Ikamva Lakho Indlela Elunge Ngakumbi Yokulazi
NGOWE-1962 abavumisi ngeenkwenkwezi baseIndiya baxela kwangaphambili ngentlekele yazwenibanzi “ngenxa yokudibana okungaqhelekanga kwezijikelezi-langa ezisibhozo kumnyele weCapricorn.” Noko ke, loo nto ayizange yenzeke. Kutshanje, ekupheleni kowe-1980, inkoliso yabavumisi ngeenkwenkwezi baseFransi yacinga ukuba umongameli waseFransi welo xesha, uGiscard d’Estaing, wayeya kuphinda anyulwe ukuba alawule okwesibini. Kodwa owayezigqatse kunye naye, uFrançois Mitterrand, waphumelela elunyulweni. Iintsilelo ezinjengezi zisikhumbuza ukuba ukuvumisa ngeenkwenkwezi akunikeli ndlela iqinisekileyo yokwazi ikamva.
Ngoko, ngaba ikho enye indlela yokulazi? Ngokomzekelo, ngaba imigudu yezazinzulu yokuxela kwangapbambili ikamva iya kukunceda? Nantsi ingxelo eyaxelwa kwangaphambili ngowe-1970 liZiko likaMcGraw Hill (eUnited States) ngoko kwakuya kwenzeka ngowe-1980: “Iziyobisi zaziya kuwoyisa umhlaza, iziphekepheke ezenziwe ngabantu zaziya kuya kwizijikelezi-langa uMars noVenus, kwakuya kubakho iziko elisisigxina enyangeni, iinqwelo-mafutha zaziya kuhamba ngombane, iikhompyutha zaziya kwenziwa zibe zizinto eziqhelekileyo ekhaya, ukwenzeka kokuba ukhethe ukuba umntwana wakho abe yinkwenkwe okanye abe yintombazana, nomabonwa-kude nemifanekiso-bhanyabhanya ebonisa amacala amathathu ezinto.”
Emva ngowe-1970 izazinzulu zeli ziko zathi: “Injongo yale ndlela [yokuxela izinto kwangaphambili] kukufikelela kwindlela enokuthenjwa yokuxela izinto kwangaphambili ngoluvo lwamxhelo-mnye lweqela leengcaphephe.” Kodwa oku kuxel’ izinto kwangaphambili kwezi ngcaphephe kungqineke kuphosakele kule mimandla nakweminye eliqela, njengakwezobupolitika nakwezoqoqosho.
Umthombo Oqinisekileyo Wenkcazelo
Ukuba abavumisi ngeenkwenkwezi nezazinzulu azinakukubona kwangaphambili ngako nakuphi na ukuqiniseka okuza kwenzeka, ngaba oko kuthetha ukuba akunakwenzeka ukufumana inkcazelo enokuthenjwa engekamva? Ngaphambi kokunikezela, sifanele sihlolisise oko iBhayibhile ikutshoyo ngalo mbandela. Khumbula ukuba, uYehova, uMbhali weBhayibhile, uchazwa ‘enguLowo ukuxelayo kwasekuqalekeni okungasemva, nakwabamandulo okungekenzeki.’—Isaya 46:10.
ILizwi likaThixo lineziprofeto ezininzi. Zahluke njani kwizinto ezixelwa kwangaphambili ngabavumisi ngeenkwenkwezi? Incwadi enomxholo othi The Great Ideas iphendula ngolu hlobo: “Ngokubhekisele ekwazini kwangaphambili komntu ofayo, abaprofeti abangamaHebhere babonakala bengenakuthelekiswa namntu. Ngokungafaniyo nabavumisi okanye nezanuse ezingabahedeni, . . . akufuneki ukuba basebenzise ubuqili okanye amacebo ukuze bazazi iimfihlelo zobuthixo. . . . Ubukhulu becala iintetho zabo zokuprofeta, ngokungafaniyo nezo zoosiyazi, zibonakala zizezicacileyo. Ubuncinane injongo ibonakala ikukulityhila kungekhona ukulifihla, icebo likaThixo ngemibandela enjalo njengokuba Yena ngokwakhe enqwenela ukuba abantu balibone kwangaphambili ikhondo lolwalathiso lobuthixo.”
