngoku ayakwazi ukufumana isidlo sokomoya ngexesha elinye nabo akholwa nabo basehlabathini lonke.

Ngokuthe ngcembe umsebenzi wokuguqulela waqhubela phambili. Kwiinyanga ezintathu emva kokukhululwa kweMboniselo yesiMalagasy, amaNgqina alapho afumana nencwadi yokuqhuba isifundo seBhayibhile ethi “UThixo Makabe Nenyaniso” ngolwimi lwabo. Akuyifumana uRakotomaro Justin, uvulindlela okhethekileyo owayemaxhaphetshu enceda abanye ukuba bafunde inyaniso, wayibamba esandleni loo ncwadi ixesha elide ethe tu. Wandula ke wadanduluka wathi: “Kwowu, Hayi indlela alunge ngayo uYehova! Uye wasinika le ncwadi.” Oovulindlela bathabatha iibhokisi zazo ukuze bazihambise kubantu abalambileyo ngokomoya.

Uhambo Nabaveleli Besiphaluka

Ekuqaleni kwakukho ibandla elinye kuphela kuso sonke eso siqithi. Kodwa njengoko kwakuvulwa amakhaya abavangeli basemazweni amatsha kuthunyelwa noovulindlela abakhethekileyo kwiindawo ezahlukahlukeneyo, kwasekwa amabandla angakumbi. Ebudeni bonyaka wenkonzo wowe-1964, kwamiselwa amabandla amabini amatsha. Ukuze kuncedwe loo mabandla mathathu ayesebenza ngoko, isebe lenza ilungiselelo lokuba atyelelwe ngumveleli wesiphaluka, uLaval Carbonneau kunye nomfazi wakhe uIrene. Babehamba ngololiwe. Yayiluhambo oluneengozi—olwalumnandi. Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo beva ngathi kukho into ebanqola emilenzeni. Irhanisi, elalihamba ngaphantsi kwesitulo sabo lalifuna ukuhoywa.

Xa abakwaCarbonneaus kwakufuneka bayinikele umva iMadagascar ukuze baye kunyamekela intsapho, uRaimo Kuokkanen wathabatha umsebenzi wesiphaluka. Nanini na xa kusenzeka, yena nomfazi wakhe, uVeera babehamba ngololiwe. Phakathi kwezixeko eziselunxwemeni, babesebenzisa amaphenyane. Maxa wambi kwakufuneka bahambe ‘ngeetaxi-brousses,’ okanye ‘iiteksi zasemahlathini,’ ezikhwelisa abantu abali-15 kodwa zazisoloko zingxalwa. Leyo yayiba yindlela ekuhanjwa ngayo ukususela ekuseni de kube sebusuku kakhulu. Ngexesha leemvula, xa ezo teksi zingenakukwazi ukuhamba apho, abakwaKuokkanen babehamba ngenqwelo-moya. Kodwa oko kwakungeyonto isemgangathweni. Isikhululo seenqwelo-moya salapho sasinohlobo oludala lweeDC-3, yaye iindlela ezazihamba kuyo yayingamathafa engca. Ukutyelela amaqela ahlukahlukeneyo yayingamathuba okwabelana ngokhuthazo lokomoya olufudumeleyo.

Kangangexesha elithile uMzalwan’ uKuokkanen wakhonza njengomveleli wesiphaluka nowesithili. Kwakhona, ngenxa yentswelo kwakufuneka anyamekele iincwadi zesiphaluka nezesithili ezithunyelwa kwisebe. Kodwa wazibhokoxa ekuqeqesheni abazalwana balapho. Ekuhambeni kwexesha, uvulindlela okhethekileyo walapho, uRajaobelina Célestin, wakufanelekela ukuba ngumveleli wesiphaluka wokuqala waseMadagascar.

AmaHindu Aguqukela Kunqulo LukaYehova

Njengoko umsebenzi wokushumayela wawuqhubeka, kwakuthethwa nazo zonke iintlobo zabantu. (1 Tim. 2:4) Abavangeli basemazweni bahambisa iincwadi namaphephancwadi amaninzi kubemi baseAsia abanamashishini kwisixeko esilikomkhulu. UDirajlal Bagvandjee, umHindu oselula owayesaziwa ngokuba nguDirou, wayengomnye wabo. Xa umvangeli wasemazweni wamphathela amaphephancwadi kwivenkile yakhe, wawamkela ngovuyo. Xa umalume wakhe wafayo ngowe-1963, uDirou waqala ukuzibuza: ‘Kutheni abantu besifa, yaye injani imeko yabafi?’ Wayezibuza isizathu sokuba uThixo avumele ukuba indoda elunge ngolo hlobo ife. Wayecamngca enoba likho kusini na ithemba lokuphinda ubabone abafi.

Kungekudala emva koko, uSimone Berclaz wadibana naye njengoko wayenikela ubungqina kwindlu ngendlu. Xa wayebuyela kuye, wasebenzisa iBhayibhile ukuphendula imibuzo yakhe malunga nemeko yabafi waza wacacisa nethemba elimangalisayo lovuko. (INtshu. 9:5; IZe. 24:15) Kuqala wakha wabhideka kuba wayezama ukunxulumanisa oko nenkolelo yakhe yobuHindu yokudlulela komphefumlo komnye umntu. Loo nkolelo ayiniki themba lokuphinda ubabone abafileyo obathandayo. Noko ke, emva kokuba ecacelwe yinto yonke, uDirou wakwazi ukubona indlela elimangalisa ngayo ithemba leBhayibhile lovuko.—Yoh. 5:28, 29.

Emva kweeveki ezimbalwa zesifundo seBhayibhile, uDirou waqalisa ukuya kuzo zonke iintlanganiso. Kwandula ke kwavuka inkcaso, ngakumbi kuyise nabahlobo bakhe. Sekunjalo, ekugqibeleni uDirou wafikelela kwisigqibo sokuba “kusengqiqweni ukuba iBhayibhile ngokwenene iliLizwi likaThixo.” Kunyaka olandelayo wazahlulela kuYehova waza wabhaptizwa.

