29 Yasondela imihla yokufa kukaSirayeli.+ Ngoko wambiza unyana wakhe uYosefu waza wathi kuye: “Ukuba, kaloku, ndikholekile emehlweni akho, nceda ubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam,+ uze ubonakalise ububele bothando nenkoloseko kum.+ (Uze uncede, ungandingcwabeli eYiputa.)+