IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 6/1 iphe. 4-7
  • Kutheni Sifanele Soyike UThixo, Kungekhona Abantu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Sifanele Soyike UThixo, Kungekhona Abantu?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umgibe Wokoyika Umntu
  • Ngubani Esifanele Simoyike?
  • Kutheni Sifanele Simoyike UThixo Onothando?
  • Ngubani Wena Omoyikayo?
  • Kutheni Sifanele Simoyike UThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Hlakulela Ukuba Intliziyo Yakho Imoyike UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ukoyika Uthixo Ngaba Kunokukunceda?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Ukufunda Ukufumana Uvuyo Ngokoyika UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 6/1 iphe. 4-7

Kutheni Sifanele Soyike UThixo, Kungekhona Abantu?

“UKUGUBHA ngumntu kunesirhintyelo; ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.” (IMizekeliso 29:25) Ngala mazwi lo mzekeliso wamandulo usilumkisa ngohlobo lokoyika oluyityhefu yengqondo ngokwenene—ukoyika umntu. Kufaniswa nomgibe. Ngoba? Kuba isilwanyana esincinane, esinjengomvundla, asinakuzinceda xa sibanjiswe emgibeni. Sifuna ukuphuncuka kodwa umgibe usibambe nkqi. Ngokomphumo, ixhoba eli liyenzakala.

Ukuba sibanjiswa kukoyika umntu, sifana twatse nala mvundla. Sisenokuyazi into esifanele siyenze. Sisenokude sifune ukuyenza. Kodwa ukoyika kusenza amakhoboka. Siyenzakala size singakwazi ukwenza nto.

Umgibe Wokoyika Umntu

Cinga ngeminye imizekelo yabo babephila kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile abathi babanjiswa ngumgibe wokoyika. Ngemihla kaYoshuwa, amadoda ali-12 athunyelwa ukuya kuhlola ilizwe lakwaKanan ngaphambi kokuhlasela okucwangcisiweyo kwamaSirayeli. Iintlola zabuya zaza zanikela ingxelo yokuba umhlaba wawuchumile yaye utyebile, kanye njengokuba uThixo wayetshilo. Kodwa ezilishumi zezo ntlola zakoyika ngokugqithisileyo ukomelela kwabemi balapho. Ngaloo ndlela, zibanjiswe kukoyika umntu, zanikela ingxelo ebaxiweyo kumaSirayeli malunga noku komelela zaza zabangela ukuba uhlanga lonke lubanjiswe kukoyika. AmaSirayeli akwala ukuthobela umyalelo kaThixo wokuya eKanan aze alithabathele kuwo ilizwe. Ngenxa yoko, ebudeni beminyaka engama-40 elandelayo, phantse onke amadoda awayengabantu abakhulileyo ngelo xesha, ngaphandle kwathile ambalwa, afela entlango.—Numeri 13:21–14:38.

UYona wayelelinye ixhoba lokoyika umntu. Xa wabelwa ukuya kushumayela kwisixeko esikhulu saseNineve, ‘wabalekela eTarshishe, esimka ebusweni bukaYehova.’ (Yona 1:3) Ngoba? Abemi baseNineve babesaziwa bengabantu abakhohlakeleyo nabanogonyamelo, ibe ngokuqinisekileyo uYona wayekwazi oko. Ukoyika umntu kwambangela ukuba abalekele kwicala elikude neNineve. Kuyinyaniso ukuba, ekugqibeleni wasamkela isabelo sakhe kodwa kwaba kuphela emva nje kokuba efumene isiluleko esiqatha esivela kuYehova.—Yona 1:4, 17.

Kwanookumkani basenokuboyika abantu. Ngesinye isihlandlo, uKumkani uSawule akazange awuthobele ngokungqalileyo umyalelo ocacileyo ovela kuThixo. Wazithethelela ngantoni? “Ndigqithile emthethweni kaYehova naselizwini lakho; kuba bendisoyika abantu, ndaphulaphula izwi labo.” (1 Samuweli 15:24) Kwiinkulungwane ezithile kamva, xa iYerusalem yayihlaselwa ngamaBhabhiloni, uYeremiya, umprofeti othembekileyo, wacebisa uKumkani uZedekiya ukuba anikezele aze ngaloo ndlela asindise iYerusalem kwizantyalantyala zegazi. Kodwa uZedekiya wala. Ngoba? Wavuma wathi kuYeremiya: “Ndinesithukuthezi [“ndoyika,” NW] ngamaYuda aphambele kumaKaledi, hleze andinikele esandleni sawo, afekethe ngam.”—Yeremiya 38:19.

Ekugqibeleni, kwanompostile wayenokuba noloyiko. Ngosuku awayeza kufa ngalo uYesu, walumkisa abalandeli bakhe ukuba bonke babeya kumshiya. Noko ke, uPetros ngokuzithemba wathi: “Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.” (Luka 22:33; Mateyu 26:31, 33) Hayi indlela awangqineka ephosakele ngayo loo mazwi! Iiyure nje ezimbalwa kamva, uPetros ngokoyika wakhanyela ukuba wayehamba noYesu okanye wayemazi kwaukumazi. Woyiswa kukoyika umntu! Ewe, ukoyika umntu ngokwenene kuyityhefu yengqondo.

