IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 6/1 iphe. 28-30
  • Ngaba Ukhona Umntu Ondikhathaleleyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ukhona Umntu Ondikhathaleleyo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “UThixo Wentuthuzelo Yonke” Ukukhathalele
  • Umthandazo Novuko Bubungqina—Obubonisa Ukuba UThixo Uyakhathala
  • UYehova Uyabavuza Abantu
  • UThixo Uyakukhathalela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • UYehova Ukukhathalele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • UYehova NguMalusi Wethu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • UYehova, ‘Inqaba Yethu Ngamaxesha Okubandezeleka’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 6/1 iphe. 28-30

Ngaba Ukhona Umntu Ondikhathaleleyo?

Ngaba wakha waziva ulilolo elingenakuzinceda, ngokungathi akukho mntu uziqondayo iingxaki zakho? Nokuba abanye babebonakala bezazi, wavakalelwa kukuba babengakhathali.

XA kuvela iingxaki, kunokubonakala ngathi ubomi bethu bufana noqhwithela olungazukuphela. Maxa wambi, sinokude sigqibe kwelokuba iingxaki zethu zinkulu kakhulu yaye zisicinezela kangangokuba asinakukwazi ukuzinyamezela. Kudla ngokuba njalo xa sinomvandedwa, sidandathekile, sehlelwe yingozi emanyumnyezi, sinesifo esinganyangekiyo okanye enye ingxaki. Sinokuziva singento yanto kangangokuba side sizibuze ukuba singalufumana phi uncedo. Ngaba ukho umntu okhathalayo?

“UThixo Wentuthuzelo Yonke” Ukukhathalele

EBhayibhileni uThixo uchazwa ‘njengoYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke.’ (2 Korinte 1:3) UThixo, ogama lakhe linguYehova, uyazi ukuba siyakufuna ukuthuthuzelwa. IBhayibhile isebenzisa igama elithi “intuthuzelo” ngeendlela ezahlukeneyo yaye livela izihlandlo ezingaphezu kwekhulu, ukusiqinisekisa ukuba uThixo akaqondi nje kuphela iingxaki esijamelana nazo kodwa ufuna nokusithuthuzela. Ukwazi esi sibakala kusenza siqonde ukuba nokuba abanye abayiboni ingxaki esikuyo, okanye abasikhathalelanga, uYehova uThixo yena usikhathalele.

IZibhalo zenza kucace ukuba uYehova ukhathalele ngamnye wethu. IBhayibhile ithi: “Amehlo kaYehova akuzo zonke iindawo, ahlala ekhangele ababi nabalungileyo.” (IMizekeliso 15:3) Kanti yena uYobhi 34:21 uthi: “Amehlo akhe asezindleleni zomntu, yaye onke amanyathelo akhe uyawabona.” UYehova uyazibona izinto esizenzayo—ezintle nezimbi—yaye uyazazi iimeko zethu, ngenxa yoko wenza nantoni na ayibona ifanelekile. Lento siyibona kumazwi awathethwa nguHanani imboni okanye umprofeti kuKumkani uAsa wakwaYuda. Kaloku wathi kuye: “Kuba, ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.”—2 Kronike 16:7, 9.

Sikho nesinye isizathu esenza ukuba uYehova asilinde. UYesu uyasichaza: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” (Yohane 6:44) UYehova usikhathalele kangangokuba uhlola intliziyo yomntu ngamnye ukuze abone ukuba ityekele kuye kusini na. Xa ebona intliziyo enjalo unokumnceda loo mntu ngendlela angayilindelanga. Ngokomzekelo, elinye ibhinqa lakwiDominican Republic elalinomhlaza lalaliswa esibhedlele ukuze lityandwe. Labongoza uThixo ukuba alincede lifumane unqulo lokwenyaniso. Kanye ngelo xesha, umyeni walo wafika eliphathele incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?a awayeyinikwe lelinye iNgqina likaYehova elalifike endlwini yakhe ngaloo ntsasa. Eli bhinqa layifunda le ncwadana inemifanekiso laza laqonda ukuba uThixo wayephendula umthandazo walo. Lavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngamaNgqina, laza lahlulela ubomi balo kuThixo yaye labhaptizwa zingaphelanga iinyanga ezintandathu.

Kwincwadi yeeNdumiso, sifunda amabinzana akhuthazayo abhalwa ngabadumisi abangamaHebhere bamandulo njengoKumkani uDavide, achaza indlela abakhathalele ngayo uYehova abakhonzi bakhe. KwiNdumiso 56:8, uKumkani uDavide ubongoza uThixo esithi: “Iinyembezi zam zifake kwintsuba yakho. Ngaba azikho encwadini yakho?” Ngala mazwi uDavide wayebonisa ukuba uYehova akazi nje kuphela intlungu yethu kodwa wazi nendlela esivakalelwa ngayo. UYehova wayeyazi kakuhle intlungu kaDavide nezinto ezazimenza alile. Ngokwenene, uMdali wethu uyabalinda bonke abantu abenza intando yakhe, “abo bantliziyo ziphelele kuye.”

Esinye isicatshulwa seBhayibhile esiyichaza kakuhle indlela asikhathalele ngayo uThixo yiNdumiso isahluko 23. Ivula ngamazwi afanisa uThixo nomalusi onothando athi: “UYehova ngumaLusi wam. Andiyi kuswela nto.” Umalusi waseMbindi Mpuma uzithanda kakhulu izimvu zakhe kangangokuba ude azithiye namagama. Uhlola imvu nganye imihla ngemihla ukuze abone ukuba ayilimalanga na. Ukuba kukho imvu elimeleyo uyithambisa amafutha ukuze ikhawuleze iphile. Ukuba imvu iyagula, kusenokufuneka ayiseze iyeza ngenkani aze ayiphakamise ukuze ingafi. Ngokuqinisekileyo lo mzekeliso ubonisa indlela uYehova abanyamekela ngayo abantu ababuyela kuye.

