◼ Ixesha Locwangciso: Umculo otshayelela ucwangciso uya kuqala ngentsimbi yesi–9:00 kusasa zontathu ezo ntsuku. Xa kuqalisa umculo, sonke sifanele siye kuhlala phantsi ukuze ucwangciso luqalwe ngendlela endilisekileyo. NgoLwesihlanu nangoMgqibelo ucwangciso luza kuqukunjelwa nge–4:25 emva kwemini, luze luqukunjelwe nge–3:20 emva kwemini ngeCawa.
◼ Iindibano Zezizwe Ngezizwe: Kwamanye amazwe kuza kubakho iindibano zezizwe ngezizwe. Khumbula ukuba emva kokubala izitulo ezifumanekayo, indawo yokupaka kunye namagumbi okulala, iofisi yesebe iye yamema amabandla nabavakalisi abathile bamanye amazwe kuphela. Ukuba abavakalisi baya kwindibano yezizwe abangamenywanga kuyo, loo nto inokubangela ukuba kugcwale kakhulu. Ukuba iimeko zakho azikuvumeli ukuba uye kwindibano owabelwe kuyo, awufanele uye kwindibano yezizwe ngezizwe.
◼ Indawo Yokupaka Iimoto: Kuzo zonke iindawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano, kuza kubakho iindawo zokupaka eziza kwalathiswa sithi. Ziza kufumaneka simahla yaye ziya kunikwa abantu abafike kuqala. Ekubeni indawo yokupaka idla ngokuba ncinane, ukuba kunokwenzeka sebenzisani imoto enye.
◼ Indawo Yokuhlala: Abavakalisi abafuna indawo yokuhlala bangazifumanela iifomu zeSicelo Esikhethekileyo Samagumbi (CO-5a). IKomiti Yenkonzo Yebandla ifanele ihlole enoba abavakalisi bayafaneleka kusini na, isebenzisa ulwalathiso oluchazwe kule fomu nakwileta kaOktobha 27, 2013, eya kuwo onke amaqumrhu abadala. Eli lungiselelo lenzelwe abavakalisi abangumzekelo kunye nabantwana abaziphethe kakuhle.
◼ Ukubeka Izihlalo: Xa kuvulwa amasango kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano sicela ingabi nguwashiywa nowashiywa ukuya ezitulweni ngokungathi niyakhuphisana. Umoya wokuzincama osenza siba nqwenelele okulungileyo abanye, ubonisa ukuba singamaKristu okwenyaniso kwaye wenza nabo basibukeleyo bafune ukudumisa uThixo. (Yoh. 13:34, 35; 1 Kor. 13:4, 5; 1 Pet. 2:12) Izihlalo unokuzibekela abantu ohamba nabo ngemoto okanye ohlala nabo, kuquka abo ubafundela iBhayibhile. Kukho izitulo ezilungiselelwe abantu abakhulileyo naba nempilo enkenenkene. Ekubeni ezi zitulo zimbalwa, ngumntu omnye okanye ababini abanyamekela loo mntu abanokuhlala naye kwezi zitulo.
◼ Isidlo Sasemini: Sicela niziphathele isidlo sasemini kunokuba niphume niye kufuna ukutya ngexesha lekhefu. Ninokusebenzisa icooler bag enokufakwa phantsi kwesitulo. Iicooler bag ezinkulu zepikiniki zinokubekwa kwindawo abalindi abacela ukuba zibekwe kuyo. Izitya zeglasi kunye notywala azivumelekanga kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano.
◼ Iminikelo: Sinokubonisa uxabiso esinalo ngamalungiselelo endibano ngokunikela ngokuzithandela kwibhokisi yomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Ukuba ungathanda ukunikela ngetsheke, bhala oku kuyo “Christian Congregation of Jehovah’s Witnesses of South Africa.” Oomatshini bokusebenzisa amakhadi baya kufumaneka kwiindibano ezithile kwabo bafuna ukunikela ngekhadi ledebit okanye lecredit.
◼ Amayeza: Ukuba ufuna iyeza elikhethekileyo elinconyelwe ngugqirha, qiniseka ukuba uziphathela elanele loo mini, kuba akayi kufumaneka amayeza anjalo endibanweni. Iinaliti ezisetyenziswa ngabo baneezigulo ezithile zimele zilahlwe kwindawo ebhalwe hazardous waste kungekhona kuyo nayiphi na imigqomo ekwindawo yendibano okanye yokulala.
◼ Ukhuseleko: Sicela ulumkele iingozi ezinokubangelwa kukutyibilika nokukhubeka. Nyaka ngamnye zininzi iingozi ezibangelwa zizihlangu, ingakumbi ezichophileyo. Kuhle unxibe izihlangu ezindilisekileyo, ezikulingana kakuhle, eziza kukuhambisa lula kwizitepsi nakwezinye iindawo.
◼ Iinqwelo Zabantwana Kunye Nezitulo Ezisongwayo: Iinqwelo zabantwana nezitulo ezisongwayo azifanele zingene kwisakhiwo sendibano. Noko ke, izitulo ezenzelwe ukukhusela umntwana zivumelekile ukuba zinokudityaniswa kwezo zihleli abazali.
◼ Iziqholo: Ezinye iindibano ziqhutyelwa kwizakhiwo ezivalekileyo apho abantu baxhomekeke kwiifeni ukuze kungene umoya. Ngoko ke, kuya kuba kuhle ukuba singazifaki kakhulu iziqholo ezinamandla nezinokuba yingxaki kwabo bangaphilanga kakuhle.—1 Kor. 10:24.
◼ Iifomu Ezithi Nceda Ubuyele (S-43): Ifomu ethi Nceda Ubuyele ifanele isetyenziswe xa kubhalwa iinkcukacha zabo banomdla ngoxa besishumayela ngokungacwangciswanga ngexesha lendibano. Iifomu ezizalisiweyo zinokusiwa kwiSebe Leencwadi okanye xa ubuyela ebandleni uzinike unobhala webandla lakho.
◼ Iivenkile Zokutyela: Zukisa igama likaYehova ngokuba nehambo entle kwiivenkile zokutyela. Nxiba ngendlela efanele umKristu. Mphe imadlana umsebénzi ukuba loo nto iqhelekile kuloo ndawo.
◼ Inkonzo Yamatshantliziyo: Bonke abo bangathanda ukuncedisa bafanele baye kwiSebe Lenkonzo Lamatsha-ntliziyo endibanweni. Abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi-16 ubudala nabo banokuncedisa ngokusebenza phantsi kweliso labazali babo okanye lomntu obagcinileyo okanye omnye umntu omdala ogunyaziswe ngabo.