Noko ke, uyise kaDirou waqhubeka emchasa waza wamthumela ngabefundisi ababini bamaProtestanti ukuze bameyisele ekubeni abuyele kunqulo lwabazali bakhe. Xa uDirou wababuza ngesizathu sokuba bengazange bafundise uyise inyaniso malunga nesono, ukufa nedini lentlawulelo, aba befundisi baxambulisana naye ngelithi umthetho wesihlanu ufundisa ukuba umntu umele ahlonele uyise nonina. UDirou wababuza enoba kwakuya kuba yinto elungileyo na ngaye ukuthobela umthetho wesihlanu—ukuze akholise iminqweno kayise—ngaloo ndlela esaphula umthetho wokuqala kaThixo—wokunganquli nabaphi na abanye oothixo. Labakhohla aba befundisi baza bemka. Okulandelayo, baya kwiofisi yesebe baza bacela amaNgqina ukuba eyisele uDirou ekubeni abuyele kunqulo lukayise. UDirou uthi: “Ukubona olu hanahaniso kwenza ukholo lwam lomelela ngakumbi.”

Wandula ke uyise waya kufuna uncedo kubenzi bemilingo nabezobupolitika, emva kokuba ebhale inqaku elinezityholo zobuxoki ngamaNgqina kwiphephandaba lasekuhlaleni waza wamqumbela uDirou. Abazali bakaDirou babenoonyana abahlanu namantombazana amathathu, yaye bonke njengentsapho babevakalelwa kukuba unqulo lukaDirou luduba-duba ulwalamano lwentsapho yabo. Sekunjalo, uDirou weyiseka ukuba eyona nto amele ayenze kuqala kukuthobela uThixo.—Marko 12:28-31.

NgoFebruwari 1967, uDirou waba nguvulindlela okhethekileyo, yaye kunyaka olandelayo watshata noSimone. Emva kokunyanzeleka ukuba bemke eMadagascar ngoJuni 1970, bakhonza eKenya kangangeminyaka emithathu baza emva koko bakhonza eIndiya malunga neminyaka engama-20. Apho eIndiya wakhonza kwiKomiti yeSebe.

Noko ke, kuthekani ngentsapho kaDirou? Ekuhambeni kwexesha, uyise waqalisa ukufunda iBhayibhile neempapasho zeBhayibhile, unina waba nomdla kwinyaniso yeBhayibhile, yaye abantakwabo noodade wabo kwanabatshana bakhe baba ngamaNgqina abhaptiziweyo. Bebonke, bali-16 abantu abaphuma kwintsapho yakhe ababa ngabanquli bakaYehova. Bambi bakhonza kwisebe laseMadagascar; abanye bancedisa kwimisebenzi yokwakha yamazwe ngamazwe. Intsapho yakwaBagvandjee ingumzekelo wesiqhamo esihle kwiBig Red Island echumileyo ngokomoya.

Abavangeli Basemazweni Babeka Isiseko

IWatch Tower Society yaqhubeka ithumela abavangeli basemazweni baye kuncedisa ekushumayeleni iindaba ezilungileyo eMadagascar. Phakathi kwabo yayinguMargarita Königer noGisela Hoffmann, oodade baseJamani abafika ngoMatshi 1966. Esichazela ngoko akubonayo udade Hoffmann uthi: “IMadagascar izolile, ayifani kwaphela neYurophu neMerika enobomi obumaxhaphetshu nobunesiphithiphithi. Enye yezinto zokuqala ezandimangalisayo zizityalo zekhala ezikhulu. Emva ekhaya ndakha ndazityala kwisitya sezityalo, yaye ndavuya xa zakhula de zafikelela kubude beesentimitha ezili-15. Kanti, apha ndazibona zinde zilingana nezindlu! Yaye xa sasibuya kwintlanganiso yethu yokuqala ngorhatya, iinkwenkwezi ndazibonela kufuphi kunokuba ndakha ndazibona ngaphambili. Apha saqalisa ukuphila ubomi obulula.”

Aba dade babini bakhawuleza baqonda ukuba abemi balapho banobubele obufudumeleyo nomoya wokubuk’ iindwendwe. Udade Königer wathi: “Safumanisa ukuba ngabantu abachubekileyo. Nkqu namaxhegokazi ahlala kwiidolophana ayakuthanda ukufunda iBhayibhile noncwadi lweBhayibhile. Ukuze bafumane iincwadi, bathanda ukutshintshisa. Abantwana babesisukela beze kutshintshisa ngerayisi ukuze bafumane amaphephancwadi IMboniselo noVukani!” Aba dade babini kunye noBrancas baqalisa umsebenzi wokushumayela eFianarantsoa baza bomeleza iqela elincinane laseAmbositra. Zozibini ezi zixeko zikumazantsi eAntananarivo.

Kwakukho nabanye abavangeli basemazweni abanenkalipho abavula amasimi amatsha. UHugh Haisley noThomas Baynes bakhonza eToliara, isixeko esiselunxwemeni kummandla osemazantsi eMadagascar. UMary Dolinski waseKhanada wakhonza eTaolanaro kunye noEdouard noNarcisse Marlot.

Ngowe-1961, xa kwakuthunyelwa abavangeli basemazweni bokuqala eMadagascar, kwakukho abavakalisi abangama-75 ababefaka ingxelo. Ngowe-1970, phantse kwiminyaka elishumi kusenziwa abafundi, abo bavangeli basemazweni bavuyiswa kukubona incopho yabavakalisi abangama-469—ulwando lwama-525 ekhulwini! Kodwa babezungulezwa lilifu elimnyama phezu kwabo. Ukususela ngowe-1967, kwakungasekho bavangeli basemazweni batsha bavunyelwa ukuba bangene eMadagascar.

