Qhubekani Niphila Ngokwabantwana BakaThixo
“Bonke abangenzi bulungisa abangabaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.”—1 YOHANE 3:10.
1, 2. Njengokuba siqhubeka nokufundisisa kwethu eyokuQala kaYohane, sisiphi isiluleko sompostile esiya kusiqwalasela?
UYEHOVA unentsapho yendalo iphela, yaye bambi abantu ngoku bayinxalenye yaloo ntsapho. Bangabantwana bakaThixo. Kodwa bahluka njani kwabanye?
2 Kwincwadi yakhe yokuqala ephefumlelwe ngokobuthixo, umpostile uYohane uchaza aba bantu bababalwe ngokugqithiseleyo. Kwakhona unikela isiluleko esibancedayo ukuba baqhubeke bephila ngokwabantwana bakaThixo. Yaye oko akuthethayo kuya kunceda onke amangqina kaYehova azahluleleyo.
Hayi Indlela Olulukhulu Ngayo Uthando LukaThixo!
3. Bambi baye benziwa njani ‘bangabantwana bakaThixo,’ yaye ihlabathi libajonga njani?
3 UYohane uchaza ithemba lamaKristu athanjisiweyo. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:1-3.) Olunjani uthando ukuba lukhulu uYehova aye walubonisa ngokubamkela njengoonyana bokomoya, ebenza ‘abantwana bakaThixo’! (Roma 5:8-10) “Ihlabathi”—ibutho labantu elingemalungisa aliwufumani umoya wokuhlonel’ uThixo, usukelo nethemba, nto ezo ezizezawo. Abantu behlabathi abanjalo bamthiyile uKristu nabalandeli bakhe ibe ngaloo ndlela bamthiyile noBawo. (Yohane 15:17-25) Ngoko ihlabathi linokubazi abathanjisiweyo njengabantu ngabanye kodwa lingabazi njengabantwana bakaThixo kuba “alimazanga” uYehova.—1 Korinte 2:14.
4. Bonke abanethemba lobomi basezulwini bafanele benze ntoni?
4 Kanye ngoku, abathanjisiweyo bangabantwana bakaThixo. UYohane uthi: “Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo” emva kokufa njengabathembekileyo nokuvuselwa kubomi basezulwini ngemizimba yomoya. (Filipi 3:20, 21) Noko ke, xa uThixo “athe wabonakala,” baya ‘kufana naye,’ yaye baya “kumbona njengoko anjalo,” ‘enguYehova onguMoya.’ (2 Korinte 3:17, 18) Bonke ‘abaneli themba’ lobomi basezulwini bafanele bashukunyiselwe ukuba bazenze nyulu “njengokuba yena [uYehova] enyulu.” Nangona abathanjisiweyo ngoku bengafezekanga, bafanele baphile ubomi obucocekileyo obuvisisana nethemba labo lokubona uThixo onyulu nongcwele kummandla wasezulwini.—INdumiso 99:5, 9; 2 Korinte 7:1.
Qhelisela Ubulungisa
5, 6. Bonke abenza isono benza ntoni ngokwembono kaThixo, kodwa kule nkalo, yintoni eyinyaniso ngabo ‘bahleli’ kuYesu Kristu?
5 Ukuphila ngokwabantwana bakaThixo kuthetha ukwenza oko kububulungisa. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:4, 5.) “Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho” ngokwembono kaYehova, omithetho yakhe eyaphulwayo ngumoni. (Isaya 33:22; Yakobi 4:12) Sonke “isono sikukuchasana nomthetho,” kukwaphula imithetho kaThixo. Ukuqhelisela isono kuchasene nomoya wobuKristu, yaye sinombulelo kuba uYesu Kristu “wabonakalaliswa” njengomntu “ukuze azithwale azisuse izono zethu.” Ekubeni ‘kungekho sono kuye,’ wayenako ukunikela kuThixo idini elinye elipheleleyo nelaneleyo lokucamagusheV izono.—Isaya 53:11, 12; Hebhere 7:26-28; 1 Petros 2:22-25.
6 “Bonke abahlala kuye [uNyana] aboni.” (Funda eyoku-1 kaYohane 3:6.) Ekubeni singafezekanga, maxa wambi sinokwenza isono. Kodwa isono asiqheliselwa ngabo bahleli kuNyana yaye, ngenxa yoko, bahleli kuYise. Abaqhelisela isono “abambonanga” uYesu ngeliso lokholo; abo basoloko besona njengabawexuki ‘abamazanga’ yaye abamxabisi uKristu ‘njengeMvana kaThixo’ ecamagushela izono.—Yohane 1:36.
