Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba amaKristu amele angaziseli okanye azitye izinto ezinecaffeine?
IBhayibhile ayikwaleli ukuba amaKristu aphunge ikofu, iti, atye itshokolethi asele neziselo ezibandayo ezinecaffeine. Noko ke, imigaqo efumaneka kwiZibhalo inokusinceda senze izigqibo zobulumko. Makhe siqale sikhangele isizathu sokuba abanye bengaseli okanye batye izinto ezinecaffeine.
Esinye isizathu esiyintloko kukuba icaffeine isenokuba sisiyobisi esichaphazela ubuntu namandla engqondo kabani. Inokude imenze ikhoboka umntu oyisebenzisayo. Incwadi yoosokhemesti ithi: “Ukusebenzisa icaffeine kakhulu ixesha elide kunokwenza ubani abe likhoboka layo. Iimpawu ezinjengentloko ebuhlungu, ukucaphuka msinya, ukuphakuzela, ukuxhalaba nokuba nesiyezi zisenokubakho xa ubani esuke wayeka ukuyisebenzisa ngesiquphe.” Ezi mpawu kuquka nezinye ezibakho xa ubani eyeka ukusebenzisa iziyobisi ezithile, ziyakhankanywa kwincwadi ethi Diagnostic and Statistical Manual of Mental Disorders. Ngoko, siyaqondakala isizathu sokuba amanye amaKristu evakalelwa kukuba kuphosakele ukusebenzisa icaffeine kuba afuna ukuphepha izinto aza kuba ngamakhoboka azo ibe afuna ukuzeyisa.—Galati 5:23.
Bambi bakholelwa ukuba icaffeine inokuba yingozi kwimpilo kabani okanye kweyomntwana ongekazalwa. AmaKristu amele athande uThixo ‘ngomphefumlo wawo uphela,’ ngoko akenzi nayiphi na into enokunqamla ubomi bawo bube bufutshane. Ibe ekubeni eyalelwa ukuba athande abamelwane bawo, ayaziphepha izinto ezibeka esichengeni ubomi bemveku engekazalwa.—Luka 10:25-27.
Ngaba kuyimfuneko ukuxhalabela impilo ngolo hlobo? Izimvo zabantu zingqubana gqitha ngezifo ekuthiwa zibangelwa yicaffeine. Abaphengululi abathile bade bathi ikofu iyimpilo. Ngowama-2006, iphephancwadi iTime lathi: “Ekuqaleni uhlolisiso lwabonisa ukuba [icaffeine] inokubangela umhlaza wesinyi, uxinezeleko lwegazi nezinye izigulo. Uphengululo lwamvanje alwaneli nje ukukuphikisa oku, kodwa luye lwafumanisa neengenelo zokuyisebenzisa. Icaffeine kuthiwa iluncedo esibindini, ikhusela kwisifo sikaParkinson, kwisifo seswekile, kwisifo sika-Alzheimer, kwigallstone, kuxinezeleko nakwezinye iintlobo zomhlaza.” Elinye iphephancwadi leendaba lathi ngokusetyenziswa kwecaffeine: “Eyona nto ibalulekileyo kukuba isetyenziswe ngomlinganiselo ofanelekileyo.”
MKristu ngamnye umele azenzele isigqibo ngokusekelwe kwindlela ayiqonda ngayo inkcazelo efumanekayo yamvanje ngecaffeine nangokusekelwe kwimigaqo yeBhayibhile ekubonakala ukuba ibandakanyekile. Ngokomzekelo, umKristu okhulelweyo unokukhetha ukungayisebenzisi icaffeine ngoxa esakhulelwe ukuba ucinga ukuba oko kunokuba yingozi emntwaneni. Kusenokuba kuhle ukuba umKristu okufumanisa kunzima okanye ongaziva kakuhle xa engayisebenzisanga icaffeine akhe athi xha nokuba lithutyana elithile. (2 Petros 1:5, 6) Amanye amaKristu amele asihlonele eso sigqibo, anganyanzelisi ezawo iimbono.
Enoba wenza siphi isigqibo ngokuphathelele ukusela nokutya izinto ezinecaffeine, khumbula isiluleko sikaPawulos esithi: “Enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.”—1 Korinte 10:31.