IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 11/1 iphe. 9-15
  • UYehova—UBawo Wethu Onemfesane Kakhulu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova—UBawo Wethu Onemfesane Kakhulu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imida Yemfesane KaThixo
  • Imfesane Ngegama Lakhe
  • Eyona Mbonakaliso Ibalaseleyo Yemfesane
  • Xa UYesu Wasikwa Yimfesane
  • Imizekeliso Ebalaselisa Imfesane
  • UYehova Ulawula Ngemfesane
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Yibani Nemfesane Kakhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • ‘Imfesane Yothando KaThixo Wethu’
    Sondela KuYehova
  • “Enosizi”
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 11/1 iphe. 9-15

UYehova—UBawo Wethu Onemfesane Kakhulu

“UYehova unomsa kakhulu yaye unemfesane.”—YAKOBI 5:11, umbhalo osemazantsi weNW.

1. Kutheni abahlelelekileyo betsaleleka kuYehova uThixo?

UMMANDLA wendalo mkhulu kangangokuba izazi ngeenkwenkwezi azinakuyibala yonke iminyele ekuwo. Umnyele wethu, uMnyele Wezulu, mkhulu kangangokuba abantu abanakuqalisa nokuqalisa ukubala zonke iinkwenkwezi ezikuwo. Zimbi iinkwenkwezi, njengoAntares, ziligqwesa kangangamawaka ezihlandlo ngobukhulu nangokukhanya ilanga lethu. Hayi indlela amele ukuba unamandla ngayo uMdali Ozukileyo wazo zonke iinkwenkwezi ezikummandla wendalo! Eneneni, “Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama.” (Isaya 40:26) Sekunjalo, lo Thixo woyikekayo “unomsa kakhulu yaye unemfesane.” Hayi indlela ulwazi olunjalo oluhlaziya ngayo kubakhonzi bakaYehova abathobekileyo, ngokukodwa kwabo batshutshiswayo, bagulayo, badandathekileyo okanye beva obunye ubunzima!

2. Iimvakalelo zobubele ngokufuthi zijongwa njani ngabantu beli hlabathi?

2 Abaninzi bazigqala iimpawu zokuthantamisa, ezifana “nomsa wobubele nemfesane” kaKristu, njengobuthathaka. (Filipi 2:1, NW) Bephenjelelwa yintanda-bulumko yendaleko, bakhuthaza abantu ukuba babeke ezabo izilangazelelo kuqala kwanokuba oko kuthetha ukwenzakalisa iimvakalelo zabanye. Abantu abaliqela abajongwa njengemizekelo yokulandelwa kwezolonwabo nakwezemidlalo ziingwanyalala ezingaze zibonwe zilila okanye zibonisa umsa ngobubele. Abalawuli bezobupolitika abathile benza ngendlela efanayo. Isithandi-sobulumko somStoyike uSeneca, esafundisa umlawuli owayekhohlakele uNero, sasigxininisa ekubeni “imfesane bubuthathaka.” ICyclopædia kaM’Clintock noStrong ithi: “Iimpembelelo zobuStoyike . . . zisaqhubeka zisebenza ezingqondweni zabantu nakweli xesha lethu.”

3. UYehova wazichaza njani kuMoses?

3 Ngokwahlukileyo koko, ubuntu boMdali woluntu buvuyisa intliziyo. Wazichaza kuMoses ngala mazwi: “UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso; . . . oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala.” (Eksodus 34:6, 7) Liyinyaniso elokuba uYehova waqukumbela ukuzichaza kwakhe ngokubalaselisa ukuba sesikweni kwakhe. Akayi kusirhoxisa isohlwayo esibafaneleyo abo bona ngabom. Sekunjalo, uqala ngokuzichaza njengoThixo omkhulu ngenceba, ngokoqobo “ozaliswe yinceba.”

