Umsebenzi WamaNgqina KaYehova
Kula Maxesha
EMzantsi Afrika Kangangeminyaka, abantu beli lizwe bebengahlukaniswanga lulwimi nje kuphela kodwa nalucalucalulo. Imithetho engqongqo yobuhlanga yayilawula indawo amele ahlale kuyo umntu, aye kuyo, asebenze kuyo namele afunde kuyo. Kule ngxelo, uza kufunda indlela achuma ngayo ngokomoya amaNgqina kaYehova aza ahlala emanyene ngokuqinileyo nakubeni kwakugquba umoya wobuhlanga, ukwahlulwahlulwa kwabantu, nemfazwe yamakhaya.
ELatvia
Ngexesha lempatho yenkohlakalo yamaKomanisi, amanye amaNgqina akuphepha njani ukubanjwa? Sasiyintoni isizathu sokuba enye indoda ithi: “Ndibulela uThixo ngokuvuma ukuba ndithunyelwe kwinkampu ekusetyenzwa nzima kuyo”? Yaye kwenzeka ntoni xa intshatsheli yabaphakamisa iintsimbi yamkela inyaniso yeBhayibhile? Kule ngxelo uza kubona ukuba phezu kwayo nje ingcinezelo eyathabatha iminyaka, abantu bakaThixo baseLatvia banembali yenkululeko—inkululeko yokomoya.
ERéunion
Umsebenzi waqalisa ukufika kwentsapho engamaNgqina kwesi siqithi sichumileyo ngowe-1961. Bona indlela ababezikhathaza ngayo ngabantu abanomdla kwiindaba ezilungileyo. Funda indlela isitya sesuphu esamenza wayiphulaphula ngayo inyaniso omnye umntu owayechasa. Khawubone nesizathu sokuba abavakalisi boBukumkani abakhaliphileyo baye kwimimandla esemagqagaleni eyakha yanentaba-mlilo.