Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela!
Kusenokwenzeka ukuba ukhe wazibuza ngesizathu sobukho bokubandezeleka okungaka. Kangangamawaka eminyaka, abantu baye babandezelwa kanobom ziimfazwe, indlala, iintlekele, ulwaphulo-mthetho, okungekho sikweni, ukugula nokufa. Kule minyaka ilikhulu idluleyo abantu baye babandezeleka ngendlela engazange ibonwe ngaphambili. Ngaba konke oku kuya kuze kuphele?
Kuyathuthuzela ukwazi ukuba oko sele kuza kwenzeka kungekudala! ILizwi likaThixo, iBhayibhile lithi: ‘Akasayi kubakho ongendawo. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.’ Kangangexesha elingakanani? “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:10, 11, 29.
Emva kokuba uThixo esuse ubungendawo nokubandezeleka, umhlaba uya kwenziwa iparadesi. Baya kwandula ke abantu baphile ngonaphakade beyimiqabaqaba yaye bonwabile. ILizwi likaThixo linesi siprofeto: “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:4.
Kwelo hlabathi litsha, nabafileyo baya kubuyiselwa ebomini ukuze nabo bafumane iintsikelelo: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Yiyo loo nto uYesu Kristu watshoyo kumenzi wobubi oguqukayo nowabonisa ukholo kuye ukuthi: “Uya kuba nam eParadesi.”—Luka 23:43.
Kwaqala Njani Ukubandezeleka?
Ekubeni uThixo wayenenjongo yokuba abantu babe nekamva eliqaqambileyo, kutheni evumele ukuba babandezeleke? Kutheni ekuvumele ixesha elide kangaka?
Xa uThixo wadala uAdam noEva, wabenza bafezeka engqondweni nasemzimbeni. Wababeka kumyezo oyiparadesi waza wabanika umsebenzi owanelisayo. IBhayibhile ithi: “UThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.” (Genesis 1:31) Ukuba babemthobele uThixo, ngebabezele abantwana abafezekileyo, nomhlaba wonke ngewuyiparadesi, eyayiza kuhlala abantu abaseluxolweni nabonwabileyo ngonaphakade.
UThixo wadala uAdam noEva benesipho esihle gqitha, ilungelo lokuzikhethela. Babengayi kuba ngoonodoli nje abangenangqondo. Noko ke, ukuqhubeka kwabo bonwabile kwakuza kuxhomekeka ekulisebenziseni kwabo kakuhle ilungelo abanalo lokuzikhethela—ngokuthobela imithetho kaThixo. UThixo uthi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.” (Isaya 48:17) Ukulisebenzisa kwabo kakubi ilungelo lokuzikhethela kwakuya kuphumela kwintlekele, ekubeni abantu babengadalelwanga ukuba baphumelele ngaphandle koThixo. IBhayibhile ithi: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.
Okulusizi kukuba, abazali bethu bokuqala bacinga ukuba banokuzimela geqe kuThixo kodwa baqhubeke bephumelela. Kodwa bathi bakulutyeshela ulawulo lukaThixo, baqalisa ukungafezeki. Ngoko izinto zaqalisa ukonakala, de ekugqibeleni baluphala baza bafa. Ngokuvisisana nemithetho elawula imfuza, sizuze ilifa ukungafezeki nokufa.—Roma 5:12.
Imbambano Ephambili—Ulongamo
Kwakutheni ukuze uThixo angamtshabalalisi uAdam noEva aze aphinde adale esinye isibini esingabantu? Kungenxa yokuba kwavukelwa ulongamo lwendalo iphela lukaThixo, oko kukuthi, ilungelo lakhe lokulawula. Kwabuzwa lo mbuzo, Ngubani onelungelo lokulawula, yaye lulawulo lukabani olufanelekileyo? Ngamany’ amazwi, Ngaba abantu banokuphumelela xa bengalawulwa nguThixo? Ngokubavumela ixesha elaneleyo ukuba bazibonele bekhululekile, uThixo wayefuna bazibonele ngokupheleleyo enoba bafanele balawulwe nguye okanye bafanele bazilawule. Wavumela ixesha elide ngokwaneleyo lokuba abantu bazame zonke iindidi zeenkqubo zobupolitika, ezokuphila, ezoqoqosho nezonqulo, ngaphandle kokwalathiswa nguThixo.
Iphumele entwenini loo nto? Amawaka eminyaka embali yabantu angqina ukuba baye babandezeleka gqitha. Kwinkulungwane nje edluleyo, intsapho engabantu iye yabandezeleka ngakumbi kunanini na ngaphambili. Izigidi zabantu zabulawa ngexesha kuBulawa Abantu Ngenkohlakalo. Kuye kwabulawa abangaphezu kwe-100 lezigidi ezimfazweni. Ulwaphulo-mthetho nogonyamelo lugqugqisile. Iziyobisi zisetyenziswa kakubi ngendlela engathethekiyo. Kusasazeke nezifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini. Amashumi ezigidi zabantu babulawa yindlala nezifo nyaka ngamnye. Ubomi bentsapho nemilinganiselo yokuziphatha iwohlokile ehlabathini lonke. Akakho urhulumente wabantu onesicombululo kwezi ngxaki. Akukho namnye kubo oye wakwazi ukoyisa ukwaluphala, ukugula nokufa.
Imeko yabantu injengokuba kanye yayiprofetwe eBhayibhileni. ILizwi likaThixo lichaza ixesha esiphila kulo ‘njengemihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto ‘nekuya kuthi ngayo kufike amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ Kanti njengoko iBhayibhile yatsho ‘abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini.’—2 Timoti 3:1-5, 13.
Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela
Bonke ubungqina bubonisa ukuba sele sisondele esiphelweni sokuzimela geqe kwabantu kuThixo nokungqineke kuyingozi. Sele kuzicacele ukuba ukuzilawula kwabantu ngaphandle koThixo akunakuze kuphumelele. NguThixo kuphela onokuzisa uxolo, ulonwabo, impilo esemgangathweni nobomi obungunaphakade. Ngoko uYehova sele eza kuyeka ukubunyamezela ubungendawo nokubandezeleka. Kungekudala uThixo uza kungenelela kwimicimbi yabantu eyitshabalalisa yonke le nkqubo yezinto ingendawo.
Isiprofeto seBhayibhile sithi: “Ngemihla yabo kumkani [ulawulo lwabantu olukhoyo ngoku] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani [ezulwini] obungenakuze bonakaliswe. . . . Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [ulawulo olukhoyo], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Daniyeli 2:44) Ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova, ilungelo lakhe lokulawula ngoBukumkani bakhe basezulwini, yeyona mfundiso isisiseko eBhayibhileni. Xa wayeprofeta ngenxalenye ephambili yomqondiso ‘wemihla yokugqibela,’ uYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14.
Xa kufika isiphelo, ngubani oya kusinda? IBhayibhile iphendula ngelithi: “Abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni.” (IMizekeliso 2:21, 22) Abathe tye ngabo bafunda ngokuthanda kukaYehova baze bakwenze. UYesu Kristu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ewe, “ihlabathi liyadlula . . . , kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
Ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela, iingcaphulo zeZibhalo zithatyathwe kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yolwimi lwale mihla.