Ukoyika Uthixo Ngaba Kunokukunceda?
“Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.”—INTSHUMAYELI 12:13.
1, 2. (a) Ukunqula kwethu uThixo kufanele kusekelwe entwenini? (b) Noko ke, yintoni enye ayifunayo uThixo? (Duteronomi 10:12)
NGABA awaqhelekanga kuwe amazwi athi “ukoyika uThixo”? Abaninzi basenganoluvo lokuba ukuba bamthanda ngokwenene uThixo, akuyomfuneko ukuba kananjalo bamoyike. Ngaba ngokwenene kuyimfuneko ukuba sizenze zombini ezi zinto? Ukuba kunjalo, kusinceda ngantoni ukoyika uThixo?
2 IZibhalo zibonisa ukuba unqulo lwethu nenkonzo yethu kuThixo zimele zisekelwe kuthando. UYesu wakwenza kwacaca oku xa wasixelela ukuba sithande uYehova ngentliziyo, ngomphefumlo, ngengqondo nangamandla ethu ephela. (Marko 12:30) Kodwa ukubaluleka kokoyika uThixo kukwabalaseliswa eLizwini lakhe. Ngokungagwegweleziyo, kwiNtshumayeli 12:13 sixelelwa oku: “Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.” Ngaba uYehova akalungelelene ngokuthi afune ukuba simoyike size simthande kwangaxeshanye?
3. Mayela nokoyika, yintoni emele ikhunjulwe?
3 Akunjalo—ukuba sikhumbula ukuba kukho iintlobo ezintathu zokoyika. Xa abantu becinga ngokoyika, ngokuqhelekileyo engqondweni baba nemvakalelo yokutyhwatyhwa ephelisa ithemba netyhafisayo. Ngokucacileyo, uYehova ebengethandi ukuba sivakalelwe ngaloo ndlela ngaye! UBawo wethu wasezulwini ufuna ukuba siye kuye kanye njengomntwana esiya kuyise, eqinisekile ngothando lukayise ukanti kwangaxeshanye ekoyika ukungamkholisi. Uloyiko olunjalo luya kusinceda ukuba sihlale simthobela uBawo wethu wasezulwini xa sihendelwa ukuba senze okuphosakeleyo. Oku ‘kukoyika uThixo’ okufanelekileyo amele abe nako ama-Kristu.—Hebhere 5:7; 11:7.
4. Hlobo luni loloyiko olupheliswa luthando?
4 UYehova akafani nomgwebi ongenazimvakalelo osuka nje abohlwaye abakhonzi bakhe sihlandlo ngasinye besona. Kunoko, uyabathanda yaye ufuna ukuba baphumelele. Ngoko ukuba sithi senze impazamo okanye sone, ukoyika uYehova kufanele kungasithinteli ekuthetheni naye ngako oko. (1 Yohane 1:9; 2:1) Ukoyika kwethu uYehova ngokumhlonela asikokoyika ukuba wosikhalimela okanye asichase. Njengoko sifunda kweyoku1 kaYohane 4:18: “Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala.” Noko ke, “uthando olugqibeleleyo” belungenakuyiphelisa intlonelo enzulu noloyiko olufanelekileyo esifanele sibe nalo kuYehova njengoMdali noMniki-bomi wethu.—INdumiso 25:14.
Qwalasela Iingenelo Zako
5.(a) Yiyiphi ekuphela kwendlela obunokufunyanwa ngayo ubulumko? (b) Yintoni eyashukumisela owayesakuba likhoboka leziyobisi ukuba aguqule ikhondo lakhe lobomi elingelolabulumko?
5 Makhe siqwalasele ezinye zeengenelo ezibakho ngenxa ‘yokoyika uYehova.’ Ngokomzekelo, kukhokelela ekuzuzeni kwethu ubulumko bokwenyaniso. Abantu baye bazama iindlela ezininzi, besenza konke okusemandleni abo, ukuze bazuze obo bulumko, kodwa baye batsho phantsi ngenxa yokuba bayawutyeshela lo mgaqo usisiseko: “Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova.” (INdumiso 111:10; IMizekeliso 9:10) Phawula indlela uloyiko olunjalo olwamnceda ngayo owayefudula elikhoboka leziyobisi ukuba enze ngobulumko. Ucacisa esithi: “Njengoko ndandifunda ngoThixo, ndaye ndafikelwa nakukoyika ukumxhel’ umphefumlo okanye ukungamkholisi. Ndandisazi ukuba wayendondele, ibe ndandinomnqweno wokuba ndikholeke emehlweni akhe. Oko kwandishukumisela ukuba ndizitshabalalise iziyobisi endandinazo ngokuthi ndizigungxulele kwindlu yangasese.” Le ndoda yayoyisa imikhwa yayo emibi, yabahlulela ubomi bayo kuYehova, ibe ngoku ingumlungiseleli eRhawutini, kwelaseMzantsi Afrika.
