Ukufunda Ukufumana Uvuyo Ngokoyika UYehova
“Yizani, bonyana, phulaphulani kum; ndonifundisa ukoyika uYehova.”—INDUMISO 34:11.
1. Ukoyika kuya kupheliswa njani buBukumkani bukaThixo, kodwa ngaba oko kuthetha zonke iintlobo zokoyika?
KUZO zonke iindawo abantu balangazelela ukukhululeka kuloyiko—ukoyika ulwaphulo-mthetho nogonyamelo, ukoyika ukungaqeshwa, ukoyika isifo esiyingozi. Hayi indlela eya kuzuka ngayo imini eya kufika ngayo loo nkululeko phantsi koBukumkani bukaThixo! (Isaya 33:24; 65:21-23; Mika 4:4) Sekunjalo, aziyi kupheliswa zonke iintlobo zokoyika ngelo xesha, yaye asifanele sifune ukuphelisa zonke iintlobo zokoyika ebomini bethu ngoku. Kukho ukoyika okulungileyo nokoyika okubi.
2. (a) Luluphi uhlobo olubi lokoyika, yaye luluphi uhlobo olunqwenelekayo? (b) Kuyintoni ukoyika uThixo, yaye izibhalo ezibonisiweyo zikubonisa njani oko?
2 Ukoyika kunokuba yityhefu yengqondo, kuwatshabalalise amandla omntu okuqiqa. Kunokuphelisa intembelo kuze kulitshayele kuthi tu ithemba. Ukoyika okunjalo kusenokufikela umntu osongelwa kukwenzakaliswa lutshaba. (Yeremiya 51:30) Kusenokufikela ubani okugqala kubaluleke kakhulu ukukholisa abantu abathile abanempembelelo. (IMizekeliso 29:25) Kodwa kukwakho uhlobo lokoyika olufanelekileyo, olusithintelayo ekwenzeni nantoni na ngobungxamo, olusithintelayo ekuzenzakaliseni. Ukoyika uThixo akupheleli apho. Kukoyika uYehova, ukumhlonela ngokunzulu, nokoyika ngokufanelekileyo ukungamkholisi. (INdumiso 89:7) Oku koyika ukungamkholisi uThixo kubangelwa luxabiso ngobubele bakhe obunothando nokulunga kwakhe. (INdumiso 5:7; Hoseya 3:5) Kwakhona kuquka ukwazi ukuba uYehova unguMgwebi Ophakamileyo noSomandla, onamandla okubohlwaya, kwanokubabulala, abo bangafuniyo ukumthobela.—Roma 14:10-12.
3. Ukoyika uYehova kwahluke njani ekoyikeni okunxulumene nezithixo ezithile zabahedeni?
3 Ukoyika uThixo kufanelekile, akungcangcazelisi. Kushukumisa ubani ukuba akumele ngokuqinileyo okulungileyo, angalalanisi ngokwenza okuphosakeleyo. Akufani nokoyika okunxulumene nesithixo samandulo samaGrike uPhobos, esichazwa njengothixo ongcolileyo nowoyikekayo. Kwaye akufani nokoyika okunxulumene nothixokazi wamaHindu uKali, maxa wambi oboniswa njengonxanelwe igazi, osebenzisa izidumbu, iinyoka namathambo okakayi njengezihombiso. Ukoyika uThixo kunomtsalane; akutyhaleli kude. Kuhambisana nothando noxabiso. Ngaloo ndlela, ukoyika uThixo kusisondeza kuYehova.—Duteronomi 10:12, 13; INdumiso 2:11.