Ngentsimbi yesine emva kwemini ngoJune 5, 1970 kwaqhambuka uqhushululu. Amapolisa Okhuselo aya kwelo sebe aza axelela uSamuel Gilman ukuba bonke abavangeli basemazweni bafanele babonane namaPolisa Okhuselo kusuku olulandelayo. Abavangeli basemazweni ababekweso sixeko silikomkhulu ngelo xesha—uMzalwan’ uGilman, uKuokkanen noLisiak—babonana nomphathi wamaPolisa Okhuselo. Begqagqaniselwa, baxelelwa ukuba bonke abavangeli basemazweni bamaNgqina kaYehova kufuneka balinikele umva elo lizwe ngokukhawuleza, ngenqwelo-moya yobo busuku! Baxelelwa kwathiwa: “Ningasibuzi isizathu sokwenjenjalo kuba anisokuze nisifumane, ntonje nimele niphel’ emehlweni ngoku.” Abanye babesandul’ ukufumana amaphepha-mvume amatsha okuhlala apho iminyaka emithathu kwiintsuku nje ezimbalwa ngaphambi koko. Xa babonisa ukuba amaphepha-mvume abo akakapheli, lo mphathi wacela ukuba bamnike iincwadi zabo zokundwendwela. Wandula wagximfiza ngesitampu kumaphepha-mvume abo okuba lapho uAnnulé (Aphelelwe), yaye abazalwana baxelelwa ukuba ngoku bakwelo lizwe ngokungekho mthethweni.

Abavangeli basemazweni babengakwazi ukumka ngobo busuku. Ekuseni ngoMvulo baya kucela uncedo kummeli okanye unozakuzaku welizwe labo lokuzalwa. Sekunjalo, ngoMgqibelo umhla kaJuni 20, 1970, bonke abavangeli basemazweni kwafuneka bemke kwelo lizwe. Inkoliso yabo yaya eKenya. Abemi baseFransi baya eRéunion, engummandla weFransi. Abazalwana noodade abavela kuzo zonke iindawo zelo laseMadagascar beza beze kuthi ndlela-ntle. AmaNgqina alapho ayelila, kwangokunjalo nabavangeli basemazweni. Bambi kubo babesebehleli eMadagascar kangangeminyaka emininzi, yaye yayisele ilikhaya labo.

Ngoxa babeseseMadagascar abavangeli basemazweni babezimisele ukufundisa abantu ukuba bakhele ukholo kwiLizwi likaThixo, bathembele kuYehova, yaye bayiqonde indima kaYesu Kristu kwinjongo kaThixo. (1 Kor. 3:5-14) Kwintlanganiso yakhe yokugqibela ngaphambi kokuba bahambe kwelo lizwe, ngokufanelekileyo uFlorent Chabot wathi: “Ukuba niye nangabalandeli babavangeli basemazweni, emva kokumka kwabo aniyi kukwazi ukuqhubeka njengamaNgqina kaYehova. Kodwa ukuba ningamaNgqina kaYehova, nasemva kokumka kwabavangeli basemazweni niya kuqhubeka ningawo.”

Ukuvalwa Umlomo

Ukuvalwa umlomo kwamaNgqina kaYehova kwabhengezwa ngoAgasti 8, 1970 kwiOfficial Journal of the Malagasy Republic. Kwakuza kwenzeka ntoni kumaNgqina aseMadagascar? Xa wabuzwa loo mbuzo uMphathiswa Wemicimbi Yezasekhaya wathi: “Ningakhathazeki. Emva kokumka kwabavangeli basemazweni, kuza kwaziwana.” Wandula ke walinganisa ngezandla zakhe ngokungathi utyumza into ethile.

Noko ke, ngethamsanqa akuzange kubekho ntshutshiso iqatha kumaNgqina alapho. Ukanti, bavakalelwa njani abazalwana noodade balapho xa kwagxothwa abavangeli basemazweni? URavelojaona Rahantamalala, owabazi abavangeli basemazweni eseyintombazana eselula wathi: “Njengoko abavangeli basemazweni kwakufuneka bahambe, abazalwana balapha abaninzi batyhafa. Bambi babengasafuni ukugqalwa njengamaNgqina kaYehova.”

Ingxelo yonyaka wenkonzo yowe-1971 yabonisa ukuhla kwenani labavakalisi nge-12 ekhulwini. Kuyabonakala ukuba, abanye bayekelela ngenxa yokoyika umntu baza bayeka ukuvakalisa iindaba ezilungileyo. (IMize. 29:25) Noko ke, inkoliso yangqina ukuba inokholo olomeleleyo. Yaye kunyaka wesithathu, iMadagascar yaqalisa ukuba nolwando kwakhona.

Ekuqaleni, iintlanganiso zaziqhutyelwa kwiindawo ezahlukeneyo kwimizi yabazalwana, iziintsapho ezintathu okanye ezine. Ngokuthe ngcembe inani labo baya kwiintlanganiso laya lisanda. Kummandla waseManakambahiny eAntananarivo, uDade Ravelojaona wavula umzi wakhe njengendawo yokuqhubela iintlanganiso. Ngoncedo lukaYehova, nasebudeni bezidubedube zasekuhlaleni, akuzange kwenzeke siganeko sothusayo. UDade Ravelojaona uthi: “Ubuncinane ngamabandla alishumi asekwa ephuma kwelo qela lincinane laseManakambahiny. UYehova wayisikelela imigudu yethu yokushumayela nokwenza abafundi kuyo yonke loo minyaka yokuvalwa umlomo.”

Ukuqeqeshelwa Ukongamela

Kwamiselwa ikomiti ukuze incede kumsebenzi wamaNgqina kaYehova alapho yaye inxibelelane neQumrhu Elilawulayo. Imbopheleleko yokushunyayelwa koBukumkani eMadagascar yaxhonywa emagxeni amaNgqina alapho. Ebudeni bokuvalwa umlomo, abazalwana babesebenzisa isiqhulo esithi Ineny, esithetha ukuthi “Mama,” xa bebhekisela kuMbutho. Ngoko ke, ngokukhawuleza emva kokuvalwa umlomo, uIneny wanikela uncedo olufunekayo. Njani?

