Hlakulela Ukuba Intliziyo Yakho Imoyike UYehova
“Akwaba nje besingahlakulela le ntliziyo yokundoyika nokuyigcina imiyalelo yam yonke ngamaxesha onke.”—DUTERONOMI 5:29.
1. Sinokuqiniseka njani ukuba ngenye imini abantu baya kukhululeka kuloyiko?
KANGANGEENKULUNGWANE uluntu beluthwaxwa luloyiko. Ukoyika indlala, izifo, ulwaphulo-mthetho okanye imfazwe kubangela ukuba izigidi zabantu zihlale zinxunguphele. Ngenxa yesi sizathu uxwebhu olubizwa ngokuba yiUniversal Declaration of Human Rights lutshayelela ngokuchaza umnqweno wokwenza ihlabathi libe yindawo apho abantu beya kukhululeka ekoyikeni.a Okuvuyisayo kukuba, uThixo usiqinisekisa ukuba ihlabathi liza kuba njalo—nangona oko kungayi kubangelwa yimigudu yabantu. Esebenzisa umprofeti wakhe uMika, uYehova usithembisa ukuba kwihlabathi lakhe elitsha lobulungisa, ‘akuyi kubakho bani ungcangcazelisa abantu bakhe.’—Mika 4:4.
2. (a) IZibhalo zisibongoza njani ukuba simoyike uThixo? (b) Yiyiphi imibuzo esenokubuzwa xa sicinga ngembopheleleko esinayo yokoyika uThixo?
2 Kwelinye icala, uloyiko lunokuba luphawu oluhle. EZibhalweni, ngokuphindaphindiweyo abakhonzi bakaThixo babongozwa ukuba bamoyike uYehova. UMoses wathi kumaSirayeli: “Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze.” (Duteronomi 6:13) Kwiinkulungwane kamva uSolomon wabhala: “Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.” (INtshumayeli 12:13) Ngomsebenzi wethu wokunikela ubungqina, owenziwa phantsi kolwalathiso lweengelosi, nathi ngokufanayo sibongoza bonke abantu ukuba ‘boyike uThixo bamzukise.’ (ISityhilelo 14:6, 7) Ukongezelela ekoyikeni uYehova, amaKristu amele amthande ngentliziyo yawo yonke. (Mateyu 22:37, 38) Sinokumthanda njani uThixo size kwangaxeshanye simoyike? Kutheni kufuneka simoyike uThixo onothando? Ziziphi iingenelo esizizuzayo ngokuhlakulela ukumoyika uThixo? Ukuze siphendule le mibuzo, okokuqala simele siqonde ukuba kuthetha ukuthini ukumoyika uThixo nendlela olu hlobo loloyiko olusisiseko ngayo kulwalamano lwethu noYehova.
Uloyiko Nentlonelo Enzulu
3. Kuthetha ntoni ukumoyika uThixo?
3 AmaKristu afanele amoyike uThixo njengoMenzi wawo. Enye indlela oluchazwa ngayo olu loyiko kuthiwa “luloyiko nentlonelo enzulu ngoMdali nokoyika ukwenza izinto ezingamkholisiyo.” Ngaloo ndlela, ukumoyika uThixo kuphembelela iinkalo ezimbini ezibalulekileyo ebomini bethu: isimo sengqondo esinaso ngoThixo nesimo sengqondo esinaso ngokuphathelele ihambo ayithiyileyo. Ngokucacileyo, zombini ezi nkalo zibalulekile yaye sifanele sizihlolisise ngenyameko. Njengoko iVine’s Expository Dictionary of New Testament Words ibonisa, kumaKristu olu loyiko lunzulu ‘yintshukumisa elawula ubomi bawo, kwimicimbi yokomoya neyokuziphatha.’