4. Ithini intsingiselo evuyisayo yegama lesiHebhere elithi ngokufuthi liguqulelwe ngokuthi “inceba”?

4 Maxa wambi igama elithi “inceba” kucingwa ngalo kuphela kwimeko enzima yasematyaleni yokungadluliseli isohlwayo. Noko ke, ukuthelekisa iinguqulelo zeBhayibhile kusinika iintsingiselo ezininzi zesichazi sesiHebhere esivela kwisenzi esithi ra·chamʹ. Ngokutsho kwabaphengululi abathile, intsingiselo yengcambu yaso ithetha “ukuthantamisa.” Incwadi ethi Synonyms of the Old Testament ithi, igama elithi “Racham, livakalisa imvakalelo enzulu yemfesane, enjengaleyo ebangelwa kukubona ukuba buthathaka okanye ukubandezeleka kwabo sibathandayo okanye bafuna uncedo lwethu.” Ezinye iindlela ezifudumeza intliziyo zokuchaza olu phawu lunqwenelekayo zinokufunyanwa kwi-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 375-9.

5. Yayibonakala njani inceba kuMthetho kaMoses?

5 Ukuba nemfesane kakhulu kukaThixo kubonakala ngokucacileyo kuMthetho awawunika uhlanga lwakwaSirayeli. Ababehlelelekile, njengabahlolokazi, iinkedama namahlwempu, babefanele baphathwe ngemfesane. (Eksodus 22:22-27; Levitikus 19:9, 10; Duteronomi 15:7-11) Bonke, kuquka amakhoboka nezilwanyana, babefanele bangenelwe kwiSabatha yokuphumla yeeveki ngeeveki. (Eksodus 20:10) Ukongezelela, uThixo wayebabona abo babebaphatha ngobubele abasweleyo. IMizekeliso 19:17 ithi: “Uboleka uYehova obabala isisweli; umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.”

Imida Yemfesane KaThixo

6. Kwakutheni ukuze uYehova athumele abaprofeti nabathunywa kubantu bakhe?

6 AmaSirayeli ayethwele igama likaThixo yaye ayenqula etempileni eYerusalem, ‘eyayiyindlu yegama likaYehova.’ (2 Kronike 2:4; 6:33) Noko ke, ekuhambeni kwexesha, aqalisa ukukunyamezela ukuziphatha okubi, unqulo zithixo nokubulala, esizisa ugculelo olukhulu kwigama likaYehova. Ngenxa yemfesane anayo, ngomonde uThixo wazama ukuyilungisa le meko imbi ngaphandle kokulizisela intlekele lonke olo hlanga. “Wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe. Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.”—2 Kronike 36:15, 16.

7. Xa imfesane kaYehova yafikelela umda wayo, kwenzeka ntoni kubukumkani bakwaYuda?

7 Nangona uYehova enemfesane yaye ezeka kade umsindo, xa kuyimfuneko uyawubonakalisa umsindo wakhe wobulungisa. Emva apho, imfesane kaThixo yafikelela umda wayo. Sifunda ngoko kwenzekayo: “[UYehova] wabanyusela ukumkani wamaKaledi; wawabulala amadodana abo ngekrele endlwini yabo engcwele, akaconga ndodana nantombi, nandoda inkulu naxhego; bonke wabanikela esandleni sakhe.” (2 Kronike 36:17) Ngaloo ndlela iYerusalem netempile yayo zatshatyalaliswa, yaye uhlanga lwathatyathelwa ekuthinjweni eBhabhiloni.

Imfesane Ngegama Lakhe

8, 9. (a) Kwakutheni ukuze uYehova athi wayeya kuba nemfesane ngenxa yegama lakhe? (b) Zavalwa imilomo njani iintshaba zikaYehova?

