IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 5/15 iphe. 4-8
  • Ukuvumela KukaThixo Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuvumela KukaThixo Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isipho Sokuzikhethela
  • Umthetho Kabani?
  • Konakala Phi?
  • Imbambano Eyintloko—Ulongamo
  • Ukuphakanyiswa Kolongamo LukaThixo
  • Ihlabathi Elitsha Elimangalisayo
  • Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela!
    Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela!
  • Ihlabathi Elitsha Elingenako Ukubandezeleka
    Vukani!—1990
  • UBukumkani BukaThixo—Ulawulo Olutsha Lomhlaba
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Kutheni Kukho Ukubandezeleka Nokungekho Sikweni Okungaka?
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 5/15 iphe. 4-8

Ukuvumela KukaThixo Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela

NAPHI na apho ukhangela khona, kukho ukubandezeleka. Abanye abantu bazifaka ngokwabo ekubandezelekeni. Basulelwa zizifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini okanye bazuza imiphumo yokusebenzisa kakubi iziyobisi notywala okanye ukutshaya. Okanye basenokuba neengxaki zempilo ngenxa yokutya ngendlela engafanelekanga. Noko ke, ukubandezeleka okukhulu kubangelwa ngoothunywashe okanye iziganeko umntu angenako ukuzilawula: imfazwe, ugonyamelo lobuhlanga, ulwaphulo-mthetho, ubuhlwempu, indlala, isifo. Enye into abantu abangenako ukuyilawula kukubandezeleka okunxulumene nokwaluphala nokufa.

IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Ngoko ke, kutheni uThixo oluthando evumele konke oku kubandezeleka kuqhubeke kangangeenkulungwane ezininzi? Uya kuyiphelisa nini le meko? Ukuphendula loo mibuzo, simele sihlolisise injongo kaThixo ngabantu. Oku kuya kusinceda siqonde isizathu sokuba uThixo eye wavumela ukubandezeleka noko aya kukwenza ngako.

Isipho Sokuzikhethela

Xa uThixo wadala umntu wokuqala, akazange enze umzimba nje nengqondo. Ngokubhekele phaya, uThixo akazange adale uAdam noEva ukuba babe ziirobhothi ezingenangqondo. Wabanika amandla okuzikhethela. Yaye loo nto yayisisipho esihle, kuba “uThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.” (Genesis 1:31) Ewe, “ugqibelele umsebenzi wakhe.” (Duteronomi 32:4) Sonke siyasixabisa esi sipho sokuzikhethela kuba asifuni kuxelelwa ngento emasiyicinge nemasiyenze, kungabikho nto thina sizikhethela yona.

Noko ke, ngaba esi sipho sihle sokuzikhethela sasifanele sisetyenziswe nje kungabikho mida? Kulwalathiso olwanikwa amaKristu okuqala, iLizwi likaThixo liyaphendula: “Yibani njengabantu abakhululekileyo, ukanti ningayithabathi inkululeko yenu, njengesigqubuthelo sobubi, kodwa njengamakhoboka kaThixo.” (1 Petros 2:16) Ukuze izinto zihambe kakuhle, kumele kubekho imida. Ngenxa yoko, inkululeko yokuzikhethela yayiza kulawulwa ngumthetho. Kungenjalo, kwakuza kubakho isiphithiphithi.

Umthetho Kabani?

Ngumthetho kabani owawuza kumisela imida yenkululeko? Impendulo kulo mbuzo inokuthanani nesizathu esiyintloko sokuba uThixo evumele ukubandezeleka. Ekubeni inguThixo odale abantu, uyayazi imithetho abafanele bayithobele ukuze kungenelwe bona nabanye. IBhayibhile iyibeka ngale ndlela: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.”—Isaya 48:17.

Kucacile ukuba, ingongoma ebalulekileyo yile: Abantu babengadalelwanga ukuba bazimele geqe kuThixo. Wabenza ngendlela yokuba impumelelo nolonwabo lwabo luxhomekeke ekuthobeleni imithetho yakhe yobulungisa. Umprofeti kaThixo uYeremiya wathi: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.

UThixo wenza uluntu ukuba luyithobele imithetho yakhe yemvelo, njengomthetho womxhuzulane. Ngokufanayo, wenza abantu ukuba bayithobele imithetho yakhe yokuziphatha, elungiselelwe ukwenza ibutho labantu livisisane. Ngoko ke, ngenxa yesizathu esivakalayo, iLizwi likaThixo libongoza lisithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda.”—IMizekeliso 3:5.

Ngoko ke, intsapho engabantu ayinako ukuphumelela ekuziphatheni ngaphandle kolawulo lukaThixo. Bezama ukuzimela geqe kuye, abantu baya kuqalisa iinkqubo zentlalo, zoqoqosho, zobupolitika nezonqulo eziya kungqubana, yaye ‘umntu uya kulawula umntu ibe kukwenzakala kwakhe.’—INtshumayeli 8:9.

