Iyintoni Injongo Yesiprofeto?
ABO bathi iintlobo zabo ezahlukahlukeneyo zokunqula zizityhilelo ezivela kwimithombo enamandla kunomntu kwakhona bayavuma ukuba kukho amandla angaphaya kwemvelo asebenza okulungileyo nasebenza okubi. Oku kuvuma kuphakamisa le mibuzo; Ngaba hlobo ngalunye kwezi ntlobo zokunqula lwatyhilwa luvela kumthombo olungileyo? Okanye ngaba zivela kumthombo ombi? Luluphi oluphefumlelwe nguThixo oyinyaniso?
Unqulo Lokuqala
Uluntu lugqalwa njengoluyintsapho enye, ibe oku kuyavisisana nengxelo yeBhayibhile engesibini sokuqala esingabantu, uAdam noEva. UYehova, uMdali, wazazisa kubo. Wamtyhilela uAdam noEva indima yabo kwinjongo yakhe nolwalamano lwabo lokwenyaniso kuye. UThixo wamenza uAdam waba ngumprofeti wakhe wokuqala, enembopheleleko yokudlulisela iinyaniso zikaThixo zityhiliweyo kumkakhe aze ekugqibeleni azidlulisele kwinzala yabo, oko kukuthi, kulo lonke uluntu.—Genesis 1:27-30; 2:15-17.
Olu lwalukuphela kohlobo lonqulo olwalukho, uhlobo lokunqula olwatyhilwa nguYehova uThixo. Lwalubonakaliswa ngokuthobela ukuthanda kukaThixo. Kwakungafuneki mithendeleko, madini, zitempile, okanye oosiyazi.
Ukuvela Konqulo Lobuxoki
“Isityhilelo” sokuqala esiphikisayo seza nesithunywa sezulu esafuna ukunqulwa. Savelisa indlela eyahlukileyo kunqulo oluyinyaniso saza salukuhla uAdam noEva ukuba basithelele ekuvukeleni uMdali wabo. Oku kwasenza saba nguSathana, umchasi kaYehova. ‘Isiprofeto’ saso sabonakala ngokungathi sinikela inkululeko yokuzenzela izigqibo neyokungabi salawulwa nguThixo. Kodwa sabangela ukuba babe ngamakhoboka kaSathana nawesono, sisizisa ukufa.—Genesis 3:1-19; Mateyu 4:8-10; Roma 5:12.
Ekugqibeleni uSathana wathelelwa zezinye izithunywa zezulu ezazinemvukelo, okanye iidemon. Alithandabuzeki elokuba ezi demon zavelisa iingcamango eziphosakeleyo zonqulo ezathi zafak’ isandla ekonakaliseni uluntu. Ngemihla yomzukulwana ka-Adam onguEnoshe, “kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.” ITargum of Palestine ithi, oku kwakusenziwa ngendlela ehlambelayo njengenxalenye yokunqula izithixo ngelo xesha.—Genesis 4:26; 6:1-8; 1 Petros 3:19, 20; 2 Petros 2:1-4.
Unqulo lobuxoki lwatshayelwa kwathi tu kuMkhukula womhla kaNowa, kusala nje uhlobo lonqulo oluyinyaniso olwaluqheliselwa ngumprofeti kaYehova, uNowa. (Genesis 6:5-9, 13; 7:23; 2 Petros 2:5) Noko ke, iidemon zasinda ibe zazivelisa ngokutsha iziprofeto zobuxoki neengcamango zonqulo. Zabangela ukuba inzala kaNowa imcaphukise uYehova ngokwakha isixeko saseBhabheli njengesazulu sonqulo lobuxoki. Kodwa uThixo waludubaduba ulwimi lwayo waza ‘wayichithachitha kwalapho ehlabathini lonke.’—Genesis 11:1-9.
