Ukuxel’ Ithamsanqa—Kuseyinto Ethandwayo
“KULO mhla abantu abakhanyiselwe yaye befunde ngokubanzi ngawo, ubani ebeya kucinga ukuba bekungayi kuba yimfuneko ukubhenca iinkolelo ezisekelwe kumlingo nakwinkolo.” Oku kwakuyinxalenye yamazwi awatyotyelwa zizazinzulu ezibalaseleyo ezili-186, kuquka ezili-18 ezafumana ibhaso likaNobel. Zazithetha ngantoni? Zazithetha ngokuvumisa ngeenkwenkwezi, okuluhlobo oluqhelekileyo lokuxel’ ithamsanqa kusetyenziswa iinkwenkwezi oko, ngokutsho kwazo, “kutyhutyha ibutho labantu banamhlanje.” Ngaba wena ngokobuqu uyakholelwa kwiintlobo ezithile zokuxel’ ithamsanqa? Okanye ngaba mhlawumbi uyathandabuza, okanye ukuchase ngamandla oko, njengezi zazinzulu zibalaseleyo? Imbono yakho ngalo mbandela ibalulekile. Masibone isizathu soko.
Olu qheliselo lusasazeke ngokubanzi gqitha. Ngokutsho kwesithethi sengqungquthela yabaxeli bethamsanqa eParis, “[abantu] baseFransi abazizigidi ezi-4 baya koosiyazi qho ngeenyanga ezintandathu.” EUnited States kukho abavumisi ngeenkwenkwezi abasebenza okwexeshana abaqikelelwa beli-175 000 nabali-10 000 abasebenza ixesha elizeleyo. NaseBritani, apho banezikolo ezizezabo, baninzi. Ibe iphephandaba laseFransi iÇa m’intéresse (Oko Kubangel’ Umdla) ligqabaza ngolu hlobo: “Kuyo yonke indawo, kuquka neendawo ezinamabutho abantu abangabona baphucukileyo, sifumana amanani afanayo. Oosiyazi bayanda ekupheleni kwale nkulungwane yethu.”
Ngubani Oya Kubo—Yaye Ngoba?
Bambi banokukholelwa ukuba kuphela ngabantu abangafundanga nabakudidi oluphantsi abanomdla ‘kwiinzululwazi’ zobugqi, ekuthi kuzo ukuvumisa ngenkwenkwezi phantse kube kokona kusasazeke ngokubanzi. Kodwa uMadame Soleil, umvumisi ngeenkwenkwezi odumileyo waseFransi, utyhila oku: “Bonke baye beze kum, enoba bangabantu abaxhasa urhulumente olawulayo okanye abamchasayo, abantu abaneembono ezahlukeneyo zobupolitika neenkosi zamazwana zangaphandle. Kude kuze nabefundisi nabantu abaxhasa ubukomanisi.” Ngokuvisisana noku, xa umenzi wemilingo uFrédéric Dieudonné wafayo, inqaku elavela kwiLe Figaro, iphephandaba lemihla ngemihla laseFransi elinemibandela enzulu, lachaza ukuba wayetsale “inani elikhulu labaxumi xa bebonke baseParis, labaphathiswa, lamagosa akwizikhundla eziphakamileyo, lababhali nabadlali baseqongeni.”
Abangcakazi baya kubavumisi ngeenkwenkwezi ukuze babone indlela abanokudlala kakuhle ngayo ngemali yabo. Oosomashishini baya kubo ukuze bafumanise indlela abanokuyongeza ngayo imali yabo. Abavumisi ngeenkwenkwezi bakulungele nokukulungela ukukuxelela ixesha lokuthabatha uhambo okanye oko umele ukupheke. Ibe ukuxel’ ithamsanqa kuye kwangenelela nakweminye imimandla. Amasebe obupolisa kumazwe ahlukahlukeneyo abhenela kwiimboni ukuze afumane izaphuli-mthetho okanye abantu abalahlekileyo. Ibe ngokutsho kweLe Figaro Magazine yaseFransi yeeveki ngeeveki, “Ikomkhulu Lomkhosi oxhobileyo eUnited States liqesha iimboni ezingania-34 ukuze zinikele inkcazelo ngokuqhubekayo kumaziko omkhosi angasese aseRashiya.” Iphephandaba elikwalinye linikela ingxelo ngelungu lebhunga eliwisa umthetho laseUnited States uCarles Rose njengothi nawo amaRashiya abhenela kumandla oosiyazi.
Kutheni le nto ukuvumisa ngeenkwenkwezi kuseyinto ethandwa kangaka nje? Ngaba kuyinto yokutsal’ ingqalelo engenabungozi okanye kuyinto nje yokuchitha ixesha? Ngaba kuyeyona ndlela ilungileyo yokufumanisa okufunjethwe likamva—okanye ngaba ikho indlela elunge ngakumbi yokukufumanisa? Makhe sibone enoba siza kuzifumana na iimpendulo kule mibuzo ibalulekileyo.