Izikhumbuzo Zendibano
Ixesha Locwangciso: Iingcango kwindawo ekuza kungenelwa kuyo indibano ziya kuvulwa malunga no-7:00 kusasa. Umculo otshayelela ucwangciso uya kuqala ngo-9:00 kusasa zontathu ezo ntsuku. Xa kuqalisa umculo, sonke sifanele siye kuhlala phantsi ukuze ucwangciso luqalwe ngendlela endilisekileyo. NgoLwesihlanu nangoMgqibelo ucwangciso luza kuqukunjelwa ngo-4:35 emva kwemini, luze luqukunjelwe ngo-3:25 emva kwemini ngeCawa.
‘Bonga UYehova Ngengoma’: Abantu bakaThixo bamandulo babebonga uYehova ngengoma ibe umculo usaqhubeka uyinxalenye ebalulekileyo yonqulo lokwenyaniso. (INdu. 28:7) Kwiindibano, kukho umculo odlalwayo ngaphambi kokuba kuqale ucwangciso. Lo asingomculo nje kodwa ulungiselelwe ukuze sifunde size sinqule uYehova. Ngenxa yoko, xa usihlalo echaza ukuba umculo uza kuqalisa, lixesha lokuba sihlale phantsi size siphulaphule lo mculo sinoxabiso. Ukwenza oko kubonisa ukuba siyayixabisa imigudu yeemvumi zeWatchtower. Kabini ngonyaka, aba bazalwana noodade basebenzisa imali yabo ukuya ePatterson, eNew York, ukuze benze umculo omnandi esiza kuwunandipha. Emva kokuphulaphula kakuhle lo mculo, wonke umntu ufanele athelele ekubongeni uYehova ngokucula iingoma zoBukumkani.
Indawo Yokupaka Iimoto: Kuzo zonke iindawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano, kuza kubakho iindawo zokupaka eziza kwalathiswa sithi. Ziza kufumaneka simahla yaye ziya kunikwa abantu abafike kuqala. Ekubeni indawo yokupaka idla ngokuba ncinane, ukuba kunokwenzeka sebenzisani imoto enye. Ngabo baneelayisensi zabakhubazekileyo kuphela abaya kuvunyelwa ukupaka kwiindawo ezilungiselelwe bona.
Ukubeka Izihlalo: Xa kuvulwa amasango kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano sicela ingabi nguwashiywa nowashiywa ukuya ezitulweni ngokungathi niyakhuphisana. Sicela nibe novelwano ngabanye abazalwana, nide nikulungele ukuncama oko benikufuna ngenxa yabazalwana. Umoya wokuzincama osenza sibanqwenelele okulungileyo abanye, ubonisa ukuba singamaKristu okwenyaniso kwaye wenza nabo basibukeleyo bafune ukudumisa uThixo. (Yoh. 13:34, 35; 1 Kor. 13:5; 1 Pet. 2:12) Izihlalo unokuzibekela abantu ohamba nabo ngemoto okanye ohlala nabo, kuquka abo ubafundela iBhayibhile. Ungabeki zinto kwisihlalo ongasigcinelanga mntu. Intsebenziswano yakho kule nkalo iya kunceda abanye babone ukuba ziziphi izihlalo ezingekabi namntu. Kukho izitulo ezilungiselelwe abantu abakhulileyo nabanempilo enkenenkene. Ekubeni ezi zitulo zimbalwa, ngumntu omnye okanye ababini abanyamekela loo mntu abanokuhlala naye kwezi zitulo.
Isinxibo Esindilisekileyo: Indlela esinxiba ngayo ngexesha lendibano ifanele ibe ntle kwaye indiliseke, ingafani neyehlabathi. (1 Tim. 2:9) Enoba siyaphuma okanye sibuyela ehotele, nangexesha lokuphola ngaphambi nasemva kocwangciso, sifanele sikuphephe ukunxiba ngendlela engenasidima nexazalala. Ngoko siza kukuvuyela ukunxiba iibheji zethu, singabi neentloni xa kuvela ithuba lokunikela ubungqina. Isinxibo nehambo yethu kwezi ndibano zizayo aziyi kutsala abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo kwisigidimi esisindisa ubomi seBhayibhile kuphela, kodwa ziya kuvuyisa noYehova.—Zef. 3:17.
Ukuba Nembeko Xa Usebenzisa Isixhobo Se-elektroniki: Sibonisa imbeko ebudeni bocwangciso ngokuhlisa isandi sefowuni okanye ezinye izixhobo ze-elektroniki ukuze zingaphazamisi abanye. Ukuba usebenzisa ikhamera, ividiyo, itablet okanye nasiphi na esinye isixhobo esinjalo, ufanele ubacingele abanye ngokungabaphazamisi okanye ubasithe. Iya kuba kukubonisa imbeko ukungathumeli imiyalezo okanye iiemail ngokungeyomfuneko ebudeni bocwangciso.