4. Sinokukuhlakulela njani ukumoyika nokumhlonela uMdali wethu?
4 Sinokuluhlakulela njani uloyiko nentlonelo ngoMdali wethu? Xa sibona imbonakalo entle yelizwe, ingxangxasi entle okanye ubuhle bokutshona kwelanga, siyakhwankqiswa. Sivakalelwa ngaloo ndlela ngakumbi xa, ngamehlo okholo, sibona ukuba yonke loo misebenzi yendalo yenziwe nguThixo. Ngapha koko, njengoKumkani uDavide, siyakuqonda ukungabi nto kwethu xa sithelekiswa nendalo kaYehova eyoyikekayo. “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo?” (INdumiso 8:3, 4) Olu loyiko lunzulu lubangela ukuba simhlonele, nto leyo esikhokelela ekubeni simbulele size simdumise uYehova ngazo zonke izinto asenzela zona. Kwakhona, uDavide wabhala: “Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo. Imisebenzi yakho iyamangalisa, njengoko umphefumlo wam uqonda kakuhle.”—INdumiso 139:14.
5. Kutheni sifanele simoyike uYehova, yaye nguwuphi umzekelo omhle esinawo ngokuphathelele le nkalo?
5 Uloyiko nentlonelo zibangela ukuba siwoyike ngendlela efanelekileyo amandla kaThixo njengoMdali negunya analo njengoMlawuli ofanelekileyo wendalo iphela. Embonweni, umpostile uYohane wabona ‘abo baloyisileyo irhamncwa nomfanekiso walo’—abalandeli bakaKristu abathanjisiweyo kwizigxina zabo zasezulwini—besithi: “Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho, Yehova, Thixo Somandla. Zibubulungisa yaye ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani kanaphakade. Ngubani na ongayi kukoyika ngokwenene wena, Yehova, aze azukise igama lakho?” (ISityhilelo 15:2-4) Ukumoyika uThixo, okubangelwa yintlonelo enzulu ngenxa yobungangamsha bakhe, kubangela ukuba aba baza kulawula noKristu kuBukumkani basezulwini bamhlonele uThixo njengoyena unegunya eliphakamileyo. Xa sihlolisisa konke oko uYehova akuphumezileyo nendlela yobulungisa alawula ngayo indalo, ngaba oko akubangeli ukuba sibe nezizathu ezininzi zokumoyika?—INdumiso 2:11; Yeremiya 10:7.
6. Kutheni sifanele sibe noloyiko olufanelekileyo lokungamkholisi uYehova?
6 Noko ke, ukongezelela kuloyiko nentlonelo, simele sibe noloyiko olufanelekileyo lokungamkholisi uThixo okanye ukungamthobeli. Ngoba? Ngenxa yokuba nangona uYehova ‘ezeka kade umsindo, enobubele bothando obuninzi,’ simele sikhumbule ukuba ‘akamenzi msulwa ofanelwe sisohlwayo.’ (Eksodus 34:6, 7) Nangona enothando yaye enenceba, uYehova akakunyamezeli ukungalungisi nokona ngabom. (INdumiso 5:4, 5; Habhakuki 1:13) Abo benza okungendawo emehlweni kaYehova baze benze okuchasene naye ngabom yaye bangaguquki abanakungohlwaywa. Njengoko umpostile uPawulos watshoyo, “kuyinto eyoyikekayo ukuwela ezandleni zoThixo ophilayo.” Ukuba noloyiko olufanelekileyo lokuwela kwimeko enjalo ekugqibeleni kuya kusikhusela.—Hebhere 10:31.
“Ninamathele Kuye”
7. Ziziphi izizathu esinazo zokuba nentembelo kumandla kaYehova asindisayo?
7 Ukoyika uThixo nokuqonda ukuba unamandla amakhulu kukhokelela ekukholoseni ngoYehova nasekubeni nentembelo kuye. Kanye njengokuba umntwana omncinane eziva ekhuselekile xa uyise ekufuphi, nathi siziva sinqabisekile yaye sinentembelo phantsi kolwalathiso lukaYehova. Phawula indlela awasabela ngayo amaSirayeli emva kokuba uYehova ewakhuphe eYiputa: “Wakubona ke uSirayeli ukusebenza kwesandla esikhulu sikaYehova nxamnye namaYiputa; bamoyika abantu uYehova baza bakholwa kuYehova.” (Eksodus 14:31) Namava kaElisha abubungqina bokuba “ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo, ize ibahlangule.” (INdumiso 34:7; 2 Kumkani 6:15-17) Imbali yanamhlanje yabantu bakaYehova yaye mhlawumbi namava ethu obuqu angqina ukuba uThixo usebenzisa amandla akhe ngokuphathelele abo bamkhonzayo. (2 Kronike 16:9) Ngaloo ndlela, siqalisa ukuqonda ukuba “ekoyikeni uYehova kukho intembelo eyomeleleyo.”—IMizekeliso 14:26.
