Ngaba Uyakusebenzisa Oko Ukufunde KwiNdibano YeSithili ‘Yabafundisi BeLizwi LikaThixo’?
1 Nabani na okhoyo kwindibano yesithili yowama-2001/2002 unokubona ukuba abantu bakaYehova bazimisele ukulizalisekisa uthumo lwabo lokuba babe ngabafundisi beLizwi likaThixo. (Mat. 28:19, 20) Njengokuba ugoduka, ziziphi izinto ozifundileyo ozimisele ukuzisebenzisa ebomini bakho nakubulungiseleli basentsimini?
2 IZibhalo Eziphefumlelweyo Ziyingenelo Ekufundiseni: Umxholo wosuku lokuqala wabalaselisa eyesi-2 kuTimoti 3:16. Intetho engumxholo yabonisa ukuba ukuze “Sixhotyiswe Ngokupheleleyo Njengabafundisi BeLizwi LikaThixo,” sifanele silithande kakhulu iLizwi likaThixo, silihlonele ngaphezu kwayo nayiphi na imbono okanye isithethe sabantu size silisebenzise rhoqo. Kwakhona simele sithandazele umoya oyingcwele yonke imihla ukuze usincede kubulungiseleli bethu size sihlakulele esona siqhamo sawo sibalaseleyo—uthando. Yaye simele sivumele intlangano kaYehova yasemhlabeni isiqeqeshe njengabalungiseleli kuzo zonke iintlanganiso zebandla.
3 Ungcelele lwangoLwesihlanu, olwalunomxholo othi “Ukuzifundisa Thina Ngoxa Sifundisa Abanye,” lwachaza ukuba simele sibe yimizekelo (1) ekubambeleleni kwimithetho kaThixo kuzo zonke iinkalo zemilinganiselo yobuKristu, (2) sifundisise ngokuzimisela size (3) sisuse izimo zengqondo nentliziyo enokusetyenziswa nguMtyholi. Kwakhona, siye safundiswa iindlela esinokuzikhusela ngazo iintsapho zethu kwisibetho esigqugqise ihlabathi semifanekiso engamanyala. Abazali babongozwa ukuba bamisele umzekelo omhle ngokungayibukeli nakancinane imifanekiso yokuziphatha okubi ngokwesini baze bakubek’ esweni oko kubukelwa ngabantwana babo kwi-Internet nakumabonwakude. Ziziphi iingongoma osele uqalile ukuzisebenzisa zocwangciso lwangoLwesihlanu?
4 Intetho yolo suku yokuqukumbela yakhuthaza isigqibo sethu sokuba sixabise ukukhanya kukaYehova, sisondelelane nodidi oluthanjisiweyo noluthembekileyo lukaThixo, size sifak’ isandla kuxolo lwabantu bakaYehova. Ngaba sele uqalile ukuyifunda inkupho entsha ethi Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu II?
5 Ukufanelekela Ukufundisa Abanye: Umxholo wosuku lwesibini wawusekelwe kweyesi-2 kuTimoti 2:2. Njengokuba wawuphulaphule ungcelele lwakusasa ngoMgqibelo, ngaba wawaphawula amacebiso (1) okukhangela abafanelekayo, (2) okukhulisa umdla wabo, (3) nokubafundisa ukugcina zonke izinto eziyalelwe nguKristu? Ngaba uyakusebenzisa oko ukufundileyo—ubuncinane ubonise umninimzi ingongoma enye eZibhalweni uze wenze umchankcatho wokubuyela kwixesha elizayo?
6 Ucwangciso lwasemva kwemini lwabalaselisa ukubaluleka kokuxelisa uMfundisi Omkhulu, uYesu. Ziziphi iindlela ozama ngazo ukuba njengaye? Ngokusuka koko wakufunda kungcelele losuku lwesibini, ucinga ukuba ‘Wangenelwa Ngokuzele Ngakumbi Kwimfundo Yobuthixo’? Ngawaphi amacebiso oye wawasebenzisa ukuze uphucule indlela ophulaphula ngayo kwisifundo sobuqu nakwiintlanganiso zebandla?
7 Ngokungathandabuzekiyo, le ncwadi siza kuyifumana ethi Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo iza kusinceda sikhulise ubuchule bethu njengezithethi nabafundisi beLizwi likaThixo. Kuza kunikelwa ingqalelo enkulu kwiimpawu zokuthetha ezazibalasele kubakhonzi bakaThixo bamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Kule ncwadi intsha isifundo ngasinye sinebhokisi ebonisa oko kufuneka sikwenze, isizathu sokuba kubalulekile, nendlela yokukwenza. Kukwaqukwe noqheliselo. Oodade baza kuba neendlela ezingama-29 abanokukhetha kuzo xa belungiselela izabelo zabo. Ekuhambeni kwexesha, iinguqulelo ezichaziweyo ziya kwenziwa esikolweni. Ngaba unalo ucwangciso lokufundisisa nokulungiselela ukuze ungenelwe ngokupheleleyo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo veki nganye?
8 Yibani Ngabafundisi Ngenxa Yexesha: Ucwangciso lwangeCawa lwaqaliswa ngeyamaHebhere 5:12. Ungcelele lwakusasa, olwalunomxholo othi “Isiprofeto SikaMalaki Sisilungiselela Imini KaYehova,” lwasibongoza ukuba sinike uThixo wethu okona kusemandleni size sithiye zonke iintlobo zenkohliso ukuze sisinde kwimini enkulu neyoyikekayo kaYehova. Umdlalo othi “Lithobele Ngokuthembeka Igunya LikaThixo,” wabonisa ngokuphandle indlela ikratshi, amabhongo, umona nokunyaniseka okungafanelekanga kukaKora namaqabane akhe okwabakhokelela ngayo kwizenzo zokuvukela uYehova. Intetho eyalandelayo yabalaselisa ukubaluleka kokuzithoba kwigunya lobuthixo entsatsheni nasebandleni namhlanje. Intetho yesidlangalala eyayinomxholo othi, “Ngoobani Abafundisa Zonke Iintlanga Inyaniso?,” yabonisa ukuba amaNgqina kaYehova enza kanye oko, ngokuchasene neNgqobhoko, ezibanga ifundisa inyaniso yeBhayibhile.
9 Licacile elokuba, uYehova usiqeqeshela ukuba sibe ngabafundisi abalunge ngakumbi beLizwi lakhe. Masisebenzise oko sikufundayo, ‘silumkele imfundiso yethu, ukuze sisindise thina nabo basiphulaphulayo.’—1 Tim. 4:16.