Wayengubani UYesu Kristu?
Ngeli xesha lonyaka kumazwe amaninzi ehlabathini lonke, kubhiyozelwa iKrismesi. Amakhulu ezigidi zabantu akholelwa ukuba uYesu Kristu wazalwa ngoDisemba 25 kwiminyaka enokuba ngama-2 000 eyadlulayo. Kwimizobo nakwimikrolo, uboniswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo njengosana kumkhombe wesitali. Phofu ke, wakhula waba yindoda waza waphila emhlabeni kangangeminyaka engama-33 1/2.
NGABA wakha wazibuza ngenkangeleko kaYesu xa wayengumntu omdala? Lalinjani ibala lakhe? Ngaba wayenezoso yaye emhle, okanye waye-ethe-ethe yaye ngandlel’ ithile ekhangeleka ngathi uyagula, njengoko wayeboniswa enjalo ngamagcisa ukutyhubela iinkulungwane? Ngaba wayeyindoda empuluswa okanye erhashalala ziindevu? Ngaba wayeneenwele ezinde?
Kwakhona, ngaba uYesu wayenento eyayimbonakalisa njengongcwele, njengokukhanya okusisangqa phezu kwentloko yakhe njengoko emzoba njalo amagcisa athile? Okanye ngaba ngokwenene wayohlukile koko—engenazimpawu ezinjalo ezimahlulayo kodwa efana nje nabanye abantu?
Ababhali-mbali namagcisa ehlabathi aye avela neengcamango eziphikisanayo ukutyhubela iminyaka ngokuphathelele inkangeleko kaYesu. Kwakhona, kukho iingxelo zamangqina okuzibonela ezinokuthenjwa ezisithela thsuphe ngaye ezabhalwa ngababhali beBhayibhile ababephila kwinkulungwane yokuqala nababekunye naye.
Noko ke, le mibuzo ilandelayo yeyona ibaluleke ngakumbi kunendlela awayekhangeleka ngayo: Wayengubani ngokwenene uYesu Kristu? Unayiphi indima kwinjongo kaThixo? Ngaba uyifezile loo ndima? Uyintoni namhlanje, yaye uphi? Ngaba unesigxina esibaluleke kakhulu kangangokuba siya kuluchaphazela lonke uluntu, kwanabaninzi abafayo?
Okokuqala, makhe sihlolisise ubungqina ngokuphathelele inkangeleko kaYesu. Wayekhangeleka njani?