UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 45-51
UYehova Akayi Kubalahla Abo Bantliziyo Zaphukileyo
INdumiso 51 yabhalwa nguDavide emva kokuba umprofeti uNatan emkhumbuze ngesono sakhe esinzulu noBhatshebha. Isazela sikaDavide samgweba, ibe ngokuthobeka wasivuma isono sakhe.—2Sa 12:1-14.
UDavide wona kodwa wayesenalo ithuba lokuguquka
Ngaphambi kokuvuma isono nokuguquka, watyiwa sisazela
Waba sentlungwini ngenxa yokuba uThixo wamgatya kangangokuba waziva eyindoda ephuke amathambo
Wayekufuna ngamandla ukuxolelwa, ukuphinda abe nobuhlobo noYehova, nokonwaba ngendlela awayekhe wonwaba ngayo
Ngokuthobeka wabongoza uYehova ukuba amncede akwazi ukuthobela
Wayeqinisekile ukuba uYehova uza kumxolela