Ihlabathi Elitsha Elingenako Ukubandezeleka
“Angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni. Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo.”—Isaya 65:17, 18.
LOO mazwi abuprofeti aphefumlelwa nguThixo ngaphezu kweminyaka engama-2 700 eyadlulayo. Ngokuyinxenye, achaza oko ubomi buya kuba kuko emhlabeni kwixesha elizayo. Nini? Emva kokuba uThixo ephelise le nkqubo ikhoyo yezinto. Iziprofeto zeBhayibhile ezininzi zikwenza kucace ukuba kuyinjongo kaThixo ukutshayela le nkqubo yezinto kungekudala nokuyithabathel’ indawo ngehlabathi elitsha elingenako nakuphi na ukubandezeleka.
Hayi indlela obuya kwahluka ngayo ubomi kwelo hlabathi litsha xa buthelekiswa nobomi ebudeni bembali yangaphambili yabantu! ILizwi likaThixo elibuprofeti lisixelela ukuba imfazwe, ulwaphulo mthetho, ubuhlwempu, nokungabikho kokusesikweni akuyi kubakho ngokupheleleyo. Ukugula nokufa kuya kube kungasekho ngonaphakade. Oorhulumente, iinkonzo, okanye iinkqubo zezoqoqosho ezibangela iiyantlukwano neziye zangqineka zisilela azisayi kubakho. Iinyembezi zovuyo ziyakuthabathela indawo iinyembezi zosizi kuba ubungendawo nokubandezeleka kuya kube kungasekho ngonaphakade.
Ukufanekiselwa Kusengaphambili Ziziprofeto ZeBhayibhile
Phawula indlela ezo meko ezafanekiselwa ngayo kusengaphambili kulo mzekelo weziprofeto zeBhayibhile:
Akusayi Kubakho Mfazwe: “Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.” (INdumiso 46:9) “Uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”—Isaya 2:4.
Okusesikweni Kubantu Bonke: “Isiko ndolenza intambo yokulinganisa, ubulungisa ndibenze ilothe yokulungelelanisa.”—Isaya 28:17.
Ukukhululwa Kuloyiko: “Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo.” (Mika 4:4) “Banqabe emhlabeni wabo.”—Hezekile 34:27.
Indlala Iphelisiwe: “Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.” (INdumiso 72:16) “Umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo.”—Hezekile 34:27.
Ukwaluphala Nokugula Akusekho: “Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; ubuyela emihleni yobudodana bakhe.” (Yobhi 33:25) “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.”—Isaya 33:24.
Ukufa, Isijwili, Nentlungu Azisekho Ngonaphakade: “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:4.
Bengachatshazelwa Lixesha Elidluleyo
Ihlabathi elitsha elenziwe nguThixo liya kwanelisa kangangokuba ukunandipha ubomi kwabemi bomhlaba akuyi kuphazanyiswa, kwanaziinkumbulo ezingathandekiyo zokubandezeleka kwangaphambili. Iingcinga ezakhayo nemisebenzi emininzi eya kuba bubomi bemihla ngemihla babantu ngelo xesha litsha ngokuthe ngcembe ziya kuzicima iinkumbulo ezimbi zexesha elidluleyo. Idinga likaThixo likukuba: “Angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.” Abantu baya ‘kugcoba nanini’ yiloo nto uThixo aya kuyidala emhlabeni wonke. “Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele.”—Isaya 65:17, 18; 14:7.
Namhlanje, “ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo,” njengokuba iBhayibhile isitsho. Kodwa imeko iya kuguquka kwihlabathi elitsha. Ngelo xesha ‘umnqweno ofezekileyo uya kuba ngumthi wobomi.’ (IMizekeliso 13:12) Iintliziyo azisayi kubuye zisindwe kukubandezeleka okanye zizithembiso ezingazalisekanga. Endaweni yoko, ziya kuzaliswa lulwaneliseko novuyo ngenxa yezinto ezininzi ezimangalisayo uThixo aya kuzilungiselela intsapho yabantu.
Ulawulo Olwahlukileyo
Endaweni yolawulo olunganelisiyo lwabantu oluzimele geqe kuThixo, ihlabathi elitsha liya kuba nolawulo olwahluke ngokupheleleyo. Igunya loburhulumente liya kuthatyathwa ebantwini. Abasayi kuze baphinde bavunyelwe bazilawule ngaphandle koThixo.
Isiprofeto seBhayibhile sithi: “Ngemihla yabo kumkani [abalawuli abaphetheyo ngoku], uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani [emazulwini] obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi [ekubeni ulawulo lomntu lungasekho]; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani [ezikhoyo ngoku], bona bume ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.
UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele ulawulo olutsha emhlabeni xa wathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.”—Mateyu 6:10.
Obo iya kuba buburhulumente obutsha babantu—ulawulo lukaThixo lwasezulwini ngoBukumkani bakhe obulawulwa nguKristu. Yaye emhlabeni, abakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo abangabantu baya kuyilawula imicimbi ngokolwalathiso lukaThixo. (Isaya 32:1) Umpostile uPetros wathetha ngeli lungiselelo litsha ‘njengezulu elitsha nomhlaba omtsha esiwulindeleyo ngokwedinga lakhe, apho kumi ubulungisa.’ (2 Petros 3:13) Olo lawulo loBukumkani luyimfundiso esisiseko yeBhayibhile.
‘Indalo Ikhululwe’
Kwakhona olu lawulo lutsha luya kuwalawula ngokupheleleyo amandla endalo omhlaba. ‘Izenzo ezingokwemvelo’ ezinjengeenyikima, iinkanyamba, izikhukula okanye iimbalela azisayi kuphinda zibangele ukuxinezeleka. UYesu ngokwakhe wabonisa igunya lakhe lokulawula la mandla. Ngokomzekelo, ngasihlandlo sithile xa umkhombe uYesu nabafundi bakhe ababekuwo wawuza kuphequka ngenxa yesaqhwithi, wawuzolisa umoya nolwandle. Abafundi ababemangalisiwe bathi: “Ngumntu mni na lo, lento alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle?”—Mateyu 8:23-27.
Ngoko umhlaba, kwakunye nendalo engabantu, uya kufumana inkululeko engenakulinganiswa nanto. “Nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo. Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku.”—Roma 8:21, 22.
Ngaba sinokuqiniseka ukuba kungekudala ulawulo lwabantu luya kuphela nokuba urhulumente omtsha kaThixo uya kuthabatha iintambo ekulawuleni yonke imicimbi yomhlaba? Ngokuqinisekileyo sinako, kuba uMongami Wendalo Iphela uyasiqinisekisa: “Icebo lam liya kuma, ndikwenze konke ukuthanda kwam; . . . Nditshilo, ewe, ndiya kukufeza; ndiyilile, ewe, ndiya kukwenza.”—Isaya 46:10, 11.
‘Ixesha Elimisiweyo’
Kuya kwenzeka njani oko? Kuya kwenzeka nini? ILizwi likaThixo lithi: “Into yonke inexesha elimisiweyo.” (INtshumayeli 3:1) Oku kuquka ixesha elimisiweyo lokuba uThixo athi ‘kwanele!’ nelokuphelisa ubungendawo nokubandezeleka. UDaniyeli wabhekisela “kwixesha elimisiweyo lokuphela.” (Daniyeli 8:19) UYesu wakwathetha ‘ngexesha elimisiweyo.’—Marko 13:32, 33, NW.
Ewe, uThixo umisele ixesha eliqinisekileyo aya kungenelela ngalo kwimicimbi yabantu aze atshayele ulingelo olubangela usizi lolawulo lwabantu oluzimele geqe kuye. “Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi.” (INtshumayeli 3:17) Yaye ubungqina bokuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile bubonisa ukuba ixesha uThixo alimisileyo lokuvumela ukubandezeleka sele liza kuphela. Xa elo xesha liphelile, uya kulutyumza luphele ulawulo lwabantu olunganelisiyo oluye kangangamawaka eminyaka lwezisa ukubandezeleka okukhulu kwintsapho yabantu.—Mateyu 24:3-14; 2 Timoti 3:1-5, 13; ISityhilelo 19:11-21.
Xa uThixo ephumeza imigwebo yakhe, phawula oko kuya kwenzeka kwabo bazithobayo kulawulo lwakhe, xa kuthelekiswa nabo bangazithobiyo: “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; . . . ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” “Ke yona imbewu yongendawo iyanqanyulwa. Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” “Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye; ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo. Ke bona abangendawo batshatyalaliswa kuphele.”—INdumiso 37:10, 11, 28, 29, 37, 38; bona kwaneMizekeliso 2:21, 22; Mateyu 5:5.
Kodwa kuthekani ngamawaka ezigidi zabantu abasele befile? Ziya kungenelwa njani kwihlabathi elitsha? Ngovuko, ukubuyiselwa ebomini kanye apha emhlabeni. Ziya kubuya emangcwabeni zize zinikwe ithuba lokunandipha ubomi ngonaphakade. ILizwi likaThixo liyaqinisekisa: “Kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.” (IZenzo 24:15) Yaye uYesu wakubonisa oku ngokuvusa abantu abafileyo, abanjengoLazaro nonyana womhlolokazi waseNayin.—Yohane 11:38-44; Luka 7:11-16.
