Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba bekuya kuba yinto efanelekileyo ukwamkela isitofu okanye enye inaliti yonyango ene-“albumin” ethatyathwe kwigazi lomntu?
Ngeliphandle, umKristu ngamnye ufanele azenzele isigqibo sobuqu koku.
Abakhonzi bakaThixo ngokufanelekileyo bafuna ukuthobela ulwalathiso olukwiZenzo 15:28, 29, lokuzinxwema kwigazi. Ngokuvisisana noko, amaKristu akasayi kuyitya inyama engophiswanga okanye izinto ezinjengesoseji yegazi. Kodwa umthetho kaThixo usebenza kwanakwimibandela yonyango. AmaNgqina kaYehova aphatha iqweqwe elichaza ukuba akalamkeli ‘utofelo-gazi, igazi elipheleleyo, iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, ii-platelets, okanye isiyilelo segazi.’ Noko ke, kuthekani ngeenaliti zencindi yegazi ezinentwana yeprotini yegazi?
AmaNgqina kudala eqonda ukuba lo ngumbandela wesigqibo somntu ngamnye ngokusekelwe kwisazela sikabani esiqeqeshwe ngeBhayibhile. Oku kwakhankanywa kwinqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaJuni 1, 1990, eyayixubusha ngeenaliti zencindi yegazi ugqirha asenokuzincomela ukuba ubani usengozini yokwasulelwa zizifo ezithile. Iinxalenye eziluncedo kwiinaliti ezinjalo zona ngokwazo azizizo iziyilelo zegazi kodwa zizibulala-ntsholongwane ezivela kwiziyilelo zegazi ezifumaneka kwabo baye bakwazi ukuxhathisa ezo ntsholongwane. Wambi amaKristu avakalelwa kukuba ngesazela esilungileyo angazamkela iinaliti ezinjalo aye aphawula ukuba izibulala-ntsholongwane ezifumaneka kwigazi lebhinqa elikhulelweyo zidlulela kwigazi lomntwana osesibelekweni sakhe. “Imibuzo Evela Kubafundi” yakukhankanya oku, ndawonye nesibakala sokuba ialbumin ethile iyadlula kwibhinqa elikhulelweyo ingene kusana lwalo.
Abaninzi bakufumanisa oku kuyinto efanele iphawulwe, ekubeni ezinye izitofu ezingayilwanga ngegazi zisenokuba zinomlinganiselo omncinane wesiyilelo sealbumin eyayisetyenzisiwe okanye eyongezwayo ukomeleza lo mxube ngoxa wawusenziwa. Sithethanje umlinganiselo omncinane wealbumin ukwasetyenziswa kwiinaliti ezinencindi yedlala eyenziweyo iEPO (erythropoietin). Wambi amaNgqina aye azamkela iinaliti ze-EPO kuba zinokukukhawulezisa ukuveliswa kweeseli ezibomvu zegazi yaye oku kusenokukhulula ugqirha ekucingeni ukuba kufuneka utofelo-gazi.
Ezinye izinto zonyango zisenokusetyenziswa kwixesha elizayo ezibandakanya umlinganiselo omncinane wealbumin, ekubeni imizi-mveliso yokuxuba amayeza ivelisa izinto ezintsha okanye iguqula indlela yokwenza ezikhoyo. Ngaloo ndlela amaKristu asenokufuna ukuqonda enoba ialbumin ikho kwesi sitofu okanye kwenye inaliti enconyelwa ngugqirha. Ukuba ayathandabuza okanye anesizathu sokukholelwa ukuba ialbumin nayo ikho, asenokubuza kugqirha wawo.
Njengokuba kuphawuliwe, amaNgqina amaninzi akakhange ale ukwamkela inaliti enomlinganiselo omncinane wealbumin. Sekunjalo, nabani na ofuna ukufundisisa ngakumbi ngalo mbandela ngaphambi kokwenza isigqibo sobuqu ufanale aphinde ahlole inkcazelo efumaneka kwinqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaJuni 1, 1990.