Isizathu Sokuba Bambi Babe Nako Abanye Bangabi Nako
4. Njengoko kubonisiwe ngumpostile uPawulos, uluntu lufikelele kweyiphi imeko, yaye yintoni ebangele oko?
4 Uluntu ngokubanzi alushukunyiswa luphawu lokoyika uThixo. KumaRoma 3:9-18, umpostile uPawulos uchaza indlela abantu abakude ngayo kwimfezeko yantlandlolo. Emva kokuchaza ukuba bonke abantu banesono, uPawulos ucaphula kwiiNdumiso, esithi: “Akukho lungisa, hayi, nalinye.” (Bona INdumiso 14:1.) Wandula ke anikele iinkcukacha ngokukhankanya izinto ezinjengokutyeshela kwabantu ukufuna uThixo, ukungabi nabubele kwabo, intetho yabo ekhohlisayo, ukuqalekisa nokuphalaza igazi. Hayi indlela oko okulichaza ngokuchane ngayo ihlabathi lanamhlanje! Uninzi lwabantu alunamdla kuThixo nakwiinjongo zakhe. Nayiphi na into abayenzayo ukubonisa ububele ngokufuthi bayenza ngezihlandlo ezithile xa kukho into ethile abaza kuyifumana. Ukuxoka nentetho engamanyala kuxhaphakile. Ukuphalaza igazi akuboniswa ezindabeni kuphela kodwa nakwezolonwabo. Imeko enjalo ibangelwa yintoni? Liyinyaniso elokuba sonke siyinzala yomoni onguAdam, kodwa xa abantu besamkela njengendlela yabo yobomi izinto ezichazwe ngumpostile uPawulos, kubandakanyeke okungakumbi kunoko. Ro 3 Indinyana 18 icacisa oko kubandakanyekileyo, isithi: “Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.”—Bona INdumiso 36:1.
5. Kutheni abanye abantu bemoyika uThixo, ngoxa abanye bengamoyiki?
5 Noko ke, kutheni abanye abantu bemoyika uThixo, ngoxa abanye bengamoyiki? Ngamafutshane, kungenxa yokuba bambi abantu bayakuhlakulela, ngoxa abanye bengakuhlakuleli. Akukho namnye kuthi ozalwa enako, kodwa sonke singakwazi ukuba nako. Ukoyika uThixo kuyinto ekufuneka siyifunde. Kwaye ukuze kube yintshukumisa enamandla ebomini bethu, kufuneka sikuhlakulele.
Isimemo Esibongozayo
6. Ngubani odlulisela kuthi isimemo esibhalwe kwiNdumiso 34:11, yaye le ndinyana ibonisa njani ukuba ukoyika uThixo kumele kufundwe?
6 Isimemo esibongozayo sokuba sifunde ukoyika uYehova sidluliselwa kuthi kwiNdumiso 34. Le yindumiso kaDavide. Ibe ngubani owayefanekiselwa nguDavide? YiNkosi uYesu Kristu. Isiprofeto umpostile uYohane asisebenzisa ngokungqalileyo kuYesu sibhalwe Nd 34 kwindinyana 20 yale ndumiso. (Yohane 19:36) Kumhla wethu, uYesu nguye osimemayo njengokuba Nd 34 indinyana 11 isenza: “Yizani, bonyana, phulaphulani kum; ndonifundisa ukoyika uYehova.” Oku kubonisa ngokucacileyo ukuba ukoyika uThixo kuyinto enokufundwa, yaye uYesu Kristu ufaneleke gqitha ukuba asifundise. Kutheni kunjalo nje?
7. Kutheni sinokufunda ukoyika uThixo ngokuyintloko kuYesu?
7 UYesu Kristu uyayazi indlela ekubaluleke ngayo ukoyika uThixo. AmaHebhere 5:7 athi ngaye: “Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa [yokoyika, NW] kwakhe uThixo.” Ukoyika uThixo okunjalo kwakuluphawu uYesu Kristu awalubonisayo ngaphambi kokuba ajamelane nokufa kumthi wentuthumbo. Khumbula ukuba kwiMizekeliso isahluko 8, uNyana kaThixo uchazwa njengobulumko bumntwisiwe. Yaye kwiMizekeliso 9:10, sixelelwa oku: “Yingqalo yokulumka ukoyika uYehova.” Ngoko oku koyika uThixo kwakuyinxalenye ebalulekileyo yobuntu boNyana kaThixo kwakudala ngaphambi kokuba eze emhlabeni.
8. KuIsaya 11:2, 3, sifunda ntoni ngokoyika uYehova?
8 Ngaphezu koko, ethetha ngoYesu njengoKumkani onguMesiya, uIsaya 11:2, 3 uthi: ‘Ahle ahlale phezu kwakhe uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. Ivumba elithozamisayo kuye likukoyika uYehova.’ Hayi indlela abekwe kamnandi ngayo loo mazwi! Ukoyika uYehova akuyonto ingathandekiyo. Kufanelekile ibe kuyakha. Kuluphawu oluya kubakho kuyo yonke indawo uKristu alawula kuyo njengoKumkani. Sithetha nje uyalawula, ibe bonke abo bahlanganiswayo njengabalawulwa bakhe, ubafundisa ukoyika uYehova. Njani?