7, 8. Ngokweyoku-1 kaYohane 3:7, 8, umoni wangabom ungokabani, kodwa uNyana kaThixo “wabonakaliselwa” ukuze enze ntoni kule nkalo?
7 UYohane ulumkisa ngokulahlekiswa. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:7, 8.) “Makungabikho namnye unikhohlisayo,” utsho njalo umpostile, esongezelela ngokuthi: “Lowo ubenzayo ubulungisa [ngokugcina umthetho kaThixo] ulilungisa, njengokuba yena [uYesu Kristu] elilungisa.” Ukuba ngaboni kwethu kuyasithintela ukuba sibe ngamalungisa ngomlinganiselo ofanayo nowoMzekelo Omkhulu. Kodwa ngobabalo lukaYehova, abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo ngoku banako ukuqhubeka bephila njengabantwana bakaThixo.
8 Umoni wangabom “ungokaMtyholi,” yena owona “kwasekuqalekeni” kwekhondo lakhe lokuvukela uYehova. Kodwa uNyana kaThixo “wabonakalaliselwa” ukuba “ayichithe imisebenzi” kaSathana yokukhuthaza isono nobubi. Oku kuquka ukwenziwa kwemiphumo yokufa okweziswa nguAdam ukuba ingasebenzi ngocamagushelo lwezono ngoKristu nangokuvuswa kwabo bakwelabafileyo (eHadesi), nokutyunyuzwa kwentloko kaSathana. (Genesis 3:15; 1 Korinte 15:26) Okwangoku, thina, ntsalela ethanjisiweyo ‘nesihlwele esikhulu,’ masizilinde nxamnye nokuqhelisela isono nokungebobulungisa.
Gcina Umthetho KaThixo
9. UmKristu ozelwe ngomoya ‘akanakusenza isono’ ngokwayiphi ingqiqo, yaye kutheni oku kunjalo nje?
9 Ngokulandelayo uYohane wahlula abantwana bakaThixo kwabo bakaMtyholi. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:9-12.) Bonke “abazelwe nguThixo abenzi sono,” okanye basiqhelisele. “Imbewu” kaYehova, okanye umoya oyingcwele ‘omzala ngokutsha’ ubani ukuze azuze ithemba lasezulwini, uhleli kuloo mntu ngaphandle kokuba umelana nawo aze ngaloo ndlela ‘awenze buhlungu’ umoya, khon’ ukuze uThixo awurhoxise. (1 Petros 1:3, 4, 18, 19, 23; Efese 4:30) Ukuze ahlale engomnye wabantwana bakaThixo, umKristu ozelwe ngomoya, ‘akanakuqhelisela isono.’ ‘Njengesidalwa esitsha’ ‘nesinobuntu obutsha,’ ulwa nesono. ‘Usindile ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko,’ yaye ukuhlala esenza okuphosakeleyo akukho entliziyweni yakhe.—2 Korinte 5:16, 17; Kolose 3:5-11; 2 Petros 1:4.
10. Yiyiphi enye indlela yokwahlula abantwana bakaThixo kwabo bakaMtyholi?
10 Enye indlela yokwahlula abantwana bakaThixo kwabo bakaMtyholi yile: “Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo.” Ngoko ukuswela ubulungisa luphawu lwabantwana bakaMtyholi kangangokuba “abalali, ukuba abathanga benze ububi; bemkelwa bubuthongo ukuba abathanga bakhubekise abanye,” nto leyo abawexuki abebengathanda ukuyenza kumaKristu anyanisekileyo.—IMizekeliso 4:14-16.
11. (a) Yiyiphi enye indlela yokufanisa abo bangengobantwana bakaThixo? (b) Ukucinga ngekhondo likaKayin kufanele kusishukumisele ukuba senze ntoni?
11 Ngokungakumbi, “nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe [akangokaThixo].” Enyanisweni, “udaba” esaluvayo “kwasekuqalekeni” kokuphila kwethu njengamaNgqina kaYehova lolokuba “sithandane.” (Yohane 13:34) Ngoko ‘asifani noKayin,’ owazibonakalisa ukuba yena ‘ungowongendawo’ ‘ngokubulala umninawa wakhe’ ngendlela enogonyamelo neluphawu lukaSathana ongumbulali womntu. (Genesis 4:2-10; Yohane 8:44) UKayin wambulala uAbheli “ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa.” Ngokuqinisekileyo, ukucinga ngekhondo likaKayin kufanele kusishukumisele ukuba sizilinde nxamnye nokubathiya ngendlel’ efanayo abazalwana bethu bokomoya.