8 Iintlanga ezazibangqongile zayivuyela le ntlekele. Ngendlela egculelayo, zathi: “Ngabantu bakaYehova aba, baphume ezweni lakhe.” Eluqonda olu gculelo, uYehova wathi: “Ndaba nofefe ngenxa yegama lam elingcwele, . . . Ndiya kulingcwalisa igama lam elikhulu, . . . ukuze zazi iintlanga ukuba ndinguYehova.”—Hezekile 36:20-23.

9 Emva kokuba uhlanga lwakhe lwalusekuthinjweni iminyaka engama-70, uThixo onemfesane, uYehova, walukhulula waza waluvumela lwabuya lwaza lwayakha kwakhona itempile eYerusalem. Oku kwazival’ umlomo iintlanga ezaziwangqongile, ezajonga zikhwankqisiwe. (Hezekile 36:35, 36) Noko ke, okulusizi kukuba uhlanga lwakwaSirayeli lwaphinda lwawela kwimikhwa emibi. UmYuda othembekileyo, uNehemiya, wanceda ekulungiseni le meko. Kumthandazo awawenza esidlangalaleni, waphinda wathetha ngeendlela zikaYehova zokubonakalisa imfesane kolo hlanga, esithi:

10. UNehemiya wayibalaselisa njani imfesane kaYehova?

10 “Ngexesha lokubandezelwa kwabo bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabanika abasindisi ngokweemfesane zakho ezinkulu, babasindisa ezandleni zababandezeli babo. Bakuba nokuphumla, babuya benza okubi phambi kwakho, wabashiya ezandleni zeentshaba zabo, zabanyathela. Babuya bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabahlangula ngokweemfesane zakho amaxesha amaninzi. . . . Wabathwala iminyaka emininzi.”—Nehemiya 9:26-30; bona kwanoIsaya 63:9, 10.

11. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi koYehova noothixo babantu?

11 Ekugqibeleni, emva kokuba ngenkohlakalo lungamamkelanga uNyana kaThixo oyintanda, uhlanga lwamaYuda lwalahlekelwa lilungelo elalinalo ngonaphakade. UThixo wayenobuhlobo obusenyongweni nalo iminyaka engaphezu kwe-1 500. Oku kububungqina bukanaphakade bokuba uYehova nguThixo onenceba. Hayi indlela ahluke ngayo koothixo abakhohlakeleyo nezithixo ezingenamvakalelo ezenziwe ngabantu abanesono!—Bona iphepha 8.

Eyona Mbonakaliso Ibalaseleyo Yemfesane

12. UThixo wayibonakalisa njani eyona mfesane inkulu?

12 Eyona mbonakaliso ibalaseleyo yemfesane kaThixo yayikukuthumela uNyana wakhe amthandayo emhlabeni. Liyinyaniso elokuba ubomi bukaYesu bengqibelelo bamvuyisa uYehova, bamnika impendulo egqibeleleyo kwizityholo zikaMtyholi zobuxoki. (IMizekeliso 27:11) Noko ke, kwangaxeshanye ukubukela uNyana wakhe amthandayo engcungcuthekiswa kukufa okulihlazo ngokungathandabuzekiyo uYehova kwamvisa ubuhlungu ekungekho namnye umzali ongumntu ekwakha kwafuneka abunyamezele. Eli yayilidini lothando ngokwenene, elavulela uluntu indlela yosindiso. (Yohane 3:16) Njengokuba uZekariya, uyise kaYohane uMbhaptizi, wayexele kwangaphambili, layizukisa “imfesane [enkulu, NW] yoThixo wethu.”—Luka 1:77, 78.

