IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 9/1 iphe. 8-13
  • Lutsha​—⁠wuxhathiseni Umoya Wehlabathi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lutsha​—⁠wuxhathiseni Umoya Wehlabathi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Yokufanisa Umoya Wehlabathi
  • Iindlela Ozibonakalisa Ngazo Umoya Wehlabathi
  • Indlela Yokulwa Nomoya Wehlabathi
  • Ukuba “Namoya Wumbi”
  • Ngaba Uyawuxhathisa Umoya Wehlabathi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Lutsha—Yintoni Eniyisukelayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Wulumkeleni Umculo Ongakhiyo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Yamkela Umoya KaThixo, Kungekhona Owehlabathi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 9/1 iphe. 8-13

Lutsha​—⁠wuxhathiseni Umoya Wehlabathi

“Ke thina samkela, kungekhona umoya wehlabathi, kodwa umoya ovela kuThixo.”​—⁠1 KORINTE 2:⁠12.

1, 2. (a) Nguwuphi umahluko obonakalayo phakathi kolutsha olusehlabathini nabaselula abakumabandla amaNgqina kaYehova? (b) Ngawaphi amazwi ancomayo esinokuwathetha kwinkoliso yolutsha olungamaNgqina?

“ISIZUKULWANA solutsha lwethu sidangele, siziva singafunwa kwaye siyavukela.” Loo mazwi avakaliswa liphephandaba laseOstreliya iThe Sun-Herald. Lalek’ umsundulo lisithi: “Iingxelo zeenkundla zibonisa ukuba kukho ulwando lwama-22 ekhulwini [ngaphezu kwanyakenye] lwenani labantwana abavela ezinkundleni betyholwa ngokuhlasela abantu ngolunya . . . Umlinganiselo wabantwana abazibulalayo uye wawuphindaphinda kathathu lowo weminyaka yaphakathi kweyee-1960 . . . Kwaye umsantsa wesizukulwana uye wayinyoba yokwenene oluthi ulutsha olukhulayo ngamanani lweyele kuyo lusinge kumhadi weziyobisi, utywala kunye nobomi bokuzibhubhisa.” Noko ke, le meko ayipheleliselwanga kwilizwe elinye. Kulo lonke ihlabathi, abazali, abafundisi-ntsapho kunye neengcali zezigulo zengqondo bakhala ngemeko yabantu abaselula.

2 Onjani ukuba mkhulu umahluko phakathi kolutsha lwanamhlanje nolutsha olusempilweni olufumaneka kumabandla amaNgqina kaYehova! Asithi lufezekile. Nalo lulwa idabi nxamnye ‘neminqweno ebakho ebutsheni.’ (2 Timoti 2:​22) Kodwa njengeqela, aba bantu baselula baye bakumela ngenkalipho okulungileyo kwaye abayekelelanga kwiingcinezelo zehlabathi. Sithi ngxatsho ke kuni nonke nina baselula abaliphumelelayo idabi elinxamnye “namaqhetseba” kaSathana! (Efese 6:​11, umbhalo osemazantsi weNW) Njengompostile uYohane, siziva sinyanzelekile ukuba sithi: “Ndibhalela nina, bafana [nani zintombi], ngenxa yokuba nomelele yaye ilizwi likaThixo lihleli kuni ibe niye namoyisa lowo ungendawo.”​—⁠1 Yohane 2:⁠14.