Njengomzekelo woku, eBhayibhileni kwabhalwa inkcazelo eninzi ngoYesu kwiinkulungwane ezininzi ngaphambi kokuba azalwe. Kwakuxelwe kusengaphambili ukuba wayeya kuzalelwa kwidolophana yaseBhetelehem nakumnombo wentsapho kaYese, uyise kaKumkani uDavide. (Mika 5:2; Isaya 11:1, 10) IZibhalo zakwaxela kwangaphambili ukuba wayeya kubulawelwa emthini kodwa amathambo akhe ayengayi kwaphulwa, njengokuba kwakulisiko ekubulaweni okunjalo. Ezi nkcukacha zangqineka ziyinyaniso, yaye ziyimizekelo nje embalwa yoko omnye umphengululi weBhayibhile akuthelekelela kuziziprofeto ezingaphezu kwe-120 ezazalisekiswa kuYesu.—INdumiso 22:16, 17; 34:20.
Isiprofeto Esizalisekisiweyo Namhlanje
Ngaphezu koko, iBhayibhile ineziprofeto ezalatha kumhla wethu. Makhe siqwalasele esinye sezona zibalulekileyo zezi ziprofeto. Sichaza ngongcelele lweziganeko ezaziya kuphawula ithuba lexesha eliya kuthi kanye landulele ukungenelela okuphawulekayo koBukumkani bukaThixo kwimicimbi yomhlaba. Ezi ziganeko ziquka iimfazwe zehlabathi, iinyikima, izifo, iindlala nokwanda kokuchas’ umthetho. Akuthanga na ukwanda kwezi zinto kwabalasela kwiindaba zehlabathi ebudeni benkulungwane yethu yama-20?—Mateyu 24:3, 7-14; Luka 21:7, 10, 11; 2 Timoti 3:1-5.
UYesu wacacisa ukuba ukuzaliseka kwezi ziprofeto kwakuya kwazisa ngokufika koBukumkani bakhe ngokuqiniseke kanye njengokuba ukuvela kwamathupha emithini kubonisa ukufika kwentlakohlaza. Wade wabalula ukuba kwakuya kufuneka zizaliseke kwisizukulwana nje esinye. Zonke iinkalo zomqondiso, kuquka iinkcukacha ezikhankanywe ngasentla, ziye zazaliseka phambi kwethu ukususela ngowe-1914.a Ngoko ke sinokuba nentembelo epheleleyo yokuba uBukumkani buza kuba nento obuyenzayo kungekudala.—Luka 21:29-33.
Enye inkalo yeli xesha ekwaprofetwa ngayo yileyo ‘yokuxinezeleka kweentlanga, zithingaza.’ (Luka 21:25) Kutheni le nto namhlanje kukho umtsalane ololo hlobo ekuvumiseni ngeenkwenkwezi nakwezinye iintlobo zobugqi? Iphephandaba laseFransi iLe Monde Dimanche liyaphendula: “Bejongene namanqam, abantu akukho nto baya kubambelela kuyo ukuze bafumane isiqinisekiso. Ulwazi olungaphaya kwemvelo lubenza bazive bekhuselekile kungenziwanga mgudu, ibe kwesi sizukulwana sezinto eziphunyezwe ngenzululwazi nezithi zibangele uloyiko ezinjengezixhobo zenyukliya nokuhlomela okwenziwa kwiiseli zemfuza, abantu bahendelwa ukuba baphethukele kwizinto ezingaziwayo nezingaqondakaliyo, bezama ukuphinda bafumane intsingiselo yobomi.” Ngoko asifanele simangaliswe ngumdla osasazeke ngokubanzi kwizenzo zobugqi, ezinjengokuvumisa ngeenkwenkwezi. Ungomnye wemiqondiso ‘yokuxinezeleka’ okufunyanwa ngabantu namhlanje ukuze kuzaliseke isiprofeto sikaYesu.