13. Kungayiphi indlela ebalulekileyo uYesu abubonakalise ngayo ubuntu bukaYise?

13 Ukuthunyelwa koNyana kaThixo emhlabeni kwabubonisa ngokucacileyo ubuntu bukaYehova kuluntu. Njani? Kuba uYesu wabubonakalisa ngokugqibeleleyo ubuntu bukaYise, ngokukodwa ngokubaphatha ngemfesane kakhulu abasweleyo! (Yohane 1:14; 14:9) Kule nkalo, ababhali beencwadi zeVangeli abathathu, uMateyu, uMarko, noLuka basebenzisa isenzi sesiGrike esithi, splag·khniʹzo·mai, esivela kwigama lesiGrike elithetha “amathumbu.” Umphengululi weBhayibhile uWilliam Barclay ucacisa athi, “ngokusuka kwimvelaphi yalo, kunokubonwa ukuba licacisa okungakumbi kunovelwano okanye imfesane nje eqhelekileyo, kodwa imvakalelo eshukumisa umntu ngokunzulu. Lelona gama lesiGrike linamandla lokubonisa imvakalelo yemfesane.” Eli gama liguqulelwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo njengokuthi “wasikwa yimfesane” okanye “ndishukunyiswa luvelwano.”—Marko 6:34; 8:2, NW.

Xa UYesu Wasikwa Yimfesane

14, 15. Kwisixeko saseGalili, uYesu usikwa yimfesane njani, yaye oku kubonisa ntoni?

14 Oku kwenzeka kwisixeko saseGalili. Indoda “ezele liqhenqa” iza kuYesu ingakhange imlumkise ngokwesiko. (Luka 5:12) Ngaba uYesu uyingxolisa kabukhali kuba ingakhwazanga isithi, “Ndiyinqambi, ndiyinqambi,” njengokuba uMthetho kaThixo wawuyalela? (Levitikus 13:45) Akunjalo. Kunoko, uYesu uyasiphulaphula isicelo sale ndoda: “Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.” “Esikwe yimfesane,” uYesu wolula isandla sakhe aze amchukumise lo uneqhenqa, esithi: “Ndiyathanda; hlambuluka.” Le ndoda ibuyela empilweni ngoko nangoko. Ngaloo ndlela uYesu ubonisa kungekuphela nje amandla akhe angummangaliso awanikwe nguThixo kodwa kwanemvakalelo yobubele emshukumisela ukusebenzisa amandla anjalo.—Marko 1:40-42.

15 Ngaba kumelwe kuyiwe kuYesu ngaphambi kokuba abonise imfesane? Hayi. Ngaxa lithile kamva, udibana nomngcwabo uphuma kwisixeko saseNayin. Alithandabuzeki elokuba mininzi imingcwabo uYesu asele eyibonile, kodwa lo ubuhlungu ngokukhethekileyo. Umfi kuphela konyana womhlolokazi. ‘Esikwe yimfesane,’ uYesu usondela kuye aze athi: “Musa ukulila.” Wandula ke enze ummangaliso obalaseleyo wokumvusela ebomini unyana wakhe.—Luka 7:11-15.

16. Kutheni uYesu esikwa yimfesane ngesihlwele esikhulu esimlandelayo?

16 Isifundo esihle esifundwa kwezi ziganeko zingentla kukuba xa uYesu ‘esikwa yimfesane,’ wenza okuthile ukuze ancede. Ngasihlandlo sithile kamva, uYesu uhlola izihlwele ezazimlandela. UMateyu unikela ingxelo yokuba “wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.” (Mateyu 9:36) AbaFarisi abenzi nto kangako ukwanelisa indlala yokomoya yabantu abaqhelekileyo. Kunoko, bathwalisa aba bantu bathobekileyo imithetho emininzi engeyomfuneko. (Mateyu 12:1, 2; 15:1-9; 23:4, 23) Indlela ababajonga ngayo abantu abaqhelekileyo ityhilwa xa bathi ngabo babephulaphule uYesu: “Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe.”—Yohane 7:49.

17. Imfesane kaYesu ngezihlwele imshukumisa njani, yaye luluphi ukhokelo olunemiphumo ehlal’ ihleli alunikelayo ngeso sihlandlo?