8. (a) Kutheni ukoyika uThixo kusishukumisela ukuba sihambe ezindleleni zakhe? (b) Chaza indlela esifanele ‘sinamathele’ ngayo kuYehova.
8 Ukoyika uThixo ngendlela efanelekileyo akubangeli nje ukuba sikholose size sibe nentembelo kuye kodwa kusishukumisela nokuba sihambe ezindleleni zakhe. Xa uSolomon wayevula itempile, wathandaza kuYehova wathi: ‘USirayeli akoyike, ahambe ngeendlela zakho yonke imihla yokuphila kwakhe phezu komhlaba owawunika ookhokho bethu.’ (2 Kronike 6:31) Ngaphambilana, uMoses wabongoza amaSirayeli esithi: “Nize nilandele uYehova uThixo wenu, noyike yena, nigcine imiyalelo yakhe, niphulaphule ilizwi lakhe, nikhonze yena, ninamathele kuye.” (Duteronomi 13:4) Njengoko ezi ndinyana zibonisa ngokucacileyo, umnqweno wokuhamba ngeendlela zikaYehova ‘nokunamathela’ kuye ubangelwa kukukholosa nokuba nentembelo kuThixo. Ewe, ukoyika uThixo kubangela ukuba sithobele uYehova, simkhonze size sinamathele kuye, kanye njengoko umntwana omncinane enamathela ngokoqobo kuyise akholose nathembele ngaye ngokupheleleyo.—INdumiso 63:8; Isaya 41:13.
Ukuthanda UThixo Kukumoyika
9. Kukuphi ukunxibelelana okukhoyo phakathi kokuthanda uThixo nokoyika uThixo?
9 Ngokwembono yeZibhalo, ukoyika uThixo akuthethi kuthi simele singamthandi. Ngokwahlukileyo koko, amaSirayeli ayalelwa ukuba ‘oyike uYehova ahambe ngeendlela zakhe zonke aze amthande.’ (Duteronomi 10:12) Ngaloo ndlela, ukoyika uThixo nokuthanda uThixo kunxulumene ngokusondeleyo. Ukoyika uThixo kusishukumisela ukuba sihambe ezindleleni zakhe, yaye oku kububungqina bokuba siyamthanda. (1 Yohane 5:3) Oku kusengqiqweni ngenxa yokuba xa sithanda umntu, ngendlela efanelekileyo siyoyika ukumvisa ubuhlungu. AmaSirayeli ayemenza buhlungu uYehova ngenxa yekhondo lawo lemvukelo entlango. Ngokuqinisekileyo, asingethandi ukwenza nantoni na enokubangela usizi olunjalo kuBawo wethu osezulwini. (INdumiso 78:40, 41) Kwelinye icala, ekubeni ‘uYehova eyoliswa ngabo bamoyikayo,’ intobelo nokuthembeka kwethu kuyayivuyisa intliziyo yakhe. (INdumiso 147:11; IMizekeliso 27:11) Ukuthanda uThixo kusishukumisela ukuba simkholise yaye ukoyika uThixo kusithintela ukuba singamenzi buhlungu. Ezi mpawu ziyaphelelisana, azichasananga.