3. Linokuthetha ntoni igama elithi “umoya”?

3 Noko ke, ukuze niqhubeke niwaphumelela amadabi anxamnye nongendawo, nimele nikuxhathise ngawo onke amandla enu oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘ngumoya wehlabathi.’ (1 Korinte 2:​12) Ngokutsho kwenye incwadi yesiGrike, igama elithi “umoya” lithetha “utyekelo okanye impembelelo etyhutyha ize ilawule umphefumlo wakhe nabani na.” Ngokomzekelo, xa ubona umntu obhabhazela msinya ngumsindo, usenokuthi loo mntu “unomoya” ombi. “Umoya,” okanye utyekelo lweengqondo zenu lunokuluphembelela ukhetho enilwenzayo; lulo oluphembelela izenzo kunye nentetho yenu. Okubangel’ umdla kukuba, “umoya” unokubonakaliswa ngabantu ngabanye kwanangamaqela abantu. Umpostile uPawulos wabhalela iqela lamaKristu esithi: “Ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu mabube nomoya eniwubonisayo.” (Filemon 25) Nguwuphi ke lo moya obonakaliswa lihlabathi? Ekubeni “ihlabathi liphela lilele emandleni alowo ungendawo,” uSathana uMtyholi, umoya wehlabathi awukwazi kuba ngococekileyo, akunjalo?​—⁠1 Yohane 5:⁠19.

Indlela Yokufanisa Umoya Wehlabathi

4, 5. (a) Nguwuphi umoya owawuphembelela abo babekwibandla lase-Efese ngaphambi kokuba babe ngamaKristu? (b) Ngubani ‘umphathi wegunya lomoya,’ kwaye uyintoni ‘umoya’?

4 UPawulos wabhala: “Nini uThixo anenze naphila nakuba nanifile kwizigqitho nezono zenu, enanikhe ngaxesha lithile nahamba kuzo ngokwenkqubo yezinto yeli hlabathi, ngokomphathi wegunya lomoya, umoya ngoku osebenza koonyana bokungathobeli. Ewe, sasikhe sonke ngaxesha lithile saziphatha ngokuvisisana neminqweno yenyama yethu siphakathi kwabo, sisenza izinto ezithandwa yinyama naziingcamango, yaye ngokwemvelo sasingabantwana bengqumbo kwanjengabo abanye.”​—⁠Efese 2:​1-⁠3.

5 Ngaphambi kokuba afunde indlela yobuKristu, amaKristu ase-Efese ayengabalandeli ‘bomphathi wegunya lomoya,’ uSathana uMtyholi, engayazi phofu wona loo nto. Loo “moya” awuyondawo yokoqobo apho uSathana ahlala khona kunye needemon zakhe. Xa uPawulos wayebhala la mazwi, uSathana uMtyholi needemon zakhe babesakwazi ukungena ezulwini. (Thelekisa uYobhi 1:⁠6; ISityhilelo 12:​7-12.) Igama elithi ‘umoya’ lithetha isimo sengqondo Ok for Xesilawula ihlabathi likaSathana. (Thelekisa ISityhilelo 16:​17-21.) Njengalo moya usingqongileyo, esi simo sengqondo sizalise yonke indawo.

6. Liyintoni ‘igunya lomoya,’ kwaye lisebenza njani kwabaselula abaninzi?

6 Kodwa liyintoni ‘igunya lomoya’? Kuyabonakala ukuba, oku kubhekisela kwimpembelelo enkulu onayo lo “moya” ebantwini. UPawulos wathi lo moya ‘usebenza koonyana bokungathobeli.’ Ngoko umoya wehlabathi uvelisa umoya wokungathobeli nowemvukelo, kwaye ingcinezelo yoontanga yenye yeendlela elisebenza ngayo eli gunya. Enye intwazana eliNgqina ithi: “Esikolweni, wonk’ ubani usoloko ekukhuthaza ukuba ukhe ube nemvukelo nje kancinane. Abanye abantwana bakuhlonela nangakumbi xa wenze into esondele kwimvukelo.”

Iindlela Ozibonakalisa Ngazo Umoya Wehlabathi

7-9. (a) Chaza ezinye zeendlela obonakala ngazo umoya wehlabathi kwabaselula namhlanje. (b) Ngaba sele ukhe waziphawula ezi zinto ekuhlaleni?