Umthandazo Novuko Bubungqina—Obubonisa Ukuba UThixo Uyakhathala

Le ndumiso nezinye eziseBhayibhileni azibhalelwanga nje ukuba sizifunde ukuze zisiyolise. Zisibonisa indlela abakhonzi bakaThixo abathembekileyo abaye bazityanda igila ngayo kuYehova xa becela uncedo, naxa bembulela ngokubakhokela nokubasikelela. La mabinzana abonisa kakuhle ukuba abo bakhonzi bakaThixo bamandulo babekholelwa ukuba uThixo ubakhathalele. Ukuwafunda nokucamngca ngawo la magama kunokusinceda sivakalelwe ngendlela efanayo ngoThixo. Umthandazo bubungqina obunamandla obubonisa ukuba uThixo usikhathalele.

Noko ke, maxa wambi sicinezeleka kakhulu kangangokuba side singayazi nendlela esimele sithandaze ngayo. Ngaba lonto imenza uYehova angazazi iinzingo zethu? AmaRoma 8:26 athi: “Umoya uyasinceda kubuthathaka bethu; kuba ingxaki esifanele siyithandazele njengoko kuyimfuneko asiyazi, kodwa umoya ngokwawo uyasibongozela ngokugcuma okungathethekiyo.” Esi sibhalo sibonisa ukuba uYehova “uMphulaphuli wemithandazo” uyamkela njengevela kuthi imithandazo ephefumlelweyo yabakhonzi bakhe bamandulo.—INdumiso 65:2.

Ithemba lovuko bobunye ubungqina obubonisa ukuba uThixo unomdla kuye ngamnye wethu. UYesu Kristu wathi: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [likaYesu] baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) Igama lesiGrike elisetyenziswe apha liguqulelwe ngokuthi “amangcwaba enkumbulo” kungekhona nje “amangcwaba.” Libonisa ukuba indlela ebephila ngayo umntu ofileyo iyakhunjulwa nguThixo.

Khawufan’ ucinge, ukuze umntu abuyiselwe ebomini kwakhona, kufuneka uThixo azi yonke into ngaloo mntu, kuquka nendlela awayekhangeleka ngayo, iimpawu azalwa nazo nezo aye wazifumana ekukhuleni kwakhe nazo zonke izinto ebezazi! (Marko 10:27) UThixo akanakuze amlibale loo mntu nokuba sele kudlule amawaka eminyaka. (Yobhi 14:13-15; Luka 20:38) Ngaloo ndlela, uYehova uThixo ukhumbula yonke into ngamawaka ezigidi zabantu eziye zafa—obu bungqina bubonisa ukuba uThixo ukhathalele ngamnye wethu!

UYehova Uyabavuza Abantu

Simele senze ntoni ukuze uThixo asinyamekele? Okokuqala, simele sikholose ngaye, simthobele yaye sibe nokholo. Umpostile uPawulos uchaza indlela ukuba nokholo okunxibelelene ngayo nokunyanyekelwa nguThixo. Wabhala: “Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle, kuba lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.”—Hebhere 11:6.

Phawula ukuba ukholo olumkholisayo uThixo luneenkalo ezimbini. Okokuqala, simele ‘sikholwe ukuba ukho,’ nto leyo ethetha ukuba simele sikholelwe ukuba ukho uThixo yaye uNgumlawuli Owongamileyo esifanele simthobele size simnqule. Okwesibini, simele sikholelwe ukuba “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” Ukholo lwenyaniso luquka ukukholelwa ukuba uThixo ubakhathalele abantu abafuna ukwenza ukuthanda kwakhe ngokunyanisekileyo yaye uyabavuza. Nawe ungaba nalo ukholo olwenza umntu avuzwe aze athandwe nguThixo ukuba ufunda iLizwi likaThixo uze uzihlanganise nabantu abamthobelayo.

Abantu abaninzi namhlanje bacinga ukuba uThixo akabakhathalelanga abantu. Kodwa ke sibonile ukuba iBhayibhile ilikhupha litsole elokuba uThixo ubakhathalele abantu abanokholo kuye. Asifanelanga soyike nakweli hlabathi lanamhlanje apho ubomi buzaliswe luxinezeleko, amaxhala, ukuphoxeka nezinto ezibuhlungu. UYehova uThixo usikhathalele. Ude asibongoze ukuba sibhenele kuye xa sifuna uncedo. Umdumisi uthi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.”—INdumiso 55:22.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 29]

IZibhalo Ezikwenza Ube Nokholo Lokuba UThixo Ukukhathalele

“Ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.”—2 KRONIKE 16:9

“Iinyembezi zam zifake kwintsuba yakho. Ngaba azikho encwadini yakho?”—INDUMISO 56:8

“UYehova ngumaLusi wam. Andiyi kuswela nto.”—INDUMISO 23:1

“Owu mphulaphuli wemithandazo, abantu bayo yonke inyama baya kuza kuwe.”—INDUMISO 65:2

“Uya kubiza, ndisabele. Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho.”—YOBHI 14:15

“Lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.”—HEBHERE 11:6

“Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.”—INDUMISO 55:22

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share