17 Ngokwahlukileyo koko, uYesu uchukunyiswa ngokunzulu yimeko elusizi yokomoya yezihlwele. Kodwa baninzi gqitha abantu abanomdla ukuba angabanyamekela ngokobuqu. Ngoko uxelela abafundi bakhe ukuba bathandazele abasebenzi abangakumbi. (Mateyu 9:35-38) Ngokuvisisana nemithandazo enjalo, uYesu uthuma abapostile bakhe benesi sigidimi: “Ubukumkani bamazulu busondele.” Imiyalelo eyakhutshwa ngeso sihlandlo iye yaba sisikhokelo esixabisekileyo kumaKristu ukuza kuthi ga kulo mhla wethu. Ngokungathandabuzekiyo, ukuba nemfesane kukaYesu kumshukumisela ekubeni anelise ukulamba koluntu ngokomoya.—Mateyu 10:5-7.

18. UYesu usabela njani xa izihlwele zimphazamisa, yaye sifunda siphi isifundo koku?

18 Ngesinye isihlandlo, uYesu kwakhona uba nenkxalabo ngeentswelo zokomoya zezihlwele. Ngesi sihlandlo yena nabapostile bakhe badiniwe emva kokuxakeka kukhenketho lokushumayela, yaye bafuna indawo yokuphumla. Kodwa ngokukhawuleza abantu bayabafumana. Kunokuba uYesu acatshukiswe koku kuphazanyiswa ngoxa bekwindawo esitheleyo, uMarko unikela ingxelo yokuba “wasikwa yimfesane.” Yaye sasiyintoni isizathu sezi mvakalelo zikaYesu zinzulu? “Babenjengezimvu ezingenamalusi.” Kwakhona, uYesu wenza ngokuvisisana neemvakalelo zakhe yaye uqalisa ukuzifundisa izihlwele “ngabo ubukumkani bukaThixo.” Ewe, wayechukumiseke gqitha kukulamba kwazo ngokomoya kangangokuba wancama ukuphumla okwakufuneka ukuze azifundise.—Marko 6:34; Luka 9:11.

19. Inkxalabo kaYesu ngezihlwele yadlulela njani nangaphaya kweentswelo zazo zokomoya?

19 Ngoxa ngokuyintloko wayenenkxalabo ngeentswelo zabantu zokomoya, uYesu akazange azityeshele iintswelo zabo ezisisiseko zokwenyama. Kwangeso sihlandlo, “wayebaphilisa ababeswele impilo.” (Luka 9:11) Ngesinye isihlandlo kamva, izihlwele zazikunye naye kangangexesha elide, yaye zazikude namakhaya. Eyiqonda intswelo yazo yokwenyama, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni.” (Mateyu 15:32) Wandula ke uYesu enze okuthile ukuze athintele oku kubandezeleka kunokuvela. Ngokungummangaliso ulungiselela amawaka amadoda, abafazi nabantwana isidlo ngezonka ezisixhenxe neentlanzi ezimbalwa ezincinane.

20. Sifunda ntoni kwisihlandlo sokugqibela esibhaliweyo uYesu awabonisa imfesane ngaso?

20 Isihlandlo sokugqibela esibhaliweyo sokusikwa yimfesane kukaYesu kusebudeni bohambo lwakhe lokugqibela lokuya eYerusalem. Izihlwele ezikhulu zihamba naye ukuze ziye kubhiyozela iPasika. Endleleni kufutshane neYeriko, iimfama ezimbini ezingqibayo ziyakhwaza zisithi: “Senzele inceba, Nkosi.” Izihlwele zizama ukuzithulisa, kodwa uYesu uyazibiza aze abuze into ezifuna azenzele yona. “Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu,” zimbongoza zisitsho. “Wasikwa ke yimfesane,” wawachukumisa amehlo azo, zaza zabona. (Mateyu 20:29-34) Esinjani sona ukubaluleka isifundo esisifundayo koku! UYesu sele eza kuqalisa iveki yokugqibela yobulungiseleli bakhe basemhlabeni. Kukho umsebenzi omninzi amele awufeze ngaphambi kokufa kabuhlungu ezandleni zabathunywa bakaSathana. Sekunjalo, akavumeli ukucinezeleka kwesi sihlandlo sinzima kumbangele angabi namfesane ngeentswelo zabantu ezingabalulekanga kangako.

