Imbono YeBhayibhile
Ii-UFO’s—Ngaba Zingabathunywa Abavela KuThixo?
NJENGOKUBA inkulungwane yama-20 isondela ekupheleni yaye neemeko zomhlaba ngokuthe ngcembe zisiba mandundu, ukukholelwa kwii-UFO’s (Unidentified Flying Objects) nabakhwele kuzo, abazizidalwa ezikummandla ongengomhlaba, kuyaqhubeka kusanda. Ngaba ii-UFO’s zizinto nje zasentsomini, zizinto ezibubuxoki, inkohliso eyenziwa ngabantu abathanda ukuhlekisa ngokuqhatheka lula koluntu ngokubanzi?
Abo bazibanga njengabakhe bazibona ii-UFO’s okanye abakhweli bazo abakummandla ongengomhlaba baquka abantu ababonakala bephile kakuhle nabanokuthenjwa; enyanisweni, abo bakholelwa kwezi ndwendwe zisuka kwezinye izijikelezi-langa baquka oonjingalwazi abazizifundiswa nezazinzulu. Beyisekile kukuba izidalwa ezikummandla ongengomhlaba zibukele abantu yaye, maxa wambi ziyanxibelelana nabo. Abo babizwa ngokuba ngamaqela axhasanayo akholelwa kwizidalwa ezikummandla ongenguwo umhlaba bakho ukuze bancede abantu abazibanga njengabakha baqhagamshelana neendwendwe ezivela esibhakabhakeni.a
Icebo Lokusinda Labemi Basemzini
Kwincwadi yakhe ethi Aliens Among Us, uRuth Montgomery udlan’ indlebe nabathile abakwinani elikhulayo labantu abeyisekileyo kukuba baziindwendwe ezisuka kummandla ongengomhlaba nezihlala kwimizimba yabantu. Zimbi zezi ndwendwe zizibanga zisuka kummandla ongenguwo umhlaba nezenziwe abantu zaxela kusengaphambili ukuba ngonyaka wama-2000, kuya kubakho “isiganeko ngaphandle komhlaba ekudala silungiselelwa ziinkokeli nabaphathi bezithunywa zezulu.” Abanye abantu bakholelwa kwelokuba izidalwa ezikummandla ongengomhlaba zisebenzisa ii-UFO’s ukuqokelela zize zilondoloze izityalo nezilwanyana okanye zisebenzise ii-UFO’s njengeziphekepheke zokuhlangula izigidi zabantu zibasuse kwintshabalalo ezayo yehlabathi. Emva kwentshabalalo enkulu, abantu baya kubuyiselwa emhlabeni ukuze baqalise “Isizukulwana Esitsha Nolungelelwaniso Olutsha” apho baya kuba bezazi izinto zokomoya. Omnye umfana waseColorado, eUnited States, olilungu leqela elizibiza ngokuba yi-“Alien Youth,” ngokunyanisekileyo wamxelela oku uVukani!: “Mna nabahlobo bam silindele ookhokho basemzini ukuze basifukule.”
Abambalwa babo bathi bazizidalwa ezisuka kummandla ongengomhlaba bazibanga bekhokelwa nguThixo, yaye abanye bazibanga bethetha naye ngokukhululekileyo ukuze abacebise ekuncedeni uluntu. Ngaba uThixo usebenzisa iindwendwe ezisuka kwezinye izijikelezi-langa ukuze asindise abantu kwisiphelo esizayo sehlabathi?
Iindlela UThixo Anxibelelana Ngazo Noluntu
Mandulo kwimbali yomntu, uThixo wayenxibelelana nabantu. Ingxelo yeBhayibhile isichazela ngeencoko zikaThixo noAdam noEva, uNowa, uAbraham, nabanye.b (Genesis 3:8-10; 6:13; 15:1) Kwasetyenziswa amaphupha, amazwi nemibono ukuze kwaziswe abantu ngokuthanda kukaThixo nokuze kuveliswe iBhayibhile. Noko ke, emva kokuba iBhayibhile igqityiwe, ngaba yayisekho imfuneko yokuba anxibelelane noluntu ngokuthe ngqo esemazulwini? Nakanye, ekubeni iBhayibhile isithi iZibhalo Ezingcwele zenza “umntu kaThixo afaneleke ngokuzeleyo, ewuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 3:17) Ngokutsho kweBhayibhile, ukhokelo kula maxesha azele ziinkathazo lumele luvele eLizwini likaThixo elibhaliweyo. Noko ke, ngaba sikho isizathu sokukholelwa ukuba siza kunxibelelana okanye sifumane imiyalelo ekhethekileyo esuka ngokuthe ngqo kuThixo ngommeli osuka kummandla ongenguwo umhlaba? Akunjalo, kuba umpostile uPawulos wathi: “Nokuba besinokusuka thina okanye ingelosi yasezulwini ivakalise kuni njengeendaba ezilungileyo into engaphaya koko sakuvakalisayo kuni njengeendaba ezilungileyo, mayiqalekiswe.”—Galati 1:8.