UMilton Henschel ovela kwikomkhulu lehlabathi watyelela eMadagascar njengezone overseer (umveleli wecandelo). Wenza amalungiselelo angqalileyo okunyamekela iintswelo zokomoya zabazalwana baseMadagascar. Kwamenywa abazalwana ababini abanembopheleleko ukuba baye kwikomkhulu lehlabathi lentlangano ebonakalayo kaYehova ukuze baqeqeshwe. Phezu kwazo nje iingxaki zolwimi, bangenelwa ngeyona ndlela baza bawufanelekela ngakumbi umsebenzi owawubalindele.

UMzalwan’ uHenschel wancomela nokuba uvulindlela okhethekileyo waseMadagascar aye kwiSikolo saseGiliyadi. Oku kwakuza kumxhobisa ukuze enze okungakumbi ekukhokeleni kumsebenzi wokushumayela uBukumkani. Kwakhethwa uAndriamasy Théodore, umfana oselula owayethetha isiNgesi yaye encedisa ekuguquleleni iileta zembalelwano. Ngokuphathelele olo qeqesho walufumana eGiliyadi, uthi: “Yaba luqeqesho olunzulu lweBhayibhile ngeenyanga ezintlanu olwandenza ndakuthanda ukufunda. Ukusebenza isiqingatha semini kumasebe ahlukahlukeneyo aseBheteli kwandinika amathuba amaninzi okubona indlela esebenza ngayo intlangano kaYehova ebonakalayo. Ukuba nobudlelane nabazalwana noodade abathanjisiweyo kwaba ngawona mava abalulekileyo kwendawafumana eGiliyadi. Ndafunda lukhulu kwisisa, ukubuk’ iindwendwe, nokuthobeka kwabo.”

Emva kokuba uMzalwan’ uAndriamasy ebuyile eGiliyadi, wabelwa kuloo ntsimi ukuze akwazi ukusebenzisa kakuhle oko wayekufundile. Uqeqesho awalufumanayo lomeleza ukholo lwakhe lwaza lwamnceda naye ukuba akhuthaze abazalwana bakhe abangamaKristu kuloo minyaka yobunzima. Nangoku usancedisa ngamaxesha athile kwizabelo ezahlukahlukeneyo zelo sebe. Kutshanje, ebefundisa abavangeli basemazweni abasebatsha isiMalagasy.

Ukuqhubeka Ekhonza Phezu Kwako Nje Ukuvalwa Umlomo

Kwakungavakali nto ingako ngamaNgqina kaYehova ebudeni bokuvalwa umlomo, kodwa aqhubeka nonqulo lokwenyaniso. Zonke iinkupho zeMboniselo zaguqulelwa ngaphandle kwengxaki. (Isa. 65:13) Ayedibana kwimizi yawo ukuze akhuthazane. (Heb. 10:23-25) Abaveleli beziphaluka babetyelela amabandla; kulungiselelwa iindibano zesithili nezesiphaluka, kwaneendibano ezinkulu zaziqhutyelwa ehlathini. Bekude kunesixeko, maxa wambi abakhoyo babefikelela malunga ne-1 500. Ngowe-1972 kwasekwa iofisi nendawo yokothula uncwadi kwisakhiwo esiqeshiweyo. Umzalwana onembopheleleko webandla ngalinye kulawo ayeli-11 awayekho ngelo xesha wayephuthuma uncwadi apho. UMzalwan’ uAndriamoara, owayenyamekela loo ndawo yokothula uncwadi kangangexesha elithile, ukhumbula ukuba abazalwana babehamba nezo bhokisi zoncwadi ekuhleni, zibonwa ngabamelwane.

Kwiminyaka yokuqala yokuvalwa umlomo, amaNgqina ayesoloko elumkele nantoni na. Maxa wambi ayedla ngokucinga ukuba abekw’ esweni ngamapolisa yaye ayalandelwa. Ngenxa yoko ubukhulu becala ayenikela ubungqina obungacwangciswanga. Xa esiya kwindlu ngendlu, ayengena kwindlu enye kwisakhiwo ngasinye aze aye kwesinye. Kunokuphatha uncwadi lwawo ngeebrifkheyisi, ayesebenzisa ingxowa okanye ibhaskithi, khon’ ukuze abe ngathi aya emarikeni. Ukanti, eyona nto ibalulekileyo ayekwazi ukuqhuba izifundo zeBhayibhile ngaphandle kokuphazanyiswa. UMzalwan’ uRakotojaona, ngoku okhonza kwelo sebe nomfazi wakhe, uLea ukhumbula ukuba xa wayeqalisa ukufunda ngowe-1972, isifundo sakhe sasiqhutywa ngaphandle komgudu wokusifihla.

Ngaba Babelumke Ngokugqithiseleyo?

I-Ineny yaqhubeka isenza amalungiselelo okuba batyelelwe ziizone overseer (abaveleli bamacandelo). La malungiselelo othando abakhuthaza abazalwana noodade aza abanceda bahlangabezana ngokuphumelelayo nemeko yabo. Ngokomzekelo, ngowe-1973 xa uAndré Ramseyer wayetyelele eMadagascar, wafumanisa ukuba abazalwana balumke ngokugqithiseleyo. UMzalwan’ uAndriamoara ukhumbula indlela uMzalwan’ uRamseyer awabaqiqisa ngayo wathi: “Ngaba kukho nabani na okhe wavalelwa entolongweni ngenxa yokuba liNgqina likaYehova? Akunjalo. Ngaba nikhe nafumana bunzima buthile? Akunjalo. Ngoko ke nisenokuba nilumke gqitha. Ngaba mhlawumbi kukulumka ngendlela ebaxiweyo? Asifanele soyike.” Hayi indlela olwaba luncedo ngayo olo tyelelo! Ukususela ngoko amaNgqina alapho ashumayela ngokukhululeke ngakumbi yaye ngesibindi. Ngenxa yoko ebudeni benkonzo yonyaka yowe-1974, kwafakwa ingxelo yencopho entsha yabavakalisi abangama-613, engaphezulu ngama-30 ekhulwini kwincopho eyiyeyona iphakamileyo eyakha yanikelwa ngaphambi kokuvalwa umlomo!

