Abantu Abaphila Komnye Ummandla Wendalo—Ukufumana Impendulo
NGOFEBRUWARI 17, 1600, indoda egama linguGiordano Bruno yatshiswa ihleli kwindawo yembutho yaseRoma, eItali. Kwakutheni? Imibhalo yakhe yayiphikisana necawa. Phakathi kwezinye izinto, wafundisa ukuba kwakukho imimandla emininzi ekunokuhlalwa kuyo kwindalo iphela. Mandulo ngenkulungwane ye-11, icawa yayiyivakalise loo mfundiso, ubukho beminye imimandla njengengamkelekanga. Ukufundisa yona kwakuthetha ukufa. UBruno wafa.
De kube yinkulungwane ye-19, impikiswano emalunga nobukho bobomi kweminye imimandla yendalo iye yaziswa kwiqonga lonqulo. Kangangeenkulungwane, iinkokeli zonqulo nezazinzulu ngempembelelo yazo ziye zagxininisa kwelokuba umhlaba wawusesizikithini sendalo iphela; kwelokuba indalo iphela yadalwa ngowe-4004 B.C.E.; njalo njalo.
Ngoko, siyabonakala isizathu sokuba izazinzulu ezininzi nabanye bengaluhloneli kangako unqulo. Noko ke, ngenxa yoku, abaninzi baye baphelelwa yintlonelo ngeBhayibhile, yaye becinga ukuba yaba ngunobangela weengcinga eziphosakeleyo ezinjalo. Akukho nto inokuba kude kangako enyanisweni.
IBhayibhile ayizibangi iyincwadi yesikhokelo yeenzululwazi. Noko ke, ayizange ibe yengachananga xa ithetha ngombandela wendalo okanye nawuphi na umbandela wenzululwazi. Ngokomzekelo, iBhayibhile ayizange itsho ukuba umhlaba nabantu basesizikithini sendalo iphela. Ngokuchasene noko, ababhali bayo abaphefumlelweyo babonisa ngokucacileyo indlela umntu abonakala emncinane ngayo kwindalo yethu enkulu.—INdumiso 8:3, 4.a
Ngoko ke, ngokutsho kweBhayibhile, ngaba kukho bantu bathile baphila komnye ummandla?
IBhayibhile Iyaphendula
Ngokutsho kweBhayibhile, abantu abaphila komnye ummandla wendalo asikuko nje ukuba bakho kodwa baninzi gqitha. Oku kungumcimbi ontsonkothe ngakumbi, obangel’ umdla gqitha ngokugqithiseleyo yaye uyinto ekholelekayo kunayo nayiphi na into abaye bacinga ngayo oonondaleko, ababhali beentsomi zenzululwazi nabenzi bemifanekiso bhanyabhanya. Ngapha koko, umntu ophila komnye ummandla wendalo ngokulula nje ngumntu ovela kummandla ongaphandle kwalo mhlaba nakwisibhakabhaka sawo.
Izazinzulu zisenokuthandabuza enoba zikho ezinye iintlobo zezidalwa eziphilayo esingenakukwazi ukuzifumanisa. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba bakho abantu abanjalo. Kodwa abayomveliso yendaleko. Njengayo yonke into ephilayo kwindalo iphela, enoba ikwiyiphi na imo, ivela kuMthombo wobomi, uYehova uThixo. Ungumntu ongokomoya, yaye uye wadala izigidi ngezigidi zabanye abantu abangokomoya abahlukahlukeneyo: izithunywa zezulu, iikerubhi neeserafi. Zenza umsebenzi owahlukahlukeneyo yaye zisebenza kwintlangano yakhe yasezulwini entsonkothileyo.—INdumiso 104:4; Hebhere 12:22; ISityhilelo 19:14.
Kuthekani Ngabantu Abaphila Kwezinye Izijikelezi-langa?
Abantu abathile abaziwayo kwezonqulo baye bagxininisa kwelokuba uThixo wayengenakudala nawuphi na ummandla ngaphandle kwenjongo kwanokuba yonke imimandla ifanele ukuba inabemi. Ngaba oko koko kuthethwa yiBhayibhile? Akunjalo. IBhayibhile ibonisa ukuba phantse ukuba akunakwenzeka kwaphela ngeli thuba ukuba abe uThixo uye wadala izidalwa ezikrelekrele kwezinye izijikelezi-langa ngaphandle kwesethu. Kutheni kunjalo nje?
