Eksodus 32:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Baphambuke ngokukhawuleza endleleni endabayalela ukuba bahambe ngayo.+ Bazenzele umfanekiso otyhidiweyo wethole lenkomo, baqubuda kuwo, babingelela kuwo besithi, ‘Nanko uThixo wakho, Sirayeli, okukhuphileyo ezweni laseYiputa.’”+ 1 Samuweli 12:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Ngoko uSamuweli wathi ebantwini: “Musani ukoyika.+ Nina nibenzile bonke obu bubi. Kuphela nje musani ukutyeka ekumlandeleni uYehova,+ yaye nimele nimkhonze uYehova ngentliziyo yenu yonke.+ INdumiso 97:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Nina nithanda uYehova,+ kuthiyeni okubi.+Uyayilinda imiphefumlo yabanyanisekileyo bakhe;+Uyabahlangula esandleni sabangendawo.+ INdumiso 119:128 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 128 Kungenxa yoko le nto ndiyigqale njengelungileyo yonke imiyalelo yazo zonke izinto;+Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.+ IMizekeliso 8:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Ukoyika uYehova kuthetha ukuthiya okubi.+ Ukuziphakamisa nekratshi+ nendlela embi nomlomo onobugwenxa+ ndikuthiyile. IMizekeliso 13:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Ilizwi lobuxoki liyathiywa lilungisa,+ kodwa abangendawo benza okuziintloni baze bazihlazise.+ Zefaniya 1:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 nabo bahlehlayo ekulandeleni uYehova+ nabo bangamfunanga uYehova nabangabuzanga ngaye.”+ Roma 12:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Uthando lwenu+ malungabi naluhanahaniso.+ Kwenyanyeni oko kungendawo,+ namathelani koko kulungileyo.+ Hebhere 1:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Wabuthanda ubulungisa, waza wakuthiya ukuchas’ umthetho. Kungenxa yoko le nto uThixo, uThixo wakho, ekuthambise+ ngeoli yemigcobo ngaphezu kwamaqabane akho.”+ Hebhere 10:38 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 38 “Kodwa owam yena lowo ulilungisa uya kuphila ngenxa yokholo,”+ yaye, “ukuba uthe wahlehla, umphefumlo wam awukholiswa nguye.”+ 2 Petros 2:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Kuba ngekubalungele ngakumbi ukuba bebengawazanga ngokuchanileyo umendo wobulungisa+ kunokuba bathi emva kokuba bewaze ngokuchanileyo bemke kumyalelo ongcwele owanikelwa kubo.+ Yuda 23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 basindiseni+ ngokubaxhwila emlilweni.+ Kodwa qhubekani nibenzela inceba abanye, nisenjenjalo ngoloyiko, ngoxa nithiya kwanesambatho sangaphantsi esidyojwe yinyama.+
8 Baphambuke ngokukhawuleza endleleni endabayalela ukuba bahambe ngayo.+ Bazenzele umfanekiso otyhidiweyo wethole lenkomo, baqubuda kuwo, babingelela kuwo besithi, ‘Nanko uThixo wakho, Sirayeli, okukhuphileyo ezweni laseYiputa.’”+
20 Ngoko uSamuweli wathi ebantwini: “Musani ukoyika.+ Nina nibenzile bonke obu bubi. Kuphela nje musani ukutyeka ekumlandeleni uYehova,+ yaye nimele nimkhonze uYehova ngentliziyo yenu yonke.+
10 Nina nithanda uYehova,+ kuthiyeni okubi.+Uyayilinda imiphefumlo yabanyanisekileyo bakhe;+Uyabahlangula esandleni sabangendawo.+
128 Kungenxa yoko le nto ndiyigqale njengelungileyo yonke imiyalelo yazo zonke izinto;+Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.+
13 Ukoyika uYehova kuthetha ukuthiya okubi.+ Ukuziphakamisa nekratshi+ nendlela embi nomlomo onobugwenxa+ ndikuthiyile.
9 Uthando lwenu+ malungabi naluhanahaniso.+ Kwenyanyeni oko kungendawo,+ namathelani koko kulungileyo.+
9 Wabuthanda ubulungisa, waza wakuthiya ukuchas’ umthetho. Kungenxa yoko le nto uThixo, uThixo wakho, ekuthambise+ ngeoli yemigcobo ngaphezu kwamaqabane akho.”+
38 “Kodwa owam yena lowo ulilungisa uya kuphila ngenxa yokholo,”+ yaye, “ukuba uthe wahlehla, umphefumlo wam awukholiswa nguye.”+
21 Kuba ngekubalungele ngakumbi ukuba bebengawazanga ngokuchanileyo umendo wobulungisa+ kunokuba bathi emva kokuba bewaze ngokuchanileyo bemke kumyalelo ongcwele owanikelwa kubo.+
23 basindiseni+ ngokubaxhwila emlilweni.+ Kodwa qhubekani nibenzela inceba abanye, nisenjenjalo ngoloyiko, ngoxa nithiya kwanesambatho sangaphantsi esidyojwe yinyama.+