7 Ziziphi ezinye zeendlela ozibonakalisa ngazo umoya wehlabathi kubantu abaselula namhlanje? Kukunganyaniseki nemvukelo. Elinye iphephancwadi lanikela ingxelo yokuba bangama-70 ekhulwini kubafundi abakunyaka wokuqala nabakunyaka wokugqibela ekholeji abavumayo ukuba baqhatha xa babekwisikolo samabanga aphezulu. Intetho ebonisa ukungabi nambeko, ephoxayo kunye nengcolileyo ikuyo yonke indawo. Kuyinyaniso ukuba, ngamanye amaxesha uYobhi nompostile uPawulos basebenzisa oko abanye basenokukugqala njengempoxo ukuze babonakalise ukucaphuka kwabo okufanelekileyo. (Yobhi 12:⁠2; 2 Korinte 12:​13) Noko ke, impoxo enenkohlakalo ephuma kuloo miletyana yabantu abaselula abaninzi idla ngokulingana nezithuko.

8 Ukuzihlaziya ngokugqithisileyo kukwayindlela ozibonakalisa ngayo umoya wehlabathi. Imijuxuzo yasebusuku, imidaniso ebakho ubusuku bonke,a nezinye iindlela zokuzonwabisa ezingalawulekiyo ziyathandwa lulutsha. Ukunxiba nokuzilungisa ngendlela exhomis’ amehlo kuxhaphake ngendlela efanayo. Izinto ezinjengokunxiba iimpahla ezinkulu okusisimbo sabalandeli behip-hop, kunye nezinye izimbo ezikushiya ubambe ongezantsi, ezinjengokugqobhoza amalungu omzimba, ulutsha lwanamhlanje luzingqina lungenwe mpela ngumoya wemvukelo weli hlabathi. (Thelekisa eyabaseRoma 6:​16.) Ukuthi swi zizinto eziphathekayo yenye indlela ozibonakalisa ngayo lo moya. Ngokutsho komnye ulindixesha wezemfundo, “abezorhwebo babavingcele ekoneni abantwana bebosela ngobugcisa obungayiwayo nangothotho lweemveliso zabo.” Ngexesha ulutsha lwaseUnited States luphumelela kwisikolo samabanga aphezulu, luza kube selubone izibhengezo zentengiso ezingama-360 000 kumabonwakude. Oontanga bakho basenokukuphembelela ukuba uthenge. Enye intombazana eneminyaka eli-14 ithi: “Wonke umntu usoloko ekubuza, ‘Yintoni igama lale jezi, ibhatyi okanye ijean yakho?’ ”

9 Ukususela kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, umculo ongcolileyo ubusisixhobo sikaSathana sokuvuselela ihambo engacocekanga. (Thelekisa iEksodus 32:​17-19; INdumiso 69:​12; Isaya 23:​16.) Ngoko ke, akumangalisi ukuba umculo onamazwi arhwebeshela kwiintlobano zesini​—⁠ukuba awuthethi manyala phofu​—⁠nonentetho engcolileyo, ondlongondlongo, onesingqi esivuselela inkanuko uthandwa kangaka. Ukanti enye indlela ozibonakalisa ngayo umoya ongacocekanga weli hlabathi kukuziphatha okubi ngokwesini. (1 Korinte 6:​9-11) IThe New York Times inikela le ngxelo: “Kwabakwishumi elivisayo abaninzi isini sesifana nje nesiko elithile omele ulenze ukuze wamkeleke . . . Bangaphezu kwesibini kwisithathu abafundi besikolo samabanga aphakamileyo abakunyaka wokugqibela abakhe baba neentlobano zesini.” Elinye inqaku leThe Wall Street Journal lacaphula ubungqina bokuba abantwana abaphakathi kobudala beminyaka esi-⁠8 neli-12 “baba neentlobano zesini nangakumbi.” Omnye umcebisi wabafundi osandul’ ukuthabatha umhlala-phantsi uthi: “Sele siqalisile ukubona imbinana yabantwana abakwibanga lesine abakhulelweyo.”b