Konakala Phi?

UThixo wanika abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, isiqalo esifezekileyo. Babenemizimba neengqondo ezifezekileyo nekhaya elingumyezo oyiparadesi. Ukuba babeluthobele ulawulo lukaThixo, ngebahlala befezekile yaye bonwabile. Ekuhambeni kwexesha, ngebaba ngabazali bentsapho yabantu abafezekileyo nabonwabileyo abaphila kumhlaba oyiparadesi. Leyo yayiyinjongo kaThixo ngoluntu.—Genesis 1:27-29; 2:15.

Noko ke, ookhokho bethu bokuqala bayisebenzisa kakubi inkululeko yabo yokuzikhethela. Ngokuphosakeleyo bacinga ukuba banokuphumelela xa bezimele geqe kuThixo. Besebenzisa inkululeko yabo yokuzikhethela, bayitsiba imida yemithetho yakhe. (Genesis, isahluko 3) Kuba bacekisa ulawulo lwakhe, wayengabophelelekanga ukuba abagcine befezekile. ‘Bazonakalisa ngokwabo, yaye abazange bahlale bengabantwana bakhe, bazizisela isiphako ngokwabo.’—Duteronomi 32:5.

Ukususela mhla bengazange bamthobele uThixo, uAdam noEva baqalisa ukuwohloka emzimbeni nasengqondweni. UkuYehova umthombo wobomi. (INdumiso 36:9) Ngoko ngenxa yokuzahlula kuYehova, isibini sokuqala esingabantu asizange sifezeke yaye ekugqibeleni safa. (Genesis 3:19) Ngenxa yemizila yemfuza, inzala yaso yayinokufumana kuphela oko abazali baso babenako. Yayiyintoni leyo? Yayikukungafezeki nokufa. Ngoko ke umpostile uPawulos wabhala: “Isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.”—Roma 5:12.

Imbambano Eyintloko—Ulongamo

Xa uAdam noEva bavukela uThixo, bacel’ umngeni ulongamo lwakhe, oko kukuthi, ilungelo lakhe lokulawula. UYehova wayenokubatshabalalisa aze aphinde enze esinye isibini, kodwa oko kwakungayi kuyizinzisa imbambano yokuba lulawulo lukabani olulungileyo nolufanele abantu. Abantu babeya kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ulawulo ngaphandle koThixo lungaphumelela kusini na xa benikwe ixesha lokuba bakhe imibutho yabo ngokweengcamango zabo.

Yintoni eye yatyhilwa ngamawaka eminyaka embali yoluntu? Kuzo zonke ezo nkulungwane, abantu baye bazama zonke iinkqubo zentlalo, zoqoqosho, zobupolitika nezonqulo. Noko ke, ubungendawo nokubandezeleka kuye kwaqhubeka. Enyanisweni, ‘abantu abangendawo baye bahambela phambili ebubini,’ ingakumbi kwixesha lethu.—2 Timoti 3:13.

Inkulungwane yama-20 iye yaba nencopho yoko kuphunyezwe ziinzululwazi nezoshishino. Kodwa bekukho imbandezelo engummangaliso kwimbali yonke yoluntu. Kungakhathaliseki inkqubela eyenziweyo kwezamayeza, umthetho kaThixo useyinyaniso: Uluntu oluzimele geqe kuThixo—umthombo wobomi—luyagula, luyaluphala yaye luyafa. Hayi indlela okuye kwangqineka ngokucacileyo ngayo ukuba uluntu alunako ‘ukwalathisa amanyathelo alo!’

Ukuphakanyiswa Kolongamo LukaThixo

Ngokusisigxina, eli lungelo libuhlungu lokuzimela geqe kuThixo liye labonisa ukuba ulawulo loluntu lulodwa alusoze luphumelele. Lulawulo lukaThixo kuphela olunokuzisa ulonwabo, umanyano, impilo nobomi. Ngaphezu koko, iLizwi likaYehova uThixo elingaze lisilele, iBhayibhile eNgcwele, libonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yolawulo loluntu oluzimele geqe kuThixo. (2 Timoti 3:1-5) Ukuvumela kukaYehova oku nobungendawo nokubandezeleka kusondele esiphelweni.

Kungekudala uThixo uya kungenelela kwimicimbi yoluntu. IZibhalo zisixelela oku: “Ngemihla yabo kumkani [ulawulo lomntu olukhoyo] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani [ezulwini] obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu [uluntu alusayi kulawula umhlaba kwakhona]. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [ulawulo olukhoyo], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Daniyeli 2:44.

Ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova uThixo ngoBukumkani basezulwini ngumxholo weBhayibhile. Kwakuyeyona nto ephambili kwimfundiso kaYesu. Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14.

