IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/09 iphe. 14-15
  • Ubuchule Bokwenza Ikofu Eyiespresso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubuchule Bokwenza Ikofu Eyiespresso
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuyenza Kanye Ngendlela Yayo
  • Ubuchule Bokudubela
  • Ingxaki Ngekofu
    Vukani!—1991
  • Imbotyi Eyakhenketha Ihlabathi Lonke
    Vukani!—2006
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Iziqulatho
    Vukani!—2009
Vukani!—2009
g 8/09 iphe. 14-15

Ubuchule Bokwenza Ikofu Eyiespresso

Njengoko minyaka le kuphungwa amawakawaka ezigidi zeekomityi zekofu, seyide yaba sesona siselo sithandwayo ehlabathini.

IPHEPHANCWADI iScientific American ithi: “Ezinye iingedle zekofu, zigqala i-espresso njengesiselo esikwinqanaba eliphezulu kuba indlela ekhethekileyo eyenziwe ngayo yenza iinkozo zayo zitsale kakuhle.” Le ndlela yenziwa ngayo iquka ukugalelwa komphunga okanye amanzi ashushu kwiinkozo zekofu ezicoliweyo.

Enye ingcali kushishino lwekofu yamxelela oku uVukani!: “Abantu bayayithanda i-espresso ethengiswa ezivenkileni yaye bafuna ukuzenzela naxa besemakhayeni abo.” Sele bekho oomatshini bokwenza iespresso ekhaya. Ngenxa yoko, kwamanye amazwe iya ixhaphaka into yokuphungwa kwe-espresso eyenziwe ekhaya.

Ngaba uyayithanda ikofu? Ungathanda kusini na ukufunda ubuchule bokwenza iespresso? Yintoni efunekayo ukuze wenze ikomityi emnandi yale kofu? UVukani! uye wabuza iincutshe ezimbini zokukroqa ikofu, uJohn noyise, uGerardo, abahlala eSydney, eOstreliya.

Ukuyenza Kanye Ngendlela Yayo

Umzi-mveliso kaJohn noGerardo wokukroqa ikofu, uzele ziingxowa zeenkozo zekofu ezivela ehlabathini lonke. UJohn uthi: “Ndiye ndikhethe kwezi nkozo zingekagcadwa zekofu ndize ndizixube ngocoselelo. Khozo ngalunye kwezi lufana lodwa yaye luba negalelo kumxube ophumayo ekugqibeleni. Kuthatha ixesha ngaphambi kokuba iphume le ncasa uyifunayo. Xa ndithetha inyaniso, ndazama kangangeenyanga ezintandathu ngaphambi kokuba ndikhuphe umxube we-espresso ohamba phambili.” Ayimangalisi into yokuba abo bakroqa ikofu bathande ukuzigcina kubo iiresiphi zabo!

UGerardo ujongene nenkqubo yokukroqa, buchule obo obufuna umntu aqeqeshwe kakuhle, kuba kaloku ukukroqa oku kutshintsha imichiza esekofini kuze kuvelise iigesi ezimalunga nama-500. Njengoko ezi nkozo zekofu zikroqwa ematshinini, onomphanda ojikelezayo obaselwa ngegesi, ziba shushu zidumbe, zide ziqhashuze xa amanzi nekharbhon diokside zibila. Oku kudumba kugqabhuza izibindi ezikwezi nkozo, kutsho kuphume iioli ezinuka kamnandi. Zezi oli kanye ezenza iespresso ibe nevumba nencasa emnandi. Ukuba nobu buchule kuxhomekeke ekukwazini ukukroqa—umlinganiselo wobushushu nexesha lokukroqa.

Kanye ngexesha elililo, uGerardo ugalela ezi nkozo zingqoqo kumphanda wentsimbi aze azivuthele ngomoya opholileyo ukuze zingakroqeki kakhulu zide zitshe. UJohn uthi: “Emva kosuku ukuya kwezimbini, incasa yale kofu iba sele itsale kakuhle.” Ezi oli ziba sele zikulungele ukufunxwa zibe yikofu.

