IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • bm ica. 2 iphe. 5
  • Abantu Baphulukana Nomhlaba OyiParadesi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Baphulukana Nomhlaba OyiParadesi
  • IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
  • Amanqaku Afanayo
  • Babunjani Ubomi EParadesi?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • Bakho Abangaphezulu Kunathi
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Sinokufunda Nto Ithile Kwisibini Sokuqala Esingabantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
Khangela Okunye
IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?
bm ica. 2 iphe. 5
UEva ukha isiqhamo esalelweyo

ICANDELO 2

Abantu Baphulukana Nomhlaba OyiParadesi

Ingelosi enemvukelo iphembelela indoda nomfazi wokuqala, uAdam noEva ukuba bagatye ulawulo lukaThixo. Ngenxa yoku, abantu baba nesono esikhokelela ekufeni

NGAPHAMBI kokuba adale abantu, uThixo wadala izidalwa ezingabonakaliyo zomoya—iingelosi. E-Eden ingelosi enemvukelo eyaba nguSathana uMtyholi ngobuqhophololo yahenda uEva ukuba atye kwisiqhamo somthi awayethe uThixo bangatyi kuwo.

Esebenzisa inyoka, uSathana wathi uThixo ubabandeza into enqwenelekayo. Waxelela uEva ukuba yena nomyeni wakhe babengayi kufa xa benokutya eso siqhamo salelweyo. Ngaloo ndlela uSathana wayetyhola uThixo ngokuxokisa abantwana Bakhe. Lo Mkhohlisi wenza ukungathobeli uThixo kwabonakala njengento eyayiya kubavul’ ingqondo baze bakhululeke. Kodwa obu yayibubuxoki—ubuxoki bokuqala obathethwayo emhlabeni. Eyona mbambano yayilulongamo lukaThixo lokuba uyakufanelekela na ukulawula abantu, kwanokuba ubalawula ngobulungisa nangendlela efanelekileyo kusini na.

UEva wabukholelwa obo buxoki bukaSathana. Waqalisa ukusinqwenela eso siqhamo, waza wasitya. Kamva wanika indoda yakhe, nayo yatya. Ngenxa yoko baba nesono. Nakuba sasibonakala sisincinane eso senzo sabo, saba kukuvukela. Ngokukhetha kwabo ngabom ukungamthobeli uThixo, uAdam noEva babelugatya ulawulo loMdali owayebanike konke okubafaneleyo, kuquka ubomi obufezekileyo.

Imbewu “iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.”—Genesis 3:15

UThixo wabohlwaya abo bavukeli. Wachaza ngokuza kweMbewu ethenjisiweyo, okanye uMhlanguli owayeza kutshabalalisa loo nyoka inguSathana. Wabagcina bephila kangangethuba elithile uAdam noEva, ngaloo ndlela ebonisa inceba kubantwana ababeza kubazala. Abo bantwana babeza kuba nethemba ngenxa yaLowo wayeza kuthunyelwa nguThixo ukuba aphelise imiphumo eyintlekele eyabangelwa yimvukelo yase-Eden. Indlela eyayiza kuzaliseka ngayo injongo kaThixo ngalo Msindisi uzayo—kwanokuba yayiza kuba ngubani—yatyhilwa ngokuthe ngcembe eBhayibhileni.

UThixo wakhuphela uAdam noEva ngaphandle kweParadesi. Ngoku kwakuza kufuneka babile ukuze bafumane ukutya. UEva wamitha waza wazala izibulo, uKayin. Baba nabo nabanye oonyana neentombi, kuquka uAbheli noSete, ukhokho kaNowa.

—Oku kusekelwe kwiGenesis isahluko 3 ukusa kwesesi-5; nakwiSityhilelo 12:9.

  • Bubuphi ubuxoki bokuqala, yaye bathethwa ngubani?

  • UAdam noEva baphulukana njani neParadesi?

  • Xa wayesohlwaya abavukeli, uThixo wabanika liphi ithemba abantu?

UKUNGAFEZEKI NOKUFA

UThixo wadala uAdam noEva befezekile, beza kuphila ngonaphakade kwiParadesi. Ngokuvukela kwabo bamona uThixo. Ngoko ke, baphulukana nokufezeka nolwalamano ababenalo noMthombo wobomi uYehova. Ukususela ngoko, bekunye nenzala yabo engafezekanga abazange bakwazi ukusiphepha isono nokufa.—Roma 5:12.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share