Yamkela Ukhokelo LoThixo Ophilayo
“[Jikani nize] . . . kuThixo ophilayo, owenza izulu nomhlaba nolwandle nezinto zonke ezikuzo.”—IZENZO 14:15.
1, 2. Kutheni kufanelekile ukumgqala uYehova ‘njengoThixo ophilayo’?
EMVA kokuba umpostile uPawulos noBharnabhas bephilise umntu othile, uPawulos wabaqinisekisa abantu ababebukele eListra esithi: “Nathi singabantu abanobulwelwe obufanayo njengoko ninjalo nani, yaye sivakalisa iindaba ezilungileyo kuni, ukuba nani nijike kwezi zinto zililize niye kuThixo ophilayo, owenza izulu nomhlaba nolwandle nezinto zonke ezikuzo.”—IZenzo 14:15.
2 Hayi indlela okuyinyaniso ngayo ukuba uYehova, akasosithixo nje singaphiliyo, kodwa ‘nguThixo ophilayo’! (Yeremiya 10:10; 1 Tesalonika 1:9, 10) Phezu kwako nje ukuba yena ephila, uYehova nguMthombo wobomi bethu. “Yena ubanika bonke abantu ubomi nempefumlo nezinto zonke.” (IZenzo 17:25) Unomdla wokuba sikuvuyele ukuphila, ngoku nakwixesha elizayo. UPawulos wongezelela esithi uThixo ‘akazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wenza okulungileyo, eninika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.’—IZenzo 14:17.
3. Kutheni sinokuluthemba ukhokelo lukaThixo?
3 Umdla uThixo anawo kubomi bethu usinika isizathu sokuluthemba ukhokelo lwakhe. (INdumiso 147:8; Mateyu 5:45) Abanye basenokungavumelani noku xa befumanisa ukuba umyalelo othile weBhayibhile abawuqondi okanye ubonakala ubabekela umqathango. Sekunjalo, ukuluthemba ukhokelo lukaYehova kungqineke kububulumko. Ukuzekelisa: Enoba umSirayeli wayengawuqondi umthetho owawusalela ukuchukunyiswa kwesidumbu, wazuza ngokuwuthobela. Okokuqala, ukuwuthobela kwakuya kumsondeza ngakumbi kuThixo ophilayo; okwesibini, kwakuya kumnceda aphephe izifo.—Levitikus 5:2; 11:24.
4, 5. (a) Ngaphambi kwexesha lamaKristu, uYehova wanikela luphi ukhokelo ngokuphathelele igazi? (b) Sazi njani ukuba ukhokelo lukaThixo ngokuphathelele igazi luyawachaphazela amaKristu?
4 Oku kunjalo nangokhokelo lukaThixo ngegazi. Waxelela uNowa ukuba abantu abafanele balidle igazi. Wandula ke ngoMthetho, uThixo watyhila ukuba ekuphela kwendlela eyamkelekileyo yokusetyenziswa kwegazi kusesibingelelweni—ukuze kuxolelwe izono. Ngaloo mithetho uThixo wayebeka isiseko seyona ndlela ibalaseleyo yokusetyenziswa kwegazi—ukusindiswa kwabantu ngentlawulelo kaYesu. (Hebhere 9:14) Ewe, uThixo wamisela olu khokelo ecinga ngobomi nempilo-ntle yethu. Ethetha ngeGenesis 9:4, umphengululi weBhayibhile wenkulungwane ye-19 uAdam Clarke wabhala: “Lo mthetho [owanikelwa kuNowa] usathotyelwa ngokungqongqo ngamaKristu asempuma . . . Igazi lalingadliwa ngaphantsi komthetho, kuba lalifanekisela igazi ekwakufuneka lithululwe ngenxa yezono zehlabathi, yaye ngokutsho kweVangeli alifanele lidliwe, ngoba lifanele lisoloko ligqalwa njengegazi eliye laphalala ukuxolela izono.”
5 Lo mphengululi usenokuba wayethetha ngevangeli, okanye iindaba ezilungileyo, ezazisekelwe kuYesu. Oku kuquka ukuthumela kukaThixo uNyana wakhe ukuze asifele, ukuthululwa kwegazi lakhe ukuze sifumane ubomi obungunaphakade. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16; Roma 5:8, 9) La mazwi aquka nomyalelo wamva wokuba abalandeli bakaKristu bafanele bangalityi igazi.