Imizekeliso Ebalaselisa Imfesane

21. Kubonisa ntoni ukuxolela kwenkosi ityala elikhulu lomkhonzi wayo?

21 Isenzi sesiGrike esithi splag·khniʹzo·mai, esisetyenziswe kwezi ngxelo zobomi bukaYesu, sikwasetyenziswe kwimizekeliso kaYesu emithathu. Kwelinye ibali umkhonzi ucela ukunikwa ixesha lokuhlawula ityala elikhulu. Inkosi yakhe, ‘isikwe yimfesane,’ iyamxolela ityala lakhe. Oku kubonisa ukuba uYehova uThixo ubonise imfesane enkulu ekuxoleleni ityala elikhulu lesono somKristu ngamnye obonisa ukholo kwidini likaYesu lentlawulelo.—Mateyu 18:27; 20:28.

22. Umzekeliso wonyana wolahleko ubonisa ntoni?

22 Kwandule ke kulandele ibali lonyana wolahleko. Khumbula okwenzekayo xa unyana ogwenxa ebuyela ekhaya. “Akubon’ ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.” (Luka 15:20) Oku kubonisa ukuba xa umKristu oye waphambuka ebonisa ukuguquka kokwenene, uYehova uya kusikwa yimfesane ngaye aze ngobubele amamkele kwakhona. Ngaloo ndlela, ngale mizekeliso mibini, uYesu ubonisa ukuba uBawo wethu, uYehova, “unomsa kakhulu yaye unemfesane.”—Yakobi 5:11, umbhalo osemazantsi weNW.

23. Sifunda siphi isifundo kumzekeliso kaYesu womSamariya olungileyo?

23 Umzekeliso wesithathu elisetyenziswe kuwo igama elithi splag·khniʹzo·mai uphathelele umSamariya onemfesane ‘owasikwa yimfesane’ akubona imeko elusizi yomYuda owayephangiwe waza washiywa eza kufa. (Luka 10:33) Esenza ngokuvisisana nezi mvakalelo, lo mSamariya wenza konke okwakusemandleni akhe ukuze ancede lo mntu wayengamazi. Oku kubonisa ukuba uYehova noYesu balindele ukuba amaKristu okwenyaniso alandele umzekelo wabo ekuboniseni ububele nemfesane. Ezinye zeendlela esinokukwenza ngazo oku ziza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.

Imibuzo Yempinda

◻ Kuthetha ukuthini ukuba nenceba?

◻ UYehova wayibonisa njani imfesane ngegama lakhe?

◻ Yiyiphi eyona mbonakaliso inkulu yemfesane?

◻ UYesu ububonakalisa ngayiphi indlela ebalaseleyo ubuntu bukaYise?

◻ Sifunda ntoni kwizenzo zikaYesu zemfesane nakwimizekeliso yakhe?

[Ibhokisi ekwiphepha 12, 13]

IGAMA ELICACILEYO LOKUCHAZA “INYAMEKO ENOTHANDO”

“IZIBILINI zam, izibilini zam!” Wakhala wenjenjalo umprofeti uYeremiya. Ngaba wayelunywa sisisu ngenxa yento ethile engalunganga awayeyidlile? Akunjalo. UYeremiya wayesebenzisa isikweko sesiHebhere ukuchaza inkxalabo enzulu awayenayo ngentlekele eyayisizela ubukumkani bakwaYuda.—Yeremiya 4:19.

