IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 20:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 “Xa uthe waphuma waya kulwa idabi neentshaba zakho waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa,+ isizwana esikhulu kunawe, uze ungasoyiki; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe,+ owakukhuphayo ezweni laseYiputa.+

  • Duteronomi 31:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Yibani nesibindi, nomelele.+ Musani ukoyika okanye nothuke phambi kwazo,+ ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe. Akayi kukulahla okanye akushiye ngokupheleleyo.”+

  • Yoshuwa 13:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 bonke abemi bommandla weentaba, ukusuka eLebhanon+ ukuya eMisrefoti-mayim,+ onke amaSidon;+ mna ndiya kubahlutha ilizwe labo phambi koonyana bakaSirayeli.+ Kuphela lenze liwele kuSirayeli njengelifa, kanye njengoko ndakuyalelayo.+

  • INdumiso 27:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 UYehova kukukhanya kwam+ nosindiso lwam.+

      Ndiya koyika bani na?+

      UYehova ligwiba lobomi bam.+

      Ndiya kunkwantyiswa ngubani na?+

  • Roma 8:31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 Sithini na, ke ngoko, kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na oya kuba nxamnye nathi?+

  • Hebhere 13:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ngoko ke masomelele+ kakhulu size sithi: “UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share