9. UYesu Kristu usifundisa njani ukoyika uYehova, yaye ufuna sifunde ntoni ngako?
9 Esebenzisa iintlanganiso zebandla neendibano zethu, uYesu, njengeNtloko emiselweyo yebandla nanjengoKumkani onguMesiya, uyasinceda sikuqonde ngokucacileyo ukoyika uThixo nesizathu sokuba kuyingenelo kangaka. Ngaloo ndlela ufuna ukuba silwenze nzulu uxabiso lwethu ngokoyika uYehova ukuze sifunde ukufumana uvuyo ngako njengokuba naye ekuvuyela.
Ngaba Uya Kuwenza Umgudu?
10. Xa sikwiintlanganiso zamaKristu, simele senze ntoni ukuze sikuqonde ukoyika uYehova?
10 Kakade ke, ukufunda nje iBhayibhile okanye ukubakho kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani akuyi kuqinisekisa ukuba siya kumoyika uThixo. Phawula oko kufuneka sikwenze ukuba siza kukuqonda ngokwenene ukoyika uYehova. IMizekeliso 2:1-5 ithi: “Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam, wayiqwebela kuwe imithetho yam, ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, walisa ekuqondeni ilizwi lakho; ukuba uthe wabufuna njengesilivere, wabumba njengobutyebi obuselelweyo: uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo.” Ngoko xa sisezintlanganisweni, kufuneka sikubazele iindlebe oko kuthethwayo, senze umgudu onyanisekileyo wokunikela ingqalelo nokukhumbula iingongoma eziziintloko, sicinge nzulu ngendlela ukumgqala kwethu uYehova okufanele kusiphembelele ngayo isimo sethu sengqondo ngesiluleko esinikelwayo—ewe, sivule iintliziyo zethu. Siya kwandula ke ukukuqonda ukoyika uYehova.
11. Ukuze sihlakulele ukoyika uThixo, yintoni esifanele siyenze ngokunyaniseka nangokuthe rhoqo?
11 INdumiso 86:11 itsalela ingqalelo kwenye inkalo ebalulekileyo, umthandazo. “Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, ndihambe ngenyaniso yakho,” wathandaza esitsho umdumisi. “[Yimanyanise, NW] intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.” UYehova wakholiswa nguloo mthandazo, kuba wenza ukuba ubhalwe eBhayibhileni. Ukuze sihlakulele ukoyika uThixo, nathi kufuneka sithandazele uncedo lukaYehova, yaye siya kungenelwa ngokuthandaza ngokunyaniseka nangokuthe rhoqo.—Luka 18:1-8.
Intliziyo Yakho Ibandakanyekile
12. Kutheni intliziyo imele inikelwe ingqalelo ekhethekileyo, yaye oko kuquka ntoni?
12 Kukho enye into esimele siyiphawule kwiNdumiso 86:11. Umdumisi wayengaceli nje ukukuqonda ukoyika uThixo. Ukhankanya intliziyo yakhe. Ukuhlakulela ukoyika uThixo kubandakanya intliziyo yokomfuziselo, efuna ingqalelo ekhethekileyo kuba ingumntu wangaphakathi obonakala kuzo zonke izinto esizenzayo ebomini yaye iquka iingcinga zethu, isimo sethu sengqondo, iminqweno yethu, iintshukumisa zethu, usukelo lwethu.
13. (a) Yintoni esenokubonisa ukuba intliziyo yomntu yahlulelene? (b) Njengoko sihlakulela ukoyika uThixo, sifanele sisebenzele ukufikelela luphi usukelo?
13 IBhayibhile isilumkisa ukuba intliziyo yomntu isenokwahlulelana. Inokuba nenkohliso. (INdumiso 12:2; Yeremiya 17:9) Isenokusishukumisela ukuba sibe nesabelo kwimisebenzi efanelekileyo—ukuya kwiintlanganiso zebandla nokuya kwinkonzo yasentsimini—kodwa kwakhona isenokuthanda iinkalo ezithile zeendlela zokuphila zehlabathi. Oku kusenokusithintela ekuzinikeleni ngomphefumlo uphela ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zoBukumkani. Isenokwandula ke kwale ntliziyo inenkohliso izame ukusenza sicinge ukuba siyafana nje nabanye abantu. Okanye mhlawumbi esikolweni okanye emsebenzini wethu wempangelo, intliziyo isenokuphenjelelwa kukoyika abantu. Ngenxa yoko, kwiimeko ezinjalo sisenokuziva simadolw’ anzima ukuzichaza njengamaNgqina kaYehova ibe sisenokude senze izinto ezingawafanelanga amaKristu. Kodwa emva koko, sidliwa sisazela. Asifuni kuba ngabantu abanjalo. Ngoko ke, sikunye nomdumisi sithandaza kuYehova sisithi: “[Yimanyanise, NW] intliziyo yam.” Sifuna umntu wangaphakathi ephela, njengoko ebonakala kuzo zonke izinto esizenzayo ebomini, anikele ubungqina bokuba ‘soyika uThixo size sigcine imithetho yakhe.’—INtshumayeli 12:13.