6. AmaKristu anikwa yiphi imiyalelo ngokuphathelele igazi, yaye ngoba?
6 Uyazi ukuba uThixo wanika amaSirayeli imimiselo emininzi. Emva kokufa kukaYesu, abafundi bakhe babenganyanzelekanga ukuyithobela yonke loo mithetho. (Roma 7:4, 6; Kolose 2:13, 14, 17; Hebhere 8:6, 13) Noko ke, ekuhambeni kwexesha kwabakho imbambano eyayibalulekile—ukwaluswa kwamakhwenkwe. Ngaba abo babengengomaYuda ababefuna ukuzuza kwigazi likaKristu babefanele baluswe, ukubonisa ukuba babesephantsi koMthetho? Ngowama-49 C.E., iqumrhu elilawulayo lamaKristu layisingatha le mbambano. (IZenzo, isahluko 15) Bencedwa ngumoya kaThixo, abapostile namadoda amakhulu bagqiba kwelokuba umyalelo wolwaluko waphela xa kwakubhangiswa uMthetho. Sekunjalo, yayikho eminye imithetho kaThixo ekwakusafuneka amaKristu ayithobele. Kwincwadi elayibhalela amabandla, iqumrhu elilawulayo lathi: “Kukholekile kumoya oyingcwele nakuthi ngokwethu ukungongezeleli uxanduva olubhekele phaya kuni, ngaphandle kwezi zinto ziyimfuneko, ukuba nikhwebuke kwizinto ezibingelelwe kwizithixo nasegazini nakwizinto ezikrwitshiweyo nakuhenyuzo. Ukuba niyazikhwebula kwezi zinto, niya kuphumelela.”—IZenzo 15:28, 29.
7. Kubaluleke kangakanani ukuba amaKristu ‘azinxweme kwigazi’?
7 Ngokucacileyo, iqumrhu elilawulayo lalikugqala ‘ukuzinxwema kwigazi’ njengento eyayibalulekile ngokuziphatha njengokukuphepha ukuziphatha okubi ngokwesini okanye ukukhonza izithixo. Oku kungqina ukuba umthetho wokungalityi igazi ubalulekile. AmaKristu anqula izithixo naziphethe kakubi ngokwesini yaye engaguquki ‘akanakubudla ilifa ubukumkani bukaThixo’; ‘isahlulo sawo sikukufa kwesibini.’ (1 Korinte 6:9, 10; ISityhilelo 21:8; 22:15) Phawula lo mahluko: Ukungaluthobeli ukhokelo lukaThixo ngokuphathelele ubungcwele begazi kusenokuphumela kukufa okungunaphakade. Ukubonisa uxabiso ngedini likaYesu kusenokukhokelela kubomi obungunaphakade.
8. Yintoni ebonisa ukuba kumaKristu okuqala ukhokelo lukaThixo ngokuphathelele igazi lwalungumbandela onzulu?
8 AmaKristu okuqala aluqonda aza aluthobela njani ukhokelo lukaThixo ngokuphathelele igazi? Khumbula amazwi kaClarke athi: “Ngokutsho kweVangeli alifanele lidliwe, ngoba lifanele lisoloko ligqalwa njengegazi eliye laphalala ukuxolelwa kwezono.” Imbali ingqina ukuba amaKristu okuqala ayewugqala lo mbandela njengonzulu. UTertullian wabhala: “Yiba nomfanekiso wabo babenyolukile, kwibala lemidlalo, bethabatha igazi lezikrelemnqa . . . baze bahambe nalo ukuze baye kunyanga ngalo isathuthwane.” Nangona abahedeni babelitya igazi, uTertullian wathi amaKristu “ayengalityi kwanegazi lezilwanyana ekutyeni [kwawo] . . . Xa ufuna ukulinga amaKristu wanike iisoseji ezinegazi. Phofu ke, uya kuqiniseka ukuba oku akuvumelekanga kuwo.” Ewe, enoba ayesongelwa ngokubulawa, amaKristu ayengasoze alitye igazi. Ukhokelo lukaThixo lwalubaluleke kangako kuwo.
