Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
‘Ofumana Ubulumko Ufumana Ubomi’
“INYANISO itsala ‘zonke iintlobo zabantu,’ kwiindawo ezahlukahlukeneyo ezenza iLizwe lanamhlanje lakwaSirayeli,” ibhala njalo iofisi yesebe yeWatch Tower Society ekwelo lizwe. Aba bafuna inyaniso ngentliziyo enyanisekileyo baqinisekiswa ngoku: “Ofumana mna, [ubulumko] ufumene ubomi; uzuze okukholekileyo kuYehova.” (1 Timoti 2:4; IMizekeliso 8:35) Amava omnye umfazi wakwaSirayell ayakubonisa Oku.
◻ Elinye lamaNgqina kaYehova leza kumntu owayerhumela IMboniselo laza lalungiselela ukuqhuba isifundo seBhayibhile kunye naye. Eli nenekazi lakuvuyela ukuba liqhutyelwe isifundo. Ummelwane walo weva ngoku waza naye wabakho. Ingxelo yathi, ummelwane “wakuqonda ngokukhawuleza oku njengento awayekade eyifuna kangangeminyaka embalwa edluleyo.” Yaye ezinjani iinguqulelo awazenza ngokukhawuleza ebomini bakhe! Yena nomyeni wakhe kwakusekungentsuku zatywala ukuba baqhawule umtshato kodwa bakuphelisa oko baza baxolelana. Wayekholelwa nzulu kwabavumisa ngeenkwenkwezi yaye ebandakanyeke nakwisithethe sonqulo kodwa wazilahla iincwadi ezibiza imali eninzi nayo yonke enye into enxulumene nobudemon. Waqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova nokuthetha kwizalamane nakwizihlobo ngokholo lwakhe olutsha alufumeneyo. Ngokubhekisele kubahlobo awaphulukana nabo ngenxa yoko, uthi: “Kuyabonakala ukuba, babengengobahlobo bokwenene.”
Ngoku Io mfazi unikel’ ubungqina ngehlombe kubantu abaze kuthenga kwivenkile yentsapho yaye unenxaxheba ngokuthe rhoqo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kwindlu ngendlu. Hayi Indlela avuya ngayo kuba eye wafumana ubulumko nangokuba eye wafunda ngamalungiselelo kaYehova amangalisayo obomi obungunaphakade kwinkqubo yakhe entsha! Ummelwane wakhe ekuqaleni owabhala efuna umrhumo naye uye waqhubeka efundisisa yaye uqhubela phambili.
◻ ULloyd uhlala eGuyana. Ukufuna kwakhe inkululeko engokonqulo kuyindlela ende. Le ndlela wayiqalisa njengomRhabe. Watshata umHindu, waza naye waba ngumRhabe. Kamva wavuma oku, “Ndamangaliswa luhanahaniso olwalwesamele” kuloo cawa. Ngoko waphethukela kubuSilamsi, kodwa oku akuzange kuwanelise umnqweno wakhe wenkululeko. Ngokulandelayo wazama ubuHindu. Emva kokufunda okuninzi ngokuzalwa ngokutsha nemithetho kaKarma, waqalisa ukuzithandabuza ezi mfundiso. Waguqukela kuMlingo, wakha isibingelelo, waza wafundisa intsapho yakhe loo mfundiso. Wathi, “Kodwa amava oyikisayo mna nentsapho yam esaba nawo andenza ndayishiya loo nkonzo.” Wamkela indlela yobomi engokuphathekayo, kodwa intsapho yakhe yayikhukuliseka. Ngoko wathi: “Ndathandaza kuThixo, uBawo, uAllah, nakuRam yaye ndamxelela ukuba ndithetha noMdali wazo zonke izinto. Ndamenza wazi ukuba ndifuna ukukholisa yena kungekhona umntu.”
Kweli nqanaba iNgqina likaYehova “elalinxibe kakuhle, lithetha ngokuthambileyo, lindilekile” langena endlwini kaLloyd laza layiphendula ngokwanelisayo imibuzo yakhe. INgqina lamshiyela incwadi ethi, INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade neBhayibhile. Ngokukhawuleza kwaqaliswa isifundo seBhayibhile noLloyd nomfazi wakhe. Baqhubela phambili elwazini, bazahlula kwiBhabhiloni Enkulu—inkqubo yazwenibanzi yonqulo lobuxoki. Ekuhambeni kwexesha bazahlulela kuYehova baza babhaptizwa. ULloyd wathi: “Uthando, uthando lokwenene, lwathabathel’ indawo intiyo nomsindo; kodwa okubaluleke ngaphezu kwako konke, kongezelelwa injongo nentsingiselo kubomi bethu.”
Ngoku bayayivuyela ‘inyaniso eyabakhululayo.’—Yohane 8:32.
◻ Umfazana waseSeychelles naye wafunda ngoYehova, nto leyo eyaphumela kwintsikelelo. Wayehlalisana nendoda yaye waba neqela labantwana bayo. Lo mfazi wayixabisa inyaniso awayeyifunda eBhayibhileni kodwa wakufumanisa kunzima ukuba athabathe ukuma kwakhe ukuze afanelekele inkonzo kaYehova. Wayehlala kwindlu entle enobutofotofo ekungabantu abambalwa ababunandiphayo. Ngemva komthandazo nokhuthazo olwaluvela kumveleli wesiphaluka, oku wakubhekisa kwindoda awayehlala nayo—kwakuya kufuneka batshate ngokwasemthethweni, okanye bahlukane. Indoda yaba manqumnqezi ukuthatha naliphi na inyathelo, ngoko wayishiya. Hayi indlela awavuya ngayo kukuba ngoku wayekufanelekele ukushumayela iindaba ezilungileyo nokwahlulela ubomi bakhe kuYehova aze abhaptizwe! Oku wakwenza. Okubangel’ umdla kukuba, indoda awayehlala nayo yachukumiseka gqitha kukuyimela kwakhe ngokuqinileyo imigaqo yeBhayibhile kangangokuba yaqalisa ukwenza amalungiselelo okumanyanisa intsapho ngomtshato ongokwasemthethweni.
Umdumisi wathi: “Ngokuba likuwe [Yehova] ithende lobomi.” (INdumiso 36:9) Kwakhona, aba bantu bakuvuma oku, baza bafuna ubulumko ukuze bamazi uYehova neemfuno zakhe zobomi. Hayi indlela abasixabisa ngayo isibakala sokuba “ofumene [ubulumko] ufumene ubomi”!