Ukuthanda ‘Ngesenzo Nangenyaniso’
12. ‘Sazi njani ukuba sidlule ekufeni sangena ebomini,’ yaye kuthetha ntoni oku?
12 Ukuba besiya kuxelisa uKayin, besiya kuba sifile ngokomoya. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:13-15.) Wamthiya umninawa wakhe kangangokuba wambulala, ibe asimangaliswa kukuba ihlabathi lisithiye ngendlela efanayo, kuba uYesu wakuxela kwangaphambili oku. (Marko 13:13) Kodwa “siyazi [okanye, sinentembelo yokuba] sidlule ekufeni [okungokomoya], sangena ebomini [obungunaphakade], ngokubathanda abazalwana,” abangamangqina kaYehova angoowethu. Ngenxa yolo thando lobuzalwana, olubotshwe nokholo kuKristu, ‘asisafanga’ kubugwenxa nasezonweni, kodwa uThixo uye wasishenxisa isigwebo Sakhe kuthi, yaye siye savuswa ekufeni okungokomoya, ekubeni sinikwe ithemba lobomi obungunaphakade. (Yohane 5:24; Efese 2:1-7) Abawexuki abangenaluthando abanalo ithemba elinjalo, kuba ‘lowo ungenaluthando uhleli ekufeni [okungokomoya].’
13. Ukuba simthiyile umzalwana wethu, kutheni le nto sifanele sikuthabathe oku njengombandela wokuthandazelwa?
13 Eneneni, “lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu.” Kusenokungabulawa ngokoqobo (njengaxa uKayin wabulala uAbheli ngenxa yomona nentiyo), kodwa lowo unentiyo usenokukhetha ukuba umzalwana wakhe wokomoya angaphili. Ekubeni uYehova efunda intliziyo, lowo unentiyo uhleli egwetyiwe. (IMizekeliso 21:2; thelekisa uMateyu 5:21, 22.) Akukho “sibulala-mntu” sinjalo esingaguqukiyo, okanye esilithiyileyo ikholwa elinguwaso, “sinobomi obungunaphakade buhleliyo kuso.” Ngoko ukuba siwathiyile amaNgqina angoowethu ngasese, ngaba asifanele sithandazele uncedo lukaYehova ekuguquleni umoya wethu ube ngowothando lobuzalwana?
14. Kukusa kuwuphi umlinganiselo esibizelwa kuwo ukuba sibonakalise uthando lobuzalwana?
14 Ukuze siqhubeke siphila ngokwabantwana bakaThixo, simele sibonakalise uthando lobuzalwana ngelizwi nangesenzo. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:16-18.) Oku kufanele kwenzeke, kuba “silwazile uthando, kuba yena [uYesu Kristu] wasincamela ubomi [okanye, “umphefumlo”] bakhe.” Ekubeni uYesu wabonakalisa uthando lwakhe ukusa kuloo mlinganiselo, sifanele sibonakalise kwauthando olufanayo lomgaqo (a·gaʹpe, ngesiGrike) kumakholwa angoowethu. Ngokomzekelo, kumaxesha entshutshiso, “sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu,” kwanjengokuba uPrisila noAkwila “bazibeka emgoqweni ezabo iintamo ngenxa yobomi [bompostile uPawulos].”—Roma 16:3, 4; Yohane 15:12, 13.
15. Ukuba umzalwana uswele yaye thina sinayo “impilo yeli hlabathi,” uthando lufuna ntoni kuthi?
15 Ukuba besiya kubancamela abazalwana bethu ubomi bethu, sifanele sikuvume ukubenzela ezona zinto zincinane bazifunayo. Masithi sinayo “impilo yeli hlabathi”—imali, ukutya, into eyambathwayo, nezinye izinto ezinjengezo, ezenziwe zafumaneka lihlabathi. ‘Sinokumbona’ umzalwana osweleyo, singayijongi nje ngendlela eqhelekileyo imeko yakhe kodwa siyithabathe nzulu. Imeko yakhe embi inokubangela ukuba ‘umnyango weemfefe zethu,’ okanye ezona mvakalelo zethu zinzulu, ukuba uvuleke. Kodwa kuthekani ukuba siyawuvala ‘loo mnyango’ ngokuvumela ukuzingca ukuba kuthintele utyekelo lwethu lokumnceda? Ngoko “luthini na ke uthando lukaThixo” ukuhlala kuthi? Akwanele ukuthetha nje ngothando lobuzalwana. Njengabantwana bakaThixo, simele silubonakalise “ngezenzo nangenyaniso.” Ngokomzekelo, ukuba umzalwana ubethwe linxele likaKetsekile, ufuna ukutya, singaneli nje kukuthetha.—Yakobi 2:14-17.