Kusixelela ntoni xa kukonke oku? Kusixelela ukuba sonke siyinzala kaNowa noAdam. Ngoko zonke izizwe zinemvelaphi efanayo ibe zazuza ingcamango ethile engoThixo nesebenza njengomkhondo wolwazi obeluhleli lukho ukususela kumhla kaNowa. Kodwa le ngcamango isisiseko yonakaliswa ziingcamango zonqulo ezizezobuxoki nezizuzw’ ilifa kwabo khokho bachithachithwayo ukusuka eBhabheli (eyathi kamva yabuyiselwa njengeBhabhiloni) ukuya kuzo zonke iindawo zomhlaba. Oku kubonwa kwiinkolo eziqhelekileyo ezingemimoya yabafi, ekunqulweni kweminyanya nakuqheliselo lokuvumisa ngeenkwenkwezi, ekuvumiseni nakubugqwirha.—Daniyeli 2:1, 2.
Injongo Yesiprofeto
Ngaba oku kuthetha ukuba iinkonzo zanamhlanje zisekelwe nje kuphela kwiingcamango ezazuzw’ ilifa mandulo apho? Hayi. USathana needemon basasiphembelela isiprofeto sobuxoki ukuze bakhohlise baze bahlulahlule uluntu, bebhidanisa izityhilelo zokwenyaniso ezingoThixo, ibe bemisela iingcamango neenkonzo zobuxoki. (1 Timoti 4:1; 1 Yohane 4:1-3; ISityhilelo 16:13-16) IBhayibhile ithi: “Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu; njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo.”—2 Petros 2:1.
Kwelinye icala, uYehova uye walulondoloza unqulo lokwenyaniso olwanikelwa e-Eden. Uye wayongezelela inkcazelo ukuze andise ulwazi lwethu ngaye nangembopheleleko yethu ekuphunyezweni kwenjongo yakhe. Ngoko iziprofeto zokwenyaniso zenza ukuba siyazi inyaniso engoThixo, engokuthanda kwakhe nengemilinganiselo yakhe yokuziphatha. Zilwenza lucace ulwalamano lomntu kunye naye ukwenzela ukubuyisela uluntu ekuvisisaneni nenjongo yakhe, nto leyo ekhokelela ekuphunyezweni kwayo ngokupheleleyo.—Isaya 1:18-20; 2:1-5; 55:8-11.
Ekuqaleni kwemvukelo yomntu, uYehova wakhankanya isiprofeto esathi sanikela ithemba kwinzala ka-Adam noEva. Watyhila ukuba kwakuya kubakho umhlanguli, “imbewu,” owayeya kuthi atshabalalise uSathana nenzala yakhe. (Genesis 3:15) Kamva iziprofeto zanceda ekufaniseni le “mbewu” ithenjisiweyo, okanye “umthanjiswa” kaThixo, ibe zatyhila ukuba wayeya kuba nendima ephambili ekuzalisekisweni kweenjongo zikaThixo.—INdumiso 2:2; Isaya 61:1.
Ngaloo ndlela injongo eyintloko yesiprofeto yayikukwazisa iinjongo zikaThixo kunye ‘nomthanjiswa,’ okanye “uKristu,” ezaziya kuthi zizaliseke ngaye. Ekubeni lo unyuliweyo wangqineka enguYesu, isithunywa sezulu sikaYehova sathi: “Qubuda kuThixo; kuba ubungqina bukaYesu bungumoya wesiprofeto [okanye, bubo obuphefumlela isiprofeto].” (ISityhilelo 19:10) Zimbini iinyaniso ezicaciswa sesi sibhengezo. Okokuqala, akakho ummeli wesiprofeto sokwenyaniso oya kufuna ukunqulwa kuba unqulo oluyinyaniso lolukaYehova uThixo kuphela. (Mateyu 4:4; Yohane 4:23, 24) Okwesibini, injongo esisiseko yazo zonke iziprofeto zokwenyaniso imele ibe kukutyhila iziganeko neenyaniso ezihlobene noYesu. Oku kuphuhlisa indima eyintioko uYehova ayabele yena ekuphunyezweni kwenjongo Yakhe ukuze kungcwaliswe igama Lakhe nokuze kubuyiselwe umhlaba kwindawo yawo efanelekileyo kwilungiselelo Lakhe lezinto.—Yohane 14:6; Kolose 1:19, 20.