Ukuba uThixo wayedale abantu abanjalo, wakwenza oko ngaphambi kokudala uAdam noEva. Abantu abanjalo basenokuba bahlala bethembekile kuMdali wabo, okanye njengoAdam noEva, bona baza abafezeka.
Kodwa ukuba baba ngabangafezekanga, babefuna umhlanguli. Kunjengokuba omnye umbhali wezincoko ekuchaza oku ngolu hlobo: “Ubani unale ngcinga ebangel’ uvalo yokuba ngoLwesihlanu [ngomhla uYesu awabulawa ngawo], ngalo lonke usuku lwangoLwesihlanu, kwindawo ethile kwindalo iphela uYesu uyaxhonywa ngenxa yezono zomntu othile.” Kodwa oko akukho ngokweZibhalo. IBhayibhile isixelela ukuba uYesu ‘wafa kwakanye efela isono.’—Roma 6:10.
Kuthekani ukuba aba bantu babehleli befezekile? Kaloku, xa uAdam noEva bonayo, enyanisweni babethandabuza ilungelo likaThixo lokulawula kwihlabathi elinabantu abakrelekrele. Ukuba sasikhona esinye isijikelezi-langa ngelo xesha, ihlabathi elizaliswe ngabantu abakrelekrele ababephila ubomi obuvisisana nomthetho kaThixo nababethembekile, ngaba ngebengazange babizwe ukuba babe ngamangqina ukuqinisekisa ukuba enyanisweni ulawulo lukaThixo luyasebenza? Esi sigqibo sibonakala singenakuphepheka, ekubeni sele esebenzise kwanabantu abangafezekanga ukuze babe ngamangqina akhe kule mbambano.—Isaya 43:10.
Ngoko, ngaba oku kuthetha ukuba uThixo uzidale zonke ezo zigidi zingenakubaleka zeenkwenkwezi (nezijikelezi-langa ukuba zikho) engenanjongo? Akunjalo kwaphela. Ngoxa sisazi, ngokuqwalasela indlela uYesu Kristu awayahluke ngayo, ukuba ngoku umhlaba ukuphela kwesijikelezilanga esinabantu kwindalo iphela, yaye ngoxa sisazi kwakhona, ukuba uya kuhlala ngonaphakade uwodwa njengesijikelezi-langa apho uMdali aya kuthethelela khona ilungelo lakhe lokulawula, okuza kwenzeka kwixesha elizayo asikwazi.
Asisedwa
Usuku emva kolunye, unyaka emva komnye, izazi ngeenkwenkwezi zeSETI ziqhubeka zihlolisisa amazulu zikhangela imiqondiso evela kwizidalwa ezithile ezikrelekrele. Zivakalelwa kukuba, uphando lwazo lusenokuthabatha elinye ishumi leminyaka, okanye inkulungwane. Hayi indlela ekungekho ngqiqweni ngayo oko! Zichitha ubomi bazo, amathemba azo, nentywenka yemali, zikhangela imiqondiso olwathi uluntu lwayizuza kwiinkulungwane ezadlulayo. Kuba iBhayibhile ngokwayo isisigidimi esivela kuMntu Okrelekrele okomnye ummandla wendalo, yaye ibalasele ngeendlela zonke kwimiqondiso kwanenkoliso yezazinzulu ezicinga ngayo.—Bona ibhokisi ekwiphepha 10.
Uluntu luye lwasabela njani kwesikuphela kwesigidimi esiyinene esivela komnye ummandla wendalo? Abantu, ngokubanzi, basabela njani eBhayibhileni? Bayayigatya. Ngabom bayisebenzisa ngendlela engeyiyo ngokweengcinga zabo. Bayamgculela uMthumeli wayo ngeemfundiso ezilihlazo neenkolelo ezingenasiseko. Bade bathi asiyonyaniso yaye bayabukhanyela ubukho boMthumeli wayo. Licacile elokuba, uMdali wethu akakholiswa kwaphela yindlela abantu abasabela ngayo. Sekunjalo, uye waqhubeka enonxibelelwano nabo. NgeLizwi lakhe, ufundisa izigidi zabantu namhlanje iindlela zokuzuza uxolo. Aba bantu bamele uYehova yaye bathwele isigidimi sakhe besisa ehlabathini. Kodwa kuphela ngabantu abambalwa abasiphulaphulayo. Ngokuqhelekileyo ihlabathi alifuni kusiphulaphula.—Isaya 2:2-4; Mateyu 24:14.
