NgoLwesine, Oktobha 16
Vulelani uYehova indlela! Yenzelani uThixo wethu uhola wendlela othe tye, onqumla entlango.—Isa. 40:3.
Uhambo olwalunzima olwalusuka eBhabhiloni lusiya kwaSirayeli lwalunokuwathatha iinyanga ezimalunga neziyi-4 amaYuda, kodwa uYehova wawathembisa ukuba wayeza kususa nantoni na endleleni eyayinokwenza kubonakale kunzima ukubuyela kwilizwe lawo. AmaYuda athembekileyo ayesazi ukuba ukubuyela kwaSirayeli kwakuza kuwanceda ngaphezu kwayo nantoni na ekwakuza kufuneka ayincame. Eyona nto awayeza kuncedakala kakhulu kuyo yayikukukhonza uYehova. Kaloku yayingekho itempile kaYehova eBhabhiloni. UMthetho owabhalwa nguMoses wawufuna benze imibingelelo, kodwa kwakungekho sibingelelo, bengekho nababingeleli. Enye into, abantu abaninzi ababehlala kweso sixeko babekhonza oothixo bobuxoki bengenaxesha likaYehova nemithetho yakhe. Ngoko amaYuda amaninzi awayesoyika uThixo ayefuna nyhani ukubuyela kwilizwe lawo ukuze aphinde akhonze uYehova ngendlela ayifunayo. w23.05 14-15 ¶3-4
NgoLwesihlanu, Oktobha 17
Qhubekani nihamba njengabantwana bokukhanya.—Efe. 5:8.
Ukuze siqhubeke sihamba njengabantwana bokukhanya, siyawudinga umoya kaThixo. Kutheni sisitsho? Kaloku kunzima nyhani ukuhlala uziphethe kakuhle kweli hlabathi liziphethe kakubi kangaka. (1 Tes. 4:3-5, 7, 8) Umoya oyingcwele unokusinceda silwe nendlela elicinga ngayo eli hlabathi. Kaloku lona alijongi izinto ngendlela uThixo azijonga ngayo. Enye into onokusinceda kuyo kukuba sibe ngabantu ‘abalungileyo kuyo yonke into, senze ubulungisa.’ (Efe. 5:9) Enye indlela esinokuwufumana ngayo umoya oyingcwele kukuthandaza, siwucele. UYesu wathi uYehova uza ‘kubapha umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Naxa sikunye kwiintlanganiso, sidumisa uYehova, siyawufumana umoya oyingcwele. (Efe. 5:19, 20) Lo moya kaThixo unefuthe lokusinceda siphile ngendlela emvuyisayo. w24.03 23-24 ¶13-15
NgoMgqibelo, Oktobha 18
Qhubekani nicela, niza kuphiwa; qhubekani nifuna, niza kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niza kuvulelwa.—Luka 11:9.
Uyafuna ukuya usiba nomonde? Ukuba uthi ewe, luthandazele olu phawu. Umonde luphawu lwesiqhamo somoya. (Gal. 5:22, 23) Ngoko sinokuwuthandazela, sicele uYehova asincede sibe nesiqhamo sawo. Ukuba kwenzeka into efuna sibonise ukuba sinawo na umonde, ‘sinokuqhubeka sicela’ uThixo asiphe umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede sibe nawo. (Luka 11:13) Sinokumcela nokuba asincede sizibone ngendlela yakhe izinto. Emva kokuba sithandazile, yonke imihla simele senze konke okusemandleni ethu ukuze sibe nomonde. Ukuba siqhubeka sithandazela ukuba nomonde, size sisoloko sizama ukuba nawo, uYehova uza kusinceda sibe nawo kakhulu nokuba besikade singenawo. Kuza kusinceda nokucingisisa ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Ithetha ngabantu abaninzi ababenomonde. Xa sicingisisa ngamabali abo, sinokufunda iindlela zokubonisa umonde. w23.08 22 ¶10-11