Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ulwando Lobuthixo EVenezuela
KANGANGEENTSUKU kwakushushu ngokungaqhelekanga. Abantu abagqitha ngendlela bamangaliswa kukubona amadoda esebenza kwilanga eligqatsayo ngoxa wonk’ ubani kwakumele ukuba uphumle emthunzini okanye endlwini ebetha impepho. Ngokuthe ngcembe, isakhelo sesakhiwo esitsha saqalisa ukuvela. Kwiinyanga ezintathu ezinesiqingatha, amadoda ayesigqibile isakhiwo esinemigangatho emine—isongezelelo esitsha kwisakhiwo sesebe leWatch Tower Society eLa Victoria, eVenezuela.
Enyanisweni oku kwakusisihlandlo sesibini isebe laseVenezuela lisandiswa ukususela ekuvulweni kwalo ngowe-1946, xa kwakukho abavakalisi boBukumkani abali-13 kuphela kwelo lizwe. Ngowe-1977, inani labo landa langaphezu kwe-13 000. Ekugqibeleni, isakhiwo sesebe elitsha sagqitywa saza sanikezelwa eLa Victoria kwangaloo nyaka. Ukususela ngoko, inani lamaNgqina kwelo lizwe liye landa ngokuphindwe kabini. Kwakulixesha lokuba kwandiswe kwakhona.
Isongezelelo esitsha (ngasemva ekunene komfanekiso), esinezikwemitha ezingaphezu kwe-1 900 zomgangatho, sibandisa ngaphezu kokuphindwe kabini ubukhulu besebe. Indlela engasekunene ikhokelela kwigaraji yeenqwelo-mafutha ezili-15 ekwigumbi elingaphantsi. Indawo yokushicilela iye yafuduswa kwisakhiwo sowe-1977 (isakhiwo eside esiphakathi) yaya kutsho kumgangatho wokuqala wesongezelelo esitsha, apho kukho iindawo ekugcinwa kuzo izinto nekuchwelwa kuzo neeofisi ezithile. Inxalenye yesakhiwo esitsha iziindawo zokuhlala intsapho yaseBheteli.
Esi sakhiwo sinetanki elikhulu lokugcina amanzi nomatshini ovelisa umbane, njengoko ukunqongophala kwamanzi nokusilela kombane kuxhaphakile kweli lizwe. Ukuze kusetyenziswe ngengenelo epheleleyo ukukhanya kwelanga nempepho esoloko ikho, indawo yokuhlamba impahla yakhiwe phezu kwesakhiwo.
Abantu basekuhlaleni bacinga ntoni ngesi sakhiwo sitsha? Nangona abanye bekhalela ukuphulukana nomyezo omhle owawukade ulapho, abaninzi bavakaleIwa kukuba isakhiwo songezelela kwimbonakalo ehloniphekileyo yaselumelwaneni. Igcisa lokwakha elaziwa kakuhle, eleva okuninzi kakhulu ngeso sakhiwo kangangokuba lade laza kuzibonela ngokwalo, labaxelela oku abazalwana; “Alithandabuzeki elokuba esi sesona sakhiwo sakha sakhiwa kakuhle eLa Victoria.”
Owayekwachukumiseke ngokufanayo yinjineri kamasipala, eyathi ngovuyo yakhupha imvume yokusebenzisa le ndawo yaza yathi: “Kuluzuko ukunikela imvume yokuhlala kwisakhiwo esinjengesi.”
AmaNgqina eVenezuela avuya ngoAprili 21, 1985, xa i-15 802 lawo lahlanganisana eValencia ukwenzela unikezelo, aza ama-38 059 ahlanganisana kwezinye izixeko ezihlanu ukuza kuphulaphula ucwangciso ngonxibeleIwano ngemfonomfono. Ababezile babengaphezulu lee kunesimbuku senani labavakalisi belo lizwe. Bayalibulela yaye bayalivuyela eli lungiselelo lobuThixo lokubaxhobisela ukuba bashumayele ngokucokisekileyo iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngaphambi kokuba ukuphela kwale nkqubo kufike.—Mateyu 24:14.