“Imbuyekezo”
Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba injongo kaThixo kukuphelisa ukubandezeleka nokuzisa ihlabathi elitsha lobulungisa! Cinga ngokuphila izigidi zeminyaka—enyanisweni, ngonaphakade—kwimpilo nolonwabo olufezekileyo phakathi kweemeko zeParadisi, apho ubungendawo nokubandezeleka ziya kuba zizinto zexesha elidluleyo ngonaphakade!
Ubungayi kuvuma na ukuba le “mbuyekezo” uThixo aya kuyinika uluntu—kuwo onke amaphakade—ngokwentelekiso iyigqwesa lee iminyaka engamawaka ambalwa athe ebudeni bayo uThixo wavumela ukubandezeleka? Kwakhona ngaba ayiyigqwesi iminyaka engama-70 okanye engama-80 yokubandezeleka—okanye engaphantsi—esisenokuba siye sayinyamezela njengabantu ngabanye ebudeni bokuphila kwethu?
Imbono Yexesha elide
Kwimbono yakhe yexesha elide ngezinto, uMdali uyazi ukuba kwakubalulekile ukuzinzisa kuqala imibandela ebalulekileyo engelungelo lakhe lokulawula njengoMongami Wendalo Iphela nokulunga kolawulo lwakhe. Yaye kwakubalulekile ukuzinzisa umbandela wokusetyenziswa ngokufanelekileyo nangokungafanelekanga kwenkululeko yokhetho. Kwakukwayimfuneko ukubonisa ukuba indalo yakhe igqibelele ngokuba abantu abazithoba ngokunyaniseka kulawulo lwakhe lobulungisa banokugcina ingqibelelo yabo kuye ngaphantsi kokutshutshiswa nokuvavanywa ngabalawuli behlabathi, umzekelo obalaseleyo woku nguNyana wakhe, uYesu, ngoxa wayesemhlabeni.
Ekubeni ezizinzisile zonke ezi mbambano, uThixo akayi kuvumela ubungendawo nokubandezeleka zibekho kwakhona ukuze ziphazamise uxolo lwendalo iphela. “Imbandezelo ayisayi kuphakama izihlandlo ezibini.”—Nahum 1:9.
Ukutyhubela amaphakade ezayo, uThixo unokusebenzisa oko kuye kwenzeka kula mawaka eminyaka adluleyo njengokungathi lityala elivavanywe kwinkundla ephakamileyo. Okwenzekayo ngaphambi kwalo kunokusetyenziswa nangaliphi na ixesha kwikamva, nakweyiphi na indawo kwindalo iphela, ukuba kunokwenzeka kwakhona kuphakame amathandabuzo mayela nokuba ngumongami kukaThixo okanye ukusetyenziswa ngokufanelekileyo kwenkululeko yokuzikhethela.
Uya Kukhetha Ntoni?
Namhlanje sijamelene nokhetho. Inkululeko yethu yokuzikhethela sinokuyisebenzisa ngenye yeendlela ezimbini: Sinokukhetha ukuzityeshela iinjongo zikaThixo, saneliseke lulawulo lwabantu olungafezekanga, size sibe nesabelo kwisiphelo salo, okanye sinokusebenzisa inkululeko yethu yokuzikhethela ukufunda oko zikuko iinjongo zikaThixo noko kufuneka sikwenzile ukuze simkholise njengabameli abazinikeleyo boBukumkani bakhe.
UYesu wathi kuThixo emthandazweni: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” (Yohane 17:3) Ngoko ukuba sifuna ubomi kwihlabathi elitsha, kufuneka senze umgudu wokufunda inyaniso engoThixo, iinjongo zakhe neemfuno zakhe. Phawula indlela iBhayibhile ekubeka ngayo oku: “UYehova unani ekubeni ninaye; ukuba nithe namquqela, nomfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.”—2 Kronike 15:2.
Eli hlabathi lidala liphelelwa lixesha; elitsha lisemnyango: “Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:17) Uya kukhetha liphi—ihlabathi elidala elidlulayo okanye elo litsha lizayo?
ILizwi likaThixo lithi: “Ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho; ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho.”—Duteronomi 30:19, 20.
Ngaba kungumnqweno wakho ukunandipha iintsikelelo uThixo azigcinele abo bavisisanisa ukuthanda kwabo nokuthanda kwakhe? Abapapashi beli phephancwadi okanye amaNgqina kaYehova naphi na ehlabathini aya kukuvuyela ukukunceda, ngesisa, ukuba ufunde okungakumbi ngoku.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 12]
Abafileyo baya kufumana ithuba lokuphila kwihlabathi elitsha likaThixo ngokuvuswa emangcwabeni