10. UYesu wabonisa njani ukuba wayeyoliswa kukoyika uYehova?
10 Ikhondo lobomi bukaYesu Kristu libonisa ngokucacileyo indlela esinokumthanda ngayo uThixo size kwangaxeshanye simoyike. Ethetha ngoYesu, umprofeti uIsaya wabhala: “Umoya kaYehova umele uhlale phezu kwalo, umoya wobulumko nowokuqonda, umoya wecebo nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova; yaye uya kuyoliswa kukoyika uYehova.” (Isaya 11:2, 3) Ngokutsho kwesi siprofeto, umoya kaThixo washukumisela uYesu ukuba oyike uYise osezulwini. Ukongezelela, siphawula ukuba olu loyiko, lwalungeloxanduva koko lwalumenza aneliseke. UYesu wayekuvuyela ukwenza ukuthanda kukaThixo nokumkholisa, kwanaphantsi kwezona meko zinzima. Xa wayejamelene nokubulawa kwisibonda sentuthumbo, wathi kuYehova: “Kungekhona ngokuthanda kwam, kodwa ngokuthanda kwakho.” (Mateyu 26:39) Ngenxa yokoyika kwakhe uThixo, uYehova waziphulaphula izibongozo zoNyana wakhe, wamomeleza waza wamsindisa ekufeni.—Hebhere 5:7.
Ukufunda Ukoyika UYehova
11, 12. (a) Kutheni simele sifunde ukumoyika uThixo? (b) UYesu usifundisa njani ukoyika uYehova?
11 Ngokungafaniyo nethuku lemvelo esiba nalo xa sibona amandla nokuzuka kwendalo, ukoyika uThixo asinto izenzekelayo. Kungenxa yoko le nto uDavide Omkhulu, uYesu Kristu, ngendlela eprofetayo edlulisela esi simemo kuthi: “Yizani, bonyana, ndiphulaphuleni; ndiya kunifundisa ukoyika uYehova.” (INdumiso 34:11) Sinokufunda njani kuYesu ukoyika uYehova?
12 UYesu usifundisa ukoyika uYehova ngokusinceda siqonde ubuntu obuhle ngendlela emangalisayo, bukaBawo wethu osezulwini. (Yohane 1:18) Umzekelo kaYesu utyhila indlela uThixo acinga ngayo nendlela abaphatha ngayo abanye, kuba uYesu uyimbonakaliso egqibeleleyo yobuntu bukaYise. (Yohane 14:9, 10) Ukongezelela, ngedini likaYesu, siyakwazi ukusondela kuYehova xa sithandazela ukuxolelwa kwezono zethu. Le mbonakaliso ibalaseleyo yenceba kaThixo yintshukumisa enamandla yokuba simoyike. Umdumisi wabhala: “Kuba ukuxolela kokwenyaniso kukuwe, ukuze woyikwe.”—INdumiso 130:4.
13. Ngawaphi amanyathelo achazwe kwincwadi yeMizekeliso asincedayo ukuze simoyike uYehova?
13 Incwadi yeMizekeliso ichaza uluhlu lwamanyathelo asinceda soyike uThixo. “Nyana wam, ukuba uya kuwamkela amazwi am uze uyigcine kuwe imiyalelo yam, khon’ ukuze unikele ingqalelo kubulumko ngendlebe yakho, ukuba uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; ukuba uthe, ngaphezu koko, wabiza ukuqonda, nelizwi lakho walisa ekuqondeni, . . . uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo.” (IMizekeliso 2:1-5) Ngoko ke, ukuze soyike uThixo simele sifundisise iLizwi lakhe, size sizabalazele ukuqonda umyalelo walo, sandule ke sinikele ingqalelo ngenyameko kwisiluleko salo.
14. Sinokusisebenzisa njani isiluleko esanikwa ookumkani bakwaSirayeli?
14 Kumkani ngamnye kuSirayeli wamandulo wayeyalelwa ukuba akhuphele umbhalo woMthetho aze “awufunde imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakhe nokuwagcina onke amazwi alo mthetho.” (Duteronomi 17:18, 19) Ukufunda nokufundisisa iBhayibhile nako kubalulekile ukuze sifunde ukumoyika uYehova. Njengoko sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini bethu, ngokuthe ngcembe sizuza ubulumko nolwazi oluvela kuThixo. ‘Siyakuqonda ukoyika uYehova’ ngenxa yokuba sibona imiphumo emihle okuyivelisayo ebomini bethu, yaye siyaluxabisa ulwalamano lwethu noThixo. Ukongezelela, ngokuhlanganisana rhoqo namanye amakholwa, aselula nasele ekhulile, siyakwazi ukuphulaphula oko uThixo akufundisayo, sifunde ukumoyika uThixo size sihambe ezindleleni zakhe.—Duteronomi 31:12.