Ngubani Esifanele Simoyike?

Sinokukoyisa njani ukoyika umntu? Ngokukuthabathel’ indawo ngokoyika okusengqiqweni ngakumbi. Olu hlobo loloyiko lwakhuthazwa kwangulo mpostile uPetros, xa wathi: “UThixo moyikeni.” (1 Petros 2:17) Isithunywa esabonwa nguYohane kwiSityhilelo savakalisa la mazwi kuluntu: “Moyikeni uThixo, nimzukise.” (ISityhilelo 14:7) Ukumkani uSolomon olumkileyo wakwakukhuthaza ukoyika okunjalo, xa wathi: “Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.” (INtshumayeli 12:13) Ewe, ukoyika uThixo kuyimfanelo.

Ukoyika uThixo kuzisa iingenelo. Umdumisi wamandulo wavuma wathi: “Inene, usindiso [lukaYehova] lusondele kwabamoyikayo.” (INdumiso 85:9) Isaci seBhayibhile sikwabethelela le ngongoma sisithi: “Ukoyika uYehova kongeza imihla.” (IMizekeliso 10:27) Ewe, ukoyika uYehova kuyinto esengqiqweni nenengenelo. Usenokuthi, ‘Kodwa ngokuqinisekileyo, uYehova nguThixo onothando. Kutheni sifanele soyike uThixo onothando?’

Kutheni Sifanele Simoyike UThixo Onothando?

Kungenxa yokuba ukoyika uThixo asikuko ukoyika okungancedi nto nokungcangcazelisayo okubambisa abantu kwiimeko ezithile. Luhlobo loloyiko asenokuba nalo umntwana ngotata wakhe nakubeni emthanda utata wakhe ibe esazi ukuba utata wakhe uyamthanda.

Ukoyika uThixo ngokwenene kukumhlonela ngokunzulu uMdali okubangelwa kukuqonda ukuba ngokupheleleyo uluphawu olumntwisiweyo lobulungisa, lokusesikweni, lobulumko nolothando. Kubandakanya ukoyika okusengqiqweni kokungamkholisi uThixo kuba enguMgwebi Ophakamileyo onamandla okuvuza nawokohlwaya. Umpostile uPawulos wabhala wenjenje: “Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo.” (Hebhere 10:31) Uthando lukaThixo aluyonto yokuthatyathwa lula, okanye imigwebo yakhe asinto yakudlala ngayo. Kungeso sizathu le nto iBhayibhile isikhumbuza oku: “Yingqalo yobulumko ukoyika uYehova.”—IMizekeliso 9:10.

Noko ke, sifanele sikhumbule ukuba ngoxa uYehova enamandla okohlwaya abo bangamthobeliyo—ibe ebesoloko esenjenjalo—akanguye nangayiphi na indlela umntu onxanelwe igazi okanye okhohlakeleyo. Ngokwenene unguThixo onothando, nangona esithi maxa wambi, njengomzali onothando, abe nomsindo ngokufanelekileyo. (1 Yohane 4:8) Kungeso sizathu le nto ukumoyika kusengqiqweni. Kusikhokelela ekubeni sithobele imithetho yakhe, eyenzelwe ingenelo yethu. Ukuthobela imithetho kaThixo kuzisa ulonwabo, ngoxa ukungayithobeli kusoloko kusizisa imiphumo emibi. (Galati 6:7, 8) Umdumisi waphefumlelwa ukuba avakalise oku: “Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, ngokuba abanakuswela abamoyikayo.”—INdumiso 34:9.

Ngubani Wena Omoyikayo?

Ukoyika uThixo kusinceda njani ukuba soyise ukoyika umntu? Kambe ke, abantu basenokuhlekisa ngathi okanye bade basitshutshise ngenxa yokwenza okulungileyo, nto leyo esicinezelayo. Kodwa ukoyika uThixo ngokuhloniphekileyo kuya kusicinezelela ukuba sihlale kwikhondo elilungileyo, ekubeni singafuni kungamkholisi uThixo. Ukongezelela, ukuthanda uThixo kuya kusishukumisela ekubeni senze oko kuvuyisa intliziyo yakhe. Ukongezelela, siyakhumbula ukuba uThixo usivuza ngokutyebileyo ngokwenza okulungileyo, nto leyo esenza simthande ngakumbi size sifune ukwenza ukuthanda kwakhe. Ngenxa yoko, imbono elungeleleneyo ngoThixo isinceda ukuba soyise nakuphi na ukoyika umntu esisenokuba nako.