Ubuchule Bokudubela

UJohn uthi: “Ukufunxwa kwe-espresso yeyona ndlela isebenzayo, kodwa inzima xa ithelekiswa nezinye iindlela zokudutyelwa kwezinye iikofu. Ukwenza iespresso esemagqabini kufuna ukulungelelaniswa ngobuchule kwezi nkqubo zintathu ziphambili: ukucola ezi nkozo (1), ukuzingxala kwisihluzo esikumatshini wokwenza ikofu (2), kuze kuphume intwana ye-espresso ecwengileyo (3). UJohn uthi: “Kubaluleke gqitha ukuzicola kakuhle ezi nkozo. Ukuba azicolekanga kakuhle, i-espresso le ayibi shoqololo. Ukuba icoleke kakhulu, le kofu iya kuba krakra okanye inuke isirhogolo. Kuzo zombini ezi meko, xa ithululwa i-espresso, ugwebu olukuyo lubonisa indlela eziye zatsala ngayo iioli ezikuyo.”

Emva kokucola iinkozo, uJohn usebenzisa isixhobo sokuhlohla ikofu esihluzweni, nto leyo eyenza icwenge. Emva koko uyasivala isihluzo aze avule impompo. Kuphuma amanzi angqoqo kulo matshini. Ngokukhawuleza, ubuchule namava kaJohn amxelela ukuba iinkozo azicolekanga kakuhle. Uthi: “Akusuki nje uyichane iespresso, uqala uwe uvuka. Makhe siphinde siyizame ngeenkozo ezicolisisiweyo. Kanti siza kuphinda siyihlohle ngakumbi le kofu ukuze siyenze iphume kancinane ematshinini.”

UJohn ulungelelanisa umatshini aze aphinde awulayite. Ngoku iespresso enogwebu iphuma kancinane kwisihluzo okobusi obufudumeleyo. Njengoko ivumba elimyoli linuka yonk’ indawo, uJohn uyancuma ngolwaneliseko. Uthi: “Kubaluleke gqitha ukuba simise umatshini xa le kofu iyeka ukuba ngqoqo.” Oku kuthatha imizuzwana engama-30. Wongezelela ngelithi: “Ukuba inokuphinda itsaliswe ingayenza ibe krakra.”

Ejonge ugwebu olunqumbululu, uJohn uthi: “Ndicinga ukuba senze i-espresso esemagqabini. Akakho umntu ofuna ikofu?”

Abanye abantu bayithanda ngendlela yayo iespresso. Ngamany’ amazwi, abagaleli nto kule kofu ngaphandle kwentwana nje yeswekile. Noko ke, abanye bagalela ubisi ukuze benze icappuccino, ilatte, okanye enye into efana ne-espresso. IFresh Cup Magazine ithi: “Namhlanje, iespresso eyenziwa ngobisi ixhaphake gqitha kangangokuba ithengiswa kangangama-90 ekhulwini kunazo zonke ezinye.a

Qiniseka ukuba, ukuncokola kamnandi—uphunga iti okanye ikofu, kuxhomekeka kuleyo uyithandayo—yenye yezinto ezingabizi mali ezihlaziyayo. UJohn uthi: “Iziselo ezimnandi ziyabamanyanisa abantu. Mhlawumbi le yeyona nto intle ngazo!”

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuba uxhalabile enoba umKristu othile ufanele angayiphungi ikofu neti ngenxa yesiyobisi esikuyo esinokuba yingozi icaffeine, usenokufunda inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” elikwiMboniselo ka-Aprili 15, 2007.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 15]

UKUTHENGA IKOFU NENDAWO OMELE UYIBEKE KUYO

Amachule anolwazi ngekofu athi: “Ikofu ekroqiweyo idla ngokuphelelwa emva kweveki, ecoliweyo yona iphelelwa emva kweyure nje enye icoliwe, ize ke leyo idutyelwayo ithathe nje imizuzu embalwa.” Ngenxa yoko, ukuba uzithengela iinkozo, kuba kuhle ukuba ungazithengi kakhulu yaye uzibeke kwindawo epholileyo nengenakukhanya. Kodwa musa ukuzifaka efrijini, kuba zinokufuma zize ke ziphelelwe yincasa. Ibe ngalo lonke ixesha, yidubele ikofu ngokukhawuleza nje emva kokuba uyicolile.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 15]

Photo 3: Images courtesy of Sunbeam Corporation, Australia

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share