Ekubeni uYehova uThixo eneemvakalelo ezinzulu, igama lesiHebhere elithetha “amathumbu,” okanye “izibilini” (me·ʽimʹ), likwasetyenziselwa ukuchaza iimvakalelo awayenazo zobubele. Ngokomzekelo, kumashumi eminyaka ngaphambi kwemihla kaYeremiya, ubukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli babuthinjwe ngukumkani waseAsiriya. UYehova wakuvumela oku njengesohlwayo sokungathembeki kwazo. Kodwa ngaba uThixo wazilibala ekuthinjweni? Akazange. Wayesenonxibelelwano olunzulu nazo njengabantu bakhe bomnqophiso. Ezibiza ngegama lesizwe esiphambili sakwaEfrayim, uYehova wabuza: “Ngunyana onqabileyo na kum uEfrayim? Ngumntwana wokuteketiswa na, le nto ndithi, ndakuthetha ngaye ndimchasile, ndisuke ndimkhumbule ngakumbi? Ngenxa yoko izibilini zam ziyasika ngaye; inene, ndiya kuba nemfesane kuye.”—Yeremiya 31:20.

Xa wayesithi “izibilini zam ziyasika ngaye,” uYehova wayesebenzisa isigaba sentetho ukuchaza umsa wakhe onzulu ngabantu bakhe ababesekuthinjweni. Egqabaza ngale ndinyana, umphengululi weBhayibhile wenkulungwane ye-19 uE. Henderson wabhala: “Akukho nto inokuba ngaphezu kokubonakaliswa kwemfobe yobuzali kunyana wolahleko obuyayo, apha eboniswa nguYehova. . . . Nangona wayethethe ebachasile [abantu bakwaEfrayim ababenqula izithixo] waza wabohlwaya . . . , akazange abalibale, kodwa, ngokwahlukileyo koko, wayevuyiswa kukuba ekugqibeleni babeza kubuya.”

Igama lesiGrike elithetha “izibilini,” okanye “amathumbu,” lisetyenziswa ngendlela efanayo kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike. Xa lingasetyenziswa ngokoqobo, njengakwiZenzo 1:18, libhekisela kwiimfobe okanye kwimfesane. (Filemon 12) Maxa wambi eli gama lihambisana negama lesiGrike elithetha “lungileyo” okanye “kakuhle.” Umpostile uPawulos noPetros basebenzisa eli binzana lidibeneyo xa bekhuthaza amaKristu ukuba abe “nemfesane [kakhulu, NW]”, ngokoqobo “abe nemfesane kakhulu.” (Efese 4:32; 1 Petros 3:8) Igama lesiGrike elithetha “izibilini” likwanokuhambisana negama lesiGrike elithi pol·yʹ. Xa edibene ngokoqobo athetha “ukuba nezibilini kakhulu.” Eli binzana linqabileyo lesiGrike lisetyenziswa isihlandlo esinye kuphela eBhayibhileni, yaye libhekisela kuYehova uThixo. INew World Translation iliguqulela ngolu hlobo: “UYehova unomsa kakhulu.”—Yakobi 5:11.

Hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngayo kuba oyena unamandla kwindalo iphela, uYehova uThixo, engafani noothixo abakhohlakeleyo abenziwe ngabantu abangenamfesane! Exelisa uThixo wawo “onemfesane kakhulu,” amaKristu okwenyaniso ashukunyiselwa ukuba enze ngokufanayo kwiinkqubano zawo.—Efese 5:1.

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Xa imfesane yobuthixo yafikelela umda wayo, uYehova wavumela amaBhabhiloni aboyisa abantu bakhe ababephambukile

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Ukubukela uNyana wakhe oyintanda esifa kumele ukuba kwakubuhlungu gqitha kuYehova uThixo kunayo nantoni na eyakha yenzeka nakuwuphi na umzali

[Umfanekiso okwiphepha 15]

UYesu wabubonakalisa ngokugqibeleleyo ubuntu bukaYise obunemfesane

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share