IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 2/15 iphe. 29
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ingxaki Ngekofu
    Vukani!—1991
  • Ngaba Unembono Yobuthixo Ngeziselo Ezinxilisayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Yiba Nembono Elungeleleneyo Ngokusetyenziswa Kotywala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 2/15 iphe. 29

Imibuzo Evela Kubafundi

◼ Ngaba umKristu ufanele akuphephe ukusebenzisa iti okanye ikofu kuba inesiyobisi esikhobokisayo esibizwa ngokuba yicaffeine?

IBhayibhile ayiyikhankanyi ikofu okanye iti. Kodwa oko ikutshoyo kunokumnceda umKristu ukugqiba enoba uya kuyiphunga ikofu okanye iti kusini na.

Isiyobisi esiyicaffeine sinokuyichaphazela ingqondo nomzimba. Izigidi zeekomityi zekofu neti eziphungwa mihla le, zikhokelela ekubeni uGqr. Melvin Konner athi: “Enyanisweni, [icaffeine] isenokuba sesona siyobisi sidlamkisa umzimba esisetyenziswa ngokubanzi ehlabathini.” Sisenokukubangela uphaphe ngokungakumbi size sinyuse umlinganiselo wamachiza omzimba, size sikukhawulezise ukuhamba kwegazi nenkqubo yokuguqulwa kokutya emzimbeni. Isibakala sokuba ibe sisiyobisi asithi sona ngokwaso simisele enoba umKristu ufanele akuphephe ukusebenzisa iziselo ezinecaffeine (ikofu, iti, iziselo ezineasidi, imaté) okanye ukutya (okunjengetshokolethi).

Kwakhona utywala busisiyobisi esinokuchaphazela ingqondo nomzimba, sekunjalo zithini iZibhalo ngabo? IBhayibhile iyavuma ukuba iwayini [okanye esinye isiselo esinxilisayo] ‘inokuyivuyisa intliziyo yomntu’ okanye iguqule isimo somntu onomphefumlo oxinezelekileyo. (INdumiso 104:15; IMizekeliso 31:6, 7) Noko ke, iLizwi likaThixo alibonisi ukuba abanquli bokwenyaniso bafanele bazinxweme kuzo zonke iziselo ezinxilisayo. Into iBhayibhile eyigwebayo kukusetyenziswa kotywala ngokungenabungcathu—ubunxila.—Duteronomi 21:18-21; IMizekeliso 20:1; Hoseya 4:11; 1 Korinte 5:11-13; 1 Petros 4:3.

Noko ke, kuthekani ngebango lokuba umntu usenokukhotyokiswa yicaffeine? Abaninzi abanomkhwa wokuphunga ikofu, iti, okanye imaté babonakalisa umlinganiselo othile wokuxhomekeka kuko, nangona oko kusaxoxwa ngako enokuba uba likhoboka elivunyiweyo ngokwezamayeza kusini na. Ubuncinane bayayiva imiphumo yokuzama ukuyeka, enjengokuqaqanjelwa yintloko okanye bazive benesicaphucaphu, ukuba abakhange bafumane isixa abaqhele ukusifumana secaffeine. Nalapha, khumbula imbono engokweBhayibhile engeziselo ezinxilisayo. Nangona abantu abaninzi baye bakhotyokiswa butywala, amaKristu awalelwanga ukuba abusebenzisa ngobungcathu. UYesu wayisela iwayini; wade wayenza ngokungummangaliso kumsitho womtshato.—Mateyu 26:29; Yohane 2:3-11.

Sekunjalo, umKristu usenokuvakalelwa kukuba ebeya kuthanda ukungazibeki engozini yokuba ngoxhomekeke kwicaffeine. Ukuba ukungasifumani isixa sakhe esiqhelekileyo secaffeine kumenza azive ecaphukile (“enentloko yekofu”), usengakuqwalasela ukuzinxwema kwicaffeine njengembonakaliso ‘yokuzeyisa.’ (Galati 5:22, 23) Ekubeni iBhayibhile ingakukhankanyi ukuzinxwema kwiziselo ezinecaffeine isigqibo esingekofu okanye iti simele senziwe ngumntu ngamnye. Ubungcathu buyinto efanelekileyo ukuba umKristu usebenzisa enye yazo.—Thelekisa uTito 2:2.

Ubungcathu bukwabalulekile ukuba kusenokubakho iingozi zempilo. Kukho iingozi ezininzi ekuthiwa zibakho xa uthabatha izixa ezikhulu zecaffeine (enoba ngokusuka ekofini, etini, kwiziselo ezineasidi, okanye kwezinye iziselo okanye ukutya). Sekunjalo, kuhlolisiso ngalunye olwenziwayo olunxulumanisa iingozi ezikhethekileyo ezingokwasempilweni kunye necaffeine, olunye lubonisa ingongoma eyahlukileyo kunoko.

Ukuba sengqiqweni kobungcathu kuboniswa koko iBhayibhile ikuthethayo ngobusi. Buyimveliso yendalo, ibe ukubudla njengokutya okungumthombo wamandla kungokwendalo (ngokuchaseneyo nokusezela umsi wecuba emiphungeni). (1 Samuweli 14:26, 27; Mateyu 3:4) Noko ke, usenokugula ukuba ubutya kakhulu. IBhayibhile iyalumkisa: “Ufumene ubusi, yidla obukulingeneyo, hleze udikwe, ubuhlanze.”—IMizekeliso 25:16, 27.

Bambi abantu abanako ukubudla ubusi nje kwaphela. Ngokufanayo, ngenxa yezizathu ezingokwempilo bambi kusenokufuneka bazinxweme etywaleni, kwicaffeine, kwiimveliso zobisi, okanye okunye ukutya neziselo. Abanye basenokuzinxwema kwizinto ezinjalo ngenxa yokhetho lobuqu okanye ngenxa yemvakalelo eqhelekileyo yasekuhlaleni, bengafuni ukukhubekisa nabani na. Oku kusikhumbuza ngamagqabaza ompostile uPawulos athi: “Ukuba ukudla kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kudla nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.”—1 Korinte 8:13.

Ngako oko, ngamnye ufanele enze ngokuvisisana nendlela agqibe ngayo ngaphandle kwemvakalelo yokuba isigqibo sakhe kuya kufuneka sicinezele abanye. UPawulos wabhala esithi: “Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo, kuba uThixo umamkele. Ungubani na wena ugweba isicaka somnye?”—Roma 14:3, 4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share