6. “Ukoyika uYehova” kuya kusikhusela njani ekwenzeni izinto ezimbi, ibe kuya kusikhokelela entwenini?
6 Ngaba ubungathanda ukuphepha okubi? “Ukoyika uYehova kukuthiya into embi.” (IMizekeliso 8:13) Ewe, oku koyika kufanelekileyo kunokukuthintela kwimikhwa emininzi emibi angayifuniyo uThixo, njengokutshaya, ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, ubunxila nokuziphatha okubi ngokwesini. Ngaphandle kokukholisa uYehova, uyazikhusela kwizinto ezimbi ezehlela abantu, kuquka nezifo ezoyikekayo abazenza izisulu zazo. (Roma 1:26, 27; 12:1, 2; 1 Korinte 6:9, 10; 1 Tesalonika 4:3-8) Ukoyika uThixo akusayi kukunceda nje ukuba ulumkele izinto ezimbi nezingatshongo khona kodwa kuya kukukhokelela kwizinto ezinyulu nezilungileyo, kuba sixelelwa ukuba “ukoyika uYehova kucocekile.”—INdumiso 19:9.
7, 8. (a) Enye intombazana yayifumanisa njani into yokuba “ukoyika uYehova” kukhokelela kulonwabo? (b) Khankanya iingenelo ezingakumbi ezifunyanwa ngabo bamoyikayo uYehova.
7 Ulonwabo luyenye into efunwa yinkoliso yabantu. Unokuluzuza njani? ILizwi likaThixo lithi: “Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova.” (INdumiso 112:1; 128:1) Oku kungqinwa ngamava entombazana ekwishumi elivisayo. Yayibandakanyeke kuzo zonke iintlobo zesini esingekho mthethweni, kwanokukhafula nokuba. Yathi yaqalisa ukufundisisa iBhayibhile yaze yabona imfuneko yokuphulaphula nokoyika uYehova. Ithi: “Ukwazi uYehova kube yeyona nto ilungileyo eye yenzeka kum. UYehova uye wandinceda gqitha ekubeni ndifumane inyaniso nolonwabo. Ndiziva ndimtyala gqitha ngenxa yokuba evule amehlo am waza wandinika ithuba lokuba ngokwenene ndicinge ndize ndimfumane. Ngoku ndifuna ukunceda abanye abantu ukuba bafumane olu lonwabo.”
8 UYehova ukwathembisa ukuba uya kubavuza ‘abo baloyikayo igama lakhe.’ (ISityhilelo 11:18) Ngokubhekele phaya, “ukoyika uYehova kusa ebomini; onako uya kuhlala ehluthi [akasayi kufikelwa bububi, NW].” (IMizekeliso 19:23) Ngokwenene, ‘kukoyika uYehova’ okuya kusizisela konke esinokuze sikufune. Xa kuhambisana nokuthobeka, umvuzo uba “bubutyebi, nozuko, nobomi.”—IMizekeliso 22:4; 10:27.
9. Kutheni le nto “ukoyika uYehova” kukhokelela kwekuphela kwendlela ebonakalisa ubulumko ebomini? (Yobhi 28:28; Mika 6:9)
9 Ngaba oku akusikhuthazi ngokwenene ukuba soyike uThixo oyinyaniso? Eneneni, “ukoyika uYehova” kuyinto entle gqitha. Kukhokelela kuzo zonke izinto eziya kusizisela ulwaneliseko lokwenyaniso—nto leyo enqabileyo namhlanje. Hayi indlela akhuthaza ngayo la mazwi aphefumlelweyo: “Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe; kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo.” (INtshumayeli 8:12, 13) Nguwuphi umntu ongafuniyo ukuba imicimbi ‘imlungele’? Olu lonwabo luya kunanditshwa kuphela ngabo bamoyikayo uThixo.—INdumiso 145:19.
