Xelisa Okusesikweni KukaYehova
1 “UYehova ngumthandi wokusesikweni.” (INdu. 37:28) Ngaloo ndlela, nangona ekhuphe umyalelo wokuba eli hlabathi uza kulitshabalalisa, ukwalungiselele ukuba lilunyukiswe kuqala. (Marko 13:10) Oku kunika abantu ithuba lokuba baguquke ukuze basindiswe. (2 Pet. 3:9) Ngaba sizama ukuxelisa okusesikweni kukaYehova? Ngaba intlungu nokubandezeleka koluntu kusishukumisela ukuba sabelane nabanye ngethemba loBukumkani? (IMize. 3:27) Ukuthanda okusesikweni kuya kusibangela ukuba sikukhuthalele ukushumayela.
2 Shumayela Ngokungenamkhethe: Xa sishumayela injongo kaThixo ngokungenamkhethe kuye wonke ubani, ‘siqhelisela okusesikweni.’ (Mika 6:8) Simele silwe notyekelo lokungafezeki lokuthanda ukubacingela abanye ngenxa yembonakalo yangaphandle. (Yak. 2:1-4, 9) Ukuthanda kukaYehova kukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:4) Ilizwi likaThixo lenyaniso linokubutshintsha ubomi babantu. (Heb. 4:12) Ukuqonda esi sibakala kungasenza sithethe ngokuzithemba nabantu, kwanabo baye basichasa kwixa elidluleyo.
3 Ngaxa lithile omnye udade owayesebenza evenkileni wayesoyika indoda awayedla ngokuyithengisela ngenxa yembonakalo yayo. Noko ke, xa lavelayo ithuba elifanelekileyo, wazama ukunikela ubungqina kuyo ngesithembiso sikaThixo seParadesi. Ngobukrwada yathi ayizikholelwa iintsomi, ngaphezu koko, ilihippie nekhoboka leziyobisi. Kodwa lo dade akazange anikezele. Ngenye imini le ndoda yabuza uluvo lwakhe ngeenwele zayo ezinde, wayichazela ngobuchule oko kuthethwa yiBhayibhile ngalo mbandela. (1 Kor. 11:14) Engakholelwa, ngosuku olulandelayo yayicocekile ichebe iindevu neenwele zichetywe kakuhle! Yacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, waza lo dade wacela umzalwana ukuba ayiqhubele, ibe le ndoda yenza inkqubela encomekayo yazahlulela yaza yabhaptizwa. Njengale ndoda, uninzi lwabo bakhonza uYehova namhlanje luyakubulela ukungabi namkhethe, nokuzingisa kwabo babashumayeza isigidimi soBukumkani.
4 Kungekudala uYehova uza kukusiphula neengcambu okungekho sikweni emhlabeni namhlanje. (2 Pet. 3:10, 13) Kweli xesha lingephi liseleyo, ngamana singaxelisa okusesikweni kukaYehova ngokunika bonke abantu ithuba lokuba basabe intshabalalo eza kweli hlabathi likaSathana lingenabulungisa.—1 Yoh. 2:17.