Indlela Yokulwa Nomoya Wehlabathi

10. Olunye ulutsha olukhuliswa ziintsapho ezingamaKristu luye lwayekelela njani kumoya wehlabathi?

10 Okulusizi kukuba, olunye ulutsha olungamaKristu luye lwayekelela kumoya wehlabathi. Enye intombazana yomJapan iyavuma: “Ndandibonakalisa isimo sengqondo esihle phambi kwabazali bam naphambi kwamanye amaKristu. Kodwa ndandiphila ubomi obumbaxa.” Omnye oselula waseKenya uthi: “Kangangexesha elithile ndandiphila ubomi obumbaxa, obabuquka ukuya emathekweni, ukuphulaphula umculo werock, nokuba nabahlobo abangalunganga. Ndandisazi ukuba iphosakele loo nto, kodwa ndazama ukuyibetha ngoyaba, ndinethemba lokuba iya kusuka iziphelele nje ethubeni. Kodwa ayizange yenzeke loo nto. Imeko yaya isiba mbi.” Omnye oselula waseJamani uthi: “Yonke le nto yaqalisa ngokuba nabahlobo abangalunganga. Emva koko ndaqalisa ukutshaya. Ndandifuna ukubavisa ubuhlungu abazali bam, kodwa oyena mntu wayesiva ubuhlungu yayindim lo.”

11. UKalebhi wakwazi njani ukuxhathisa angahambi nomndilili xa iintlola ezilishumi zabuya nengxelo embi?

11 Noko ke, ikho indlela yokuwuxhathisa, ewe eyokuwutyhalela kude, umoya wehlabathi. Khawucinge ngomzekelo wamandulo kaKalebhi. Xa amatyutyusi eentlola ezilishumi abuya nengxelo embi ngeLizwe Ledinga, yena noYoshuwa, abazange bavume ukuphazanyiswa baze bahambe nomndilili. Ngenkalipho bathi: “Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene. Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; lilizwe elibaleka amasi nobusi.” (Numeri 14:​7, 8) Yintoni eyenza uKalebhi wakwazi ukuyixhathisa yonke loo ngcinezelo? UYehova wathetha wenjenje ngoKalebhi: “Ebenamoya wumbi.”​—⁠Numeri 14:⁠24.

Ukuba “Namoya Wumbi”

12. Kutheni kubalulekile ukuba “namoya wumbi” ngokuphathelele intetho kabani?

12 Namhlanje, kufuneka inkalipho nokomelela ukuze ubani abe “namoya wumbi,” okanye isimo sengqondo​—⁠esahlukileyo kweseli hlabathi. Enye indlela onokukwenza ngayo oku kukuphepha intetho ephoxayo, nentama ukungabi nantlonelo. Okubangel’ umdla kukuba igama lesiNgesi elithetha “impoxo” lithatyathwe kwisenzi sesiGrike ngokoqobo esithetha “ukuhlephula inyama njengezinja.” (Thelekisa eyabaseGalati 5:​15.) Kanye njengokuba inja inokusebenzisa amazinyo ayo ukuze ihlephule inyama esethanjeni, yenjenjalo impoxo “ehlekisayo” ukubahlutha isidima sabo abanye. Kodwa eyabaseKolose 3:⁠8 iyanibongoza ukuba ‘nilahle konke, ingqumbo, umsindo, ububi, yaye kungaphumi ntetho itshabhisayo, nantetho ingamanyala emlonyeni wenu.’ Kwaye IMizekeliso 10:​19 ithi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki sono; owubambayo umlomo wakhe unengqiqo.” Ukuba umntu othile uyakuthuka, zibambe uze ‘umphethulele nesinye isidlele,’ mhlawumbi uthethe naloo mntu ukuthukileyo ngasese, uzolile yaye useluxolweni.​—⁠Mateyu 5:​39; IMizekeliso 15:⁠1.