Ngokomzekelo, abaninzi bacinezelelwa ekwenzeni okubi ngenxa yokoyika oko abahlobo babo bakucingayo. Abaselula esikolweni basenokutshaya, basebenzise intetho ebolileyo, baqhayise ngokuba namava esini (awokwenene okanye acingelwayo), bade basebenzise iziselo ezinxilisayo okanye iziyobisi. Ngoba? Abasoloko bekwenza oko kuba befuna ukukwenza, kodwa ngenxa yokuba besoyika oko abahlobo babo banokukuthetha ukuba benza ngokwahlukileyo. Kokwishumi elivisayo, ukuhlekwa nokugculelwa kusenokuba yinto ekunzima ukuyinyamezela njengokutshutshiswa enyameni.

Kwanomntu okhulileyo usenokuziva ecinezelekile ukuba enze okubi. Mhlawumbi ophetheyo emsebenzini uya kuxelela umqeshwa ukuba anyuse ityala lomthengi okanye azalise iphepha lerhafu yenkampani ngokunganyanisekanga ukuze ehlise iindleko zerhafu yentengo. UmKristu usenokuvakalelwa kukuba ukuba akathobeli, uya kuphulukana nomsebenzi wakhe. Ngaloo ndlela, ukoyika umntu kunokumcinezelela ekwenzeni okubi.

Kwezi meko zombini, ukoyika uThixo okusengqiqweni nokuhlonela imithetho yakhe kunokukhusela umKristu ekubeni angcangcazeliswe kukoyika umntu. Ibe ukuthanda uThixo kuya kumgcina ekubandakanyekeni kwizenzo ezichasiweyo nguThixo. (IMizekeliso 8:13) Ukongezelela, ukholo lwakhe kuThixo luya kumqinisekisa ukuba ukuba wenze ngokuvumelana nesazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile, uThixo uya kumxhasa enoba kuvela yiphi na into. Umpostile uPawulos wabonisa ukholo lwakhe ngala mazwi: “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.”—Filipi 4:13.

IBhayibhile inikela imizekelo emininzi yamadoda nabafazi ababenyanisekile kuYehova naphantsi kwezona mvavanyo zinzima. “Benziwa intlekisa, batyakatywa . . . baviswa imixokelelwane nentolongo; baxulutywa ngamatye; basarhwa; bahendwa; bafa kukubulawa ngekrele.” (Hebhere 11:36, 37) Kodwa abazange bavumele ukoyika umntu ukuba kulawule iingqondo zabo. Kunoko, balandela ikhondo elinye lobulumko awathi uYesu kamva wachazela abafundi bakhe ukuba balithobele esithi: “Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo [uThixo] unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.”—Mateyu 10:28.

Kwakhona ukulandela esi siluleko sikaYesu sokoyika uThixo kunokoyika umntu kwenza amaKristu okuqala ukuba anyamezele zonke iintlobo zobunzima, izilingo neentshutshiso “ngenxa yeendaba ezilungileyo.” (Filemon 13) Umpostile uPawulos ungumzekelo ophawulekayo woku. Kwincwadi yakhe yesibini eya kwabaseKorinte, ubonisa indlela ukoyika uThixo okwamomeleza ngayo ukuba anyamezele ukuvalelwa entolongweni, ukubethwa, ukuxulutywa ngamatye, ukwaphukelwa yinqanawa, iingozi ezahlukahlukeneyo ezindleleni, ukungalali ebusuku, indlala, ukunxanwa, ingqele nobuzé.—2 Korinte 11:23-27.

Kwakhona ukoyika uThixo kwawomeleza loo maKristu okuqala ukuze aqine kwiintshutshiso eziqatha phantsi koBukhosi bamaRoma, xa bambi babede baphoselwe kumarhamncwa anobungozi kwibala lemidlalo. KumaXesha Aphakathi, amakholwa akhutheleyo atshiswa ekuhleni ade afa kuba ayengalalanisi kukholo lwawo. Ebudeni bemfazwe yehlabathi yokugqibela, amaKristu akhetha ukuva ubunzima nokufa kwiikampu zoxinaniso kunokwenza izinto ezingamkholisiyo uThixo. Anjani wona amandla okunawo ukoyika uThixo! Ngokuqinisekileyo, ukuba awomeleza amaKristu ukuba oyise ukoyika umntu phantsi kwezo meko zilingayo, nathi anokusomeleza kuyo nayiphi na imeko esinokuzifumanisa sikuyo.

Namhlanje, uSathana uMtyholi wenza konke anokukwenza ukusicinezelela ekubeni singamkholisi uThixo. Ngoko ke, amaKristu okwenyaniso afanele azimisele ngendlela efana naleyo yachazwa ngumpostile uPawulos xa wabhala wenjenje: “Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; singabokholo olusa ekuzuzeni umphefumlo.” (Hebhere 10:39) Ukoyika uYehova kungumthombo wokwenene wamandla. Ngoncedo lwawo, kwanga singade “somelele sithi, INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; wondenza ntoni na umntu?”—Hebhere 13:6.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Ukoyika uThixo kwamomeleza uPawulos ukuba anyamezele zonke izinto, kuquka ukubethwa, ukuvalelwa entolongweni kwanokwaphukelwa ngumkhombe.—2 Korinte 11:23-27

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share