Ihambo Ezukisa UThixo
1. Kutheni kulula ukubona amaNgqina kaYehova xa esiya endibanweni?
1 Xa sisiya ezindibanweni, kulula ukuba abantu bakubone oko. Kwizixeko zeendibano ezininzi, imithombo yeendaba idla ngokwazisa abantu basekuhlaleni ukuba siza kuba nendibano. Iihotele neendawo zokutyela zizala ziindwendwe yaye abantu basekuhlaleni baye babone ezi ndwendwe zinxibe iibheji. Ezi zilandelayo zizikhumbuzo eziza kusinceda sizukise uThixo ngehambo yethu kwisixeko sendibano.—1 Pet. 2:12.
2. Sinokumzukisa njani uThixo ngesinxibo sethu kwisixeko sendibano?
2 Ukunxiba Ngesidima: Ukunxiba kwethu ngesidima ngoxa sisendibanweni kudla ngokubachukumisa abo basibukeleyo. Noko ke, indlela esinxiba ngayo ngamanye amaxesha—xa sifika ehotele, xa sisiya kwiivenkile zokutyela, xa siye kuthenga njalo njalo—isenokubachukumisa abo basibukeleyo. Nakubeni singazi kunxiba impahla esiza kuya ngayo endibanweni ngezi zihlandlo zingentla, sifanele sinxibe ngesidima singabi xazalala. Kufanele kube lula ngabo basibukeleyo ukubona umahluko phakathi kwethu nabo bangakholwayo. (Rom. 12:2) Ukongezelela, sifanele sinxibe iibheji zethu kuba oko kuya kubhengeza indibano, kuvule amathuba okushumayela kuze kwenze kube lula ngezinye iindwendwe ukusibona.
3. Singawubonisa njani umonde nokucingela abanye?
3 Umonde Nokucingela Abanye: Kwixesha esiphila kulo abantu bayazithanda yaye abanambulelo, ukuba nomonde kwethu nokubacingela abanye kuya kubahlaziya ababukeleyo njengabo basebenza ehotele nakwiindawo zokutyela. (2 Tim. 3:1-5) Xa sibeka izitulo okanye xa sisiya kwimigca yokufumana iimpapasho ezintsha, sifanele sifune, kungekhona ingenelo yethu, kodwa eyabanye abantu. (1 Kor. 10:23, 24) Emva kokubakho endibanweni enye indoda enomdla yathi, “Ayikho nanye intetho endiyikhumbulayo kwezazinikelwa ngaloo mini, kodwa ihambo yamaNgqina ndiya kuhlala ndiyikhumbula.”
4. Kutheni sifanele sicinge ngokuba ngamatsha-ntliziyo endibanweni?
4 Amatsha-ntliziyo: AmaKristu okwenyaniso aziwa ngokuzinikela. (INdu. 110:3) Ngaba ungalitshantliziyo endibanweni? Kwenye indibano abazalwana noodade abangama-600 bazinikela ekubeni bacoce ngaphambi kwendibano. Abasebenzi bathi: “Kuyamangalisa oku sikubonayo namhlanje! Akululanga ukucinga ukuba bonke aba bantu bangamatsha-ntliziyo.” Sikhangele phambili kwiindibano zowama-2013 apho singazi kufumana nje kuphela ithuba lokuphulaphula nokufunda kuThixo kodwa nelokumzukisa.
[Ibhokisi ekwiphepha 3-6]
Izikhumbuzo Zendibano YeSithili Yowama-2013
◼ Ixesha Locwangciso: Umculo otshayelela ucwangciso uya kuqala ngentsimbi yesi-9:00 kusasa zontathu ezo ntsuku. Xa kuqalisa umculo, sonke sifanele siye kuhlala phantsi ukuze ucwangciso luqalwe ngendlela endilisekileyo. NgoLwesihlanu nangoMgqibelo ucwangciso luza kuqukunjelwa ngeye-4:30 emva kwemini, luze luqukunjelwe ngeye-3:15 emva kwemini ngeCawa.
◼ Indawo Yokupaka Iimoto: Kuzo zonke iindawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano zineendawo zokupaka eziza kwalathiswa sithi, ziza kufumaneka simahla yaye ziya kunikwa abantu abafike kuqala. Ekubeni indawo yokupaka idla ngokuba ncinane, ukuba kunokwenzeka sebenzisani imoto enye.