Ukwamkelwa Ngokusemthethweni Kwakhona

Ngasekupheleni kowe-1983, abazalwana—besebenzisa igama lombutho wezentlalo walapho—bafaka isicelo sokuba wamkelwe ngokusemthethweni umsebenzi wabo. NgoFebruwari 24, 1984, balinikwa elo lungelo, kodwa oko kwakungathethi ukuba ukuvalwa umlomo kwamaNgqina kaYehova kuphelile. Sekunjalo, abazalwana bavuyiswa gqitha yile nkqubela intsha. Kwabakho ulwando kwinkonzo yasentsimini, kwafikelelwa iincopho ezimbini ezibalaseleyo ngoAprili—baba li-1 708 abavakalisi abafaka ingxelo yasentsimini yaye bangama-8 977 ababekho kwiSikhumbuzo. Ngaloo ndlela, inani labavakalisi landa ngama-264 ekhulwini laza elabo babekho kwiSikhumbuzo landa ngama-606 ekhulwini.

Nangona babamkelwe ngokusemthethweni njengentlangano yezentlalo, ngowe-1993 abazalwana bafaka isicelo sokuba amaNgqina kaYehova amkelwe ngokusemthethweni njengentlangano yonqulo. Kwiinyanga ezimbalwa kamva, ngo-Oktobha 4, 1994 bayifumana loo mvume. Hayi indlela ekwaba luvuyo ngayo! Ngoku babeza kuphinda ngokukhululekileyo baziwe njengamaNgqina kaYehova.

Uncedo Olungakumbi Oluvela Kumazwe Ngamazwe

Noko ke, kwangaphambi koko ngowe-1987 abavangeli basemazweni bakwazi ukubuyela eMadagascar. NgoSeptemba 1991 abakwaKuokkanen, ababengoovulindlela abakhethekileyo eHelsinki, eFinland babuyela eMadagascar, yaye uMzalwan’ uKuokkanen wamiselwa njengomalathisi weKomiti yeSebe. UMzalwan’ uKuokkanen uthi: “IMadagascar yayiguqukile. Abanye babazalwana noodade esasibazi ngaphambili babesekho, kodwa abaninzi babefile. Abavakalisi abaninzi babesebatsha enyanisweni.” Kwakukho umsebenzi omninzi weofisi ekwakufuneka usingathwe. Kodwa, hayi uvuyo olwalukho ukubona incopho entsha yabavakalisi abangama-4 005 ngoAgasti 1991!

UDirajlal Bagvandjee nomfazi wakhe, uSimone owayegxothwe nabanye ngowe-1970, nabo bamenywa ukuba babuyele eMadagascar. Ekubeni wayeliciko lokuthetha, uMzalwan’ uBagvandjee wanceda elo sebe lafumana amaphepha-mvume, amaphepha okuthenga namanye amaxwebhu asemthethweni. Ukususela ngowe-1992 uye wakhonza njengelungu leKomiti yeSebe laseMadagascar. Abasemagunyeni basoloko bemangaliswa yinto yokuba umIndiya, owayesakuba ngumHindu athethe ngoYehova, uYesu Kristu nangoBukumkani bukaThixo.

Isakhiwo Sesebe Esitsha

Ukususela ekusekweni kweli sebe ngoSeptemba 1963, kuye kwasetyenziswa iindawo ezahlukahlukeneyo. Ukususela ngowe-1972 ukusa kowe-1987, igumbi nje lalanele njengeofisi nendawo yokothula uncwadi. Kwandula ke kwaqeshwa indlu enkudlwana. Kuloo minyaka amalungu eKomiti yeSebe, ekubeni ayeneentsapho afanele azinyamekele, umsebenzi omninzi ayewenzela emizini yawo.

Noko ke, njengoko imfundo yeBhayibhile yayisanda eMadagascar, kwafuneka izakhiwo ezifanele loo msebenzi. Kwathengwa umhlaba okumgama omalunga neekhilomitha ezintlanu ukusuka eIvato International Airport. Kwiminyaka emithathu kamva, ngoAprili 1993 kwaqaliswa umsebenzi wokwakha ngoncedo lwabazalwana baphesheya kweelwandle. UWalter Elkow, waseKhanada onamava kakhulu kuloo msebenzi, waza kuvelela lo msebenzi weenyanga ezingama-30. Kwalandela abanye abakhonzi bokwakha bamazwe ngamazwe, yaye amatsha-ntliziyo amazwe ngamazwe amaninzi azihlawulela ngokwawo iindleko zokuya kuncedisa ekwakheni apho ixesha elingangeenyanga ezintathu okanye ngaphezulu. Bebonke abo basebenzi, bali-110 kuquka abasebenzi bamazwe ngamazwe nabalapho. Ngeempela-veki, inani lamatsha-ntliziyo lalisanda njengoko abazalwana noodade abavela kumabandla alapho babesiza kunceda.

Babekhuthazana bonke. Nangona uninzi lwabasebenzi bamazwe ngamazwe lwalungakwazi ukuthetha ulwimi lwalapho, aba bazalwana noodade bakhulileyo bamisela umzekelo omhle kubulungiseleli basentsimini. Ngokomzekelo, uDavid Smith owancedisa kangangeminyaka emibini njengomkhandi woomatshini abakhulu, wayengakwazi ukuthetha isiMalagasy, kodwa wayesazi ukuba IMboniselo noVukani! wesiMalagasy wayenokunikela ubungqina obuhle. Ngoko ke etsho ngoncumo lobuhlobo, wayedla ngokuma esitratweni ephethe amaphephancwadi ngesinye isandla ngoxa ebonisa loo mnikelo ucetyisiweyo ngesinye. Wayedla ngokuhambisa amaphephancwadi amaninzi anokuba ngama-80 ngemini.

