Zibekele Usukelo Lokuqhuba Isifundo SeBhayibhile
1 “Phakamisani amehlo enu nize nibone amasimi, ukuba amhlophe ukuze kuvunwe.” (Yoh. 4:35) Loo mazwi awathethwa nguYesu Kristu ngokuqinisekileyo ayasebenza kumaKristu anamhlanje.
2 Basafumaneka abantu abanyanisekileyo abanomdla wokufundiswa iindlela zikaYehova. Loo nto siyibona kwinani labafundi abatsha ababhaptizwayo nyaka ngamnye. Yintoni onokuyenza ukuba ngokwenene unomdla wokuqhuba isifundo seBhayibhile?
3 Zibekele Usukelo: Okokuqala, zibekele usukelo lokuqalisa nelokuqhuba isifundo seBhayibhile rhoqo. Musa ukululibala usukelo lwakho xa usentsimini. Ekubeni sithunywe ukuba sifundise abantu kwaye sishumayele, sonke sifanele sifune ukuzibhokoxa ngakumbi ekuqhubeni izifundo zeBhayibhile.—Mat. 24:14; 28:19, 20.
4 Ezinye Izinto Esifanele Sizikhumbule: Abavakalisi boBukumkani bamele bathandaze ngokunyaniseka. Maxa wambi siye sidibane nabantu abaye bathandazela ukuncedwa bazi uThixo. Kuyintsikelelo yokwenene ukusetyenziswa nguYehova ukufumana nokufundisa abantu abanjalo!—Hag. 2:7; IZe. 10:1, 2.
5 Omnye udade wathandazela ukufumana isifundo seBhayibhile waza wabeka ekuhleni iphecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Ngakumbi NgeBhayibhile? kwindawo aphangela kuyo. Xa elinye ibhinqa lathatha eli phecana laza lalifunda lonke, laza emva koko lazalisa ibhokisi yedilesi, lo dade wathetha nalo waza waqalisa isifundo seBhayibhile.
6 Abanye abavakalisi abanobuchule bokuqalisa nokuqhuba izifundo zeBhayibhile banokukunceda ufikelele usukelo lwakho lokuqhuba isifundo seBhayibhile. Thandaza kuYehova umchazele ngomnqweno wakho, uze usebenzise naluphi na uncedo olufumanekayo ukuze ufikelele olu sukelo. Mhlawumbi kungekudala uza kuba nenyhweba yokuqhuba isifundo seBhayibhile.