Ngenxa yesi sizathu, izigidimi eziphefumlelweyo ezivela kuThixo zalatha ngokuyintloko kuYesu. Umoya okanye intsingiselo nenjongo epheleleyo, yesiprofeto sokwenyaniso esinjalo yayikukunikela ubungqina ngaye. Ngokubhekele phaya, ukuzaliseka kweziprofeto kuYesu kuziphawula ukuba zonke ziyinyaniso. Kungenxa yoko le nto iBhayibhile isithi ‘inyaniso yabakho ngoYesu Kristu.’ “Kuba kungakhathaliseki ukuba maninzi kangakanani na amadinga kaThixo, athe aba nguEwe ngaye.”—Yohane 1:17; 2 Korinte 1:20, NW; IZenzo 10:43; 28:23.
Kwakutheni Ukuze Kunyulwe AmaSirayeli?
UYehova wakuqalisa ‘ukungqinela uYesu’ ngesiprofeto sakhe ‘esingembewu’ ethenjisiweyo. Kamva uThixo watyhila umlibo wasemhlabeni ‘wembewu’ njengalowo wawuza kuba ngoNowa, ngoShem, ngoAbraham, ngoIsake (kungekhona ngolshmayeli) nangoYakobi. La madoda ahlala enyanisekile kunqulo oluyinyaniso, ezingqina engabaprofeti abathembekileyo bakaYehova ngoxa zonke iintlanga zazonakaliswe kukunqula oothixo bobuxoki. (Genesis 6:9; 22:15-18; Hebhere 11:8-10, 16) Loo mlibo waqhubeka ngenzala yala madoda—uhlanga lwakwaSirayeli ibe ingakumbi intsapho kaDavide, owayengukumkani wakwaSirayeli onguyena ubalaseleyo.—2 Samuweli 7:12-16.
Ebonisa isizathu sokukhetha kwakhe uSirayeli, uYehova wathi: “Akungabuninzi benu kunezinye izizwe zonke . . . [kodwa] kungokusigcina kwakhe isifungo abesifungele ooyihlo,” uAbraham, uIsake noYakobi. (Duteronomi 7:6-8; 29:13) Ngokucacileyo, lunye kuphela uhlanga olwalunokulungiselela umlibo ‘wembewu’ ethenjisiweyo. Phofu ke, unqulo lokwenyaniso lwalungapheleliselwanga kumaSirayeli kuphela. Ngoxa ezinye iintlanga zingazange zikunikwe ukutyhila iinyaniso, abantu ngabanye abaphuma kuzo babenokuthelela uSirayeli ekunquleni, ibe bambi baba bantu bade baqukwa kumlibo ‘wembewu.’ (Numeri 9:14; Rute 4:10-22; Mateyu 1:5, 6) Izityhilelo ezahlukeneyo ezazinikelwa ngokuvisisana nemilinganiselo yeentlanga okanye yezizwe zazingasuka nje zibangele ukungavisisani okungakumbi kwezonqulo, ngoxa ikukuthanda kukaYehova ukuba uluntu lumanyaniswe ngokutsha kunqulo olunye.—Genesis 22:18; Efese 1:8-10; 2:11-16.
