Izenzo ZamaNgqina KaYehova Kumaxesha Ethu
ECuraçao
Kwimaphu yomhlaba, iziqithi iCuraçao, iAruba neBonaire zibonakala zizincinane gqitha xa zithelekiswa namazwekazi amakhulu akufutshane nazo. Ukanti, kwezi ziqithi kuhlala abantu beentlanga ngeentlanga nezithethe ezininzi. Abantu abaninzi abahlala kwezi ziqithi zithathu zeCaribbean ngoku banandipha uvuyo ngaphantsi kolawulo lobulungisa lukaYehova. Funda ngendlela amaNgqina anenzondelelo aye ayoyisa ngayo imiqobo ebangelwa zizithethe neelwimi ezahlukahlukeneyo ukuze afundise ulwimi olunyulu lwenyaniso yeBhayibhile.
EUkraine
KwakungoAprili 8, 1951. Kwakuhlokoma nje yingxolo yeenqwelo zomkhosi iphazamisa loo nzolo yasekuseni. Kulo lonke elo lentshona Ukraine, amajoni agaxeleka kwimizi yamaNgqina kaYehova aza anika intsapho nganye iiyure ezimbini zokuba ipakishe zonke izinto zayo ize ingene endleleni kuhambo abangazange babuye kulo abaninzi. Ngaloo mini, amaNgqina angaphezu kwama-6 100 aphoswa kumakhareji kaloliwe aza agxothwa asiwa eSiberia. Elo phulo laliyinxalenye yokuzimisela kweSoviet Union enamandla ukuvala umlomo nabani na onobuganga bokuvakalisa uBukumkani bukaThixo. Ibali elibangel’ imincili ngendlela amaNgqina aseUkraine anyamezela ngayo oko kuvalwa umlomo nentshutshiso ngaphezu kweminyaka engama-50 liya kwakha ukholo lwakho kumandla kaYehova okomeleza abantu bakhe.