10. Ziziphi ezinye izizathu ezibalulekileyo ezifanele zisishukumisele ukuba soyike uThixo?
10 Ngaba oku akumele kusenze sizimisele ukuba simhlonele ngokunzulu, ewe, simoyike, uBawo wethu wasezulwini uYehova? Ngokwenene, sifanele sibe noloyiko olululo lokungamkholisi. Siyixabisa ngokunzulu yonke imfesane nokulunga athe wakubonakalisa kuthi. Konke esinako kuvela kuye. (ISityhilelo 4:11) Ngaphezu koko, unguMgwebi Owongamileyo, uSomandla, onamandla okubabulala abo bangamthobeliyo. Umpostile uPawulos usibongoza esithi: “Lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela.”—Filipi 2:12; Hoseya 3:5; Luka 12:4, 5.
11. (a) Sisiphi isimo sengqondo esimele siphetshwe ngamaKristu kule mihla yokugqibela? (b) Nguwuphi umoya ofanele uveliswe?
11 Apha akukho nto ibonisa ukuba sinokuzuza usindiso ngokuba nesimo sengqondo sokuyekelela, sisenza okuncinane kangangoko sinako size sithembe ukuba, ngandlel’ ithile izinto ziya kulunga. Esi ayisosimo sengqondo esifanele sibonakaliswe ngamaKristu lawo kule mihla yokugqibela azabalazela ukulondoloza ulwalamano naLowo unokubona kanye ezintliziyweni zawo nalowo wazi ezona ngcinga zawo zendeleyo nezinto azimisele ukuzenza. (Yeremiya 17:10) Kuphela ngabo bamqonda ngokufanelekileyo uYehova abaya kwamkelwa nguye. Uthi: “Ndibheka kulo, kolusizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam.”—Isaya 66:2.
Simele Sifunde Ukumoyika UYehova
12. (a) Uhlanga lwakwaSirayeli lwalubabalwe ngaziphi iindlela ngaphezulu kunezinye iintlanga? (b) Yintoni uYehova awayelindele ukuba luyenze ngembuyekezo?
12 Ukuqwalasela indlela uYehova awayeqhubana ngayo noSirayeli kunokubethelela ngokubhekele phaya ezingqondweni zethu imfuneko yokumoyika. Akukho hlanga lulolunye lwathi lwafumana inkathalo nenyameko elolo hlobo kuMongami wendalo iphela. (Duteronomi 4:7, 8, 32-36; 1 Samuweli 12:24) AmaSirayeli akubona ngawawo amehlo oko uYehova wakwenzayo kumaYiputa, awathi, ngokungamoyiki, abenza amakhoboka aza abacinezela abantu bakhe. Yintoni awalindela ukuba bayenze ngembuyekezo? Wathi: “[Mababizelwe] ndawonye abantu, amadoda, nabafazi, nabantwana, nomphambukeli wakho osemasangweni akho, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo; beve noonyana babo abangaziyo, bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu, yonke imihla enidla ubomi ngayo, kuloo mhlaba eniwela iYordan nisiya kuwuma.”—Duteronomi 31:12, 13; 14:23.
13. Yintoni efanele ibaxhalabise kakhulu abazali ngabantwana babo?
13 Njengokuba ayenjalo amaSirayeli, abakhonzi bakaThixo banamhlanje ‘bamele bafunde ukumoyika uYehova.’ Enjani yona imbopheleleko okuyithi zinzi kuthi sonke oku—ingakumbi abazali! Bazali, zibuzeni oku: ‘Ndinokubanceda njani abantwana bam bazuze intliziyo emoyikayo uYehova?’ Ngenye imini xa bekhula baze balishiye ikhaya, yintoni eya kuba yinkuselo entle kubantwana bakho, ngokomoya, ngokwengqondo, okanye ngokwezinto eziphathekayo, kunolu phawu? UYehova ugxininisa ukubaluleka koku xa esenza esi sibongozo: “Akwaba bebenale ntliziyo yokundoyika, nokuyigcina imithetho yam yonke, imihla yonke, ukuze kulunge kubo noonyana babo ngonaphakade!”—Duteronomi 5:29; 4:10.
14. Khankanya into ibe nye abafanele bacinge ngayo abazali ekuqeqesheni abantwana babo ukuba boyike uYehova, yaye cacisa indlela oku ekufanele kusetyenziswe ngayo.