Unoyolo Wonk’ ubani Omoyikayo UYehova
15. Ukoyika uThixo kunxulumene njani nokumnqula kwethu?
15 Ngokusuka koku kuchazwe ngasentla, siyabona ukuba ukoyika uThixo sisimo sengqondo esifanelekileyo esifanele sonke sisihlakulele, ekubeni kuyinxalenye ebalulekileyo yokunqula kwethu uYehova. Kubangela ukuba sikholose ngaye ngokupheleleyo, sihambe ezindleleni zakhe size sinamathele kuye. Njengoko kwakunjalo ngoYesu Kristu, ukoyika uThixo kunokusishukumisela ukuba sizalisekise isifungo sokuzahlulela kwethu ngoku kude kuse ephakadeni.
16. Kutheni uYehova esikhuthaza ukuba simoyike?
16 Ukoyika uThixo asikokugubha ngenxa yakhe okanye sizibekele imiqathango engqongqo gqitha ngokungeyomfuneko. IBhayibhile iyasiqinisekisa: “Unoyolo wonk’ ubani omoyikayo uYehova, ohamba ngeendlela zakhe.” (INdumiso 128:1) UYehova usikhuthaza ukuba simoyike ngenxa yokuba uyazi ukuba olu phawu luya kusikhusela. Siphawula inkxalabo enothando anayo, kumazwi awawathetha kuMoses esithi: ‘Akwaba nje amaSirayeli ebengahlakulela le ntliziyo yokundoyika nokuyigcina imiyalelo yam yonke ngamaxesha onke, ukuze kulunge kuwo noonyana bawo kuse kwixesha elingenammiselo!’—Duteronomi 5:29.
17. (a) Ziziphi iingenelo esizizuzayo ngokoyika uThixo? (b) Ziziphi iinkalo zokoyika uThixo eziya kuhlolisiswa kwinqaku elilandelayo?
17 Ngokufanayo, ukuba sihlakulela ukumoyika uThixo ezintliziyweni zethu, izinto ziya kusihambela kakuhle. Ngaziphi iindlela? Okokuqala, isimo sengqondo esinjalo siya kumvuyisa uThixo yaye siya kusisondeza kuye. UDavide wayesazi ngokusuka kumava akhe obuqu ukuba “uya kukwenza oko kunqwenelwa ngabo bamoyikayo, nokukhalela kwabo uncedo uya kukuva, yaye uya kubasindisa.” (INdumiso 145:19) Okwesibini, ukoyika uThixo kuya kusenza singenelwe ngenxa yokuba kuya kuba nempembelelo kwisimo sethu sengqondo ngokuphathelele oko kubi. (IMizekeliso 3:7) Kwinqaku elilandelayo siza kuhlolisisa indlela olu loyiko olusilondoloza ngayo kwiingozi zokomoya, yaye kuya kuhlolisiswa eminye imizekelo eseZibhalweni yamadoda awayesoyika uThixo aza asuka ebubini.
[Umbhalo osemazantsi]
a INgqungquthela yeZizwe Ezimanyeneyo yamkela iUniversal Declaration of Human Rights ngoDisemba 10, 1948.
Ngaba Unokuyiphendula Le Mibuzo Ilandelayo?
• Kuthetha ukuthini ukoyika uThixo, yaye kusichaphazela njani?
• Luluphi unxibelelwano olukhoyo phakathi kokoyika uThixo nokuhamba noThixo?
• Umzekelo kaYesu ubonisa njani ukuba ukoyika uThixo kunxulumene nokuthanda uThixo?
• Sinokukuhlakulela ngaziphi iindlela ukoyika uYehova entliziyweni yethu?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ookumkani bakwaSirayeli babeyalelwa ukuba bakhuphele umbhalo woMthetho baze bawufunde yonke imihla
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukumoyika uYehova kusikhokelela ekubeni sikholose ngaye njengonyana okholose ngoyise
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 15]
Stars: Photo by Malin, © IAC/RGO 1991