Xa ulawulo lukaThixo luthabathel’ indawo ulawulo lomntu, ngubani oya kusinda kwaye ngubani oya kutshabalala? KwiMizekeliso 2:21, 22, siqinisekiswa oku: “Abathe tye [abaxhasa ulawulo lukaThixo] bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo [abangaluxhasiyo ulawulo lukaThixo], baya kunqunyulwa emhlabeni.” Umdumisi ophefumlelweyo nguThixo wacula: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo. Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:10, 11, 29.

Ihlabathi Elitsha Elimangalisayo

Phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo, abasindileyo ekupheleni kwale nkqubo yezinto ikhoyo baya kungena kwihlabathi elingenabo ubungendawo nokubandezeleka. Uluntu luya kunikwa imiyalelo kaThixo, yaye ekuhambeni kwexesha “umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.” (Isaya 11:9) Le mfundiso yakhayo neluncedo iya kuphumela kwibutho loluntu elinoxolo nelivisisana ngokwenene. Ngaloo ndlela, akusayi kubakho mfazwe, ukubulala, ugonyamelo, ukudlwengulwa, ubusela okanye naluphi na olunye ulwaphulo-mthetho.

Uluntu oluthobelayo oluhlala kwihlabathi elitsha likaThixo luya kufumana iingenelo ezimangalisayo zokwenyama. Yonke imiphumo emibi yemvukelo nxamnye nolawulo lukaThixo iya kushenxiswa. Ukungafezeki, ukugula, ukwaluphala nokufa kuya kuba yinto yezolo. IBhayibhile iyasiqinisekisa: “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” Ngaphezu koko, iZibhalo zithembisa oku: “Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu. Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.” (Isaya 33:24; 35:5, 6) Hayi indlela ekuya kuchulumancisa ngayo ukuba sempilweni yonke imihla—ngonaphakade!

Phantsi kolwalathiso olunothando lukaThixo, abemi belo hlabathi litsha baya kusebenzisa amandla nobuchule babo ekwakheni iparadesi yomhlaba wonke. Ubuhlwempu, indlala, ukungabi namakhaya kuya kuphela ngonaphakade, kuba isiprofeto sikaIsaya sithi: “Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye.” (Isaya 65:21, 22) Eneneni, “okunene baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.”—Mika 4:4.

Umhlaba uya kulunga ngenxa yenyameko enothando kaThixo neyabantu abathobelayo. IZibhalo ziyasiqinisekisa: “Iya kuba nemihlali intlango nommandla ongumqwebedu, nethafa eliyinkqantosi liya kuvuya lize lityatyambe njengesafroni. . . . Kuba kuya kumpompoza amanzi entlango, nemisinga kwithafa eliyinkqantosi.” (Isaya 35:1, 6) “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”—INdumiso 72:16.

Kuthekani ngamawaka ezigidi zabantu abaye bafa? Abo bakwinkumbulo kaThixo baya kubuyiselwa ebomini, kuba “kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Ewe, abafileyo baya kubuyiselwa ebomini. Baya kufundiswa iinyaniso ezimangalisayo ngokuphathelele ulawulo lukaThixo baze banikwe ithuba lokuphila ngonaphakade eParadesi.—Yohane 5:28, 29.

Ngale ndlela, uYehova uThixo uya kukuphelisa ngokupheleleyo konke ukubandezeleka, ukugula nokufa okuye kwakhobokisa uluntu kangangamawaka eminyaka. Ukugula akusayi kubakho! Ubulwelwe abusayi kubakho! Ukufa akusayi kubakho! UThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili [ziya kube] zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.

UThixo uya kukuphelisa ngaloo ndlela ukubandezeleka. Uya kutshabalalisa eli hlabathi lonakeleyo aze azise inkqubo entsha yezinto “apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Hayi indlela ezimnandi ngayo ezi ndaba! Silifuna ngamandla elo hlabathi litsha. Yaye asisayi kulinda ixesha elide ukuze silibone. Ngenxa yokuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile, siyazi ukuba ihlabathi elitsha lisemnyango, yaye ukuvumela kukaThixo ukubandezeleka sele kuza kuphela.—Mateyu 24:3-14.

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

Ukusilela Kolawulo Lwabantu

Ngokuphathelele ulawulo lwabantu, owayesakuba nguMlawuli woBukhosi baseJamani uHelmut Schmidt wathi: “Thina bantu . . . besisoloko singalilawuli ngokupheleleyo ihlabathi, yaye ixesha elininzi besililawula kakubi. . . . Asizange sililawule ngoxolo.” IHuman Development Report 1999 yathi: “Onke amazwe athetha ngokuwohloka kwentlalo yawo, uqhushululu ekuhlaleni, ulwaphulo-mthetho olungakumbi, ugonyamelo olungakumbi ekhaya. . . . Izisongelo emhlabeni ziyanda, zidlula amandla esizwe okuzilungisa, yaye zidlula iimveliso zazwenibanzi.”

[Imifanekiso ekwiphepha 8]

“Baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 5]

Third from top, mother and child: FAO photo/B. Imevbore; bottom, explosion: U.S. National Archives photo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share