Levitikus 26:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 ngokuqinisekileyo ndoninika iziphango zenu zemvula ngexesha lazo elifanelekileyo,+ lize ilizwe lininike ngenene imveliso yalo,+ nemithi yentsimi ivelise iziqhamo zayo.+ Duteronomi 28:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 UYehova wokuvulela uvimba wakhe olungileyo, amazulu, ukuba alinike imvula ilizwe lakho ngexesha layo,+ awusikelele wonke umsebenzi wesandla sakho;+ yaye uya kuboleka iintlanga ezininzi, kodwa ungaboleki kuzo wena.+ INdumiso 65:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Kukho ukuzaliswa ngamanzi kwemijelo yawo, ukulungelelaniswa kwamafu awo;+Uwuthambisa ngomvumbi; uyawasikelela amahlumelo awo.+ Isaya 30:23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 Yaye ngokuqinisekileyo uya kuyinika imvula imbewu yakho oyihlwayeleyo emhlabeni,+ nesonka njengemveliso yomhlaba, otyebileyo noneoli.+ Imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini kwidlelo eliphangaleleyo.+ Yeremiya 14:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Phakathi kwezithixo ezililize+ bakho na abanganisa imvula, okanye namazulu ngokwawo angawunisa na umvumbi?+ Asinguwe na, Yehova Thixo wethu?+ Sithembe wena, kuba nguwe ozenzileyo zonke ezi zinto.+
4 ngokuqinisekileyo ndoninika iziphango zenu zemvula ngexesha lazo elifanelekileyo,+ lize ilizwe lininike ngenene imveliso yalo,+ nemithi yentsimi ivelise iziqhamo zayo.+
12 UYehova wokuvulela uvimba wakhe olungileyo, amazulu, ukuba alinike imvula ilizwe lakho ngexesha layo,+ awusikelele wonke umsebenzi wesandla sakho;+ yaye uya kuboleka iintlanga ezininzi, kodwa ungaboleki kuzo wena.+
10 Kukho ukuzaliswa ngamanzi kwemijelo yawo, ukulungelelaniswa kwamafu awo;+Uwuthambisa ngomvumbi; uyawasikelela amahlumelo awo.+
23 Yaye ngokuqinisekileyo uya kuyinika imvula imbewu yakho oyihlwayeleyo emhlabeni,+ nesonka njengemveliso yomhlaba, otyebileyo noneoli.+ Imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini kwidlelo eliphangaleleyo.+
22 Phakathi kwezithixo ezililize+ bakho na abanganisa imvula, okanye namazulu ngokwawo angawunisa na umvumbi?+ Asinguwe na, Yehova Thixo wethu?+ Sithembe wena, kuba nguwe ozenzileyo zonke ezi zinto.+