Isidlo Sasemini: Sicela niziphathele isidlo sasemini kunokuba niphume niye kufuna ukutya ngexesha lekhefu. Ninokusebenzisa icooler bag enokufakwa phantsi kwesitulo. Iicooler bag ezinkulu zepikiniki nezitya zeglasi azivumelekanga kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano.
Iminikelo: Sinokubonisa uxabiso esinalo ngamalungiselelo endibano ngokunikela ngokuzithandela kwibhokisi yomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Ukuba ungathanda ukunikela ngetsheke, bhala oku kuyo “Christian Congregation of Jehovah’s Witnesses of South Africa.” Oomatshini bokusebenzisa amakhadi baya kufumaneka kwabo bafuna ukunikela ngekhadi.
Amayeza: Ukuba ufuna iyeza elikhethekileyo elinconyelwe ngugqirha, qiniseka ukuba uziphathela elanele loo mini, kuba akayi kufumaneka amayeza anjalo endibanweni. Iinaliti ezisetyenziswa ngabo baneezigulo ezithile zimele zilahlwe kwindawo ebhalwe hazardous waste kungekhona kuyo nayiphi na imigqomo ekwindawo yendibano okanye yokulala.
Ukhuseleko: Sicela ulumkele iingozi ezinokubangelwa kukutyibilika nokukhubeka. Nyaka ngamnye zininzi iingozi ezibangelwa zizihlangu, ingakumbi ezichophileyo. Kuhle unxibe izihlangu ezindilisekileyo, ezikulingana kakuhle, eziza kukuhambisa lula kwizitepsi nakwezinye iindawo.
Iinqwelo Zabantwana Kunye Nezitulo Ezisongwayo: Iinqwelo zabantwana nezitulo ezisongwayo azifanele zingene kwisakhiwo sendibano. Noko ke, izitulo ezenzelwe ukukhusela umntwana zivumelekile ukuba zinokudityaniswa kwezo zihleli abazali.
Iziqholo: Ezinye iindibano ziqhutyelwa kwizakhiwo ezivalekileyo apho abantu baxhomekeke kwiifeni ukuze kungene umoya. Ngoko ke, kuya kuba kuhle ukuba singazifaki kakhulu iziqholo ezinamandla nezinokuba yingxaki kwabo bangaphilanga kakuhle.—1 Kor. 10:24.
Iivenkile Zokutyela: Zukisa igama likaYehova ngokuziphatha kakuhle kwiivenkile zokutyela. Nxiba ngendlela efanele umKristu. Mphe imadlana umsebénzi ukuba loo nto iqhelekile kuloo ndawo.
Indawo Yokuhlala: Ukuba uceba ukuhlala kwihotele okanye enye indawo ehlawulwayo, nceda ukhumbule oku:
Ungabhaliseli amagumbi angaphezu kwalawo uza kuwasebenzisa yaye ungahlalisi abantu abangaphezu kwabo bavumelekileyo kwigumbi lakho.
Ungarhoxi ukuba sele ubhalisele igumbi ngaphandle kokuba kukho imeko yongxamiseko, ibe xa kunjalo yazisa abaphathi bendawo okanye iSebe Lamagumbi kwangoko ukuze elo gumbi linikwe abanye abalidingayo. (Mat. 5:37)
Nceda uphawule ukuba xa usebenzisa ikhadi ukuze uqeshe indawo yokuhlala, ezinye iindawo ziya kuyigcina imali ekwiakhawunti yakho de uhlawule yonke imali efunekayo kuquka neyezinto ezisenokonakala ebudeni bokuhlala kwakho apho. Awusayi kukwazi ukuyisebenzisa imali de ityala lakho libhatalwe lonke kwiintsuku ezimbalwa emva kokuba umkile.
Ukuba kwenziwa njalo kwilizwe lakho, mphe imadlana umntu okuphathise iibhegi zakho ehotele nalowo ucoca igumbi lakho.
Pheka kuphela kumagumbi nakwiindawo ezilungiselelwe oko.
Zisebenzise kakuhle izinto ezinikwa abantu abahlala kuloo ndawo njengesidlo sasekuseni, ikofu okanye ezinye izinto.
Bonisa isiqhamo somoya kwabo basebenza kuloo ndawo. Ekubeni benyamekela iindwendwe ezininzi bayakuxabisa ukuba nobubele, umonde nengqiqo yethu.
Abazali bafanele babajonge abantwana babo ngoxa belapho kuquka xa bekwilift, iindawo zokuqubha, ezipasejini, kwiindawo zokuzilolonga nezinye.
Ukuba kukho ingxaki kwindawo ohlala kuyo, yazisa iSebe Lamagumbi xa usendibanweni ukuze ufumane uncedo.
Inkonzo Yamatshantliziyo: Bonke abo bangathanda ukuncedisa bafanele baye kwiSebe Lenkonzo Lamatsha-ntliziyo endibanweni. Abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi-16 ubudala nabo banokuncedisa ngokusebenza phantsi kweliso labazali babo okanye lomntu obagcinileyo okanye omnye umntu omdala ogunyaziswe ngabo.