Iintliziyo Ezingasigwebiyo
16. (a) ‘Mkhulu njani uThixo kuneentliziyo zethu’? (b) NgokukaYohane, kutheni le nto uYehova eyiphendula imithandazo yethu?
16 Ngokulandelayo uYohane walatha kwizinto zokuqinisekisa ukuba singabantwana bakaYehova. (Funda eyoku-1 kaYohane 3:19-24.) ‘Siyakwazi ukuba singabenyaniso’ yaye asingomaxhoba okudidwa luwexuko “ngale nto”—isibakala sokuba sibonisa uthando lobuzalwana. Ngaloo ndlela ‘siyaziqinisekisa iintliziyo zethu’ phambi koThixo. (INdumiso 119:11) Ukuba iintliziyo zethu ziyasigweba, mhlawumbi kuba sinemvo yokuba asibonakalisanga uthando olwaneleyo kubanquli abangoowethu, khumbula ukuba “uThixo mkhulu kunentliziyo yethu ezazi izinto zonke.” Unenceba ngenxa yokuba uyakwazi ‘ukuthanda kwethu abazalwana okungenaluhanahaniso,’ uyakwazi ukulwa kwethu nxamnye nesono nemigudu yethu yokuphila ngendlela emkholisayo. (1 Petros 1:22; INdumiso 103:10-14) “Ukuba intliziyo yethu ayisigwebi” ngenxa yokuba kukho izenzo ezibonisa ukuba siyabathanda abazalwana bethu, yaye singenatyala lezono ezifihliweyo, “sinokungafihlisi kuye uThixo” emthandazweni. (INdumiso 19:12) Yaye uyayiphendula imithandazo yethu “ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.”
17. “Umthetho” kaThixo uquka ziphi izinto ezimbini ezifunekayo?
17 Ukuba silindele ukuba imithandazo yethu iphendulwe, simele siwugcine “umthetho” kaThixo oquka ezi mfuneko zimbini: (1) Simele sibe nokholo ‘kwigama’ likaYesu, sisamkela intlawulelo yaye siligqala negunya lakhe alinikwe nguThixo. (Filipi 2:9-11) (2) Kwakhona simele “sithandane” kanye njengokuba uYesu wayalelayo. (Yohane 15:12, 17) Ngokuqinisekileyo, nabani na onokholo kwigama likaKristu ufanele abathande bonke abanye abaqhelisela ukholo olunjalo.
18. Sazi njani ukuba uYehova “uhleli kuthi”?
18 Umntu ogcina imithetho kaThixo “uhleli kuye,” umanyene noYehova. (Thelekisa uYohane 17:20, 21.) Kodwa “sazi” njani ukuba uThixo “uhleli kuthi”? Siyakwazi oku “ngomoya [oyingcwele] lowo wasinikayo.” Ukuba nomoya oyingcwele kaThixo nokuba namandla okubonakalisa isiqhamo sawo, esiquka uthando lobuzalwana, kungqina ukuba simanyene noYehova.—Galati 5:22, 23.
Zilinde!
19, 20. Kutheni le nto sifanele ‘sibacikide oomoya,’ yaye luluphi uncedo uYohane alunikelayo kule nkalo?
19 Ngokulandelayo uYohane ubonisa indlela esimele sizilinde ngayo. (Funda eyoku-1 kaYohane 4:1.) Asimele sikholwe “ngoomoya bonke,” kodwa sifanele ‘sibacikide oomoya ukuba ngabakaThixo na.’ Ngoba? “Ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini.” Ubuncinane bambi baba bafundisi bakhohlisayo babekade behambahamba, benxulumana namabandla awahlukahlukeneyo, ibe befuna ‘ukurhola abafundi emva kwabo.’ (IZenzo 20:29, 30; 2 Yohane 7) Ngoko abathembekileyo kwakufuneka bazilinde.
20 Wambi amaKristu enkulungwane yokuqala ‘ayecalucalula oomoya,’ isipho esimangalisayo samandla asebenzayo kaThixo ngokucacileyo esasiwenza akwazi ukugqiba enoba oomoya babephuma kuYehova na. (1 Korinte 12:4, 10) Kodwa isilumkiso sikaYohane sibonakala sisebenza kumaKristu ngokubanzi yaye siluncedo namhlanje xa abawexuki bezama ukugqwetha ukholo lwamaNgqina kaYehova. Nangona isipho somoya ‘sokucalula oomoya’ saphelayo, amazwi kaYohane anikela uncedo lokugqiba enoba abefundisi bashukunyiswa ngumoya kaThixo na okanye baphenjelelwa ziidemon.