Izinto azifunayo uThixo ziyafana kuzo zonke izizwe. Ekubeni engongaguqukiyo kwimilinganiselo yakhe yokuziphatha nakwinjongo yakhe, indlela awayeqhubana ngayo noSirayeli yabonisa indlela aya kuqhubana ngayo neemeko ezifanayo nakwiliphi na ixesha elinikelweyo. (Malaki 3:6) Ngoko uSirayeli wasebenza njengomzekelo kwiintlanga zonke. Ngaye uThixo wabonakalisa iingenelo zonqulo oluyinyaniso nobuyatha bonqulo lobuxoki. Ngoxa amaSirayeli ayehlala ethembekile kuye, wayewakhusela ibe ewasikelela. Xa ayesithi aphethukele koothixo bobuxoki bezinye iintlanga, ayecinezelwa zezo ntlanga, kanye njengokuba uYehova wayewalumkisile.—Duteronomi 30:15-20; Daniyeli 9:2-14.
Kwakhona uSirayeli wasebenza njengomzekelo obuprofeti, ibe uDavide ngokwesiprofeto wafanekisela uYesu, lowo wathi wadl’ ilifa umnqophiso kaThixo woBukumkani owenziwa noDavide. (1 Kronike 17:11, 14; Luka 1:32) UMthetho owanikelwa kumaSirayeli, kunye namadini ababingeleli bawo, wafanekisela kwangaphambili idini likaYesu ibe walatha kuBukumkani nakububingeleli bakhe basezulwini. Ngaloo ndlela uMthetho waba “ngosikhaphela kuKristu.”—Galati 3:19, 24; IZenzo 2:25-36; Hebhere 10:1-10; ISityhilelo 20:4-6.
Incwadi Yesiprofeto Sokwenyaniso
Le nkcazelo ibalulekileyo yayingenakulondolozwa ngokuchanileyo ngesithethe esivakaliswe ngomlomo okanye ngokutyhilwa ngeendlela ezahlukeneyo kwiintlanga ezahlukahlukeneyo. Eyona ndlela ilungileyo yokulondolozwa kwayo nokudluliselwa kwayo kuzo zonke iintlanga kungengxelo ebhaliweyo. Ibe iBhayibhile iyayizalisa le ndima. Yiyo yodwa equlethe izityhilelo zikaThixo eziphefumleIweyo ibe ilondoloza ingxelo yembali nebuprofeti yeenkqubano zakhe nabantu. Yiyo yodwa eyalatha kuYesu Kristu njengoMmeli kaThixo ukuze kuzuzwe usindiso ibe iqulethe iziprofeto zokugqibela ezimalunga nezinto aya kuzenza kwixesha elizayo kwisabelo sakhe njengoMesiya. Ngaloo ndlela eli liLizwi likaThixo elibhalwe phantsi neliphefumlelweyo yaye liphelele.—Roma 15:4; 1 Korinte 10:11; 2 Petros 1:20,21.
Ukususela ekugqityweni kweBhayibhile, abo bathi bavelisa ‘iziprofeto,’ iinkonzo namahlelo amatsha abanakuba baphefumlelwe nguThixo. Iziprofeto zokwenyaniso azizange zinikelwe ukuze kuveliswe iinkonzo ezintsha. Zalugcina lusexesheni unqulo olunye oluyinyaniso ibe zakwenza kwaziwa ukuphunyezwa kwenjongo kaYehova kwixesha elizayo. Ukuzaliseka kwazo kunikela ubungqina bobuThixo namandla akhe angaqhelekanga, nto leyo ebonisa ukuba nguye kuphela onokuzixela kwangaphambili iziganeko zeenkulungwane aze ngaphandle kokuphazama azizalisekise.—Isaya 41:21-26; 46:9-11.
Ngoko bonke abo banqwenela ukuqhelana nesiprofeto sokwenyaniso nokuqhelisela unqulo oluyinyaniso kufuneka baphethukele eBhayibhileni. lyincwadi kaThixo yesiprofeto—isigidimi sakhe esipheleleyo esiya kuluntu.—2 Timoti 3:16, 17.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Umlibo ‘wembewu’ ethenjisiweyo
UNowa
UShem
UAbraham
UIsake
UYakobi
UDavide
UYesu