13. Ulutsha lunokuba nembono elungeleleneyo njani ngezinto eziphathekayo?

13 Enye indlela yokuba “namoya wumbi” kukuba nembono elungeleleneyo ngezinto eziphathekayo. Kakade ke, kungokwemvelo ukufuna ukuba nezinto ezintle. KwanoYesu Kristu ngokwakhe kubonakala ukuba ubuncinane wayenengubo enye esemgangathweni. (Yohane 19:​23, 24) Noko ke, xa usithi phithi kukuba nezinto yaye usoloko ucela abazali bakho ukuba bakuthengele izinto abangakwaziyo ukuzifikelela, okanye xa ufuna nje ukuxelisa olunye ulutsha, usenokuba umoya wehlabathi ukulawula ngaphezu kokuba wena ucinga. IBhayibhile ithi: “Yonk’ into esehlabathini​—⁠umnqweno wenyama nomnqweno wamehlo nokubonisa kukabani ngokuqhayisa ngezinto zakhe zobomi​—⁠ayiphumi kuBawo, kodwa iphuma ehlabathini.” Ewe, musa ukuvumela umoya wokuthanda izinto eziphathekayo weli hlabathi ukulawule! Ziqhelise ukwanela yiloo nto unayo.​—⁠1 Yohane 2:​16; 1 Timoti 6:​8-⁠10.

14. (a) Abantu bakaThixo bomhla kaIsaya babonakalisa njani ukuba babenembono engalungelelananga ngokuzihlaziya? (b) Ziziphi iingozi oluye olunye ulutsha olungamaKristu lwadibana nazo kwimijuxuzo yasebusuku nakumatheko angalawulekiyo?

14 Kukwabalulekile nokugcina ukuzihlaziya kukwindawo yako. Umprofeti uIsaya wavakalisa oku: “Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini! Ibe luhadi nomrhube, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni.” (Isaya 5:​11, 12) Okubuhlungu kukuba, olunye ulutsha olungamaKristu luye lwaya kumatheko angalawulekiyo anjalo. Xa iqela lolutsha olungamaKristu lacelwa ukuba lichaze oko kwenzekayo kwimijuxuzo yasebusuku, omnye udade oselula wathi: “Kuliwa umhla nezolo phaya. Nam ndiye ndazifumana ndiphakathi kwaloo milo.” Omnye umzalwana oselula wongezelela esithi: “Kuyaselwa, kuyatshaywa, yonke loo nto.” Omnye umzalwana oselula yena wavuma esithi: “Abantu bayanxila. Benze izinto zobudenge! Kwaye kubakho neziyobisi. Zininzi nje izinto ezimbi ezenzekayo. Ukuba uyaya phaya kodwa ucinga ukuba akuchaphazeleki, uyaxoka.” Ngoko ayiphazami iBhayibhile xa ibala iziyunguma, okanye “amatheko angalawulekiyo,” njengenxalenye ‘yemisebenzi yenyama.’​—⁠Galati 5:​19-21; Byington; Roma 13:⁠13.

15. Yiyiphi imbono elungeleleneyo ngokuzihlaziya enikelwa yiBhayibhile?

15 Ukuphepha ukuzihlaziya okuyingozi akuyi kukwenza uphile ubomi obukruqulayo. Sinqula ‘uThixo onoyolo,’ ofuna sinandiphe ubutsha bethu! (1 Timoti 1:​11; INtshumayeli 11:⁠9) Kodwa ke iBhayibhile iyalumkisa: “Othanda imigcobo [“ukuzonwabisa,” Lamsa] uba yindoda esweleyo.” (IMizekeliso 21:​17) Ewe, ukuba ukuzihlaziya kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho, uya kuswela ngokomoya. Ngoko landela imigaqo yeBhayibhile xa ukhetha iindlela zokuzihlaziya. Zininzi iindlela onokuzonwabisa ngazo eziya kukwakha kunokuba zikuchithe.c​—⁠INtshumayeli 11:⁠10.