21. Yayiyiyiphi indlela yokucikida “oomoya”?
21 Phawula indlela ubani acikida ngayo. (Funda eyoku-1 kaYohane 4:2, 3.) “Wonke umoya omvumayo uYesu Kristu eze esenyameni, ungokaThixo.” Siyavuma ukuba uYesu wakhe waphila njengomntu yaye unguNyana kaThixo, yaye ukholo lwethu lusishukumisela ukuba sifundise abanye iinyaniso ezinjalo. (Mateyu 3:16, 17; 17:5; 20:28; 28:19, 20) “Nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu eze esenyameni, asingokaThixo.” Kunoko, “lo ngokamchasi-kristu” omelene noKristu nonxamnye neemfundiso zeZibhalo ezingaye. Ngokucacileyo, uYohane nabanye abapostile balumkisa ngelithi ‘umoya kamchasi-kristu’ wawusiza. (2 Korinte 11:3, 4; 2 Petros 2:1) Ekubeni ngelo xesha abefundisi bobuxoki babesongela amaKristu okwenyaniso, uYohane wayenokuthi, “Nangoku selukho ehlabathini.”
22. Yiyiphi enye indlela yokucikida “oomoya”?
22 Enye indlela yokucikida “oomoya” kukwazi abo baphulaphula kubo. (Funda eyoku-1 kaYohane 4:4-6.) Njengabakhonzi bakaYehova, ‘siboyisile’ abefundisi bobuxoki, sisoyisa amalinge abo okusityekisa kwinyaniso kaThixo. Olu loyiso lokomoya luye lwaba nokwenzeka ngenxa yokuba uThixo, ‘omanyene’ namaKristu anyanisekileyo, “mkhulu kunalowo usehlabathini [uMtyholi],” okanye kubantu abangendawo. (2 Korinte 4:4) Ngenxa yokuba abawexuki ‘bengabehlabathi’ yaye benomoya walo ongendawo, “bathetha okwehlabathi, ihlabathi liyabeva ke.” Ekubeni sinomoya kaYehova, sinokuyiphaphela imvelo engenabumoya ‘yoomoya’ babo yaye ngoko ke siyabachasa.
23. Ngoobani abasiphulaphulayo baze baqonde ukuba sikhokelwa ngumoya kaThixo?
23 Kodwa siyazi ukuba “singabakaThixo” ngenxa yokuba “lowo umaziyo uThixo uyasiva thina.” Abantu ababumvu bayaqonda ukuba sifundisa inyaniso esekelwe eLizwini likaThixo. (Thelekisa uYohane 10:4, 5, 16, 26, 27.) Kakade ke, “ongengokaThixo akasiva.” Abaprofeti bobuxoki, okanye abefundisi, abazange bamphulaphule uYohane okanye abanye ‘ababengabakaThixo’ nababedlulisa imfundiso evakalayo engokomoya. Ngoko “simazi ngaloo nto umoya wayo inyaniso, nomoya walo ulahlekiso.” Thina esibumba intsapho yabanquli bakaYehova sithetha “intetho enyulu” yenyaniso engokweZibhalo elungiselelwa ngentlangano kaThixo. (Zefaniya 3:9) Yaye ngokuphuma kwesikuthethayo, kucacile kwabo babumvu ukuba sikhokelwa ngumoya oyingcwele kaThixo.
24. Ngokulandelayo yintoni uYohane aza kuyiphuhlisa?
24 Kule ngongoma, uYohane wandlale iimfuneko ezibalulekileyo esimele sihlangabezane nazo ukuba siza kuqhubeka siphila ngokwabantwana bakaThixo. Ngokulandelayo uza kusibonisa isizathu sokuba simele sihlale sibonakalisa uthando nokholo.
Ithini Impendulo Yakho?
◻ Bambi benziwa njani babe “ngabantwana bakaThixo”?
◻ Sinokubahlula njani abantwana bakaThixo kwabo bakaMtyholi?
◻ Ukucinga ngekhondo likaKayin kufanele kusishukumisele ukuba senze ntoni?
◻ Sifanele sibonakalise uthando lobuzalwana ukusa kuwuphi umlinganiselo?
◻ “Oomoya” banokucikidwa njani?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukucinga ngekhondo likaKayin kufanele kusishukumisele ukuba sizilinde nxamnye nokuthiya abazalwana bethu
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Abanquli bakaYehova bathetha “intetho enyulu” yenyaniso engokweZibhalo elungiselelwa ngentlangano kaThixo