Noko ke, okuvuyisayo kukuba ngamnye wethu unokunxibelelana noyena Mntu mkhulu kwindalo iphela, yaye oku unokukwenza ngaphandle kobugcisa obubiza imali eninzi, ngaphandle kokulinda iinkulungwane ukuze izigidimi zinqumle isibhakabhaka esikhulu. Unokuphulaphula ngoku ngokufundisisa iBhayibhile yakho nokungqina ngokwakho enoba eneneni ivela kuMthombo ongumntu onamandla amakhulu kusini na. Unokusabela ngomthandazo nangendlela obuphila ngayo ubomi bakho. Asisedwa. UMdali wethu uthembisa ukuba ‘akakude kuthi sonke ngabanye.’—IZenzo 17:27; bona kwaneyoku-1 yeziKronike 28:9.
Akakagqibi ukunxibelelana nabantu. Uthembise ukuliguqula ngokupheleleyo ikhondo lembali yehlabathi, ukuze aphelise umelelo wabantu wokuzibhubhisa ngokutshabalalisa ngokupheleleyo le nkqubo yezinto yonakeleyo aze ayithabathele indawo ngorhulumente wakhe, oya kuthi ngenene abe yingenelo kuthi sonke. (Daniyeli 2:44; Isaya 9:9, 7) Ewe, unxibelelwano olulandelayo oluvela kuMntu Okrelekrele okomnye ummandla wendalo luya kuza ngezenzo, kungengawo amazwi.—2 Tesalonika 1:6-9.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ubungqina bokuba iBhayibhile iyavumelana nenzululwazi evunyiweyo, nceda ubone incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Ibhokisi ekwiphepha 10]
Izigidimi Izazinzulu Isigidimi
Ezinethemba Lazo Kuphando Abasityeshelayo
Lwazo Lwabantu Abakrelekrele —iLizwi LikaThixo,
Abaphila Komnye iBhayibhile:
Ummandla Wendalo:
*Asenokuba ngamazwi axhalabisayo *Sivela kuMntu Okrelekrele
obuxoki, njengoko oko kungeyonto nowongamileyo okomnye ummandla
inqabileyo; kunokwenzeka ukuba wendalo.—Isaya 55:9; 2 Timoti 3:16.
yimfeketho nje.
*Basenokunikela imfundo neengenelo *Sifundisa izigidi zabantu ngoku, ukuze
zamawaka eminyaka yamava. bazuze ubulumko bangaphambi kwendalo
iphela.—Yobhi 36:26; INdumiso 103:14;
*Basenokusifundisa ngokuphepha *Sifundisa uxolo ngoku kwizigidi zabantu;
intlekele yenyukliya nayo yonke uMbhali waso uthembisa ukulondoloza
imfazwe. umhlaba ngonaphakade aze atshabalalise abo
bawonakalisayo.—INdumiso 104:5; Isaya 2:2-4;
*Basenokunikela unyango kwizifo *UMbhali waso uye wawabonisa amandla
nasekufeni; kuphela kukufa ngengozi akhe okunyanga izifo; uthembisa ukuphelisa
okuya kuhlala kukho. ukufa noonobangela bako, azise ubomi
obungunaphakade.—Luka 7:22;
*Basenokuphelisa ‘ubulolo boluntu *Nangoku uMbhali weBhayibhile ‘akakude
oluhlala kummandla wesibhakabhaka.’ kuthi sonke ngabanye.’—IZenzo 17:27.
*Kusenokuba nzima ukuguqulela *Siyafumaneka kwintsapho yoluntu.
intetho yabo; kusenokubathabatha Sinokusifunda ngoku size sisabele. Izigidimi
amawaka—mhlawumbi izigidi zethu zamkelwa kwangoko.—Yohane 17:3;
—zeminyaka ukusabela baze 1 Tesalonika 5:17; 1 Petros 3:12.
bancokole nathi.
*Konke oku kungasentla kusekelwe *Ukholo lwethu koku kungasentla lusekelwe
kwintelekelelo. kubungqina nezizathu.—Hebhere 11:1.
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Sinokunxibelelana noyena Mntu mkhulu kwindalo iphela