16. Ulutsha olungamaKristu lunokubonisa njani ukuba lwahlukile?

16 Ukunxiba nokuzilungisa ngendlela enesidima, ukuzichasa izimbo zeli hlabathi, kuya kukwenza wahluke. (Roma 12:⁠2; 1 Timoti 2:⁠9) Kunjalo ke nangomculo owukhethayo. (Filipi 4:​8, 9) Omnye umKristu oselula wavuma esithi: “Ukho wona umculo endiqondayo ukuba ndifanele ndiwulahle, kodwa indlela omnandi ngayo!” Omnye umfana naye wavuma esithi: “Kum umculo usisilingo kuba ndiyawuthanda. Xa ndifumanisa ukuba kukho into ephosakeleyo ngawo, okanye ndiyiboniswa ngabazali bam, kuye kufuneke ndiyiqhube ngenkani ingqondo ukuba yongamele intliziyo kuba intliziyo yona iyawuthanda loo mculo.” Lutsha, musani ‘ukungabi nalwazi ngamacebo kaSathana’! (2 Korinte 2:​11) Usebenzisa umculo ngelizama ukwenza amaKristu aselula amnikele umva uYehova! Iimpapasho zeWatch Tower ziye zanamanqaku athetha ngomculo werap, oweheavy metal, kunye nolunye uhlobo lwerock.d Noko ke, iimpapasho zeWatch Tower azinako ukuxubusha zonke iintlobo neendidi zomculo ezifikayo. Ngoko ke, nini abamele basebenzise “amandla okucinga” kunye ‘nokuqonda’ xa nikhetha umculo.​—⁠IMizekeliso 2:​11, NW.

17. (a) Yintoni ipor·neiʹa, kwaye iquka ntoni? (b) Kuyintoni ukuthanda kukaThixo xa kufikwa kumba wokuziphatha?

17 Okokugqibela, nimele nizigcine nicocekile ngokokuziphatha. IBhayibhile iyabongoza: “Sabani kulo uhenyuzo.” (1 Korinte 6:​18) Igama lesiGrike santlandlolo eliguqulelwe ngokuthi uhenyuzo, elithi por·neiʹa, libhekisela kuzo zonke izenzo zeentlobano zesini ezingekho mthethweni ezibandakanya ukusetyenziswa kwamalungu esini ezenziwa ngaphandle kweqhina lomtshato. Oko kuquka iintlobano zesini zasemlonyeni kunye nokuphululwa ngabom kwamalungu esini. Uninzi lolutsha olungamaKristu luye lwazenza ezi zinto, lucinga ukuba aluhenyuzi ngokwenjenjalo. Noko ke, iLizwi likaThixo lichaza ngokucacileyo lisithi: “Kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhwebuke kuhenyuzo; ukuba ngamnye wenu akwazi ukufumana esakhe isitya ngobungcwalisa nembeko.”​—⁠1 Tesalonika 4:​3, 4.

18. (a) Oselula unokukuphepha njani ukungcoliswa ngumoya wehlabathi? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?

18 Ewe, ngoncedo lukaYehova, unako ukukuphepha ukungcoliswa ngumoya weli hlabathi! (1 Petros 5:​10) Noko ke, uSathana udla ngokuyifihla imigibe yakhe, yaye maxa wambi kuye kufuneke umntu asebenzise ingqondo ngokwenene ukuze abone ukuba kukho ingozi. Inqaku elilandelayo lilungiselelwe ukunceda ulutsha lukhulise amandla alo engqondo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Amatheko ekudla ngokujuxuzwa kuwo ubusuku bonke. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ngaba Imijuxuzo Yasebusuku Ziziyolo Ezingenabungozi?” kwinkupho kaVukani! kaJanuwari 8, 1998.

b Ngabantwana abamalunga neminyaka eli-11 ubudala ke abo.

c Ukuze ufumane amacebiso, bona iphepha 296-303 lencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula​—⁠Iimpendulo Eziluncedo.

d Bona inkupho yeMboniselo ka-Aprili 15, 1993.

Imibuzo Yempinda

◻ Yintoni “umoya wehlabathi,” kwaye uba ‘negunya’ njani ebantwini?

◻ Ziziphi ezinye zeendlela ozibonakalisa ngazo umoya wehlabathi kulutsha lwanamhlanje?

◻ Ulutsha olungamaKristu lunokuba “namoya wumbi” njani ngokuphathelele intetho nokuzihlaziya?

◻ Ulutsha olungamaKristu lunokuba “namoya wumbi” njani ngokuphathelele ukuziphatha nomculo?

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Ulutsha oluninzi lubonisa ngendlela oluziphatha ngayo ukuba lulawulwa ‘ligunya’ lomoya wehlabathi

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Wukhethe ngenyameko umculo

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Kuye kufuneke inkalipho ukuze ubani awuxhathise umoya wehlabathi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share