◼ Indawo Yokuhlala: Abavakalisi abafuna indawo yokuhlala bangazifumanela iifomu zeSicelo Esikhethekileyo Samagumbi (CO-5). IKomiti Yenkonzo Yebandla ifanele ihlole enoba abavakalisi bayafaneleka kusini na, isebenzisa ulwalathiso oluchazwe kule fomu kunye neleta kaDisemba 14, 2010, eya kuwo onke amaqumrhu abadala. Eli lungiselelo lenzelwe abavakalisi abangumzekelo kunye nabantwana abaziphethe kakuhle.
◼ Ukubeka Izihlalo: Izihlalo unokuzibekela abantu ohamba nabo ngemoto okanye ohlala nabo, kuquka abo ubafundela iBhayibhile. Izihlalo ezilungiselelwe abagulayo nabakhulileyo zimbalwa, ngoko iintsapho zabo zisenokungakwazi ukuhlala nabo. Ezi zitulo sicela nizishiyele abagulayo, abalupheleyo kunye nabo baza kubanceda.—1 Kor. 13:5.
◼ Isidlo Sasemini: Sicela niziphathele isidlo sasemini kunokuba niphume niye kufuna ukutya ebudeni bekhefu lasemini. Ninokusebenzisa icooler bag enokufakwa phantsi kwesitulo. Iicooler bag ezinkulu zepikiniki zinokubekwa kwindawo abalindi abacela ukuba zibekwe kuyo. Izitya zeglasi kunye notywala azivumelekanga kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano.
◼ Iminikelo: Sinokubonisa uxabiso esinalo ngamalungiselelo endibano ngokunikela ngokuzithandela kumsebenzi owenziwa ehlabathini endibanweni. Ukuba ungathanda ukunikela ngetsheke, bhala oku kuyo “Christian Congregation of Jehovah’s Witnesses of South Africa.” Oomatshini bokusebenzisa amakhadi baya kufumaneka kwiindibano ezithile kwabo bafuna ukunikela ngekhadi ledebit okanye lecredit.
◼ Amayeza: Ukuba ufuna iyeza elikhethekileyo elinconyelwe ngugqirha, qiniseka ukuba uziphathela elanele loo mini, kuba akayi kufumaneka amayeza anjalo endibanweni. Iinaliti ezisetyenziswa ngabo baneezigulo ezithile zimele zilahlwe kwindawo ebhalwe hazardous waste kungekhona kuyo nayiphi na imigqomo ekwindawo yendibano okanye ehotele.
◼ Izihlangu: Nyaka ngamnye ziba ninzi iingozi ezibangelwa zizihlangu. Kubalulekile ukunxiba izihlangu ezindilisekileyo, ezikulingana kakuhle, eziza kukuhambisa kakuhle kwizinyuko, nezingayi kukuwisa lula, njalo njalo.
◼ Iinqwelo Zabantwana Kunye Nezitulo Ezisongwayo: Iinqwelo zabantwana nezitulo ezisongwayo azifanele zingene kwisakhiwo sendibano. Noko ke, izitulo ezenzelwe ukukhusela umntwana zivumelekile ukuba zinokudityaniswa kwezo zihleli abazali.
◼ Iziqholo: Ezinye iindibano ziqhutywa kwizakhiwo ezivalekileyo apho abantu baxhomekeke kwiifeni ukuze kungene umoya. Ngoko ke, kuya kuba kuhle ukuba singazigaleli kakhulu iziqholo ezinamandla nezinokuba yingxaki kwabo baneengxaki zokuphefumla okanye abanezinye izigulo.—1 Kor. 10:24.
◼ Iifomu Ezithi Nceda Ubuyele (S-43): Ifomu ethi Nceda Ubuyele (S-43) ifanele isetyenziswe xa kubhalwa inkcazelo ephathelele abo banomdla ngoxa besishumayela ngokungacwangciswanga ebudeni bendibano. Iifomu ezizalisiweyo zinokusiwa kwiSebe Leencwadi okanye xa ubuyela ebandleni uzinike unobhala webandla lakho.
◼ Iivenkile Zokutyela: Zukisa igama likaYehova ngokuba nehambo entle kwiivenkile zokutyela. Nxiba ngendlela efanele umKristu. Kuyinto eqhelekileyo ukushiya imadlana esisipho kubasebenzi bevenkile yokutyela emalunga ne-10 ukuya kwi-15 ekhulwini lexabiso laloo nto uyenzelweyo.
◼ Inkonzo Yamatshantliziyo: Bonke abo bangathanda ukuncedisa bafanele baye kwiSebe Lenkonzo Lamatsha-ntliziyo endibanweni. Abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-16 ubudala nabo banokuncedisa ngokusebenza phantsi kweliso labazali babo okanye lomntu obagcinileyo okanye omnye umntu omdala ogunyaziswe ngabo.