UYehova Ngowokudunyiswa Kakhulu
ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa Esiza Kuba NgoAprili 16
1 Siwulinde ngolangazelelo umhla ka-Aprili 16, 2003. Ngobu busuku siza kube sikhumbula ukufa kukaYesu, sithelela izigidi zabanye abanquli abasehlabathini lonke ekuzukiseni igama likaYehova. UYehova ufanele kukudunyiswa ngenxa yelungiselelo elihle lentlawulelo. Ngeli lungiselelo, uza kuthulula iintsikelelo ezimangalisayo kubo bonke abantu abathobelayo. Ngeentliziyo ezipheleleyo sithelela umdumisi ekumemeleleni sisithi: “UYehova mkhulu yaye ngowokudunyiswa kakhulu.”—INdu. 145:3.
2 Eli lixesha lokuba sicamngce ngokulunga kukaThixo nangesibakala sokuba sifanele simbulele ngokuthumela “uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini ukuze sizuze ubomi ngaye.” (1 Yoh. 4:9, 10) Ukubhiyozela iSidlo Senkosi Sangokuhlwa kubethelela ezintliziyweni zethu ukuba “uYehova unobabalo nenceba . . . yaye unobubele bothando kakhulu.” (INdu. 145:8) Ngokwenene, intlawulelo yeyona mbonakaliso yothando analo uYehova ngalo lonke uluntu. (Yoh. 3:16) Xa sicinga ngothando lukaThixo kwaye sicamngca ngoYesu ongazange ayilahle ingqibelelo yakhe, sishukunyiselwa ukuba sidumise uYehova. Siya kumdumisa ngonaphakade ngenxa yothando lwakhe olungasikelwe mida alubonakalise ngokusinika ubomi obungunaphakade.—INdu. 145:1, 2.
3 Nceda Abanye Badumise UYehova: Uxabiso esinalo ngesipho sikaThixo sentlawulelo esingenakuthelekiswa nanto kusibangela ukuba simeme abanye ukuba basithelele ekudumiseni uYehova. Umdumisi waphefumlelwa ukuba abhale la mazwi: “Baya kumpompoza ngokukhankanywa kobuninzi bokulunga kwakho, nangenxa yobulungisa bakho baya kumemelela ngovuyo.” (INdu. 145:7) Kulo nyaka uphelileyo kuphela, amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aye ashumayela iiyure ezingaphezu kwewaka lezigidi. Uye waba yintoni umphumo? Ngokomlinganiselo, veki nganye kuye kwabhaptizwa abantu abangaphezu kwama-5 100, befuzisela uzahlulelo lwabo kuYehova. Ekubeni bekukho abantu abali-15 597 746 eSikhumbuzweni, kuquka nabazizigidi ezingaphezu kwe-9 abangekaqalisi ukudumisa uYehova njengabavakalisi beendaba ezilungileyo, silindele ulwando olungakumbi! Njengabavakalisi boBukumkani, siyalixabisa ilungelo esinalo lokuvakalisa iindaba ezilungileyo size salathise iintliziyo zabanye kuYehova, kuNyana wakhe, nakuBukumkani.
4 Eyona ndlela elungileyo yokukhuthaza abanye ukuba badumise uYehova kukubamema ukuba basithelele ekubhiyozeleni iSidlo Senkosi Sangokuhlwa. Ngaba sele ulwenzile uludwe lwabo bonke ofuna ukubamema kunye nabo bafuna ukukhunjuzwa ngosuku nangexesha? Ngaba sele ubamemile abo bakuludwe lwakho? Ukuba akukakwenzi oko, khawulezisa wenjenjalo kweli xesha lisaseleyo. Bancede bayiqonde injongo yesi sihlandlo. ESikhumbuzweni, bulisa bonke abaziindwendwe. Benze bazive besekhaya, bazise kwabanye, uze ubancome ngokuza kwabo.
5 Ukubakho eSikhumbuzweni kunokwenza abo basebatsha benze inkqubela ngokomoya. Omnye umfundi weBhayibhile owayenoxinezeleko lwasemva kwesihelegu, olwenza kube nzima kuye ukuba phakathi kwabantu, weza eSikhumbuzweni. Xa wabuzwa ukuba wayeziva njani ngaloo ntlanganiso, wathi: “Ibibobona busuku bakha bangcwele, ibe nam bendilapho.” Ukususela ngoko, waqalisa ukuza ezintlanganisweni.
6 Emva KweSikhumbuzo: Yintoni enokwenziwa ukuze kuncedwe abanomdla babe ngabadumisi bakaYehova? Abadala baya kuphawula abatsha abeze eSikhumbuzweni baze benze amalungiselelo okuba abavakalisi abafanelekayo babatyelele kamsinya ukuze baxubushe izinto ezihlaziyayo abazifundileyo nabaye bazibona. Bambi basenokufuna ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Kwakhona bafanele bamenyelwe kuzo zonke iintlanganiso zebandla zeveki, ekubeni ukubakho rhoqo ezintlanganisweni kunokubenza bayazi ngakumbi iBhayibhile.
7 Kwenziwe amalungiselelo okukhuthaza bonke abaxhiphulisayo nabapholileyo ukuba baye rhoqo ezintlanganisweni. Ukuba abadala bakucela ukuba uncede uthile opholileyo ukuba aphinde aqalise ukushumayela, kulungele ukunceda. Ukuba nenkxalabo yothando enjalo ngabazalwana bethu kuvisisana nesibongozo sompostile uPawulos esithi: “Lo gama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.”—Gal. 6:10.
8 Ngamana sonke singenza umgudu okhethekileyo ukuze sibekho kwiSikhumbuzo esiza kuba ngoAprili 16. Asifuni kuphoswa sesi sihlandlo singcwele sokudumisa uYehova. Ewe, masidumise uYehova ngenxa yemisebenzi yakhe emikhulu ngoku nangonaphakade!—INdu. 145:21.