‘Phakamisa Intloko Yakho’
AmaKristu afanele enze ntoni xa ebona zonke ezi zinto? Ngaba afanele oyike, njengabantu abawangqongileyo? UYesu wanikela esi siluleko silandelayo: “Ke kaloku, zakubon’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.”—Luka 21:28.
Ngaba ubungathanda ukulazi ikamva lakho ngokweenkcukacha ezingakumbi? Ngoko zinike ixesha lokuyihlolisisa nzulu iBhayibhile uze ‘ubacikide oomoya [amazwi aphefumlelweyo] ukuba ngabakaThixo na.’ (1 Yohane 4:1, NW) Unokukwenza oku ngokuncedwa liphephancwadi IMboniselo, elixubusha rhoqo ngeziprofeto zeBhayibhile lize lichaze indlela ezisebenza ngayo kumhla wethu. Ngaloo ndlela, njengokuba useyiseka kukuba ukuphela kweli hlabathi likhoyo elineenkathazo kusondele, nawe, uya kukwazi ‘ukuphakamisa intloko yakho.’ Kwakhona uya kukwazi omele ukwenze ukuze unandiphe iintsikelelo zoBukumkani bukaMesiya, obuya kuthi kungekudala bungenelele kwimicimbi yehlabathi ukuze kulungelwe bonke abantu abaneentliziyo ezilungileyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngokuzaliseka kwezi ziprofeto ukususela ngowe-1914, bona isahluko 7 sencwadi ethi Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njan? epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
“Yaye lo mqondiso . . . uyenzeka”
‘Yintoni ephosakeleyo ngokuya kumxeli-thamsanqa okanye ngokufunda inkwenkwezi yakho kwiphephandaba? Ngaba oku asikokuzonwabisa nje okungenabungozi?’
IBhayibhile ayiwuthabathi lula lo mbandela. Enyanisweni, isenza sibaphaphele abaneshologu nabavumisi. Kwincwadi yeDuteronomi, uYehova unikela esi silumkiso silandelayo: “Xa kuthe . . . kwakho umprofeti nomphuphi wamaphupha, wakunika imiqondiso nezimanga, yabakho ke imiqondiso nezimanga azithethileyo kuwe, esithi, Masilandele thixo bambi, . . . uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha.”—Duteronomi 13:1-3.
Phawula ukuba iZibhalo aziyithandabuzi into yokuba zimbi izinto ezixelwa kwangaphambili ngabaneshologu nabavumisi ngeenkwenkwezi zisenokwenzeka. Noko ke, iBhayibhile isilumkisa ngokuba, ukuba ezi zinto zixelwa kwangaphambili zisekelwe kwimiqondlso esezulwini okanye kwezinye iindlela zokuvumisa, zivela kwiidemon, ziyakhohlisa, yaye zinokubatyekisa abantu kuThixo oyinyaniso.—Bona IZenzo 16:16-18.
Ukunikel’ ingqalelo kubavumisi ngeenkwenkwezi okanye kwabanye abathi balixela kwangaphambili ikamva kukuzibeka emngciphekweni wokuzizisela iingxaki ezinzulu ngokomoya nokuthi kuphelele ekubeni likhoboka ‘lemikhosi yoomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.’ (Efese 6:12) Ngaloo ndlela, ukuya kubantu abanjalo uThixo ukujonga kusisono esinzulu; abazenzayo izinto ezinjalo balisikizi emehlweni akhe yaye abayi kubudla ilifa uBukumkani bakhe.—ISityhilelo 22:15.
Ngaloo ndlela kukokokulungelwa kwethu le nto iBhayibhile isilumkisa ngokuba sikunxweme ukuvumisa ngeenkwenkwezi nazo zonke ezinye iintlobo zokuvumisa.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
IBHAYIBHILE YAXELA KWANGAPHAMBILI UKUBA:
◆ UYesu wayeya kuzalelwa eBhetelehem.—Mika 5:2
◆ Wayeya kuzalwa kwintsapho kaYese, uyise kaKumkani uDavide.—Isaya 11:1, 10
◆ Wayeya kubulawelwa emthini.—INdumiso 22:16, 17
◆ Amathambo akhe ayengayi kwaphulwa.—INdumiso 34:20