Ngokwenene ezo zakhiwo zitsha zelo sebe zisisipho esivela kuYehova! Ukunikezelwa kwelo sebe ngoDisemba 7, 1996, kwamenywa abantu ekudala bekhonza abangama-668. Hayi indlela esasivuyisa ngayo eso sihlandlo! Kwandula ke kusuku olulandelayo, baba ngama-7 785 ababekho kwintetho ekhethekileyo eyayiqhutyelwa kwibala elivulekileyo elabizwa ngokuba yiGileada. Kwakutheni ukuze ibe lapho? Le ndawo imalunga neekhilomitha ezintandathu ukusuka kwelo sebe, yathengwa ukuze kwakhiwe kuyo iHolo yeNdibano. Hayi indlela owawumhle ngayo loo mbono—ithambeka lalithe thande ngabazalwana noodade begaxele ezingayiwayo zehombo yaye bephethe izambrela zokuzikhusela elangeni!

Ukwanda Kwezicaka Zexesha Elizeleyo

Ukususela ekubeni oovulindlela bokuqala baseMadagascar beqalise inkonzo yexesha elizeleyo ngeminyaka yee-1960, aba basebenzi bakhutheleyo baye banda ngokuthe ngcembe unyaka nonyaka. Malunga nomvakalisi woBukumkani om-1 kwaba-6 ngoku eMadagascar ukwinkonzo yobuvulindlela. Abazalwana noodade abaselula abaninzi bayenze umsebenzi wabo le nkonzo. Ukuze komelezwe oovulindlela, kwasungulwa iSikolo Senkonzo Yobuvulindlela ngowe-1979 eMadagascar, njengokuba kuye kwanjalo nakwamanye amazwe. UAndriamasy Théodore noAndriamoara Félix, ababesele bekwinkonzo yexesha elizeleyo kangangeminyaka emininzi, babengabahlohli. Ukususela ngelo xesha bangamakhulu oovulindlela abaye bangenelwa kwezi zifundo ziyingenelo.

Omnye wemibandela exutyushwa kakhulu kwesi sikolo uquka ukubonisa umdla wobuqu kwabanye. Oovulindlela abaninzi baye bakubona kubalulekile ngokwenene oko. Ngokomzekelo, ngowe-1998 xa wabelwa kwidolophu encinane ebizwa ngokuba yiSoanierana-Ivongo ekunxweme olusempuma, uRandriamampianina Niaina nomfazi wakhe, uVeroniaina, babona kufanelekile ukubonisa umdla wobuqu onjalo. Ibhinqa elingumnini wendlu ababehlala kuyo lalinonyana ongumlwelwe ngenxa yepoliyo. Aba vulindlela bakhethekileyo bachitha ixesha besabelana nalo mfana ngamadinga axabisekileyo eBhayibhile aphathelele ubomi kwihlabathi elitsha likaThixo. Lo mfana wakuvuyela ukufunda iBhayibhile noNiaina noVeroniaina. Kodwa intsapho yakhe yayingakufuni oko. Unina wade waxelela aba vulindlela bakhethekileyo ukuba baxelele unyana wakhe ukuba abasenalo ixesha lokufunda naye. Kakade ke, babengenakukwenza oko. Uthando lwalo mfana ngoYehova neendlela Zakhe lwakhula ngokukhawuleza. Kwiinyanga ezisibhozo wabhaptizwa. Ngenxa yoku, aba vulindlela bagxothwa kuloo ndlu.

Ngaba loo mdla wobuqu bawubonisa kulo mfana waphela? Akunjalo. Isitulo sakhe esinamavili sasikwimeko emaxongo—yaye ngoku sasaphuke ngokupheleleyo. Nangona isitulo sakhe esitsha sasifikile, icawa awayehamba kuyo yayingayi kumnika kuba wayelutshintshile unqulo lwakhe. Ngoko ke abazalwana abasebandleni banceda lo mzalwana ungumlwelwe ukuba eze kwiintlanganiso.

Kwiminyaka yakutshanje, uMbutho ubusoloko uthumela oovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana kwimimandla engabelwanga bani ukuze banike abantu abangakumbi ithuba lokuzuza kwisigidimi soBukumkani. NgoNovemba 1997 kwathunyelwa abazalwana ababini eMahaditra, idolophu encinane eyayinomvakalisi omnye kuphela. Okumangalisayo kukuba, ngo-Oktobha wonyaka olandelayo, kwasekwa ibandla elinabavakalisi abali-14. Abo vulindlela bokwexeshana abasengabo abokwexeshana kodwa ngoovulindlela abathe ngxi abakhethekileyo kuloo dolophu.

NgoJuni 1996 abanye ababini baya eMahasoabe, idolophana eyayiyintsimi ekwakuza kuqalwa ukusetyenzwa kuyo. Abazange bakwazi ukuwushiya loo mhlaba wentsimi emva kweenyanga ezintathu, njengoko kwakucetywe njalo—abantu babacenga ukuba bahlale. Emva kweenyanga ezintandathu, kwasekwa iqela elikwanti, yaye kwiinyanga ezintathu kamva, elo qela laba libandla elinabavakalisi abahlanu noovulindlela ababini abathe ngxi. Abo vulindlela bakhethekileyo “bokwexeshana” bokuqala, basekwelo bandla ukuze balinyamekele. Kwiindawo ezininzi zemimandla engabelwanga bani, kuye kwafumaneka imiphumo efanayo ngokuphindaphindiweyo.