9. Ukuzinxwema kwigazi kwakuquka ntoni ngaphandle kokulitya?
9 Bambi basenokucinga ukuba iqumrhu elilawulayo lalithetha nje ukuba amaKristu angalityi okanye angaliseli igazi okanye angayityi inyama engophiswanga okanye ukutya okuxutywe negazi. Liyinyaniso elokuba le yayiyintsingiselo yokuqala yalo myalelo kaThixo owawusiya kuNowa. Yaye lo mmiselo wabapostile wawaxelela amaKristu ukuba “azigcine kwinto ekrwitshiweyo,” inyama enegazi. (Genesis 9:3, 4; IZenzo 21:25) Noko ke, amaKristu okuqala ayesazi ukuba kubandakanyeke okungakumbi. Maxa wambi igazi lalityiwa ukunyanga into ethile. UTertullian wathi ukuze kunyangwe isathuthwane, abanye abahedeni babesitya igazi. Yaye kusenokwenzeka ukuba zazikho nezinye iindlela igazi elalisetyenziswa ngazo ukunyanga izifo okanye ukuphucula impilo kabani. Ngenxa yoko, ukuzinxwema kwamaKristu egazini kwakuthetha ukungalityi nangenjongo ‘yonyango.’ Ayesenjenjalo enoba oko kwakubeka ubomi bawo engozini.
Igazi Njengeyeza
10. Igazi lisetyenziswa ngaziphi iindlela kwezonyango, yaye oku kubangela yiphi imibuzo?
10 Ngoku kuxhaphakile ukusetyenziswa kwegazi njengonyango. Ngaphambili kwakutofelwa igazi elipheleleyo—litsalwa kuloo mntu unikela ngalo, ligcinwe, lize litofelwe kulowo ugulayo, mhlawumbi umntu owenzakele edabini. Kamva, abaphandi baye bafunda ukulahlula libe ziindidi zeencindi eziliqela. Ngokutofela iincindi ezithile, oogqirha basenokutofela igazi kubantu abagulayo abangakumbi, mhlawumbi iplasma kumntu owenzakeleyo neeseli ezibomvu komnye. Uphando olungakumbi lwabonisa ukuba kwincindi ethile, njengakwiplasma, kusenokufunyanwa iincindi ezininzi, ezinokutofelwa kubantu abangakumbi abagulayo. Uphando oluphathelele oku lusaqhubeka, yaye kufunyanwa iincindi ezingakumbi ezintsha ezinokusetyenziswa. UmKristu ufanele akujonge njani oku? Masithi wenze isigqibo sokungakwamkeli ukutofelwa igazi, kodwa ugqirha uyamcenga ukuba amkele incindi ethile, mhlawumbi iiseli ezibomvu. Okanye unyango lusenokuba luquka incindi ethile efunyenwe kwenye incindi. Umkhonzi kaThixo unokusenza njani isigqibo kwiimeko ezinjalo, ekhumbula ukuba igazi lingcwele yaye igazi likaKristu lisindisa ubomi?
11. Kangangexesha elide amaNgqina ebekujonga njani ukusetyenziswa kwegazi kwezonyango?
11 Kumashumi eminyaka adluleyo amaNgqina kaYehova ayicacisa indlela awujonga ngayo lo mbandela. Ngokomzekelo, apapasha inqaku kwiThe Journal of the American Medical Association (Novemba 27, 1981; laphinda lashicilelwa kwincwadana ethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho? iphepha 27-9).a Elo nqaku lacaphula iGenesis, iLevitikus neZenzo. Lathi: “Nangona ezi ndinyana zingabhekiseli kumbandela wezamayeza, amaNgqina azijonga njengezikwalelayo ukutofela igazi, iiseli ezibomvu zegazi neziyileli (plasma), kwaneeseli ezimhlophe zegazi nokufakwa kweeplatelets.” Incwadi yowama-2001 ethi Emergency Care, kumxholo othi “Composition of the Blood [Izinto Eziyila Igazi],” kwathiwa: “Igazi liyilwa ziincindi ezininzi: iplasma, iiseli ezibomvu nezimhlophe, neeplatelets.” Ngenxa yoko, ngokuvumelana nezizathu zezonyango, amaNgqina akavumi ukutofelwa igazi elipheleleyo okanye iincindi zalo eziphambili ezine.
12. (a) Ziziphi izigqibo ezicacisiweyo ngokuphathelele iincindi ezifunyenwe kwiincindi eziphambili zegazi? (b) Inokufunyanwa phi inkcazelo eyongezelelekileyo ngalo mbandela?