14, 15. (a) Xa wayexela kwangaphambili ukubuyiselwa kukaSirayeli ekuthinjweni eBhabhiloni, uYehova wathembisa ukubanika ntoni abantu bakhe? (b) UYehova wenza ntoni ngenjongo yokumilisela ukoyika uThixo ezintliziyweni zabantu bakhe? (c) Kwakutheni ukuze uSirayeli atyeke kwiindlela zikaYehova?
14 UYehova wathembisa ukuba wayeya kubanika intliziyo enjalo eyoyika uThixo abantu bakhe. Waxela kwangaphambili ukubuyiselwa kukaSirayeli waza wathi, njengoko sifunda kuYeremiya 32:37-39: “Ndobabuyisela kule ndawo, ndibahlalise bekholosile. Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo; ndibanike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo.” Kwindinyana 40, esi sithembiso sikaThixo siyabethelelwa: ‘Ndiya kubeka ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi.’ Ngowama-537 B.C.E., uYehova wababuyisela eYerusalem njengokuba wayethembisile. Kodwa kuthekani ngenye inxalenye yeso sithembiso—ethi wayeya kubanika ‘intliziyo enye ukuze bamoyike imihla yonke’? Kwakutheni ukuze uhlanga lwamandulo lwakwaSirayeli lumshiye uYehova emva kokuba elubuyisile eBhabhiloni, yada itempile yalo yatshatyalaliswa ngowama-70 C.E., yaza ayaphinda yakhiwe kwakhona?
15 Oku akuzange kubangelwe kukusilela kukaYehova. Eneneni, uYehova wawathabatha amanyathelo okubeka ukoyika uThixo ezintliziyweni zabantu bakhe. Ngenceba awayibonisayo ngokubahlangula eBhabhiloni nangokubabuyisela kwilizwe labo lokuzalwa, wabenza banezizathu ezivakalayo zokumhlonela ngokunzulu. UThixo wakubethelela konke oko ngamazwi akhumbuzayo, ngesiluleko nangesohlwayo esebenzisa umprofeti uHagayi, uZekariya noMalaki; esebenzisa uEzra, owayethunyelwe kubo njengomfundisi; esebenzisa iRhuluneli uNehemiya; nangokusebenzisa uNyana kaThixo ngokwakhe. Maxa wambi aba bantu babephulaphula. Baphulaphula xa baphinda bayakha itempile kaYehova ngokubongozwa nguHagayi noZekariya naxa bagxotha abafazi basemzini ngemihla kaEzra. (Ezra 5:1, 2; 10:1-4) Kodwa amaxesha amaninzi babengathobeli. Kwakungengomkhwa wabo ukuphulaphula; babengasoloko besamkela isiluleko; abazange bahlale bezivulile iintliziyo zabo. AmaSirayeli ayengakuhlakuleli ukoyika uThixo, ibe ngenxa yoko, akuzange kube yintshukumisa enamandla kubomi bawo.—Malaki 1:6; Mateyu 15:7, 8.
16. UYehova ukumilisele ezintliziyweni zoobani ukoyika uThixo?
16 Ukanti, isithembiso sikaYehova sokuba wayeya kubeka ukoyika uThixo ezintliziyweni zabantu bakhe asizange sisilele. Wenza umnqophiso omtsha noSirayeli wokomoya, loo maKristu awawanika ithemba lokuphila ezulwini. (Yeremiya 31:33; Galati 6:16) Ngowe-1919, uThixo wawabuyisa ekuthinjweni eBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Umilisele ngokuqinileyo ukumoyika ezintliziyweni zawo. Oku kuzise iingenelo ezityebileyo kuwo nakwabo ‘besihlwele esikhulu,’ abanethemba lokuphila njengabalawulwa basemhlabeni boBukumkani. (Yeremiya 32:39; ISityhilelo 7:9) Ukoyika uYehova kuye kwangena nasezintliziyweni zabo.