Ukufika Kwenkitha Yabavangeli Basemazweni Abatsha

IMadagascar yintsimi echumileyo. Kuqhutywa izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezide ziye kufikelela kuma-20 000—umlinganiselo wezifundo ezingaphezu kwezibini kumvakalisi ngamnye. Abavangeli basemazweni abathandathu ababevela kwiSikolo saseGiliyadi Esandisiweyo saseJamani, ngowe-1993 bathunyelwa eMadagascar ukuze bancedise kuloo msebenzi. Bavula ikhaya labavangeli basemazweni eToamasina, isixeko sesibini ngobukhulu eMadagascar, esikunxweme lwasempuma. UDaniel noHélène Kmita, abavangeli basemazweni abanamava ababekhonza eSeychelles, baphinda babelwa ukuya kukhonza kwiBig Red Island. Izibini ezihlanu ezingoovulindlela abathe ngxi ezivela kummandla othetha isiFrentshi eKhanada nazo zaya kukhonza ngokuzithandela apho. UIvan Teyssier, umvangeli wasemazweni ongumFrentshi owakhonza eParaguay iminyaka emininzi, waza kuncedisa kumsebenzi welo sebe. UDante noChristina Bonetti, ababeseMadagascar njengezicaka zokwakhwa zamazwe ngamazwe xa kwakusakhiwa elo sebe, bamenywa ukuba babuyele apho njengabavangeli basemazweni. Aba basandul’ ukufika benza okukhulu ekuphembeleleni umoya wobuvulindlela kubavakalisi basekuhlaleni. Abanye basifunda kakuhle isiMalagasy kangangokuba bade bakufanelekela nokukhonza amabandla athetha sona njengabaveleli beziphaluka.

Ukujikeleza Ukuze Kukhuthazwe Amabandla

Xa kwakuqalisa umsebenzi wesiphaluka apho ngowe-1963, umveleli wesiphaluka wayenamabandla amathathu kuphela awayefanele awatyelele kulo lonke elo lizwe. Ngoku bali-17 abaveleli abahambahambayo abakhonza amaqela namabandla angama-253. Ukuhambahamba kwimimandla yasemaphandleni akukabi lula nangoku. Ngamaxesha eemvula, ezo ndlela zomhlaba ziyonakala kwiindawo ezininzi, kuze kufuneke ukuba abaveleli beziphaluka bahambe ngeenyawo imigama emide. Ukuze batyelele amanye amabandla, kusenokufuneka bahambe kwiindlela zodaka kangangeentsuku—ukuya nje kuphela! (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 11:23-27.) Maxa wambi abazalwana basuka kwelinye ibandla bepheleke umveleli wesiphaluka ukuze bamphathise impahla yakhe ngoxa esiya kwibandla elilandelayo. Ngoxa bedlula emilanjeni—ngokuqhelekileyo engenazibhulorho—basongela yonke into kwingxowa yeplastiki ukuze ingabi manzi baze bayithwale entloko. Ngamaxesha eemvula, amanzi asenokufikelela emakhwapheni.

Nangona bengenazinto ziphathekayo, abazalwana balapho banomoya wokubuk’ iindwendwe ngolona hlobo yaye benza konke okusemandleni abo ukuze bamkele abaveleli abahambahambayo nabafazi babo. Macala onke bayakhuthazana. Hayi indlela esaneliseka ngayo ukuba kunye nabazalwana noodade abazimisele ukwenza konke okusemandleni abo ukuze bakholise uYehova! (Roma 1:11, 12) Yaye hayi indlela ekulilungelo ngayo ukomeleza ukholo lwaba bathandekayo nabaxabisekileyo emehlweni kaYehova!

Xa Kuhlasela Inkanyamba

Ubomi kulo mmandla wehlabathi buquka ukumelana neenkanyamba. Minyaka le kukho ixesha lokuba iinkanyamba zintlithe iziqithi zoLwandlekazi lwaseIndiya. Isebe lalapho lisoloko likhangela iingxelo zemozulu yalapho ukuze lincede abazalwana abakwiindawo ezichaphazelekileyo. Ngowe-1997 iqela leenkanyamba lantlitha iMadagascar, kuquka iGretelle edume kakubi, litshayela nantoni na liyiphosa kunxweme olusemzantsi-mpuma. Iidolophu ezinkudlwana ezimbini kwanezinye iidolophana zatshatyalaliswa. AmaNgqina kaYehova anokuba li-100 ayehlala kwiindawo ezichaphazelekileyo.

Ngokukhawuleza isebe lathumela ilori neveni etsala ngamavili amane zithwele iimpahla zokunceda, izixhobo zokusebenza kwanezinye izinto zokwakha. Kwathunyelwa ugqirha kunye nelo qela lokuhlangula. Ukuze lifikelele kwezinye iindawo engakwaziyo ukufikelela kuzo inqwelo-mafutha, elo qela lasebenzisa namaphenyana.

Ukuze bafike apho babesiya khona, eVangaindrano bathabatha iintsuku ezimbini. Kwanikelwa uncedo ngokukhawuleza. Kwalungiselelwa ukutya neendawo zokuhlala. Ugqirha waxilonga intsapho nganye engamaNgqina waza wayinika amayeza afunekayo. Kwanezo ntsapho zingengomaNgqina zafumana uncedo. Xa inkoliso yabo babekwelo qela yagodukayo, ababini basala ngasemva kangangenyanga ukuze baphinde bakhele abazalwana izindlu zabo. Iofisi yesebe yafumana iileta ezininzi zoxabiso ngoncedo olwanikelwa nguMbutho. Kwanabo bangengomaNgqina bathi: “Unqulo lwenu lolwamaKristu okwenyaniso!”