12 Eli nqaku lezonyango lahlabela mgama lisithi: “Phofu ke, ukuqonda kwamaNgqina okusekelwe elunqulweni akukwaleli ngokupheleleyo ukusetyenziswa kweenxalenye ezinjengealbumin, immune globulins, nolwelo olulungiselelwe abanesifo sokopha kakhulu; Ngqina ngalinye limele lizenzele isigqibo ngokwalo enoba liya kuzamkela na ezi nxalenye.” Ukususela ngowe-1981, kuye kwafunyanwa ezinye iinxalenye okanye iincindi (iincindi ezivela kwezi zine ziphambili) ukuze zisetyenziswe kwezonyango. Ngokuvumelana noku, IMboniselo kaJuni 15, 2000, yanikela inkcazelo eluncedo ngalo mbandela kwinqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi.” Ukwenzela abafundi bethu abaninzi, eli nqaku liphinde lashicilelwa kwiphepha 29-31 leli phephancwadi. Linikela iinkcukacha nendlela yokuqiqa, ukanti uya kuphawula ukuba oko kuthethwa kulo kuyavumelana nenkcazelo esisiseko eyanikelwa ngowe-1981.
Indima Yesazela Sakho
13, 14. (a) Yintoni isazela, singenelela njani kumbandela wegazi? (b) Luluphi ukhokelo uThixo awalunika uSirayeli ngokutya inyama, yaye yiyiphi imibuzo eyayisenokuvela?
13 Le nkcazelo ifuna ubani asebenzise isazela sakhe. Ngoba? AmaKristu ayavuma ukuba kufanele alandele ukhokelo lukaThixo, kodwa kweminye imibandela kufuneka ubani azenzele isigqibo ngokuvunyelwa sisazela sakhe. Isazela ngamandla okuzihlolisisa izinto nokwenza izigqibo, ngokuqhelekileyo ngeemeko eziphathelele imibandela yokuziphatha. (Roma 2:14, 15) Noko ke, izazela zabantu ziyahluka.b IBhayibhile ikhankanya ukuba ‘isazela sabanye sibuthathaka,’ nto leyo ethetha ukuba izazela zabanye zomelele. (1 Korinte 8:12) AmaKristu enza inkqubela engafaniyo ngokufunda oko kuthethwa nguThixo, ukuphulaphula iingcamango zakhe, nokukusebenzisa xa esenza izigqibo. Oku sinokukuzekelisa ngamaYuda nokudliwa kwenyama.
14 IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba umntu othobela uThixo akasayi kuyitya inyama engophiswanga. Oku kwakubaluleke kangangokuba kwanakwiimeko zongxamiseko xa amajoni angamaSirayeli etye inyama engophiswanga, ayeba netyala okanye isono esinzulu. (Duteronomi 12:15, 16; 1 Samuweli 14:31-35) Sekunjalo, kwakusenokuvela eminye imibuzo. Xa umSirayeli exhele igusha, kwakufuneka athabathe ixesha elingakanani eyophisa? Ngaba kwakufuneka ayinqumle umqala ukuze yophe? Ngaba kwakufuneka loo gusha ayixhome ngemilenze yangasemva? Kwakufuneka ayixhome ixesha elide kangakanani? Wayeya kuthini ukuba ibiyinkomo? Nasemva kokuyophisa, kusenokusala igazi elithile kuloo nyama. Ngaba wayenokuyitya loo nyama? Ngubani owayeya kwenza isigqibo?
15. Amanye amaYuda awusingatha njani umbandela wokutya inyama, kodwa uThixo wayalela ntoni?
15 Khawucinge ngomYuda onenzondelelo ejamelene nembambano enjalo. Wayesenokucinga ukuba kubhetele angayityi inyama ethengiswa emarikeni, kanye njengokuba omnye ebengayi kuyitya inyama ekusenokwenzeka ukuba ikhe yabingelelwa kwizithixo. Amanye amaYuda asenokuba ayeyitya inyama emva kokwenza amatiletile ezama ukuyophisa.c (Mateyu 23:23, 24) Ucinga ntoni ngeendlela ezahluke ngolo hlobo zokusingatha lo mbandela? Ukongezelela, ekubeni uThixo wayengalindelanga ukuba kwenziwe ezo zinto, ngaba kwakuyimfuneko ukuba amaYuda athumele uthotho lwemibuzo kwiqumrhu loorabhi ukuze enzelwe izigqibo kumbandela ngamnye? Nangona kwabakho isiko elinjalo kubuYuda, sinokuvuyiswa kukuba uYehova akazange ayalele abanquli bokwenyaniso ukuba balandele loo nkqubo xa besenza izigqibo kumbandela wegazi. UThixo wanikela umyalelo osisiseko wokuxhela izilwanyana ezicocekileyo nendlela yokuzophisa, kodwa akazange anikele obunye ubugocigoci.—Yohane 8:32.