Indlela Ukoyika UThixo Okumiliselwa Ngayo Ezintliziyweni Zethu
17. UYehova ukubeke njani ukoyika uThixo ezintliziyweni zethu?
17 UYehova ukumilisele njani oku koyika uThixo ezintliziyweni zethu? Ngokusebenza komoya wakhe. Ibe yintoni esinayo eveliswe ngomoya oyingcwele? YiBhayibhile, iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. (2 Timoti 3:16, 17) Ngoko akwenzileyo kwixa elidluleyo, ngendlela aqhubana ngayo nabakhonzi bakhe ngoku ukuzalisekisa iLizwi lakhe lesiprofeto, nangeziprofeto zezinto ezizayo, uYehova usinika isizathu esisengqiqweni sonke sokuba sibe nokoyika uThixo.—Yoshuwa 24:2-15; Hebhere 10:30, 31.
18, 19. Iindibano neentlanganiso zebandla zisinceda njani sizuze ukoyika uThixo?
18 Kuyaphawuleka ukuba njengokuba kuchaziwe kwiDuteronomi 4:10, uYehova wathi kuMoses: “Babizele ndawonye kum abantu, ndibavise amazwi am, ukuze bafunde ukundoyika yonke imihla abaphila ngayo emhlabeni, bafundise noonyana babo.” Ngokufanayo namhlanje, uYehova wenze amalungiselelo ayintabalala okunceda abantu bakhe bafunde ukumoyika. Kwiindibano nakwiintlanganiso zebandla, sikhunjuzwa ngobungqina bobubele obunothando bukaYehova nokulunga kwakhe. Besisenza oko xa besifundisisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Eso sifundo sikuchaphazele njani wena nesimo sakho sengqondo ngoYehova? Njengoko wawubona iinkalo ezahlukeneyo zobuntu obuzukileyo bukaBawo osezulwini ziboniswa nguNyana wakhe, ngaba oku akuzange kuwomeleze umnqweno wakho wokungaze ungamkholisi uThixo?—Kolose 1:15.
19 Kwiintlanganiso zethu, sikwafunda ngeengxelo zokuhlangula kukaYehova abantu bakhe kumaxesha amandulo. (2 Samuweli 7:23) Njengokuba sifunda incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo ngoncedo lwencwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, sifunda ngemibono yesiprofeto esele izalisekile kule nkulungwane yama-20 nangeziganeko ezoyikekayo ezizayo. Ngokuphathelele zonke izenzo ezinjalo zikaThixo, INdumiso 66:5 ithi: “Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo, engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu.” Ewe, xa zijongwa ngokufanelekileyo, ezi zenzo zikaThixo zimilisela ezintliziyweni zethu ukoyika uYehova, ukumhlonela ngokunzulu. Ngaloo ndlela sinokuyibona indlela uYehova uThixo asizalisekisa ngayo isithembiso sakhe esithi: “Ndibeke ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi.”—Yeremiya 32:40.
20. Ukuze ukoyika uThixo kumiliselwe ngokunzulu ezintliziyweni zethu, yintoni ekufuneka siyenze?
20 Noko ke, licacile elokuba ukoyika uThixo akusuki nje kube sezintliziyweni zethu sisonge izandla singenzi nto. Akuzenzekeli. UYehova uyayiphumeza eyakhe indima. Nathi masiphumeze eyethu indima ngokuhlakulela ukoyika uThixo. (Duteronomi 5:29) USirayeli wokwemvelo wasilela ukwenza oko. Kodwa ngenxa yokuthembela kuYehova, uSirayeli wokomoya namaqabane akhe sele benandipha intaphane yeengenelo ezifunyanwa ngabo boyika uThixo. Siza kuhlolisisa ezinye zezi ngenelo kwinqaku elilandelayo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Kuyintoni ukoyika uThixo?
◻ Sifundiswa njani ukunandipha ukoyika uYehova?
◻ Ukuze soyike uThixo, kufuneka senze wuphi umgudu?
◻ Kutheni ukuzuza ukoyika uThixo kubandakanya zonke iinkalo zentliziyo yethu yokomfuziselo?
[Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
Kufuneka sifundisise ngenkuthalo ukuze sikuqonde ukoyika uYehova