Ukuvelisa Uncwadi LweBhayibhile Ukuze Kuzukiswe UThixo
AmaNgqina kaYehova aziwa kunene ngokushumayela kwawo uBukumkani bukaThixo esebenzisa iincwadi. Ukususela ngowe-1920 iWatch Tower Society iye yasebenzisa abasebenzi bokuzithandela phakathi kwamaNgqina ukuba bavelise amaphephancwadi neencwadi zokusasazwa. Oku kwenzelwa ukuqinisekisa ukuveliswa okunokuthenjwa koncwadi ngeyona ndleko iphantsi inokwenzeka.
Kangangeminyaka enokuba ngama-60, uMbutho uye waphucula waza wandisa ukuvelisa kwawo uncwadi lweBhayibhile, okokuqala eBrooklyn kwaza kwalandela amanye amazwe. Wonke umsebenzi uye wenziwa ngabasebenzi bokuzithandela abandayo.
Ngasekupheleni kweminyaka yee-1970 iindlela ekudala zikho zokubhala nokushicilela iincwadi bezityhalelwa ecaleni kukhethwa ukusebenzisa ikhompyutha, ukubhala amagama ngendlela yokufota nokushicilela ngendlela yeoffset. Ingxaki apha yayiyeyokuba izixhobo ezifumanekayo nezithengiswayo zazinokusebenzisa inani elilinganiselweyo kuphela leelwimi. Phofu ke, uMbutho wawusele uvelisa uncwadi ngeelwimi ezimalunga ne-160, ibe kwakukho imfuneko yeelwimi ezingakumbi.
Ngoko, kwabizwa abasebenzi bokuzithandela ukuba bakhe inkqubo ye-elektroniki ehlanganisa iilwimi ezininzi yokubhala ngokufota. Imiphumo yaba yechwayitisayo. Kwabakho impumelelo kuloo migudu, kwaza kwaveliswa inkqubo yokuchwetheza kwikhompyutha, ukulungelelaniswa kombandela obhaliweyo nokucwangciswa kwamagama aze afotwe ebizwa ngokuba yiMEPS. Le nkqubo inokusetyenziswa kwiilwimi eziphantse zibe ngama-200. Kunokongezelelwa ezingakumbi.
Namhlanje oomatshini beMEPS abaziikhompyutha zokuchwetheza nezibonakalisa imifanekiso, abenziwe ngamaNgqina kaYehova, basetyenziswa kumazwe angama-25, ibe kucetywa abangakumbi. Abasebenzi bokuzithandela abavela kula mazwe baye baqeqeshwa ukuba basebenzise baze balungise ezi zixhobo. UMbutho ngoku uvelisa amaphephancwadi ngeelwimi ezingaphezu kwe-100 kumazwe angama-36, ibe ama-5 kula mazwe avelisa iincwadi ezineqweqwe elilukhuni neeBhayibhile.
Ukuze kwenziwe lo msebenzi kufuneka abantu—ababhali, abaguquleli, abahloli beempazamo, abashicilelayo, ababopha iincwadi nabantu abasebenza kwindawo yokuzithumela. Abanye bamele basingathe imbalelwano namabandla. Abanye balungiselela izidlo, bayacoca, bahlamba impahla, njalo njalo. Konke oku kwenziwa ngabasebenzi bokuzithandela abazinikelayo kula mazwe ahlukahlukeneyo. Ehlabathini jikelele ebudeni bowe-1985, bekukho abasebenzi bokuzithandela abangama-8 438 bekhonza kwiiofisi, kwimizi-mveliso, kumakhaya nakwiifama ezahlukahlukeneyo.
Bangoobani aba bantu? Bangamadoda nabafazi, abangatshatanga nabatshatileyo, abalula nabakhulileyo, bonke bengamaNgqina kaYehova azahluleleyo. Bambi bebekulo msebenzi iminyaka engama-40, 50, nede yangama-60. Ngokomlinganiselo bachitha ubuncinane iiyure ezingama-44 ngeveki kwizabelo zabo zomsebenzi, nexesha elongezelelekileyo xa kuyimfuneko. Iingokuhlwa neempelaveki zisetyenziselwa ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kwindlu ngendlu, nokwenza eminye imisebenzi yebandla.
Ehlabathini jikelele aba basebenzi banikwa amagumbi okuhlala nezidlo ezifanelekileyo kwezinye zezakhiwo zokuhlala zoMbutho, ezibizwa ngokuba ngamaKhaya aseBheteli. Ukongezelela bafumana umxhesho omncinane nowokugubungela iindleko zokuhambahamba kubulungiseleli babo nesixa esincinane seemfuno zobuqu.
Ukususela ngowe-1920, aba basebenzi bokuzithandela baye bavelisa ngaphezu kwezigidi ezingamawaka asithoba zeeBhayibhile, iincwadi, amaphephancwadi namaphecana ngeelwimi ezimalunga nama-200 ukuba asasazwe zwenibanzi. Benza indima yabo ukuze iindaba ezilungileyo ezingunaphakade zivakaliswe kuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.—ISityhilelo 14:6, 7.
• Ziziphi iindawo zokushicilela enazo iWatch Tower Society, yaye ngoba?
• Ngoobani abenza wonke lo msebenzi, ibe baphila njani?
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Abasebenzi bokuzithandela besenza imisebenzi ehlobene nokuveliswa koncwadi lweBhayibhile kumzi-mveliso, ekhaya, eofisini nasefama, eBrooklyn naseWallkill, eNew York, U.S.A.
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Abasebenzi bokuzithandela besenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo ehlangene ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga nokuveliswa kweeBhayibhile noncwadi lweBhayibhile
ESpeyin
EJamani
EFinland
EKhanada
EDenmark
ESweden
EMzantsi Afrika
EBrazil
ENetherlands
EOstreliya