Bathabatheni Njengomzekelo Abaprofeti—UAmosi
1. Unokusikhuthaza njani umzekelo ka-Amosi?
1 Ngaba wakha waziva ungakufanelekeli ukushumayela ngenxa yokuba ungathath’ intweni? Ukuba kunjalo unokukhuthazwa ngumzekelo ka-Amosi. Wayengumalusi weegusha nomvuni, sekunjalo uYehova wamnika amandla okwenza umsebenzi obalulekileyo. (Amosi 1:1; 7:14, 15) Ngokufanayo, nanamhlanje uYehova usasebenzisa abantu abaphantsi. (1 Kor. 1:27-29) Ziziphi ezinye izifundo esinokuzisebenzisa entsimini esizifumana kumprofeti uAmosi.
2. Kutheni sinako ukuma siqinile nangona sichaswa?
2 Yima Uqinile Nangona Kukho Inkcaso: Xa uAmatsiya, umbingeleli wobukumkani bezizwe ezilishumi zangasentla kwaSirayeli owayenqula ithole, weva uAmosi eprofeta, waphendula ngomsindo waba ngathi uthi: ‘Hamb’ apha, sinecawa yethu!’ (Amosi 7:12, 13) UAmatsiya wawajija amazwi omprofeti xa wayefuna uKumkani uYerobhoham avale umsebenzi ka-Amosi. (Amosi 7:7-11) Kodwa, uAmosi akazange abe nadyudyu. Nanamhlanje, abanye abefundisi badla ngokugaya inkxaso kwabezopolitiko xa befuna ukutshutshisa abantu bakaYehova. Noko ke, uYehova uyasiqinisekisa ukuba asikho isixhobo esenzelwe thina esiya kuphumelela.—Isa. 54:17.
3. Sisiphi isigidimi esintlu mbini esisishumayelayo namhlanje?
3 Shumayela Ngemigwebo KaThixo Nangeentsikelelo Ezizayo: Nangona uAmosi wayeprofeta ngemigwebo nxamnye nezizwe ezilishumi zobukumkani bakwaSirayeli, waqukumbela incwadi yeBhayibhile ethiywe ngaye ngesithembiso sikaYehova sokubuyisela abantu bakhe nangentabalala yeentsikelelo. (Amosi 9:13-15) Nathi sishumayela ‘ngemini yomgwebo,’ kaThixo ezayo, kodwa le yinxalenye nje ‘yeendaba ezilungileyo zobukumkani’ esimele sizivakalise. (2 Pet. 3:7; Mat. 24:14) Ukutshabalalisa kukaYehova abantu abangendawo eArmagedon kuya kutshayelela umhlaba oyiparadesi.—INdu. 37:34.
4. Sisiphi isiqinisekiso esinaso sokuba singakuphumeza ukuthanda kukaYehova?
4 Ngokuqinisekileyo ukushumayela ngoBukumkani kwihlabathi elinabantu abaninzi abachasayo kuvavanya ukuzimisela kwethu ukwenza ukuthanda kukaYehova. (Yoh. 15:19) Nakuba kunjalo siqinisekile ukuba uYehova uza kusinika oko sikufunayo ukuze siphumeze ukuthanda kwakhe, njengokuba wenzayo kuAmosi.—2 Kor. 3:5.