16. Kutheni amanye amaKristu asenokuba nezimvo ezahlukileyo ngokutofelwa enye yeencindi ezincinane zegazi?
16 Njengokuba kuphawulwe kwisiqendu 11 nese-12, amaNgqina kaYehova akakwamkeli ukutofelwa igazi elipheleleyo okanye iincindi zalo eziphambili ezine—iplasma, iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe neeplatelets. Kuthekani ngezinye iincindi ezifumaneka kwezi ziphambili, njengencindi enezibulala-zintsholongwane elwa nezifo okanye yokubulala ubuhlungu benyoka? (Bona iphepha 30, isiqendu 4.) Bambi baye bagqiba ngelithi ezi ncindi, eneneni, aziselilo igazi, yaye ngoko ke azikho phantsi komthetho othi “nikhwebuke egazini.” (IZenzo 15:29; 21:25; iphepha 31, isiqendu 1) Eso sisigqibo sabo. Isazela sabanye asibavumeli ukuba bamkele nantoni na efumaneka kwigazi (lesilwanyana okanye lomntu), nencindi nje efumaneka kwiincindi eziphambili.d Sekunjalo abanye basenokwamkela ukutofelwa iproteyini yeplasma elwa nezifo okanye ephelisa ubuhlungu benyoka kodwa bangazamkeli ezinye iincindi ezifumaneka kuyo. Ngaphezu koko, ezinye izinto ezenziwe ngenye yeencindi ezine eziphambili zisenokwenza umsebenzi owenziwa ligazi elipheleleyo zize zibe nendima yokusindisa ubomi kangangokuba inkoliso yamaKristu igqibe ngokungazamkeli.
17. (a) Isazela sethu sinokusinceda njani xa sijamelene nembambano yeencindi zegazi? (b) Kutheni kuyinto enzulu ukwenza izigqibo ngalo mbandela?
17 Oko iBhayibhile ikuthethayo ngesazela kuluncedo xa sisenza izigqibo ezinjalo. Inyathelo lokuqala kukufunda oko iLizwi likaThixo likuthethayo uze uvisisanise isazela sakho kunye nalo. Oko kuya kukunceda wenze isigqibo esivumelana nokhokelo lukaThixo kunokucela omnye umntu akwenzele isigqibo. (INdumiso 25:4, 5) Ngokuphathelele ukwamkela iincindi ezithile zegazi, abanye baye bacinga ngale ndlela, ‘Lo ngumbandela wesazela, ngoko ke akunamsebenzi enoba ndenza siphi isigqibo.’ Leyo yindlela ephosakeleyo yokuqiqa. Into yokuba umbandela othile ulawulwa sisazela akuthethi kuthi awunakuba namiphumo. Oko kusenokuba nemiphumo enzulu. Esinye isizathu sikukuba oku kunokuchaphazela abantu abanezazela ezingafaniyo nezethu. Oku sikubona kwicebiso likaPawulos ngokuphathelele inyama esenokuba yayibingelelwe kwisithixo emva koko yathengiswa emarikeni. UmKristu ufanele akulumkele ‘ukungxwelerha isazela sabanye esibuthathaka.’ Ukuba ubani ukhubekisa abanye ‘usenokonakalisa umzalwana wakhe awathi uKristu wamfela’ abe ngaloo ndlela wona uKristu. Ngenxa yoko, ngoxa ukwamkela iincindi ezithile zegazi kungumbandela wesigqibo sobuqu, eso sigqibo sifanele sigqalwe njengesinzulu.—1 Korinte 8:8, 11-13; 10:25-31.