Nangona ingcamango yezidalwa ekucingelwa ukuba zikummandla ongenguwo umhlaba ibonakala ingqinelana neziprofeto zeBhayibhile zokuba kungekudala umhlaba uza kuba notshintsho olukhulu oluyintlekele, zinikela indlela yokusinda exhomekeke kwizidalwa. IBhayibhile ayibongozi abantu ukuba babalekele kunqabiseko olucingelwayo lwesiphekepheke sasemzini okanye kuyo nayiphi na enye indawo. Kunoko, isixelela ukuba sifune inkuselo kulwalamano lokuzahlulela kuThixo, uzahlulelo olufuziselwa ngokubhaptizwa emanzini. (1 Petros 3:21; thelekisa INdumiso 91:7; Mateyu 28:19, 20; Yohane 17:3.) Yaye uYesu wathi “lowo unyamezele kwada kwasekupheleni ngulowo oya kusindiswa.”—Mateyu 24:13.
Ngaba ezi zibhalo azibetheleli ukubaluleka kokuba nolwalamano lokomoya noThixo ukuze sisinde kunokuya kwindawo yokoqobo yokuzimela? Noko ke, kunokunceda uluntu lusinde, amabali amalunga ‘nezidalwa ezingengobantu’ ayayisusa ingqalelo yabantu koko uThixo akufunayo ukuze bafumane intlalo-ntle kanaphakade.
Ngubani onokuzama ukuqhubela uluntu kude neendlela zikaThixo zokusindisa, aze sekunjalo azibange emela uThixo? Kwincwadi yakhe ethi Report on Communion, uEd Conroy uthi “uphando lwee-ufologists [abo bafunda ngee-UFO’s] ezizimiseleyo neziqeqeshwe kwiinzululwazi zengqondo nezobupolitika luquka uhlolisiso lokuthelekisa “‘iindwendwe zasebusuku,’ iziporho, oomoya abangcolileyo, imishologu, imibono engokonqulo, noko bekusoloko kugqalwa njengeedemon.” Uninzi lwabafunda ngezi zidalwa nabo bazibanga bezizidalwa ezisuka kummandla ongengomhlaba ezikwimo yabantu bathi ukuhamba ngesiphekepheke akuyomfuneko kwaphela. Bathi ezi zidalwa zinokuhamba ngokungabonakaliyo zize zibonakale naphi na emhlabeni ngaphandle kokuba zisebenzise isiphekepheke.
IBhayibhile ilumkisa ngelokuba uSathana needemon zakhe bazimisele ukulahlekisa uluntu. Basebenzisa ukuphelelwa lithemba koluntu ukuze banikele izicombululo ezinomtsalane, kodwa, izezobuxoki. (2 Korinte 11:14) Ngenxa yoko, iBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Kwizihlandlo zexesha zamva abathile baya kuphambuka elukholweni, benikela ingqalelo kumazwi aphefumlelweyo alahlekisayo nakwiimfundiso zeedemon.”—1 Timoti 4:1.
Ngokufanayo namhlanje, naluphi na utyelelo olucingelwayo nokhokelo olubonakala luyingenelo olusuka kwezi zidalwa asifanele silwamkele, kungakhathaliseki imo eziya kuza zikuyo. Abo baya kukhetha ukulandela icebiso lezidalwa “ezikummandla ongengomhlaba” kunecebiso leLizwi likaThixo ngokuqinisekileyo baya kulahlekiswa—impazamo enzulu onokuyenza kula maxesha anomngcipheko.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho ngee-UFO’s nangezidalwa ezikummandla ongengomhlaba, bona inkupho kaVukani! ka-Aprili 8, 1990, nenkupho yeAwake! kaNovemba 8, 1990.
b Umbhali weBhayibhile uHezekile wabona oko bambi bakuchaza njenge-UFO. (uHezekile, isahluko 1) Noko ke, lo yayingomnye wemibono efuziselayo echazwe nguHezekile nangabanye abaprofeti, ingekuko ukuwubona ngeliso lenyama njengokuba kuboniswa kula maxesha anamhlanje.