14 Nawuphi na umKristu oye wakhulisa intsapho akasayi kuthintiliza ekuvumeni into yokuba oku akundlwan’ iyanetha. Sekunjalo, iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo lixelela abazali ngezinto eziliqela ezibalulekileyo. Enye kukuqalisa xa abantwana beselula. Ukuqalisa beselula kangakanani? Xa amaSirayeli athi adibana ukuze afumane umyalelo ovela kuYehova, “abantwana” baqukwa. (Duteronomi 29:10-13; 31:12, 13) Ngokucacileyo, abafazi bamaSirayeli beza neentsana zabo ngezihlandlo ezinjalo, ekubeni bonke kwakufuneka bekho. Ukususela kanye “ebusaneni,” oonyana neentombi zabo babeya kufunda ngemfuneko yokuba bazole baze baphulaphule kwiindibano ezinjalo. (2 Timoti 3:15) Ngoko yiza ‘nabantwana’ bakho kwiintlanganiso. Kwakhona, benze babandakanyeke kwinkonzo yasentsimini ngokukhawuleza nje bakuba benako ukuba nesabelo. Abaninzi abaselula baye bafunda ukuhambisa iphephancwadi okanye iphecana kwanangaphambi kokuba baqalise ukuya esikolweni. Qalisa ukubafundisa “abantwana” bakho besebancinane, ngeendlela ezincinane, “ukoyika uYehova.”
15. Yiyiphi into yesibini, ibe abazali banokuyiphumeza njani?
15 Enye into kukuba ngongaguquguqukiyo. Oku kungenziwa ukuba sisoloko sinamathela kwiLizwi likaThixo ekuqeqesheni, ekululekeni nasekuyaleni abantwana bethu. Kwanaxa bephumla okanye bezihlaziya, yiba ngongaguquguqukiyo ekuvumeleni imigaqo yeBhayibhile ibonise oko kuya kuvunyelwa kwizihlandlo ezinjalo. (Efese 6:4) Oku kuya kufuna umgudu, njengoko iLizwi likaThixo libonisa ngokucacileyo ngokuthi: “La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho. Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.” (Duteronomi 6:4-9; 4:9; 11:18-21) Ukungaguquguquki okunjalo kuya kuthi ekuhambeni kweminyaka kubancede kakhulu abantwana bakho ukuba babe nentliziyo emoyikayo uYehova.
16. (a) Yiyiphi into yesithathu, ibe kutheni le nto ibaluleke kangaka? (b) Yiyiphi imibuzo abafanele bazibuze yona abazali?
16 Abazali bakwamele bazabalazele ukugxininisa ezingqondweni nasezintliziyweni zabantwana babo ukuba bona ngokwabo, njengabazali, ‘bangabamoyikayo uYehova.’ (INdumiso 22:23) Enye indlela abanokukwenza ngayo oku kungokusebenzisa isiluleko esingokolawulo lobuthixo ekuqeqesheni nasekululekeni abantwana babo. Le yinto yesithathu ekufuneka iqwalaselwe. Zibuze oku: ‘Ngaba abantwana bam ndibaqhubela rhoqo isifundo seBhayibhile?’ ‘Ngaba ndiwasebenzisa ngokuzeleyo kubantwana bam abaselula amancedo anjengencwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile nethi Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu? ‘Njengoko bekhula, ngaba ndiyayisebenzisa incwadi ethi Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo namanqaku akuVukani! athi: “Abantu Abaselula Bayabuza”?’ ‘Ngaba ndiyawalungiselela amathuba afanelekileyo okuziyolisa nawokuzihlaziya angasayi kuba nabungozi kubantwana bam?’ ‘Ngaba ndikwamkele oko kuye kwathethwa yintlangano kaYehova ngemfundo ephakamileyo?’ ‘Ngaba abantwana bam ndibafundisa ngokuvisisana noko?’ ‘Ngaba usukelo endilubekele abantwana bam lolo luya kubanceda ukuba ‘boyike uThixo’?—Hebhere 5:7.