UYehova Uqhubeka Ekhulisa

Abavangeli basemazweni nabo baba ngabafundi ngenxa yabo eMadagascar batyala baza bankcenkceshela imbewu yenyaniso yoBukumkani. Ingxelo yokuqala evela eMadagascar yathunyelwa nguRobert Nisbet noBert McLuckie ngowe-1933. Kwiminyaka engama-22 kamva, umsebenzi wavuselelwa yaye ngowe-1956 inkonzo yonyaka yaba nencopho yabavakalisi abasibhozo. Ngexesha ababegxothwa ngalo abavangeli basemazweni ngowe-1970, kwakukho abavakalisi boBukumkani abangama-469 kwelo lizwe. Abavangeli basemazweni babengasakwazi ukunikela uncedo njengokuba babesenjenjalo ngaphambili. Kodwa “uThixo wakhulisa.”—1 Kor. 3:6.

Abo babekhonza eMadagascar ngaphambili baza kamva bafumana ithuba lokubuyela khona, babona ubungqina bokuba abo babefunda nabo inyaniso yeBhayibhile babevelisa esabo isiqhamo. Ngokomzekelo, uRamanitra Hélène, owayeneminyaka eli-15 ubudala, wayefunda noIrene Carbonneau xa wosulelwa yipoliyo yaye wayengakwazi ukuhamba kakuhle. Phezu kwayo nje le nkxwaleko nenkcaso yentsapho yakhe, uHélène wathi gqolo engumvakalisi weendaba ezilungileyo. Kwanasemva kokuba abakwaCarbonneaus begodukile baya eKhanada, waqhubeka esenza inkqubela. Xa uIrene watyelela apho okwexeshana ngowe-1995, uHélène wadanduluka wathi: “Bonke kwintsapho yam bayamkele inyaniso ngaphandle kukatata!”

Ngenxa yentsikelelo kaYehova, ngowe-1980 omncinane eMadagascar waba liwaka, ngokufikelela incopho yabavakalisi boBukumkani bukaThixo abali-1 021. (Isa. 60:22) Ngowe-1993 abavakalisi bayidlula incopho yabangama-5 000, yaye bafikelela kweyona ncopho iphakamileyo yabangaphezu kwabangama-10 300 ngowe-1999.

Kuthekani Ngekamva?

Kukho ikamva eliqaqambileyo ngomsebenzi wokushunyayelwa koBukumkani eMadagascar. Ngowe-1956 basixhenxe abantu ababekho kwiSikhumbuzo sokuqala ukubhiyozelwa kwesi siqithi. Inani labezayo laqhubeka likhula de lafikelela kweyona ncopho iphakamileyo yabantu abangama-46 392 ababekho ngowe-1999. Kwakuloo nyanga, babengama-10 346 abavakalisi kweso siqithi. Yaye, ngokomlinganiselo, umvakalisi ngamnye weza nabantu abathathu abanomdla kwesi siganeko sibalulekileyo!

Le Big Red Island iqhubeka iyiparadesi yabo bonke abo, bathi ngenxa yokushukunyiswa luthando ngoYehova nangabanye abantu, bafune ukwabelana nabanye ngenyaniso yeBhayibhile. Kukho amashumi amawaka abantu abathobekileyo apho abafuna ukwazi okungakumbi ngoYehova. Abangobantu baphambili ehlabathini, bengezizo nezityebi ngokwezinto eziphathekayo. Ukutya kwabo ngokuqhelekileyo yirayisi, inyamana, nemifuno ethile. Kwiidolophu needolophana ezininzi, abantu abanawo umbane kwanamanzi abalekayo. Kwezi dolophana, isonka asisoloko sifumaneka, kungasathethwa ke ngebhotolo netshizi. Sekunjalo, abazalwana noodade bethu abathandekayo babulela uYehova ngokubaxhasa imihla ngemihla baze banandiphe ubomi babo obulula. Kunokuba ‘baxhalabe ngoko baya kukudla okanye oko baya kukusela okanye ngemizimba yabo njengento abaya kuyinxiba,’ bazimisele ukuqhubeka befuna kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe. (Mat. 6:31-33) Banombulelo gqitha ngelungelo lokukhonza uYehova, uMongami Wendalo Iphela, yaye bathelela umdumisi xa esithi: “UYehova uthe waba ngukumkani! Mawuvuye umhlaba. Iziqithi ezininzi mazibe nemihlali.”—INdu. 97:1.

Iqhalo lesiMalagasy lithi: “Yiba njengelovane—gcina elinye iliso koko kungasemva uze ugcine elinye kwikamva.” Kulungile ukugcina elinye iliso koko kungasemva ukuze ufunde kumava exesha elidluleyo. Kodwa akukho nzuzo ekuzameni ukubuyisa okudlulileyo. Likamva elisasivulekeleyo. Awona maxesha alungileyo aseza. UYehova ubeke phambi kwethu ubomi—ubomi obungunaphakade—kwiparadesi yomhlaba wonke ezaliswe ngabantu abathandana ngokwenene. AmaNgqina kaYehova aseMadagascar azimisele ukugcina amehlo awo ethe ntsho kolo sukelo.

[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 224]

[Imifanekiso ekwiphepha 230]

(1) URabehasy Noël, (2) uRobert Nisbet, (3) uBert McLuckie, (4) uAdam Lisiak, (5) uEdouard Marlot, (6) uNarcisse Marlot

[Umfanekiso okwiphepha 233]

URaimo noVeera Kuokkanen

[Umfanekiso okwiphepha 235]

UAndriamoara Félix, omnye woovulindlela abakhethekileyo bokuqala balapho

[Umfanekiso okwiphepha 236]

Yonke into yayisenziwa ngezandla

[Umfanekiso okwiphepha 237]

URasoamalala Louise, umguquleli onexesha elide

[Umfanekiso okwiphepha 245]

UAndriamasy Théodore efundisa abavangeli basemazweni abasebatsha isiMalagasy

[Imifanekiso ekwiphepha 251]

Isakhiwo esigqityiweyo sesebe neKomiti yeSebe (ekhohlo ukusa ekunene): UEleha, uRaimo Kuokkanen, uDirajlal Bagvandjee

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share