18. UmKristu unokukuphepha njani ukubulala isazela sakhe xa esenza izigqibo eziphathelele igazi?
18 Naku okunye okugxininisa ubunzulu bokwenza isigqibo ngegazi. Yindlela izigqibo ezinjalo ezinokukuchaphazela ngayo wena. Ukuba ukwamkela incindi ethile yegazi kuya kusikhathaza isazela sakho esiqeqeshwe ngeBhayibhile, akufanele usityeshele. Yaye akufanele utyeshele utyekelo lwesazela sakho kuba nje omnye umntu esithi, “unokuyamkela le ncindi; abaninzi baye benjenjalo.” Khumbula ukuba, abantu abaninzi namhlanje bayazityeshela izazela zabo, yaye ziyafa, zibavumele ukuba baxoke okanye benze ezinye izinto ezimbi bengazisoli. Ngokuqinisekileyo amaKristu afanele asiphephe isimo sengqondo esinjalo.—2 Samuweli 24:10; 1 Timoti 4:1, 2.
19. Yintoni esifanele sisoloko siyikhumbula xa sisenza izigqibo ngonyango olubandakanya igazi?
19 Ngasekuqukumbeleni, impendulo ephinde yashicilelwa kwiphepha 29-31 ithi: “Ngaba isibakala sokuba iimbono kunye nezigqibo ezixhaswa zizazela zisenokungafani sithetha ukuba lo mba uyinto nje engenamsebenzi? Akunjalo. Ngumbandela onzulu lo.” Oku kunjalo ngakumbi kuba kubandakanyeke ulwalamano lwakho ‘noThixo ophilayo.’ Lolo lwalamano kuphela olunokukukhokelela kubomi obungunaphakade, obufumaneka ngenxa yamandla okusindisa egazi likaYesu elaphalalayo. Yakha uxabiso olunzulu ngegazi ngenxa yoko uThixo akwenzayo ngalo—ukusindisa ubomi babantu. Enyanisile uPawulos wabhala: ‘Naningenathemba yaye ningenaye uThixo ehlabathini. Kodwa ngoku ngokumanyene noKristu Yesu nina enanikade nikude niye naba kufuphi ngalo igazi likaKristu.’—Efese 2:12, 13.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ngesinye isihlandlo uPawulos, namanye amaKristu amane, baya etempileni beye kuzihlambulula. UMthetho wawungasasebenzi, ukanti uPawulos walandela icebiso lamadoda amakhulu aseYerusalem. (IZenzo 21:23-25) Sekunjalo, amanye amaKristu asenokuba avakalelwa kukuba akasayi kungena etempileni okanye alandele loo nkqubo. Izazela zabantu zazahlukile ngaloo mihla, yaye kusenjalo nanamhlanje.
c IEncyclopaedia Judaica ichaza imithetho “entsonkothileyo neneenkcukacha” ngendlela yokwenza inyama ukuba “ingabi yonqambi.” Ichaza inani lemizuzu inyama efanele ihlale ngalo emanzini, indlela yokuyomisa kwiplanga lenyama, ubunjani betyuwa efanele igalelwe kuyo, nenani lezihlandlo efanele ihlanjwe ngazo kumanzi abandayo.
d Ubukhulu becala, olona lwelo luphambili kwizitofu ezithile ngumxube ongenakuthanani negazi. Kodwa kwezinye iimeko kusenokuqukwa incindi ethile yegazi, njengealbumin.—Bona “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaOktobha 1, 1994.
Ngaba Usakhumbula?
• UThixo wanikela luphi ukhokelo ngokuphathelele igazi kuNowa, kumaSirayeli nakumaKristu?
• Ngokuphathelele igazi, yintoni amaNgqina kaYehova angayamkeliyo?
• Ukwamkela enye yeencindi eziphambili zegazi kungumbandela wesazela ngayiphi ingqiqo, kodwa yintoni oko okungayithethiyo?
• Xa sisenza izigqibo, kutheni sifanele sibeke kuqala ulwalamano lwethu noThixo?
[Isicangca esikwiphepha 22]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
INDLELA ESISISEKO ESILIJONGA NGAYO IGAZI
IGAZI ELIPHELELEYO
▾ ▾ ▾ ▾
ASILAMKELI Iiseli ezibomvu Iiseli ezimhlophe liplatelets Iplasma
UMKRISTU UYA ▾ ▾ ▾ ▾
KUZENZELA ISIGQIBO Iincindi Iincindi Iincindi Iincindi
zeeseli zeeseli zeeplatelets zeplasma
ezibomvu ezimhlophe
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Iqumrhu elilawulayo lenza isigqibo sokuba amaKristu amele ‘azinxweme kwigazi’
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Musa ukusityeshela isazela sakho xa ujamelene nencindi yegazi