17. Ngubani ongenelwayo xa abantwana befunda ukumoyika uYehova? Zekelisa.
17 Ayisayi kuba ngabantwana bakho kuphela abaya kufumana iingenelo nabathi bavuye kodwa nawe wozifumana ngenxa yokuba uye wenza konke okusemandleni akho ukubafundisa ukuba ‘boyike uYehova.’ Ngokomzekelo, iNgqina elilibhinqa elibika ukuba nangona liye lizive “lidinwe liyimfe” ekupheleni kosuku, likugqala kuyingenelo konke oko xa lisiva intombi yalo eneminyaka esixhenxe ubudala ithandaza kuYehova. Lisuka ligwantye iinyembezi yaye libe nesingqala njengoko liphulaphule intombi yalo ithandaza: “Yehova onothando, enkosi ngazo zonke izinto ezintle ondenzele zona namhlanje. Enkosi nangokutya kwam. Nceda bonke abazalwana abasentolongweni nabakwiikampu zoxinaniso ukuba bafumane ukutya, Yehova, nabo bonke abazalwana noodade ababhityileyo abakwamanye amazwe. Nabo bancede bafumane ukutya okwaneleyo, Yehova. Nabo bagulayo, bancede ukuba bachache ukuze baye kwiintlanganiso. Nceda uthumele izithunywa zezulu ukuba zindilondoloze ngoxa ndilele ebusuku, Yehova, nomama notata nomntakwethu, nomakhulu notatomkhulu, nabo bonke abazalwana noodade abasenyanisweni. NgoNyana wakho uYesu, Amen.”
18. Siphembelelana njani kulo mbandela wokoyika uYehova?
18 Kulo mbandela wokoyika uYehova, simele sikhumbule ukuba ngomzekelo esiwumiselayo siyaphembelelana. Abazali baphembelela abantwana babo. Abadala nezicaka zolungiselelo baphembelela amabandla abakuwo. Abaveleli abahambahambayo baphembelela abo babakhonzayo. Ngokucacileyo, kungenxa yoku le nto ookumkani bakwaSirayeli babeyalelwa ukuba bafunde umthetho kaThixo ngazo zonke iintsuku zobomi babo ukuze ‘bafunde ukumoyika uYehova.’ (Duteronomi 17:18-20) Umzekelo owawuya kumiselwa ngukumkani ekoyikeni uYehova wawungaluphembelela lonke uhlanga.
19. Yintoni engqinelwa yimbali mayela namaSirayeli?
19 Imbali iyasingqina isibakala sokuba uSirayeli, njengohlanga, wayeka ukumoyika uYehova. Bacinga ukuba ukubakho kwetempile eYerusalem kwakuya kusebenza njengenkuselo kubo, njengekhubalo ‘lethamsanqa,’ kungakhathaliseki ukuba babeyithobela na imithetho yakhe okanye kwakungenjalo. (Yeremiya 7:1-4; Mika 3:11, 12) Kodwa babengachananga. IYerusalem netempile yayo zatshatyalaliswa. Kamva, xa babuya balungelelaniswa njengohlanga, kwakhona abazange babonise ukumoyika ngokufanelekileyo uYehova. (Malaki 1:6) Kuninzi esinokukufunda kwesi siganeko, ekuya kuthethwa ngaso kwinqaku elilandelayo.
20. Sinokusishwankathela njani isizathu sokuba sifanele soyike uYehova?
20 Ngoko, khumbula ukuba ukoyika uYehova akukwenzi buthathaka ukumthanda kwethu; kunoko, kuyakomeleza kuze kukuqinise. Ukuyithobela yonke imiyalelo yakhe akusayi kungqina nje ukuba siyamoyika uYehova kodwa kwanokuba siyamthanda. Zombini ezo zinto zibalulekile. Kuyinto engenakwenzeka ukuba kubekho enye ize enye ingabikho. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba abazali bafundise abantwana babo ukumoyika nokumthanda uYehova! Yaye hayi indlela okuzisa uvuyo olukhulu ngayo oko kubantu abakhulu nasebantwaneni! Ngoko ke, ngamana singavakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo umdumisi xa wathi: “Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.”—INdumiso 86:11.
Iingongoma Emakucingwe Ngazo
◻ Sinokumthanda size simoyike njani kwangaxeshanye uYehova?
◻ Ziziphi ezinye zeengenelo zokoyika uYehova?
◻ Ziziphi izinto ezintathu ezinokunceda abazali ukuba bancede abantwana babo ukuba babe nentliziyo emoyikayo uYehova?
◻ Siphembelelana njani kumbandela wokoyika uYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ukoyika uYehova kuya kunceda ulutsha luchase izilingo zokwenza okubi
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Abazali bafanele bancede abantwana babo ukuba bamoyike ngokufanelekileyo uYehova
[Umfanekiso okwiphepha 15]
“Kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo.”—INtshumayeli 8:12
[Inkcazelo]
By courtesy of Hartebeespoort Snake and Animal Park