IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/97 iphe. 1
  • Zonke Iintlobo Zabantu Ziya Kusindiswa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Zonke Iintlobo Zabantu Ziya Kusindiswa
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Ofumana Ubulumko Ufumana Ubomi’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Ukuzimisela Ukuphila Ngemilinganiselo KaYehova Yokuziphatha
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • “Hayi Uyolo Lomntu Ofumene Ubulumko”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imisebenzi Emihle Ezukisa UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 1/97 iphe. 1

Zonke Iintlobo Zabantu Ziya Kusindiswa

1 UYehova uthanda ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:4) Nangona abantu bephenjelelwa yimfuza, yimvelaphi nayimeko-bume ngomlinganiselo othile, banenkululeko yaye banokuzikhethela indlela abaya kubusebenzisa ngayo ubomi babo. Banokwenza okulungileyo baze baphile, okanye benze okungendawo baze batshabalale. (Mat. 7:13, 14) Oku kuyichaphazela njani indlela esibajonga ngayo abantu esithetha nabo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani?

2 Asifanele sicinge ukuba izinto ezinjengemvelaphi yobuhlanga okanye yesithethe okanye isikhundla zinefuthe kumdla anawo umntu kwinyaniso. Inyaniso isenokuba nomtsalane kwabo banemfundo engephi okanye izifundiswa, kwabo bezobupolitika, nakwiingcali, kwabo bathi uThixo akakho, kwabo bathi uThixo akanakwaziwa, kwanakubenzi-bubi abaqaqadekileyo. Abantu abaneemvelaphi nabakwimigangatho eyahlukeneyo entlalweni bayiguqule ihambo yabo yangaphambili yaye ngoku bajonge ukuphila kwihlabathi likaThixo elitsha. (IMize. 11:19) Ngoko ke, asifanele sibe madolw’ anzima ukuthetha nabantu abaphuma kwiinkalo ezahlukeneyo zobomi ngesigidimi soBukumkani.

3 Qwalasela Le Mizekelo: Enye indoda yayicebe ukubulala uyise wesibini kodwa ayizange yenjenjalo. Kamva yagqiba ekubeni izibulale kodwa noko ayizange ikwenze. Emva kokuvalelwa entolongweni ngenxa yobusela nokuthengisa iziyobisi, umtshato wayo waphela. Namhlanje le ndoda iphila ngokunyaniseka yaye yonwabile emtshatweni wayo ibe inolwalamano oluhle noyise wesibini. Yintoni eyabangela le nguqu? Yafundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaza yakusebenzisa oko yayikufunda. UYehova akazange ayincame.

4 Nangona lalingumdlali kamabonwakude odumileyo elinye ibhinqa eliselula alizange lifumane ulonwabo. Kodwa lathi lakuchukunyiswa yihambo entle yamaNgqina, lasamkela isifundo seBhayibhile, yaye kungekudala lalinceda abanye ukuba bafunde ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani. Naphi na likubulungiseleli bendlu ngendlu lalisaziwa, kodwa laliyichaza lonwabile into yokuba lalifuna ukwaziwa njengeNgqina likaYehova kunokwaziwa njengomdlali.

5 Xa elinye iNgqina lalilungiselela ukuba nesifundo seBhayibhile nomntu owayerhumela IMboniselo, ummelwane wakhe wayiva loo nto waza waya kweso sifundo. Lo mmelwane waqonda zisuka nje ukuba yile nyaniso ebekade eyifuna le! Yena nendoda yakhe basirhoxisa isicelo soqhawulo-mtshato ababesifakile baza baxolelana. Nangona wayevumisa ngeenkwenkwezi yaye ehamba kunqulo olusebenzelana nemimoya, wazilahla kude iincwadi zakhe ezibiza imali eninzi nazo zonke izinto ezinokuthanani needemon. Kungethuba lide waqalisa ukuya kwiintlanganiso nokuthetha nezizalwane zakhe nabahlobo bakhe ngonqulo lwakhe olutsha. Ngoku unikel’ ubungqina kwabanye ngehlombe.

6 Asifanele sibagwebe abantu. Kunoko, masabelane ngenzondelelo ngeendaba ezilungileyo nabantu kuzo zonke iindawo. Sinezizathu ezininzi zokuba nentembelo yokuba uYehova, ‘okhangela intliziyo,’ uya kuba ‘nguMsindisi wazo zonke iintlobo zabantu.’—1 Sam. 16:7; 1 Tim. 4:10.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share